IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/09 iphe. 6-9
  • Uncedo Oluvela ‘KuThixo Wentuthuzelo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uncedo Oluvela ‘KuThixo Wentuthuzelo’
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uxinezeleko Luya Kuphela Ngonaphakade!
  • Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndixinezeleke Engqondweni?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ukuphumelela Umlo Nxamnye Nodandatheko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Indlela Yokunceda Abadandathekileyo Bazuze Uvuyo Kwakhona
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Indlela Onokunceda Ngayo
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 7/09 iphe. 6-9

Uncedo Oluvela ‘KuThixo Wentuthuzelo’

UKUMKANI UDAVIDE wayeyindoda eyayibandezelekile yaye ‘ineengcamango eziphazamisayo.’ Sekunjalo akazange ayithandabuze into yokuba uMdali wethu usazi ngandlela zonke. Wabhala wathi, “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude. Kuba akukho lizwi elulwimini lwam, Kodwa, khangela! Owu Yehova, sele ukwazi konke.”—INdumiso 139:1, 2, 4, 23.

Nathi sinokuqiniseka ukuba uMdali wethu uyasiqonda yaye uyayazi imiphumo emibi enokubangelwa kukuxinezeleka kweengqondo nemizimba yethu engafezekanga. Uyamazi unobangela woxinezeleko kwanendlela yokumelana nalo phantsi kweemeko zale mihla. Ukongezelela ukwatyhile nendlela aza kuluphelisa ngayo uxinezeleko ngonaphakade. Akakho omnye umntu onokusinceda ngaphandle koThixo wethu onemfesane, ‘obomelezayo aze abavuselele abadakumbileyo.’—2 Korinte 7:6, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Abantu abaxinezelekileyo basenokuzibuza ngendlela uThixo anokubanceda ngayo.

Ngaba uThixo ukude kwabo baxinezelekileyo?

UThixo usondele kubakhonzi bakhe abaxinezelekileyo ngendlela yokuba uhlala ‘nabatyumkileyo nabanomoya othobekileyo, evuselela umoya wabo bathobekileyo aze avuselele intliziyo yabo batyumkileyo.’ (Isaya 57:15) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba, “uYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.

UThixo unokubathuthuzela njani abo baxinezelekileyo?

Abanquli bakaThixo banokuthetha ‘nomphulaphuli wemithandazo’ nanini na befuna, yaye unokubanceda bamelane noxinezeleko kunye neemeko ezinzima. (INdumiso 65:2) IBhayibhile isibongoza ukuba siphalazele kuye yonke imbilini yethu, xa isithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

Kuthekani ukuba ukuziva singoongantweni kusenza sicinge ukuba imithandazo yethu ayiphulaphulwa?

Uxinezeleko lunokusenza sicinge ukuba imigudu esiyenzayo yokukholisa uThixo ayanelanga. Kodwa uBawo wethu wasezulwini unovelwano ngeemvakalelo zethu ezibuthathaka “ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Nangona ‘iintliziyo zethu zisenokusigwebela isohlwayo, sinokuziqinisekisa ukuba uThixo mkhulu kunazo yaye uyazazi zonke izinto.’ (1 Yohane 3:19, 20) Ngoko ke, xa uthandaza unokucaphula iindinyana zeBhayibhile obuzifundile njengeNdumiso 9:9, 10; 10:12, 14, 17; neyama-25:17.

Kuthekani ukuba uxinezeleke kangangokuba akukwazi ukuyichaza indlela ovakalelwa ngayo?

Musa ukunikezela kuba nje uxinezeleko lukwenza ungakwazi nokuthetha! Qhubeka uthetha ‘noBawo onenceba noThixo wentuthuzelo yonke,’ usazi ukuba uyazazi iimvakalelo neemfuno zakho. (2 Korinte 1:3) UMaria ekuthethwe ngaye ekuqaleni kolu ngcelele lwamanqaku, uthi: “Maxa wambi xa ndididekile ndiye ndingazazi nokuba mandithandazele ntoni. Kodwa ndiyazi ukuba uThixo uyaqonda aze andincede.”

UThixo uyiphendula njani imithandazo yethu?

IBhayibhile ayitsho ukuba uThixo uza kuziphelisa ngoku zonke iingxaki zethu. Kodwa, uThixo usinika amandla okuba sizinyamezele ‘izinto zonke’—kuquka noxinezeleko. (Filipi 4:13) UMartina uthi: “Ukuqala kwam ukugula ngenxa yoxinezeleko, ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba akhawuleze andiphilise ngenxa yokuba ndandicinga ukuba ndandingasakwazi ukunyamezela. Ngoku ndithandazela nje ukuba andiphe amandla suku ngalunye.”

IZibhalo ziyabomeleza ngokomoya yaye ziyabanceda abantu abaxinezelekileyo ukuba bamelane nako. USarah oneminyaka engama-35 exinezelekile uyakwazi ukubaluleka kokufunda iBhayibhile imihla ngemihla. Uthi: “Ndiluxabisa ngokwenene uncedo loogqirha. Ngaphezu koko ndiye ndayibona indlela ekubaluleke nekunceda ngayo ukufunda iLizwi likaThixo. Ndiye ndakwenza umkhwa ukulifunda.”

Uxinezeleko Luya Kuphela Ngonaphakade!

