Ngaba Kusengqiqweni Ukukholelwa KuThixo?
NGABA akuzange ukhe uzibuze ngesizathu sokuba yonke into, esusela kumasuntswana eathom ukuya kutsho koobhazabhaza beminyele ilawulwe yimithetho echanileyo yezibalo? Ngaba wakha wacinga ngobomi—ukwahlukana kwezinto eziphilayo nendlela emangalisayo ezenziwe ngayo? Abantu abaninzi bathi indalo nezinto eziphilayo zabakho ngenxa yogqabhuko-dubulo okanye ngenxa yendaleko. Kanti abanye bathi ezi zinto zenziwe nguMdali okrelekrele. Ucinga ukuba yiyiphi eyona mbono isengqiqweni kwezi?
Kambe ke, zombini ezi mbono zinento yokwenza nokholo. Kaloku ifuna ukholo into yokuqiniseka ngobukho bukaThixo. Njengoko iBhayibhile isitsho, “akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18) Ngendlela efanayo, akukho mntu wakha wakubona ukubunjwa kwendalo nokuqala kobomi. Engekho nowakha wabona isidalwa esiphilayo sitshintsha sibe lolunye uhlobo olubhetele okanye sibe lolunye uhlobo lwesidalwa. Ingxelo ephathelele iifosili ibonisa ukuba iindidi ezinkulu zezilwanyana zabakho ngequbuliso yaye azizange zikhe zitshintshe.a Kuthi kwakuba lapha ke, kusale lo mbuzo ubalulekileyo: Yiyiphi inkolelo enesihlahla—kukukholelwa kwindaleko okanye kukukholelwa kuMdali?
Ngaba Ukholo Lwakho Lusekelwe Kubungqina Obunesihlahla?
IBhayibhile ithi “ukholo” lokwenene ‘lububungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.’ (Hebhere 11:1) IThe New English Bible yona ithi: “Ukholo . . . lusenza siqiniseke ngezinto zokwenene nangona singaziboni.” Ngaphandle kwamathandabuzo ziliqela izinto okholelwa ngokwenene ukuba zenzeka ube ungazange uzibone ngawakho amehlo.
Ngokomzekelo: ababhali-mbali abaninzi abahlonelwayo bakholelwa ukuba uAleksandire Omkhulu, uJulius Caesar, noYesu Kristu bakha baphila. Ngaba oko bakukholelwayo kunesihlahla? Kunjalo, kuba oko bakukholelwayo bakusekele kubungqina obuchanileyo nobunesihlahla.
Nazo izazinzulu ziqinisekile ngobukho bezinto ezingazange zabonwa ngenxa ‘yobungqina obucacileyo’ bokuba ezo zinto zenzeka. Ngokomzekelo, kwinkulungwane ye-19 usokhemisti waseRashiya uDmitry Mendeleyev waba nomdla kwizinto nakwiziseko zendalo. Wabona ukuba zazinezinto ezifanayo ibe zazinokubekwa ngobunzima beeathom ezikuzo ziphinde zibekwe nangokwemichiza ekuzo. Ngenxa yokuba wayekuqonda kakuhle ukulandelelana kwazo, wada wayila isicangca anokuzibeka kuso waza waqikelela nokuba zingakho nezinye eziliqela ezazingekaziwa ngelo xesha.
Abembi bezinto zakudala bakha bafumana iindawo ezazifudula zinabemi, phofu ke oko bekubona kwizinto abaye bazimba nezazikho kumawawaka eminyaka eyadlulayo. Ngokomzekelo, khawukhe ucinge ngomntu owemba izinto zakudala obona amatye alinganayo aqhekezwe aza apakishwa kakuhle. Kanti uphinda afumanise ukuba abekwe ngendlela ekhethekileyo engenakwenzeka ukuba ibe yazenzekela. Ngaba uza kugqiba ngelithini ke lo membi wezinto zakudala? Ngaba uza kuthi oko akufumanisileyo kwenzeke ngamabona-ndenzile? Usenokungatsho? Kunoko, usenokuthi bubungqina bokuba bakho abantu abakha baphila apho yaye kusengqiqweni ukuba atsho njalo.
Ngendlela efanayo, ngaba nathi asinakutsho ngenxa yendlela eyilwe ngayo indalo? Abantu abaninzi nezazinzulu ezihlonelwayo batsho njalo.
Ngaba Ibekho Ngamabona-ndenzile Okanye Idalwe Ngenjongo?
Kwiminyaka emininzi eyadlulayo ingcungela yezibalo, isazinzulu nengcali yeenkwenkwezi yaseBritani, uMhlekazi uJames Jeans, uthe ngenxa yokutyhileka kolwazi olungakumbi lwenzululwazi wabhala wathi, “icacile into yokuba indalo yacingisiswa kakuhle, ayingomatshini nje omkhulu.” Waphinda wathi, kuyabonakala ukuba “indalo ibonisa ukuba iyilwe yingcungela ezazi kakuhle izibalo” yaye ikho “nento ebonisayo ukuba simfuzile umyili nomlawuli wendalo.”
