IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/11 iphe. 12-14
  • Xa Umntwana Enomhlaza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Umntwana Enomhlaza
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Umhlaza Wamabele—Oko Umele Ukulindele Nendlela Yokumelana Nawo
    Vukani!—2011
  • “Ukholo Ndilugcinile”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ukujamelana Namanqam Ezonyango
    Vukani!—1996
  • Indlela Olwandinceda Ngayo Ukholo Lwam Ndakwazi Ukuhlangabezana Neentlekele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 5/11 iphe. 12-14

Xa Umntwana Enomhlaza

“Ndasuka ndaphelelwa lithemba, ndingasathethi ke ngokothuka. Ngendlela endandibuhlungu ngayo kwaba ngathi intwazana yam sel’ ifile.”—UJaílton, esakufumanisa ukuba intombi yakhe inomhlaza.

KUNOKUBA buhlungu gqitha kuze kukothuse ukufumanisa ukuba umntwana wakho unomhlaza. Bangaphi abantwana abaye bafunyaniswa benesi sifo? I-International Union Against Cancer ithi, nangona “bembalwa abantwana ababa nomhlaza xa bethelekiswa nabanye abantu, nyaka ngamnye ngabantwana abali-160 000 [ehlabathini lonke] abaye bafunyaniswe benomhlaza yaye kumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho umhlaza yeyona nto yesibini ebulala abantwana, emva kweengozi.” Ngokomzekelo, iNational Institute of Cancer ithi, eBrazil “kuqikelelwa ukuba nyaka ngamnye abantwana abangama-9 000 baye bafunyaniswe benomhlaza.”

Incwadi ethi À margem do leito—A mãe e o câncer infantil (At the Bedside—The Mother and Child Cancer) ithi, xa umntwana enomhlaza “onke amalungu entsapho aba buhlungu.” Kumaxesha amaninzi kuye kufuneke loo mntwana enziwe utyando, anyangwe ngechemotherapy, iradiation okanye zombini, yaye ezi ndlela zokunyanga zinokubangela ezinye iingxaki. Abazali baye babandezeleke gqitha, boyike, badakumbe, bazive benetyala, benomsindo yaye bengafuni ukukwamkela ukugula komntwana wabo. Abazali banokujamelana njani nale ntlungu?

Abantu abanokuba luncedo kakhulu ngabezonyango. Omnye ugqirha waseNew York oye wanceda abantu abaninzi abanomhlaza uthi: “Basenokukunika inkcazelo enokukukhuthaza baze bachaze nezinye iingxaki ezinokuvela ngenxa yohlobo lonyango olufumanayo. Oku kunokuyenza le meko ingabi mbi kangako.” Nabanye abazali abanabantwana abakha baba nomhlaza banokuba luncedo gqitha. Ngenxa yoko, ababhali bakaVukani! baye bathetha nabazali abahlanu baseBrazil abanabantwana abakha baba nomhlaza.

● UJaílton noNéia “Safumanisa ukuba intombi yethu ineleukemia (isifo somhlaza esiba segazini) xa yayineminyaka emibini enesiqingatha ubudala.”

Yanyangwa ixesha elingakanani?

“Yaya kwichemotherapy phantse iminyaka emibini enesiqingatha.”

Ziziphi iingxaki eyaba nazo ngenxa yolu hlobo lonyango?

“Yayigabha gqitha ibe iinwele zayo zazisiwa. Amazinyo ayo aba gqwanci. Yangenwa yingqele (pneumonia) izihlandlo ezithathu.”

Oku kwanenza navakalelwa njani?

“Ekuqaleni sasisoyika gqitha sicinga ukuba iza kufa. Kodwa sathi sakuyibona ichacha, saba nethemba lokuba iza kuphila. Ngoku sele iza kuba neminyaka elithoba ubudala.”

Yintoni eyaninceda nakwazi ukumelana nale meko ibuhlungu kangaka?

“Alithandabuzeki elokuba sancedwa kukuthembela kuYehova uThixo, ‘owasithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu,’ njengokuba iBhayibhile isitsho kweyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4. Nabazalwana noodade wethu abangamaKristu basixhasa ngeyona ndlela. Basibhalela iileta besikhuthaza, basifowunela, bathandaza kunye nathi baza basithandazela, yaye bade basinceda nangemali. Emva koko, xa kwafuneka ukuba intombi yethu ifuduselwe kwesinye isibhedlele, amaNgqina akuloo ndawo asinika indawo yokuhlala aze amane esisa esibhedlele. Sinombulelo gqitha ngenkxaso esiye sayifumana.”

● ULuiz noFabiana “Ngowe-1992 safumanisa ukuba intombi yethu inomhlaza oyingozi wesiyilelo-maqanda (ovarian cancer). Yayineminyaka eli-11 ubudala.”

Nasabela njani ukuqala kwenu ukuva oku?

“Sasingafuni ukuyamkela into yokuba intombi yethu inomhlaza.”

Yanyangwa njani?

“Yatyandwa,yaya kwichemotherapy yaye iingxaki ezabangelwa lolu nyango zasiqoba amandla. Yahlaselwa yipneumonia kabini. Oku kwesibini yaphants’ ukufa. Yaphelelwa ziiplatelet egazini, nto leyo eyabangela ukuba yophe ize imongoze. Kodwa amayeza ayinceda.”

