IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/08 iphe. 26-27
  • Xa Ilanga Lingaphumi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Ilanga Lingaphumi
  • Vukani!—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Libakho Njani Ilanga Ezinzulwini Zobusuku?
    Vukani!—2005
  • Ukuhamba Ngenqanawa Kwiindawo Ezikumntla Womhlaba
    Vukani!—2010
  • ‘Aliyi Kuphela Ihlobo Nobusika’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Iminyaka Engamashumi Amahlanu Singoovulindlela Kufuphi NeArctic Circle
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 12/08 iphe. 26-27

Xa Ilanga Lingaphumi

NGUMBHALI KAVUKANI! EFINLAND

“ILANGA liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.” (INtshumayeli 1: 5, IBhayibhile YesiXhosa) Ukususela phakathi kuNovemba ukuya ekupheleni kukaJanuwari, ukuphuma nokutshona kwelanga akubonakali lula kwinxalenye enkulu yomntla weArctic Circle. Ebusika abantu balapho bayanyanzeleka ukuba banyamezele ubusuku obude.

Ngomlinganiselo othile, kubakho ubusuku obude nakumzantsi weArctic Circle. Ngokomzekelo, eSt Petersburg, eRashiya; eHelsinki, eFinland; eStockholm, eSweden; naseOslo, eNorway—izixeko ezikumgama ongaphantsi kweekhilomitha ezingama-800 kumzantsi weArctic Circle—ebudeni bobusika ilanga libakho kangangeeyure ezintandathu kuphela.

UAri owakhulela kwidolophu iKiruna ekwiSwedish Lapland uthi: “Ingcamango yokuba kuhlala kumnyama thsu ebudeni bobusika eArctic Circle ayichananga.” Emini kuba njengaxa kuqalisa ukurhatyela. UPaula, umzobi ohlala kwiFinnish Lapland uthi: “Xa iLapland igutyungelwe likhephu isibhakabhaka siba nemibala emfusa.”

Ukungakhanyi kwelanga ebusika kuyabachaphazela abanye abantu. Umqambi weengoma uJean Sibelius waseFinland wabhala wathi: “Ukutshintshatshintsha kwamaxesha onyaka nokuguquguquka kwemozulu kuyandichaphazela. Ebusika, xa usuku lulufutshane ndiyadandatheka.” AsingoSibelius yedwa oba nale ngxaki ebusika. Ugqirha ongumGrike, uHippocrates owayephila (malunga nowama-460 ukusa malunga nowama-377 B.C.E.) wayekholelwa ukuba ukutshintsha kwamaxesha onyaka kuyazichaphazela iimvakalelo zabaninzi.

Noko ke, ukudandatheka ngexesha lasebusika kwaqala ukuqondwa njengesigulo ngeminyaka yee-1980. Uphando luye lwabonisa ukuba abanye abantu abahlala kumazwe asemantla baneseasonal affective disorder (SAD) [ukugula okubangelwa kukutshintshatshintsha kwamaxesha onyaka.] Esona sigulo sixhaphake kakhulu yisubsyndromal SAD, kodwa yona ayikho mbi njengeSAD. Kucingelwa ukuba bangamakhulu amawaka abantu abanesi sigulo.

UAndrei waseSt Petersburg eRashiya uthi: “Ingathi ndingasoloko ndilele.” UAnnika ohlala eFinland uyakhathazeka xa kusondela ubusika. Uthi: “Maxa wambi ubumnyama bundenza ndifuthaniseleke, ndivakalelwe ngathi ndivalelekile.”

Iingcali zinikela amacebiso ngeendlela ezahlukahlukeneyo zokujamelana nodandatheko olubangelwa bubusika. Ngokomzekelo, abanye bacebisa ukuba abo banesi sifo bafanele bachithe ixesha bephandle kangangoko kunokwenzeka xa kusemini. Abo basebenza phandle ngexesha lasebusika bathi abadandatheki kakhulu.

UJarmo oqhelene nobusika basemantla nasemazantsi eFinland uthi, “Xa kumnyama thsu asiwacimi amakhandlela nezibane.” Abanye baye bancedwa luhlobo oluthile lokunyanga apho ubani aye abekwe kwindawo enokukhanya okuqaqambileyo. Abanye baye batyelele kwamanye amazwe angasezantsi. Kodwa ke abanye bathi ukutyelela kwindawo enelanga kusenokwenza uzive udandatheke nangakumbi xa ubuyela kobo busika bumnyama.

Kubalulekile nokutya ukutya okusempilweni. Ngenxa yokuba ilanga linceda umzimba uvelise uvithamin D, ukungabikho kwalo kunokwenza ukuba le vithamin ingabikho ngokwaneleyo emzimbeni. Ngoko abanye bacebisa ukuba ebusika utye ukutya okunovithamin D okufana nentlanzi, isibindi nezinto ezenziwe ngobisi.

Ezona zinto zibangela ubumnyama ebusika ikwazizo nezibangela kukhanye kakhulu. Njengoko umhlaba ujikeleza, ngokuthe ngcembe eli cala libandayo liyajika lijonge elangeni, emva koko iimini ziya zisiba nde. Xa kusehlotyeni eArctic, ilanga likhanya de kube sezinzulwini zobusuku!

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]

Emini kuba njengaxa kuqalisa ukurhatyela

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Emini emaqanda xa kusebusika eArctic

[Inkcazelo]

Dr. Hinrich Bäsemann/Naturfoto-Online

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Abaninzi bayadandatheka ngenxa yokungakhanyi kwelanga

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share