Ukususela oko lo kaJeans wabhala la mazwi, nezinye izazinzulu ziye zafikelela kwingcamango efanayo. Isazinzulu uPaul Davies sabhala sathi: “Izazi ezininzi zithe xa zijonga nje indlela elungelelene ngayo indalo zabona ukuba iyiliwe.” Inyange lesazinzulu nengcali yezibalo uAlbert Einstein wabhala wathi: “Iyamangalisa kwainto yokuba sikwazi ukuyiqonda [indalo].” Kubantu abaninzi oku kuquka ubomi nje bubodwa, ukususela kwindlela obuyilwe ngayo ukuya kutsho kubuchopho bomntu obumangalisayo.
IDNA Nobuchopho Bomntu
IDNA ilichiza eliba kwiiseli nakwiimolekyuli elilawula imfuza.b Le asidi ineenkcukacha ezininzi, iye yathelekiswa necebo okanye iresiphi kuba iDNA le inenkcazelo ekwimichiza egcinwa kwiimolekyuli ezikwaziyo ukuyiqonda loo nkcazelo zize ziyisebenzise. Ingakanani inkcazelo eba kwiDNA? Enye imbekiselo ithi, ukuba ezona zinto zincinane ezibumba iDNA bezinokutshintshwa zibe ngoonobumba “bezinokuzalisa incwadi enamaphepha angaphaya kwesigidi.”
Kwinkoliso yezidalwa ezingenakubonwa ngeliso lenyama, iDNA ibunjwa yimisonto ekuthiwa ziichromosomes egcinwa kumbindi weseli nganye. Wona lo mbindi weseli unobubanzi obumalunga neemikromitha ezintlanu. Khawufan’ ucinge—yonk’ inkcazelo efunekayo ukuze kubekho wena ifunyanwa kwizinto ezincinane kangangokude zibonwe ngemikroskophu kuphela! Njengoko esinye isazinzulu sakha satsho, sifanele ke phofu, izidalwa eziphilayo ezingenakubonwa ngeliso lenyama “zineyona nkqubo incinane yaziwayo yokugcina nokukhupha inkcazelo.” Loo nkqubo iyodwa ikushiya ubamb’ ongezantsi xa ucinga ngenkcazelo enokugcinwa ziikhompyutha, iiDVD nezinye izinto ezinjengezo! Kanti ngaphezu koko iseninzi into esingayaziyo ngeDNA. Iphephancwadi iNew Scientist lithi: “Kwanto efunyaniswayo ngayo iza nezayo iintsonkotha.”c
Ngaba kusengqiqweni ukuthi le ndalo igqibelele nelungelelene ngolu hlobo, ivele ngamabona-ndenzile? Ukuba uye wafumana incwadi yobugcisa ekumgangatho ophezulu enamaphepha asisigidi ebhalwe ngokucacileyo nangobuchule, ngaba ubuya kuthi le ncwadi iye yazibhala? Kuthekani ukuba ngendlela encinane ngayo le ncwadi, kufuneka ifundwe ngemikroskopu enamandla? Kwaye kuthekani ukuba ineenkcukacha zokuyilwa komatshini okrelekrele okwazi ukuzilungisa nokuvelisa omnye ofana nawo oneenxalenye ezininzi ekufuneka zidityaniswe ngexesha nangendlela efanelekileyo? Ngokuqinisekileyo akuyicingi nokuyicinga into yokuba incwadi enjalo ingaze ibekho.
Emva kokuhlola uphando lwakutshanje olungokusebenza kweseli, isithandi sobulumko saseBritani, uAntony Flew nesakha sayimela ngamandla into yokuba uThixo akakho sathi: “Ukuntsonkotha okungakholelekiyo kwendlela obuqala ngayo ubomi [kubonisa] ukuba kuye kwafuneka ubukrelekrele obungathethekiyo.” Lo kaFlew uthi “uza kulandela le ngcamango enoba loo nto iza kumkhokelela phi na.” Yatshintsha indlela acinga ngayo kangangokuba ngoku naye uyavuma ukuba uThixo ukhona.
Aphel’ emlonyeni kwizazinzulu ezininzi xa zicinga ngobuchopho bomntu. Kuthiwa ubuchopho bomntu, obuvela kwiDNA, “abunantanga ngokuntsonkotha kwindalo yonke.” Kwaneyona khompyutha kuthiwa ikumgangatho ophezulu irhuq’ emva xa ithelekiswa nale mbumba imalunga neekhilogram ezi-1,3 epinki-bungwevu nentlakantlaka ziineurons nobunye ubuxhakaxhaka. Esinye isazi ngengqondo sona sithi xa siyijonga le nto sibone ukuba “njengoko izazinzulu zifunda ngobuchopho nendlela obusebenza ngayo, zifumanise ukuba buya bubangel’ umdla yaye buya busiba yindidi.”
