Izilo Ezikhulu Ezihlala Enzulwini Yolwandle
Ngequbuliso kuthi gqi isilo esikhulu elwandle, sithi nqaku isikhitshane size sitsalele abo bakhwele kuso emazantsi olwandle. Eli bali lithetha ngezilwanyana zakudala ezisekhoyo nanamhlanje. Kodwa ngaba zikho ngokwenene izilwanyana ezikhulu ngolo hlobo?
NGOWAMA-2007, ingwane ekuthiwa yicolossal squid yabanjwa ngempazamo ngabalobi kuLwandle iRoss ngaphandle kweAntarctica. Yayimalunga neemitha ezili-10 ubude xa idibene neempondo zayo, yaye yayinobunzima obuziikhilogram ezingama-500! Izazinzulu zivakalelwa kukuba olu hlobo lwengwane lunokukhula lube ngaphezu koko.
Enye ingwane enkulu iyafana nale kodwa imile okwembumbulu, inamehlo anokulingana nentloko yomntu, umlomo wayo ufana nowesikhwenene yaye ngendlela owomelele ngayo unokuqhawula ucingo olomeleleyo, iingalo zayo ezisibhozo ziyakwazi ukufunxa, yaye ineempondo ezimbini ezinde etya ngazo. Inokuhamba emanzini ngesantya esiziikhilomitha ezingama-30 ngeyure—ide iziphose nasemoyeni!
Ezi zigebenga zezilo ziye zabonwa kangangezihlandlo ezingaphantsi kwezingama-50 kwinkulungwane edluleyo, yaye akuzange khe kuphandwe ngazo kwindawo ezihlala kuyo.
Iminenga Emikhulu Yaselwandle
Noko ke, ezi ngwane sisandul’ ukuthetha ngazo zikukutya nje kwisilwanyana esikhulu kunazo, umnenga, onokukhula ube ziimitha ezingama-20 ubude uze ube nobunzima obuziitoni ezingama-50. Izinyo nje elinye linobunzima obuziigram ezingama-900! Kuye kwafunyanwa iminenga efileyo ineengwane esiswini sayo. Kanti le minenga iye yafunyanwa inamanxeba kwiintloko zayo ezingqunduva, nto leyo ebonisa ukuba ingwane le iyazilwela. Ngowe-1965, abantu baseSoviet ababekhwele kwiphenyane bephanda ngeminenga bathi babone ingwane isilwa nomnenga obunzima buziitoni ezingama-40. Asikho esoyisayo kwezi zilo. Umnenga okrwitshiweyo wafunyanwa ngaphandle kwamanzi, unentloko yengwane esiswini sawo.
Yona ingwane nomnenga zinkulu, kodwa kukho lo mnenga kuthiwa yiblue whale, esona silwanyana sanyisayo sikhulu, esizodlula lee ngobukhulu zombini. Owona mnenga mde kule owakha wabona wawuyimazi endala eziimitha ezingama-33 yaye wabanjwa kwiAntarctica. Lo mnenga wawunokuba nobunzima obuziitoni ezili-150. Ulwimi lwawo nje kuphela lunokuba nobunzima obulingana nobendlovu endala! Yaye khawucinge nje ukuba—izala ithole eliziitoni ezintathu nelibude buziimitha ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo! Njengoko uhlala uzingelwa, lo mnenga waphantsa waphela ngeminyaka yee-1960 yaye sithethanje kuthiwa usenokuphela nanini na.
Isilo Esinengcwangu Neso Simbuna
Ngenxa yeengxavula zawo zamazinyo ezingama-3 000, kusenokwenzeka ukuba ukrebe omhlophe usesona silwanyana soyikekayo kwezitya inyama. Owona krebe umhlophe umkhulu wakha wabonwa wawuziimitha ezisixhenxe yaye unobunzima obuziikhilogram ezingama-3 200. Lo krebe uneempumlo ezibukhali kangangokuba uyakwazi ukujoja ithontsi legazi elikwiilitha ezili-100 zamanzi!
Kanti olunye uhlobo lukakrebe luyeyona ntlanzi inde, ebude buziimitha ezisisi-7,5. Noko ke, abanye ookrebe banokumphinda kabini lowo. Umlomo wawo unokuba yi-1,4 mitha ububanzi, yaye unokumginya lula umntu. Kodwa endaweni yokuba ibe sisilwanyana esinengcwangu esitya ezinye izilwanyana ezikhulu zaselwandle, esi silo sikhulu simbuna sitya izilwanyana ezincinane zaselwandle kwakunye neentlanzi ezincinane.
Iphephancwadi iNational Geographic lathi, “inkqubo yokwetyisa engaqhelekanga yalo krebe, ixhasa ibali elingoYona,” litsho ke libhekisela kwimbali yeBhayibhile ephathelele ukuginywa komprofeti uYona yintlanzi enkulu. Aba krebe “banendlela yokwahlukana nezinto ezinkulu abaye baziginya bengazimiselanga nezingahlali kakuhle eziswini zabo.”—Yona 1:17; 2:10.
Isilo Esikhulu Esineentloni
Esinye isilo esikhulu saselwandle yigiant octopus, enokukhula ibe nobunzima obuziikhilogram ezingama-250. Kwakha kwathiwa ngumtyholi wentlanzi kuba kwakucingwa ukuba inokukwazi ukuzikisa iinqanawa. Kodwa enyanisweni le octopus ineentloni yaye ithanda ukuzimela kwimingxuma naphakathi kwamatye asenzulwini yolwandle. Iingalo zayo ezisibhozo zinokuba ngangeemitha ezili-10, yaye inengqondo kunezinye izilwanyana ezingenalo ithambo lomqolo. Eneneni zikrelekrele iioctopus ibe zinokufunda izinto ezinzima ezifana nokuphinyela phakathi kwamatye ziye kuphumela kwelinye icala yaye zinokuvula neziciko zeebhotile!
Kanye njengengwane enkulu, igiant octopus iyakwazi ukuzifihla ngokutshintsha umbala wayo, yaye ukuze ibe namandla okuya phambili, ifunxa amanzi ize iwakhuphe, ibe xa isengozini ikhupha i-inki eyenza ingabonakali. Ioctopus inokude iphume emanzini kangangethutyana iye kukhangela ukutya emhlabeni!
Ezi zilo zihlala enzulwini yolwandle zizukisa igama loMdali wazo, uYehova. Kuyafaneleka ukucula komdumisi weBhayibhile athi: “Dumisani uYehova emhlabeni, nina zilo zikhulu zaselwandle nani nonke manzi anzongonzongo.”—INdumiso 148:7.
[Umzobo okwiphepha 17]
ZIKHULA ZIDE ZIBE NGAKANANI?
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ukrebe omkhulu
Igiant octopus
Ukrebe oyiwhale shark
Ingwane enkulu*
Ingwane ekuthiwa yicolossal squid*
*ubukhulu obuqikelelwayo
Umnenga ekuthiwa sisperm whale
Umnenga oyiblue whale
iinyawo 100 90 80 70 60 50 40 30 20 10 0
iimitha 30 25 20 15 10 5 0
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukrebe omkhulu
[Umfanekiso okwiphepha 15]
I-“giant octopus”
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Umnenga ekuthiwa si-“sperm whale”
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ukrebe oyi-“whale shark”
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umnenga oyi-“blue whale” nethole lawo
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 15]
Shark: © Steve Drogin/SeaPics.com; drawing: Getty Images; octopus: © Brandon Cole
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 17]
Sperm whale: © Brandon Cole; blue whales: © Phillip Colla/SeaPics.com; whale shark: © Steve Drogin/SeaPics.com