Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Andiselilo Ikhoboka Lotywala (Meyi 2007) Ndiyalifunda iphephancwadi lenu xa ndiliphathelwe ngamaNgqina. Amanqaku alo ayahlaziya xa ndiwathelekisa neendaba ezidandathekisayo zikamabonwakude namaphephandaba. Andililo ikhoboka lotywala kodwa ndinezalamane nabahlobo abaninzi abangamakhoboka otywala. Indoda ekuthethwe ngayo kweli nqaku ithi yayeka ukusela utywala emva kweenyanga ezintathu. Le nto yenzeka emva kokuba likhoboka lotywala iminyaka emininzi. Ndiyayincoma le ndoda, kodwa ke ndicinga ukuba ayingomzekelo ofanelekileyo lo yaye oku kunokumtyhafisa umntu onale ngxaki. Kudla ngokuba nzima ukuba umntu olikhoboka lotywala ayeke ukusela.
UG. A., waseUnited States
“UVukani!” uyaphendula: Besinganikeli ingcamango yokuba kulula ukuyeka ukusebenzisa kakubi utywala. Siyavuma ukuba abantu abaninzi abanale ngxaki, bawa bevuka bezama ukulwa nalo mkhwa. Kwanabo bayeka ngokukhawuleza ukuba ngamakhoboka otywala kufuneka baqiniseke ukuba abaphindi bawele kulo mgibe. Ngoko ke, njengoko eli nqaku litshilo, emva kweminyaka elishumi engasaseli, owayesakuba ‘likhoboka lotywala’ wathi: “Abantu abaninzi abazi ukuba ndilwa nobukhoboka botywala yaye ndiyazi ukuba, ukusela nje kube kanye kunokundenza ndivukwe likakade. Ndikhe ndibubawele maxa wambi. Kuye kufuneke ndithandaze ndize ndizixelele ukuba andinikezeli.” Ngokuhlala becela uncedo kuThixo, abantu abaninzi baye bayeka ukuba ngamakhoboka otywala.—INdumiso 55:22.
Ngaba Unokuyithemba IBhayibhile? (Novemba 2007) Ndineminyaka eli-12 ubudala kwaye ndinibulela kakhulu ngale nkupho ikhethekileyo kaVukani! Ndiyithande kakhulu inkcazelo ekwiphepha 7 ethetha ngendlela iBhayibhile evumelana ngayo. Kuxutyushwe izinto endingazange ndizicinge ngaphambili. Ndikhangele phambili kwinkupho ekhethekileyo elandelayo!
UD. F., waseUnited States
Omele Ucinge Ngako Ndithanda ukunibulela ngale nxalenye intsha kaVukani! Imibuzo esekupheleni kwamanqaku athile iye yandinceda kakhulu. Iye yandinceda ndakwazi ukukhumbula izinto endizifundileyo nokucamngca ngazo. Kuba sixakeke gqitha, kulula ukulibala izinto ezibalulekileyo nezilukhuthazo.
UM.A.S., waseBrazil
Ngaba Ngokwenene Ukufa Sisiphelo Sethu? (Disemba 2007) Kwiinyanga ezintandathu ezidluleyo umama wafa kwingozi emasikizi. Eli nqaku liye landithuthuzela ngeyona ndlela, laza landinik’ ithemba lokuba ndiza kumbona kwakhona eluvukweni. Enkosi kakhulu.
UL.L.R., waseBrazil
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile? (Novemba 2007) Ndandicinga ukuba, lo gama nje ndingaziphathi kakubi ngokwesini, akukho nto iphosakeleyo ngokuthandana. Kodwa ndandinganeliseki kukuchitha nje ixesha nenkwenkwe endandithandana nayo. Ndaqalisa ukuba neminqweno engafanelekanga. Ndinibulela gqitha ngokucacisa iimfundiso zeBhayibhile ngendlela eza kuqondeka lula kubantu abaselula nabangenamava.
UE. F., waseJapan