IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/09 iphe. 12-13
  • Unako Ukuyanelisa Intswelo Yakho Yokomoya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unako Ukuyanelisa Intswelo Yakho Yokomoya
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kuthethwa Bubumoya Bokwenene
  • Ukwanelisa Loo Ntswelo
  • Umthombo Wolonwabo Lokwenene
  • Indlela Onokuzanelisa Ngayo Iintswelo Zakho Zokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukuzabalazela Ukuba Ngumntu Wokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Ngaba Ukhokelwa Ngumoya KaThixo Okanye Ulawulwa Yinyama?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 12/09 iphe. 12-13

Imbono YeBhayibhile

Unako Ukuyanelisa Intswelo Yakho Yokomoya

ABANTU banentswelo yokomoya ebaluleke njengokufuna ukutya. Noko ke, sineendidi ngeendidi zokutya okunezondlo nokusigcina siphilile. Ngaba kunjalo nangezinto zokomoya? Kukho izithethe ezininzi namasiko onqulo ekuthiwa anelisa intswelo yethu yokomoya.

Abantu abaninzi bacinga ukuba ayinamsebenzi into oyikholelwayo okanye unqulo okulo, logama nje ukhonza. Wena uthini? Ngaba ibalulekile indlela oyanelisa ngayo intswelo yakho yokomoya? Ithini yona iBhayibhile?

Oko Kuthethwa Bubumoya Bokwenene

KwiGenesis 1:27, iBhayibhile isichazela ngesizathu sokuba sibe nentswelo yokomoya xa isithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.” Ekubeni uYehova uThixo engumoya, oku akuthethi kuthi sinemizimba efana nowakhe kodwa kuthetha ukuba sineempawu ezifana nezakhe. Kanye njengoMdali wakhe, umntu wokuqala uAdam, wayenokuxabisa aze abonakalise iimpawu ezifana nothando lokungazingci, ububele, imfesane, okusesikweni nokuzeyisa. Kwakhona wadalwa wanesazela, amandla okwahlula okulungileyo kokubi awayeza kulawula indlela ayisebenzisa ngayo inkululeko yakhe yokuzikhethela ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Ezi mpawu zamenza wahluka kwizilwanyana ibe ngenxa yazo nguye yedwa okwaziyo ukwenza ukuthanda koMdali wakhe.—Genesis 1:28; Roma 2:14.

IBhayibhile isichazela ngenye into ebalulekileyo enokusinceda sanelise intswelo yethu yokomoya. Eyoku-1 kwabaseKorinte 2:12-15 ithi umntu wokomoya ngulowo wamkela umoya kuThixo. Lo moya ngamandla kaThixo asebenzayo, yaye ngawo asinceda siqonde izinto zokomoya. Loo nto yenza umntu akwazi ukuhlolisisa aze aqonde izinto ngokwembono kaThixo. Ngokwahlukileyo koko, umntu ongenawo umoya kaThixo kuthiwa ngumntu wokwenyama, lowo ugqala izinto zokomoya njengezibubudenge. Loo nto ibangela ukuba enze izigqibo ngokusekelwe kubulumko babantu kuphela.

Ekubeni ubumoya bethu bubangelwa sisibakala sokuba senziwe ngokomfanekiso kaThixo, ubumoya bokwenene abunakusuka ekuzithembeni kwethu, kubulumko babantu okanye kwizinto esizenzileyo. Ubumoya buxhomekeke kumoya oyingcwele kaThixo. Enyanisweni abo bangavumiyo ukuphenjelelwa ngumoya kaThixo, bekhetha ukwanelisa iminqweno yabo baze benze izinto angazithandiyo, kuthiwa abangabo abantu bokomoya. Baqhutywa lutyekelo lokwenyama.—1 Korinte 2:14; Yude 18, 19.

Ukwanelisa Loo Ntswelo

Ubumoya bokwenene buqala ngokwazi ukuba uYehova nguMdali yaye sikho ngenxa yakhe. (ISityhilelo 4:11) Ngoko, siyazi ukuba ubomi bethu buba nenjongo kuphela xa sisenza ukuthanda kwakhe. (INdumiso 115:1) Ukwenza ukuthanda kukaThixo kwenza ubomi bube nenjongo, inkalo yentswelo yokomoya ebaluleke ngokufanayo naleyo yokutya kokoqobo. Yiloo nto eyenza ukuba uYesu, indoda eyaziwayo yokomoya yathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo.” (Yohane 4:34) Ukwenza ukuthanda kukaThixo kwamnik’ amandla, kwamhlaziya kwaza kwamanelisa.

Ekubeni sidalwe ngokomfanekiso kaThixo, ulwaneliseko lokwenene lokomoya luxhomekeke ekuguquleni ubuntu bethu bufane nobakhe. (Kolose 3:10) Ngokwenjenjalo, siphepha ihambo enokusithoba okanye yonakalise ulwalamo lwethu nabanye abantu. (Efese 4:24-32) Xa sikhetha ukuphila ngokwemilinganiselo kaYehova ubomi bethu buyaphucuka yaye siba noxolo lwengqondo kuba asikhathazwa zizazela.—Roma 2:15.

UYesu wasichazela ngenye into ebalulekileyo ekwaneliseni intswelo yethu yokomoya xa wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Sifanele sihlale sibuhlola ubumoya bethu. UYehova usebenzisa iBhayibhile ukuze aphendule imibuzo ephathelele ubomi—imibuzo edla ngokubuzwa ngabantu bonke.—2 Timoti 3:16, 17.

Umthombo Wolonwabo Lokwenene

Ngenxa yendlala umntu unokuzalisa isisu ngokutya okungondliyo. Ngokufanayo, “sinokuzalisa” izisu zethu zokomoya ngeentanda-bulumko ezisenokubonakala zisanelisa ngokomoya. Kodwa kanye njengokuba ukutya ukutya okungenazondlo kunokusenza singondleki okanye sibe nezifo, ukungayanelisi ngendlela efanelekileyo intswelo yethu yokomoya ekugqibeleni kunokusenzakalisa.

Noko ke, ukuba siba nolwalamano oluhle noYehova uThixo, sizame ukwenza ukuthanda kwakhe size silandele ulwalathiso lwakhe siya kukubona ukuba yinyaniso kwamazwi eBhayibhile athi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Ibangelwa yintoni intswelo yakho yokomoya?—Genesis 1:27.

◼ Ngaba sinokuyanelisa ngokwethu intswelo yethu yokomoya?—1 Korinte 2:12-15.

◼ Yintoni esifanele siyenze ukuze sanelise intswelo yethu yokomoya?—Mateyu 4:4; Yohane 4:34; Kolose 3:10.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

Ukungayanelisi ngendlela efanelekileyo intswelo yethu yokomoya ekugqibeleni kunokusenzakalisa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share