Kuthekani Ngezifungo Zokungabi Nantlobano Zesini?
KWIMINYAKA yamvanje, kuxhaphakile ukuba abantu abaselula bafunge ukuba baza kuhlala benyulu okanye “abasayi kuba neentlobano zesini de batshate.” Esi sisifungo esihle gqitha yaye sivumelana nemithetho yeBhayibhile. (1 Korinte 6:18; Efese 5:5) Noko ke, akuqinisekwanga enoba abantu abazenzayo ezi zifungo bayazigcina kusini na. Ngokutsho kolunye uhlolisiso, kufunyaniswe ukuba malunga nolutsha olungama-60 ekhulwini luyasaphula esi sifungo kungekapheli nonyaka.
Ukongezelela, kukho inkxalabo ngendlela olunye ulutsha olukuchaza ngayo “ukungabi nantlobano zesini” ‘nokuhlala lunyulu.’ UCharlene C. Giannetti noMargaret Sagarese babhala bathi kwincwadi yabo ethi Boy Crazy!: “Iingcali zithi ukwanda kokuba neentlobano zesini emlonyeni nasezimpundu kunxulumene nephulo labantwana abafun’ ukuhlala ‘enyanisweni’ benyulu. Bacinga ukuba nantoni na abayenzayo xa ingekuko ukuba neentlobano zesini ngendlela eqhelekileyo asikokuba neentlobano zesini.”
Kubonakala ngathi loo mbono yandile. Emva kokuthetha nabakwishumi elivisayo abangaphezu kwewaka, omnye umbhali wathi: “Ndifumanise ukuba ngathi mnye okanye babini ekhulwini abantwana abacinga ukuba, ukuba neentlobano zesini emlonyeni kuthetha ukuba neentlobano zesini.” Wongezelela esithi: “Kusenokwenzeka ukuba nomntwana wakho okwishumi elivisayo—mhlawumbi nonganeno—ucinga ngaloo ndlela.”
Abo bathobela imigaqo yeBhayibhile bayaqonda ukuba, ukuba neentlobano zesini emlonyeni okanye ezimpundu—njengokuba negama lichaza, kuthetha ukuba—neentlobano zesini. IBhayibhile iyalela ukuba “nikhwebuke kuhenyuzo” (“nikucezele ukurheletya,” IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) nto leyo equka lonke uhlobo lweentlobano zesini.—1 Tesalonika 4:3.