Lathabatha ixesha elingakanani unyango?

“Ukususela ekuxilongweni ukusa kusuku lokugqibela lwechemotherapy, yaba ziinyanga ezintathu.”

Intombi yenu yavakalelwa njani isakwazi ukuba iphethwe sesi sifo naxa yayinyangwa?

“Ekuqaleni, yayingazi ukuba kwenzeka ntoni. Ugqirha wathi kuyo ‘inebhola encinane esiswini ekufuneka isusiwe.’ Kodwa ekugqibeleni yafumanisa ukuba inesifo esiyingozi. Yabuza: ‘Tata, ngaba ndinomhlaza?’ Kwakunzima ukuyiphendula.”

Navakalelwa njani xa nibona intombi yenu isezintlungwini?

“Kunzima ukuyichaza indlela esasikhathazeke ngayo. Ngokomzekelo, khawube nomfanekiso wakho ujonge intwazana yakho incedisa umongikazi ukuba afumane umthambo ukuze kufakwe ichemotherapy. Xa kunzima kakhulu, ndandiziba ukuze ndiye kulila ndize ndithandaze. Ngobunye ubusuku ndandikhathazeke ngeyona ndlela kangangokuba ndacela kuYehova ukuba kufe mna kunokuba kufe intwazana yam.”

Nancedwa yintoni ukuze nimelane nale meko?

“Abazalwana bethu abangamaKristu basinceda ngeyona ndlela, yaye abanye babo babesifowunela nangona babehlala kwiindawo ezikude nathi. Omnye umzalwana wathi mandize neBhayibhile yam. Wafunda iindinyana ezithile ezithuthuzelayo kwincwadi yeeNdumiso. Ezo ndinyana zasithuthuzela kanye ngexesha elifanelekileyo, kuba yayilelona xesha linzima kakhulu elo kuthi.”

● URosimeri “Intombi yam yayineminyaka emine ubudala xa kwathiwa ineleukemia.”

Wathini xa uqala ukuva loo nto?

“Ndandingayikholelwa. Ndandilila imini nobusuku, ndicela uncedo kuThixo. Nenye intombi yam yakhathazeka gqitha xa ibona indlela awayegula ngayo udade wabo. Kwade kwafuneka iye kuhlala nomama.”

Ziziphi iingxaki eyaba nazo intwazana yakho ngenxa yonyango?

“Ichemotherapy eyayisiya kuyo imihla ngemihla yayibangela ianemia, ngoko oogqirha bayinika iipilisi zokuyinceda ukuze kwandiswe iiseli ezibomvu egazini. Sasisoloko sikhathazekile ngobungakanani begazi eyayinalo emzimbeni. Kwakhona yayiman’ ixhuzula.”

Yanyangwa ixesha elingakanani?

“Yanyangwa ngechemotherapy iminyaka emibini neenyanga ezine. Ebudeni belo xesha, yamkelwa ziinwele yaza yatyeba. Eny’ into eyayincedayo kukuba ingumntu onoburharha. Emva kweminyaka emalunga nemithandathu, oogqirha bathi intombi yam iphilile.”

Yintoni eyakunceda wakwazi ukuhlangabezana nale meko inzima?

“Ndandithandaza rhoqo kunye nayo yaye sasifunda nangabakhonzi abathembekileyo bakaThixo abaseBhayibhileni abanyamezela izilingo ezahlukahlukeneyo. Sathuthuzelwa nangamazwi kaYesu akuMateyu 6:34 athi singaxhalabeli ingomso. Sancedwa kakhulu nangamanye amaKristu, kuquka iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele, abongikazi noogqirha abaqheleneyo nale meko.”

Ngaba ukho umntwana omaziyo onomhlaza, mhlawumbi omnye wabantwana bakowenu? Ukuba kunjalo, sinethemba lokuba olu dliwano-ndlebe luza kukunceda uqonde ukuba asinto ingaqhelekanga ukukhathazeka. Njengokuba iBhayibhile isitsho, kukho “ixesha lokulila.” (INtshumayeli 3:4) Ngaphezu koko, qiniseka ukuba uThixo oyinyaniso uYehova, obizwa ngokuba ‘ngumphulaphuli wemithandazo,’ uya kubathuthuzela bonke abo baphalaza imbilini yabo kuye.—INdumiso 65:2.

[Ibhokisi ekwiphepha 13]

Iindinyana ZeBhayibhile Ezithuthuzelayo

“Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”—Mateyu 6:34.

“Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.”—2 Korinte 1:3, 4.

“Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

“Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]

Ilungiselelo Lothando

IiKomiti zamaNgqina kaYehova Zokunxibelelana Nezibhedlele zikhuthaza intsebenziswano phakathi kwesibhedlele nezigulana ezingamaNgqina. Ngenxa yoko, zinceda izigulana ezingamaNgqina ukuba zifumane oogqirha abafanelekileyo nabahlonela umnqweno wazo wokuthobela umyalelo weBhayibhile othi ‘zikhwebuke . . . egazini.’—IZenzo 15:20.

[Umfanekiso okwiphepha 13]

UNéia, uSthefany noJaílton

[Umfanekiso okwiphepha 13]

ULuiz, uAline noFabiana

[Umfanekiso okwiphepha 13]

UAline noRosimeri

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share