IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/08 iphe. 29
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
  • Vukani!—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • “Xa Umntu Eye Wanyaniseka Kwinto Nje Enye”
    Amava
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nempilo Enkenenkene?
    Vukani!—2008
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2008
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 6/08 iphe. 29

Izimvo Zabafundi BakaVukani!

Buya Kuphelela Phi UbuKristu? (Februwari 2007) Izinto ezininzi enizibhale apha ziyavisisana neLizwi likaThixo, yaye ndiyavumelana nani. Noko ke kukho izinto ezimbini endingazithandi ncam kweli phephancwadi lenu. Okukuqala nithetha kakubi ngeecawa zamaKristu, yaye okwesibini kubonakala ngathi nizenza bhetele kunabantu bezinye iicawa. Bekuya kuba kuhle ukuba bekukho unqulo olunye, kodwa ke akunjalo. Andiqondi ukuba kukho icawa ebhetele kunenye.

US. S.,waseUnited States

“UVukani!” uyaphendula: AmaNgqina kaYehova akabachasanga abantu bezinye iicawa, kwaye akazenzi bhetele kunabanye. Siyaqonda ukuba “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngenxa yoko, siyazibhokoxa size sichithe ixesha nemali yethu sisiya kuthetha nabantu emakhayeni abo ngenyaniso yeBhayibhile, kuquka ithemba elimangalisayo eliseBhayibhileni. Kodwa ke, njengokuba uYesu nabafundi bakhe babebhenca ngokuphandle uhanahaniso neemfundiso zobuxoki, namaNgqina kaYehova enza okufanayo.

Ubuya Kuphendula Uthini? Ndandingafane ndiwufunde lo mxholo nabantwana bam ababini. Ngoku ndiyaqonda ukuba ungandinceda gqitha ukubethelela inyaniso yeBhayibhile ebantwaneni bam. Ndiye ndafumanisa ukuba nam uyandomeleza elukholweni.

UI. H., waseCzech Republic

Ndiwuthanda gqitha lo mxholo yaye ndiyawusebenzisa kufundisiso lobuqu. Yonke into ebhalwe apho icingisiswe kakuhle. Ndiziva ndisondele nangakumbi kuBawo osisilumko, uYehova.

UA. S., waseRashiya

“Ndiyakucela Yehova Ndivumele Ndikukhonze” (Julayi 2007) Kwandomeleza gqitha ukufunda ibali likaDanielle Hall. Nakuba wayemncinane, wayengoyiki ukuxelela abanye esikolweni ukuba uliNgqina likaYehova. Ndiqinisekile ukuba abantwana abaninzi abangamaNgqina nabasahamba isikolo baya kwenza okufanayo.

UA. R., waseMadagascar

Ndineminyaka esithoba. Mna nomama sisandul’ ukufunda ibali likaDanielle. Lindenze ndaqonda ukuba ndisikelelekile ngokuba nabazali abasenyanisweni yaye kulula ukuba ndikhonze uYehova. Ndiwathande kakhulu amazwi athi “kungakhathaliseki ukuba sihlala phi, uYehova usoloko ekufuphi kuthi.” Enye into endiyithandileyo kukufunda ukuba xa uDanielle evela esikolweni wayehlala ebhedini yakhe, aze axelele uYehova ngezinto ezenzekileyo ngolo suku, ngokungathi uthetha noyise. Ndifunde okuthile koku!

UA. D., waseItali

“Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndingumntu Otheni Le Nto Ndisoloko Ndishiywa?” (Julayi 2007) Ndilithande kakhulu eli nqaku ngokungathi belibhalelwe mna. Ndithande nemibuzo ekweli nqaku nezikhewu zokubhala iimpendulo. Ndiyabulela. Lindincede kakhulu.

UC. A., waseKhanada

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share