IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/06 iphe. 16-17
  • “Izelwe Ngabona Bazali Basulungekileyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Izelwe Ngabona Bazali Basulungekileyo”
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Makhe Sityelele Kumzi-mveliso Wetyuwa
  • Isetyenziswa Kwizinto Ezininzi, Yaye Iyimfuneko
  • Ukwenziwa Kwetyuwa ESahara
    Vukani!—2009
  • Ngaba Ubusazi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Kutheni Ulwandle Lumtyuba?
    Vukani!—2006
Vukani!—2006
g 12/06 iphe. 16-17

“Izelwe Ngabona Bazali Basulungekileyo”

NGUMBHALI KAVUKANI! EBRAZIL

KUTHIWA ityuwa “ivela kwabona bazali basulungekileyo, ilanga nolwandle.” Oku kuyinyaniso ekubeni ityuwa ivela kumphunga obangelwa kukubetha kwelanga kumanzi olwandle.

Ilizwekazi iRio Grande do Norte, eBrazil, izinze ngakumntla-mpuma wonxweme lweBrazil, yaye yaziwa ngokuvelisa kwayo ityuwa. Imozulu yalapha eshushu, ukunqaba kwemvula, nokubhudla kwemimoya kuyenza le ndawo ivelise eyona tyuwa intle. Apha kufumaneka ama-95 ekhulwini ayo yonke ityuwa ezizigaqa necoliweyo yaseBrazil. Omnye wale mizi-mveliso yetyuwa useAreia Branca, idolophana engaselunxwemeni.

Makhe Sityelele Kumzi-mveliso Wetyuwa

Imizi-mveliso yetyuwa idla ngokuba mikhulu, yaye oku kunjalo nangalo waseAreia Branca. Xa abakhenkethi bekwindlela enkulu esinge eAreia Branca, badla ngokumangaliswa xa bebona lo mzi-mveliso mkhulu kangaka. Ilanga lasekuseni libetha kuloo manzi maninzi kuze kunyuk’ umphunga. Phantse ama-90 ekhulwini ale ndawo azaliswe ngamadanyana, yaye omnye ummandla usetyenziselwa ukuguqula le tyuwa ibe zizigaqa.

Yonke le ndawo imhlophe nje yityuwa, yaye kubonakala nelitha lokubetha kwelanga. Nabani na oze kukhenketha apha unyanzelekile ukuba anxibe iindondo zelanga. Ityuwa yokuqala ifumaneka ngokuvumela la manzi ukuba angene kumadanyana ahlukaniswe ngothango nangamasango emithi. Ewonke la madanyana angama-67. Ilanga nomoya wale ndawo uguqula iilitha zamanzi ezingama-650 ngomzuzwana zibe ngumphunga! Ukanti, kuthabatha iintsuku ezingama-90 ukusa kwezili-100 ukuze yonke le nkqubo yenzeke.

Nangona ukuguquka kwamanzi olwandle kushiya ityuwa ngasemva, nawo amanzi olwandle anekalika encinane, icalcium sulfate, imagnesium sulfate nezinye iindidi zetyuwa. Ezi ndidi zetyuwa zidada ngaphezulu okanye ziyazahlukanisa namanzi olwandle ngamaxesha athile, nto leyo eshiya intlenge kula madanyana.

Intlenge engqindilili ekula madanyana idlulela kwamanye angama-20 apho iguquka khona ibe zizigaqa zetyuwa. Kwamanye amadanyana, amanzi olwandle phantse ayaphela kuze kushiyeke ityuwa eqinileyo. Emva koku kusetyenziswa umatshini omkhulu ukusika nokulayisha le tyuwa ezilorini. Ezi lori ziyayithwala ziyise kwindawo engathi nguvimba wombona, apho ihlanjwa khona. Emva kokuchithwa kwamanzi okuqala, kuphinda kugalelwe amanye amanzi ukuze ityuwa ihlanjwe okokugqibela.

Ekugqibeleni, le tyuwa ithuthwa ngezikhephe isiwe kwizibuko elikusingasiqithi kufuphi neAreia Branca, izibuko elakhiwa elwandle kwiikhilomitha ezili-12 ukusuka elunxwemeni. Esi siqithi simalunga neemitha ezingama-92 ububanzi nezili-166 ubude—yaye kuso kugcinwa iitoni zetyuwa ezinokuba li-100 000. Emva koko, le tyuwa ithuthwa ngoomatshini ize isondezwe elwandle apho ifika ilayishwe ezinqanaweni ize ithunyelwe kweminye imimandla yaseBrazil.

Isetyenziswa Kwizinto Ezininzi, Yaye Iyimfuneko

Nakuba incinane ityuwa efunwa yimizimba yethu, abantu nezilwanyana abanakuphila ngaphandle kwayo. Mhlawumbi sicinga ngayo njengento emhlophe eyenza ukutya kube nencasa. Noko ke, iluncedo kwizinto ezininzi, njengakumashishini emichiza, omqhaphu nakwawezimbiwa. Kwakhona ityuwa isetyenziswa xa kusenziwa iqela lemichiza njengesepha, uqweqwe olumenyezelayo naxa kumenyezeliswa izitya zodongwe. Namhlanje kuthiwa ityuwa isetyenziswa kwizinto ezingaphezu kwezingama-14 000!

Ininzi gqitha ityuwa, yaye ayipheli. Kwikyubhik’ khilomitha enye yamanzi olwandle, kunokufumaneka ityuwa eziitoni ezizizigidi ezingama-25. Noko ke, ngaphambili yayingafumaneki lula. Ngokomzekelo, mandulo eTshayina, yigolide kuphela eyayinexabiso elingaphezu kwayo. IBhayibhile ithetha ngayo izihlandlo ezininzi, yaye ichaza iindlela ebisetyenziswa ngazo.

Maxa wambi abantwana babehlikihlwa ngayo xa bezalwa, mhlawumbi ngenxa yoncedo lwayo ekunyangeni okanye ekubulaleni iintsholongwane. (Hezekile 16:4) Kwakhona eBhayibhileni kuthethwa ngetyuwa ngokufuziselayo. Ngokomzekelo, uYesu wathi abafundi bakhe ‘babeyityuwa yomhlaba’ ebhekisela kwimpembelelo eluncedo abanayo kwabanye ngenxa yesigidimi esinik’ ubomi ababesithwele. (Mateyu 5:13) Kwakhona ityuwa yafanekisela into ezinzileyo nesisigxina. Ngenxa yoko, “umnqophiso wetyuwa” wawugqalwa njengesivumelwano esasingaguquki.—Numeri 18:19.

Ukutyelela kwethu kumzi-mveliso wetyuwa eAreia Branca kusincede sazi ngakumbi ukubaluleka kwetyuwa nesizathu sokuba ibalaseliswe kangaka kuyo yonke imbali. Enyanisweni, sifanele sibe nombulelo kuba le mveliso—‘ezelwe ngabona bazali basulungekileyo, ilanga nolwandle’—ikho ngokwaneleyo.

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Umatshini wokuvuna ityuwa kwidanyana letyuwa

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Ityuwa ngaphambi kokuba icolwe

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

Ukuhlanjwa kwetyuwa nendawo yokuyigcina

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share