Khawucinge ngoku: Ngenxa yobuchopho siyakwazi ukuphefumla, ukuhleka, ukulila, ukucombulula iingxaki, ukwenza iikhompyutha, ukukhwela ibhayisikile, ukubhala imibongo size sikwazi ukumangaliswa zizinto esizibukela esibhakabhakeni ebusuku. Ngaba ke ngenene kusengqiqweni ukuthi ukwenza ezi zinto kwenzeke ngamabona-ndenzile?
Ukholo Olusekelwe Kubungqina
Ngaba simele sijonge ezantsi ezinkawini nakwezinye izilwanyana xa sifuna ukuqonda ngeziqu zethu njengokuba besenza abantu abakholelwa kwindaleko? Okanye ngaba simele sijonge kuThixo xa sifuna iimpendulo? Kuyavunywa ukuba zikho izinto esifana ngazo nezilwanyana. Ngokomzekelo, siyatya, sisele, silale size sizale. Sekunjalo, zininzi izinto esahluke ngazo kuzo. Isizathu soko kukuba iimpawu ezikho kuthi njengabantu kuphela zivela kuMntu ongaphezulu gqitha kuthi—uThixo. IBhayibhile iyibek’ icace le ngcamango xa isithi uThixo wamdala umntu “ngokomfanekiso” wakhe waza wanemigaqo nendlela yokucinga efana neyakhe. (Genesis 1:27) Unokucingisisa ngeempawu zikaThixo, ezinye zazo ezibhalwe kwiDuteronomi 32:4; kuYakobi 3:17, 18; nakweyoku-1 kaYohane 4:7, 8.
UMdali wethu usinike “amandla okuqonda” ukuze sikwazi ukuhlolisisa indalo esingqongileyo size siphenduleke kwimibuzo esinayo. (1 Yohane 5:20) Ngokuphathelele oku, uWilliam D. Phillips osisazinzulu nowafumana imbasa kaNobel wabhala wathi: “Xa ndihlolisisa ucwangco, ukuqondakala nobuhle bendalo, bundenza ndithi yayilwa ngumntu okrelekrele ngaphezu kwethu. Ukuqonda kwam ngokwenzululwazi indlela esebenzisana ngayo nokuba lula kwayo ukuyenza ibukeke kundenza ndikholelwe ngakumbi kuThixo.”
Malunga neminyaka engamawaka amabini edluleyo, omnye umbukeli wendalo oqondayo wabhala wathi: “Iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.” (Roma 1:20) Umbhali—umpostile uPawulos ongumKristu—wayeyindoda ekrelekrele neyayifunde kakhulu ngoMthetho kaMoses. Ukholo lwakhe olusekelwe kwizibakala lwenza ukuba agqale uThixo njengomntu wokwenene, ngoxa ukuthanda kwakhe okusesikweni kwamenza wamzukisa uThixo ngezinto awazidalayo.
Sinethemba lokuba nawe uya kuqonda ukuba akuyonto ingekho ngqiqweni ukukholelwa kuThixo. Eneneni, ngamana kanye njengoPawulos ungangapheleli nje ekukholelweni ukuba uThixo ukho. Ngamana ungayiqonda—njengoko kunjalo ngezigidi zabantu—into yokuba uYehova uThixo ungumntu womoya oneempawu ezithandekayo ezibonakala kwindlela acinga ngayo umntu nezisenza sitsaleleke kuye.—INdumiso 83:18; Yohane 6:44; Yakobi 4:8.
[Imibhalo esemazantsi]
a Sicela ufunde inqaku elithi, “Ngaba Imfundiso Yendaleko Iyinyaniso?” elikuVukani! kaSeptemba 2006.
b Eli gama lithi DNA limela elithi deoxyribonucleic acid.
c Xa uCharles Darwin weza nengcamango yakhe yendaleko, wayengakwazi ukuntsonkotha kweseli ephilayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
NGABA IZINTO EZIMBI EZENZIWA LUNQULO ZIMELE SIZENZE SINGAKHOLELWA KUTHIXO?
Abantu abaninzi abakholelwa ukuba ukho uMdali ngenxa yokuxhatshazwa kwabantu nobungendawo obuye benziwa kwiicawa ezininzi. Ngaba eso sisizathu esinesihlahla sokungakholelwa kuThixo? Akunjalo. Kwingabula-zigcawu yencwadi kaAntony Flew enomxholo othi There Is a God, uRoy Abraham Varghese uthi: “Izinto ezimasikizi ezenziwe ziinkonzo ezilungelelanisiweyo azinanto yakwenza nobukho bukaThixo, kanye njengokuba ukwanda kwenyukliya kungenanto yakwenza noE=mc2.”d
[Umbhalo osemazantsi]
d Amandla alingana nobunzima obuphindaphindwe ngesantya sokukhanya siphindaphindene.
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukuba kuthiwa izakhiwo zamandulo zakhiwa ngabantu, simele sithi ngubani oyile indalo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UAlbert Einstein
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
IDNA ifana nencwadi enokufundwa ngemikroskopu eneenkcukacha ngezidalwa ezikrelekrele
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Kuthiwa ubuchopho bomntu “abunantanga ngokuntsonkotha kwindalo yonke”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 22]
© The Print Collector/age fotostock