Ngaba Yadalwa?
Indlela Yokudada YeSalmon
● Xa ziza kuzala, iintlobo ezininzi zesalmon zinyusa umsinga. Zikwazi njani ukudada kumanzi alwatyuzayo zingadinwa? Endaweni yokuba kube nzima ukudada kula manzi ezi ntlanzi zincedwa kwangawo. Njani?
Khawucinge ngoku: Iisalmon aziziphosi kumanzi alwatyuzayo. Kunoko, njengoko zidada zizongela amandla ngokukhangela iindawo apho amanzi aphazanyiswa ngamatye, amasebe nezinye izinto. Njengoko amanzi ewutha macala omabini kuloo nto abetheke kuyo, ezi ntlanzi zifumana ithuba lokudada zibheke phambili. (Bona umfanekiso.) Ezinye iintlanzi zidada kanye kwiindawo ebezidada kuzo ezingaphambi kwazo. Ngamanye amaxesha zincedwa kukubethwa ngamanzi emzimbeni.
Abaphandi bafuna ukufunda kwindlela edada ngayo isalmon ukuze bafumane umbane emanzini. Ngokuqhelekileyo izixhobo zokwenza umbane ngamanzi zikwazi ukusebenza xa amanzi ehamba ngesantya esingangeekhilomitha ezisithoba ngeyure okanye nangaphezulu. Kodwa ngoku kukho umatshini omtsha okwazi ukwenza umbane nangamanzi ahamba ngesantya esingaphantsi kwesi.a Noko ke, aba matshini abanakuthelekiswa nobugocigoci obufumaneka kwiintlanzi ezinjengesalmon. Unjingalwazi uMichael Bernitsas weYunivesithi yaseMichigan, eUnited States uthi: “Okwangoku iintlanzi ziyasogqitha ngobukrelekrele.”
Ucinga ntoni? Ngaba isalmon yavela nje yakwazi ukusebenzisa amanzi ukuze ifumane amandla okanye ngaba yadalwa ngolo hlobo?
[Umbhalo osemazantsi]
a Oku kuyathembisa ekubeni imisinga yamanzi emininzi ibaleka ngesantya esiphantsi.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
Top: © photolibrary. All rights reserved.