“Inyaniso Iya Kunikhulula”!
LA MAZWI kaYesu Kristu afumaneka eBhayibhileni kuYohane 8:32 aya kuhlala eyinyaniso. Inyaniso iyasikhulula kwiinkolelo nakwizithethe ezingamkholisiyo uThixo nezinokusenzakalisa. La mava alandelayo abonisa indlela abantu bamazwe awahlukeneyo abaye bakhululwa ngayo yinyaniso yeBhayibhile kwizithethe ezinxulumene neKrismesi.
Inyaniso YeBhayibhile Yabakhulula!
EArgentina UOscar uthi: “Intsapho yethu iye yakhululeka kwiingxaki ezibangelwa kukutya kakhulu, ukunxila nokuthenga izipho ezibiza imali eninzi.”
UMario waziva ekhululekile xa weva ukuba iKrismesi bubuxoki. “Ngoku ndibonisa indlela endibaxabisa ngayo abanye abantu ngokubathengela izipho nangaliphi na ixesha enyakeni.”
EKhanada UElfie wabhala wathi: “Ndiyakuthanda ukupha nokwamkela izipho. Kodwa ke andikuthandi ukwamkela izipho xa umntu endipha kuba enyanzelekile. Xa intsapho yayekayo ukubhiyozela iKrismesi satsho saphumla!”
U-Ulli, enye yeentombi zikaElfie uthi: “Emva kokuba abazali bam beyekile ukubhiyozela iKrismesi babedla ngokusikhupha okanye basithengele izipho nangaliphi ixesha enyakeni yaye sasiyithanda loo nto! Xa abantwana esifunda nabo besibuza ukuba kutheni abazali besithengela izipho sasidla ngokuthi, ‘Kuba nje besithanda!’ Kodwa ukuphila ngokwale nyaniso yeBhayibhile kwakungekho lula kubazali bam kuba babechaswa zizalamane zabo. Kodwa banyamezela. Ukubona indlela ababezimisele ngayo ukunqula uYehova uThixo kwandikhuthaza.”
USilvia uthi watsho “wakhululeka” mhla wayeka ukubhiyozela iKrismesi. “Kwakundivuyisa ukwazi ukuba ndandikholisa uYehova uThixo yaye olo vuyo lwalungaphaya kweeKrismesi eziliwaka.”
EKenya UPeter uthi: “Ndisabhiyozela iKrismesi ndandihlala ndiboleka imali eninzi ukuze ndithenge izipho nezimuncumuncu. Ngenxa yaloo nto kwakufuneka ndisebenze ixesha elongezelelekileyo nto leyo eyayindenza ndingakwazi ukuba kunye nentsapho yam. Ndavuya gqitha mhla ndakhululeka kuyo yonke loo nto!”
UCarolyne uthi: “Mna nabahlobo nentsapho yam sithengelana izipho nangaliphi na ixesha enyakeni. Ndicinga ukuba izipho ezinjalo nezisuka entliziyweni zezona zibalulekileyo.”
EJapan UHiroshi noRie bathi: “Abantwana bethu abalindeli ukuba sibathengele izipho ngexesha elithile enyakeni baze bangazixabisi. Kuyasivuyisa ukubabona beyiqonda into yokuba ukupha kufanele kusuke entliziyweni.”
UKeiko uthi: “Intsapho yethu yayidla ngokubhiyozela iKrismesi. Emva kokuba siqinisekile ukuba unyana wethu ulele, mna nomyeni wam sasidla ngokubeka isipho ngasebhedini yakhe. Ngentsasa elandelayo, sasidla ngokuthi: ‘Ngenxa yokuba uye waziphatha kakuhle uFather Christmas uye wakupha isipho.’ Mhla ndev’ inyaniso ngeKrismesi ndaza ndafundisa unyana wam ngayo wothuka waza wakhala. Ndatsho ndaqonda ukuba iKrismesi ayikho ntle njengokuba abantu beyenza ibonakale njalo. Kunoko bubuxoki yaye ndaziva ngathi ndiye ndamngcatsha unyana wam ngokumfundisa obo buxoki.”
KwiiPhilippines UDave uthi: “Andikwazi nokuyichaza indlela uYehova asivuyisa ngayo ngokusifundisa inyaniso eseBhayibhileni. Xa amalungu entsapho yethu esipha abanye izipho, akayenzi loo nto kuba elindele ukuba aphiwe nawo. Kwakhona sipha ngokusuka entliziyweni.”
Abantu abacatshulwe ngasentla baphakathi kwezigidi zabantu abaye bazibonela ngokwabo ukuba inyaniso yeBhayibhile iyakhulula. Okubaluleke nangakumbi kukuba siyayivuyisa intliziyo kaThixo xa siphila ngokuvisisana nalo nyaniso. (IMizekeliso 27:11) UYesu Kristu wathi: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:23) Xa uThixo ehlola intliziyo yakho, ngaba ubona umntu oyilangazelelayo inyaniso? Sinethemba lokuba impendulo yakho nguewe!
[Umfanekiso okwiphepha 9]
AmaKristu apha ngenxa yokuba enothando yaye apha nangaliphi na ixesha enyakeni