IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/09 iphe. 7
  • Imfihlelo 5: Ukuba Nengqiqo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfihlelo 5: Ukuba Nengqiqo
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Hlakulela Ulwazelelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Xa Umntwana Wakho Okwishumi Elivisayo Eluthandabuza Unqulo Lwakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ukufikisa—Ukulungela Ukuba Ngumntu Omdala
    Vukani!—2011
  • Yintoni Efunwa Ngumzali?
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 10/09 iphe. 7

Imfihlelo 5: Ukuba Nengqiqo

“Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke.”—Filipi 4:5.

Intsingiselo yoku. Kwiintsapho eziphumelelayo, amadoda nabafazi basoloko bexolelana. (Roma 3:23) Kwakhona ababi ngqwabalala okanye bayekelele kubantwana babo. Imizi yabo iba nemigaqo esengqiqweni. Xa kukho ofanelwe sisohlwayo, bakwenza oko ‘ngomlinganiselo ofanelekileyo.’—Yeremiya 30:11.

Kutheni oku kubalulekile? IBhayibhile ithi, ‘ubulumko obuvela phezulu bunengqiqo.’ (Yakobi 3:17) UThixo akalindelanga mfezeko kubantu abangafezekanga, ngoko ke kunokwenzeka njani ukuba iqabane lomtshato lilindele ukuba elinye lifezeke? Eneneni, ukusoloko nihlaban’ amadlala ngezinto ezingenamsebenzi, kudala inzondo phakathi kwenu yaye akuziphuculi iimeko. Simele siyamkele into yokuba, “sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”—Yakobi 3:2.

Abazali abaphumelelayo balindele okusengqiqweni kubantwana babo. Ababohlwayi ngokugqith’ emgceni, okanye babe ngabantu ‘ekunzima ukubakholisa.’ (1 Petros 2:18) Babanika inkululeko abantwana babo abakwishumi elivisayo abaye bazingqina beyifanelekele. Abazami ukulawula yonke into eyenziwa ngabantwana babo. Enye incwadi ithi, ukuzama ukulawula nantoni na eyenziwa ngumntwana wakho okwishumi elivisayo kufana “twatse nokuzama ngamandla usenza umxhentso wokubiza imvula. Akuni mvula, kodwa usuka nje udinwe kukuxhentsa.”

Zama oku kulandelayo. Hlola umlinganiselo wakho wokuba nengqiqo ngokuphendula le mibuzo ilandelayo.

◼ Ugqibele nini ukulincoma iqabane lakho?

◼ Ugqibele nini ukuligxeka iqabane lakho?

Yenza isigqibo. Ukuba kuye kwanzima ukuphendula umbuzo wokuqala kule ingasentla kodwa uwuphendule lula lo wesibini, cinga ngokuzibekela usukelo lokuba nengqiqo kwizinto ozilindele kwabanye.

Ungaxubusha neqabane lakho ngosukelo eninokuzibekela lona.

Cinga ngenkululeko onokuyinika umntwana wakho okwishumi elivisayo njengoko ebonisa ukuba ukhulile.

Kutheni ningakhe nithethe ngokuphandle nomntwana wakho okwishumi elivisayo ngemiba efana namaxesha okufika ekhaya?

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Umntu onengqiqo uvumela amanye amalungu entsapho ukuba eze kuqala kunaye nanini na kuyimfuneko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share