Yaneliseka Libala Lolusu Lwakho
● Abanye abantu eAfrika, kuMzantsi Asia, kwiCaribbean, nakuMbindi Mpuma bacinga ukuba umntu okhanyayo unemali yaye usefashonini. Loo nto ibangela ukuba amadoda namabhinqa amaninzi kwezi ndawo asebenzise izithambiso ezikhanyisa ulusu—kodwa maxa wambi loo nto iyibek’ engozini impilo yawo.
Ezinye izithambiso ezikhanyisa ulusu ziba nehydroquinone, ichiza elithintela ukwenziwa kwemelanin, nto leyo eyenza ulusu lungakhuseleki kwimitha eyingozi yeultraviolet (UV). Ihydroquinone le ingena kulusu yaye inokwenza umonakalo ongenakulungiseka kwizicwili zalo. Loo nto inokubangela umntu akhawuleze aphum’ imibimbi. Kanti eli chiza linokubangela umhlaza. Ezinye izithambiso zinemekyuri, ekwayityhefu.
Ukongezelela koko, ukuqhubeka usebenzisa ezi zithambiso kunokubangela irhashalala, namabala amabi yaye ulusu lwakho lunokuthamba kangangokude lungakwazi ukuthungeka xa uye wasikeka. Yaye ukuba imichiza ekwezinye zezi zithambiso iye yangena egazini, inokonakalisa isibindi, izintso okanye ubuchopho—ide ibangele ukuba amanye amalungu ayeke ukusebenza.
Ngoxa abanye abantu abantsundu ngebala befuna ukukhanya, uninzi lwabantu abanolusu olukhanyayo lwenza nantoni na ukuze lube ntsundu. Ngokuqinisekileyo, ukuba selangeni ngomlinganiselo ofanelekileyo kunokuba luncedo empilweni. Ngokomzekelo, kunokubangela ukuba umzimba uvelise ivithamini D. Kodwa ukuzigqatsa ngelanga, ingakumbi xa kusemin’ emaqanda kunokuba yingozi. Enyanisweni, xa ulusu lumnyama kunendlela oluqhele ukuba yiyo, loo nto ibonisa ukuba sele ukho umonakalo yaye luzama ukuzikhusela kweminye imitha engakumbi yeUV. Kodwa alunakukwazi ukuzikhusela ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, xa ulusu olukhanyayo lujika lube mnyama, luzikhusela nje luphelele kumlinganiselo osisine. Ngoxa ukusebenzisa izithambiso ezikhusela ulusu elangeni kunokunceda, akukukhuseli ngokupheleleyo ukonakala kolusu nemihlaza, kuquka lowo wolusu.
Yiloo nto iWorld Health Organization ikhuthaza ukuba “wonke umntu akhuthazwe ukuba aneliseke libala lolusu lwakhe,” nto leyo “eya kwenza ukuba enze nantoni na ukuze alukhusele.” Noko ke, abantu abalumke ngokwenene banikela ingqalelo kwinto ebizwa yiBhayibhile ngokuba ‘ngumntu ofihlakeleyo wentliziyo,’ oye aphucuke ngokuhamba kwexesha ngokungafaniyo nolusu oluba nemibimbi!—1 Petros 3:3, 4; IMizekeliso 16:31.