Xa Kunzima Ukuphumelela
Xa wayesandul’ ukugqiba iminyaka engama-20 ubudala wayengumlonjikazi owaziwayo yaye esisinhanha. Abakho baninzi abantu abaduma ngolo hlobo baze babe nemali eninzi kangako besebancinane ngeminyaka. Noko ke, izinto zaqal’ ukonakala. Emva kokuqhawul’ umtshato kabini, kwafuneka aye kwiziko lokunceda amakhoboka otywala neziyobisi. Emva koko, izinto azizange ziphinde zimhambele kakuhle.
OKUBUHLUNGU kukuba baxhaphakile abantu abanengxaki efana neyeli bhinqa; sihlala sisiva izinto ezimbi ngabantu abadumileyo ezindabeni. Nakwezoshishino, abantu ababonakala ngathi bayaphumelela badla ngokuba neengxaki ebomini. Lithetha ngoosomashishini abafumileyo baseNew York City, elinye iphephandaba lathi: “Ukufuna intywenka yemali kuye kwabangela ukuphazamiseka okukhulu emisebenzini, kwahlukanisa iintsapho kwaza kwakhokelela abaninzi ekusebenziseni kakubi iziyobisi . . . Ngoxa uchatha ofunyanwa ngabanye kwimivuzo yabo ngenxa yokubalasela kwimisebenzi yabo ubafakela izityhwentywe kwiibhanki eziseWall Street, abanye bangena kolunzulu lona udandatheko emva kokuzilahla nofele bezabalazela ukubalasela emisebenzini.”
Ngaba iingxaki ezinjalo zibangelwa kukuba abantu bazama ukufumana ulonwabo nempumelelo ngendlela engafanelekanga? Liyinyaniso elokuba, imali iyimfuneko ukuze sikwazi ukuphila. Kodwa ngaba kufuneka sibe nemali eninzi ukuze siphumelele ebomini? Uphando oluye lwenziwa lubonisa ukuba akunjalo. Ngokomzekelo, uphando olwenziwe eTshayina lubonisa ukuba kutshanje, ngoxa imivuzo iye yantinga yaya kutsho kuma-250 ekhulwini, abantu baye abaneliseka ebomini.
Ngoko ke, kuyabonakala ukuba impumelelo ayixhomekekanga ekuthini uphangela phi, uhlala kwindlu yamalini, uqhuba yiphi imoto okanye unxiba luphi uhlobo lwewotshi. Ngaba impumelelo yomntu ayimele iquke zonke iinkalo zobomi bakhe, oko kukuthi imilinganiselo aphila ngayo nenjongo anayo ebomini? Ngokomzekelo umntu usenokuba krelekrele yaye abe semaqhuzwini, kodwa aziphathe kakubi, angabi nathando nabahlobo bokwenene. Omnye usenokuba sisityebi esaziwayo kodwa xa ejonga indlela aphila ngayo uyazibuza, ‘Yintoni endiyiphumezileyo ebomini? Ndinayiphi injongo ebomini?’
Ngoko kucacile ukuba, impumelelo yokwenene imele isekelwe kwinto ebaluleke ngakumbi, kuquka imilinganiselo efanelekileyo yokuphila. Ngaloo ndlela, umntu unokuba noxolo lwengqondo, nesidima aze ahlonelwe nangabanye abantu. Kwakhona uya kuba nenjongo ebomini aze aneliseke. Abanye basenokubuza, ‘Yiyiphi loo milinganiselo? Yiyiphi loo njongo?’ Ngaba loo mibuzo sinokuyiphendula ngokwethu okanye ngaba ukho umthombo esimele sibhenele kuwo? Le mibuzo iza kuphendulwa kumanqaku alandelayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
IMBONO EGQWETHEKILEYO NGEMPUMELELO
Ngokutsho kweengcali zonyango abadlali abaselula babhenela kwiziyobisi kuba befuna ukuba ziinjuze kwezemidlalo. IEducation Update efumaneka kwi-Internet yathi: “Kutshanje, abafundi bakwanokholeji baye babuzwa lo mbuzo: ‘Ukuba ubusazi ukuba uya kuphumelela okanye uya kufakwa kwiqela labadlali besikolo xa usebenzisa isteroids kodwa emva kweminyaka emihlanu uya kugula, ngaba ubuya kuzisebenzisa?’, abaninzi bathi ewe. Lo mbuzo wabuzwa ngenye indlela kwathiwa ‘ukuba ubusazi ukuba uza kufa kwiminyaka emihlanu,’ abangama-65 ekhulwini bathi ewe bebeya kuzisebenzisa.”