IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/11 iphe. 10-11
  • Isizathu Sokuba Ufanele Uwabale Amazwi Akho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba Ufanele Uwabale Amazwi Akho
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokuphucula Indlela Othetha Ngayo
  • Thetha Izinto‘Ezakhayo’
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ungamvuyisa Njani UYehova Ngendlela Othetha Ngayo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ngaba Abanye Bayayithanda Indlela Othetha Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Indlela Yokuzinqanda Ungathethi Amazwi Ahlabayo
    Vukani!—2013
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 6/11 iphe. 10-11

Imbono YeBhayibhile

Isizathu Sokuba Ufanele Uwabale Amazwi Akho

Emva kokuba incokole kakuhle nomnye umakhulu, inkulumbuso eyayingazi ukuba umbhobho wesandisi-lizwi awucinywanga yathuka lo makhulu yaza yabangxolisa abantu esebenza nabo isithi bebengafanele bamvumele asondele kwaukusondela kuyo. Yalothusa ilizwe indlela eyathetha krwada ngayo le nkulumbuso. Kwiintsuku ezisibhozo kamva le nkulumbuso eyayingasathandwa ayizange iluphumelele unyulo.

AKAKHO umntu okwaziyo ukululawula ngokupheleleyo ulwimi lwakhe. (Yakobi 3:2) Sekunjalo, le nto kuthethwe ngayo ngasentla ibonisa ukuba kubalulekile ukuba siwabale amazwi ethu. Isidima sakho, impumelelo yakho kunye nendlela ophilisana ngayo nabanye ixhomekeke kwindlela othetha ngayo nabo.

Kodwa ngaba ubusazi ukuba amazwi athetha lukhulu? IBhayibhile ithi indlela othetha ngayo ifana nefestile esikrobisa koko ukuko ngaphakathi. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Ekubeni amazwi akho eveza iingcinga neemvakalelo ezikwenza ukuba ube ngulo mntu unguye, kubalulekile ukuba uwabale amazwi akho. Ngaba iBhayibhile inokukunceda? Cinga ngoku kulandelayo.

Indlela Yokuphucula Indlela Othetha Ngayo

Umntu uqale acinge ngaphambi kokuba athethe. Ukuze uthethe izinto ezakhayo, kubalulekile ukuba ucinge ngezinto ezakhayo. Khawubone indlela iLizwi likaThixo elinokuyitshintsha ngayo indlela ocinga ngayo nto leyo eya kutshintsha nendlela othetha ngayo.

Zalisa intliziyo yakho ngezinto ezakhayo. Xa ithetha ngezinto ezakhayo, iBhayibhile ithi: “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.

Ukusebenzisa eli cebiso kuya kukunceda uphephe ukucinga ngezinto ezingakhiyo. Khumbula ukuba izinto ozicingayo zibangelwa zizinto ozibonayo nozifundayo. Ukuze uphephe ukucinga ngezinto ezingakhiyo nezingcolileyo, phepha izinto nabantu abangalunganga. Loo nto ithetha ukuba awufanele ubukele okanye uphulaphule izinto ezinogonyamelo okanye amanyala. (INdumiso 11:5; Efese 5:3, 4) Kunoko, yiba nomdla kwizinto ezicocekileyo nezakhayo. IBhayibhile inokukunceda. Ngokomzekelo, funda iMizekeliso 4:20-27; amaEfese 4:20-32; noYakobi 3:2-12. Khawuve indlela ukusebenzisa izibhalo okunokukunceda ngayo uthethe izinto ezakhayo.a

Cinga ngaphambi kokuba uthethe. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.” Ukuba uphawula ukuba usoloko ‘ubahlaba’ okanye ubenzakalisa abanye ngamazwi akho uya kuba wenza kakuhle ukuba uzama ukucinga ngaphambi kokuba uthethe. Thobela icebiso elikwiMizekeliso 15:28 elithi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo, kodwa umlomo wabangendawo umpompoza izinto ezimbi.”

Zibekele usukelo. Ebudeni bale nyanga izayo zimisele ukungakhawulezi uphendule ingakumbi xa ucatshukisiwe. Kunoko, cinga ngezibhalo ezikhankanywe kweli nqaku uze uthethe ngendlela echubekileyo. (IMizekeliso 15:1-4, 23) Kodwa akuphelelanga apho.

Cela uncedo kuThixo. Omnye umbhali weBhayibhile wathandaza wathi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.” (INdumiso 19:14) Chazela uYehova uThixo ngomnqweno wakho wokuthetha izinto ezimvuyisayo neziza kwenza uphilisane kakuhle nabanye abantu. IMizekeliso 18:20, 21 ithi: “Thetha amazwi amnandi—uya kuvuya kuba wenjenjalo. Amazwi anokubangela ukufa okanye ubomi!”—Contemporary English Version.

Sebenzisa ilizwi likaThixo njengesipili. IBhayibhile ifana nesipili onokuzijonga kuso ukuze uzihlole. (Yakobi 1:23-25) Ngokomzekelo, njengoko ufunda le migaqo yeBhayibhile ilandelayo, zibuze, ‘Injani indlela endithetha ngayo?’

“Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1. Ngaba uthetha ngendlela ezolileyo nenoxolo?

“Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.”—Efese 4:29. Ngaba izinto ozithethayo ziyabakha abo uhleli nabo?

“Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:6) Ngaba naxa imeko ingentle uzama ukuthetha ngendlela ezolileyo neyenza kube lula ngabanye ukuva?

Xa ume phambi kwesipili uze uzilungise uye ufaneleke nto leyo ekwenza uzithembe. Kuya kuba njalo naxa uwalungisa amazwi akho usebenzisa iLizwi likaThixo njengesipili.

[Umbhalo osemazantsi]

a Unokuyifunda iBhayibhile kwiwebhusayithi ethi www.watchtower.org.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

● Izinto ozithethayo zityhila ntoni?—Luka 6:45.

● Ufanele uthethe njani nabanye?—Efese 4:29; Kolose 4:6.

● Yintoni onokuyenza ukuze uphucule indlela othetha ngayo?—INdumiso 19:14; Filipi 4:8.

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Izinto esizithethayo zichaphazela isidima sethu nobuhlobo bethu nabanye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share