Ngoxa uYesu Kristu wayesemhlabeni wawabonakalisa amandla awayewanikwe nguThixo ngokuphilisa abo banezifo ezibuhlungu. UYesu wayezimisele ukubanceda abantu abagulayo. Ngapha koko, naye wayekhe akhathazeke. Ngobusuku obungaphambi kokuba afe kabuhlungu, “uKristu wanikela izikhungo kwanezibongozo kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi.” (Hebhere 5:7) Nangona kwakubuhlungu kakhulu oko kuYesu, ngoku siyangenelwa kuba “unako ukubanceda abo bavavanywayo.”—Hebhere 2:18; 1 Yohane 2:1, 2.

IBhayibhile ithi injongo kaThixo kukuba aziphelise zonke izinto ezibangela uxinezeleko. Uthembisa athi: “Ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni. Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo.” (Isaya 65:17, 18) “Amazulu amatsha,” uBukumkani bukaThixo, aya kubuyisela ‘umhlaba omtsha,’ ibutho labantu abalungileyo emhlabeni, emfezekweni emizimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya. Kuya kupheliswa konke ukugula ngonaphakade.

“Ndimemeze igama lakho, Yehova, ndisenzulwini yomhadi. Umele ulive ilizwi lam. Musa ukuyifihla indlebe yakho ekukhululekeni kwam, ekukhaleleni kwam uncedo. Usondele ngemini yokuqhubeka kwam ndikubiza. Uthe: ‘Musa ukoyika.’”—IZililo 3:55-57

“YITHUTHUZELENI IMIPHEFUMLO EDANDATHEKILEYO”

Xa uBarbara onganyelwe luxinezeleko nokuziva engungantweni, benomyeni wakhe bafowunela uGerard, ongumhlobo wabo nokwangumveleli wamaKristu. Uye aphulaphule ngomonde ngoxa uBarbara entywizisa ephinda embalisela ngentlungu yakhe.

UGerard uye wafunda ukumphulaphula ngaphandle kokumgweba okanye amphikise. (Yakobi 1:19) Njengokuba iBhayibhile icebisa, ufunde ‘ukuyithuthuzela imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Ngobuchule uyamqinisekisa uBarbara ukuba uxabiseke gqitha kuYehova uThixo, kwintsapho nakubahlobo bakhe. Ngenjongo yokumthuthuzela, umfundela iindinyana zeBhayibhile ezimbalwa enoba ezinye sele eziphinda. Ngazo zonke ezi zihlandlo uye athandaze kunye naye nomyeni wakhe efowunini yaye loo nto iye ibathuthuzele gqitha.—Yakobi 5:14, 15.

UGerard uyazi kakuhle into yokuba akanguye ugqirha yaye akazami kuthath’ indawo yogqirha kaBarbara. Ukongezelela kunyango lukaBarbara, uGerard umnika enye into angenakufane ayifumane kwabanye oogqirha—ukumthuthuzela ngokusuka ezibhalweni kwakunye nokuthandaza naye.

‘Ukuyithuthuzela imiphefumlo edandathekileyo’

Usenokuthi: “Yhazi bendikucinga. Uziva njani ngoku?”

Khumbula: Thetha ngokunyanisekileyo uze uphulaphule kakuhle enoba lowo uxinezelekileyo ukuxelela into abekhe wayithetha ngaphambili.

Usenokuthi: “Ndimangaliswa yindlela osebenza ngayo (okanye “uneempawu ezintle zobuKristu”) nakuba ukhathazwa yimpilo. Nangona uvakalelwa ukuba ungenza okungakumbi, uYehova uyakuthanda yaye uyakuxabisa, kwaye nathi siyakuthanda yaye siyakuxabisa.”

Khumbula: Yiba novelwano nobubele.

Usenokuthi: “Yhazi ndithe ndifunda iBhayibhile ndabona esi sibhalo sikhuthazayo.” Okanye “Ndithe xa bendiphinda ndifunda le ndinyana yeBhayibhile ndiyithandayo, kwathi qatha wena.” Mfundele okanye uyicaphule loo ndinyana.

Khumbula: Makungavakali ngathi umenz’ umntwana okanye uyamluleka.

Intuthuzelo YeZibhalo

ULorraine womelezwa sisithembiso sikaYehova esikuIsaya 41:10 esithi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”

UÁlvaro uthi usoloko ethuthuzelwa ngala mazwi akwiNdumiso 34:4, 6: “Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula, yaye wandihlangula kwizinto ezindothusayo. Lo uxhwalekileyo wabiza, waza uYehova weva. Yaye wamsindisa kuko konke ukubandezeleka kwakhe.”

UNaoya uthi kusoloko kumkhuthaza ukufunda iNdumiso 40:1, 2 ethi: “Ndithembele kuYehova ngokunyaniseka, waza wayithobela kum indlebe yakhe wakuva ukukhalela kwam uncedo. . . . Wawamisela ngokuqinileyo amanyathelo am.”

Amazwi akwiNdumiso 147:3 ayamqinisekisa uNaoko ngelokuba uYehova “uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.”

La mazwi kaYesu akuLuka 12:6, 7 ayamnceda uEliz ukuba athembele kuYehova: “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. Kodwa kwaneenwele zeentloko zenu zibaliwe zonke. Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”

Ezinye Iindinyana ZeBhayibhile:

  • INdumiso 39:12 ithi: “Wuve umthandazo wam, Yehova, uze ukubekele indlebe ukukhalela kwam uncedo. Kwiinyembezi zam musa ukuthi cwaka.”

  • Eyesi-2 kwabaseKorinte 7:6 ithi: UThixo ‘uyabathuthuzela abo badakumbileyo.’

  • Eyoku-1 kaPetros 5:7 ithi: “Liphoseni kuye [uThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share