IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/11 iphe. 4-5
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Okungaka Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Okungaka Nje?
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukubandezeleka Kwethu Kubangelwa NguThixo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngeentlungu
    Vukani!—2015
  • Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 7/11 iphe. 4-5

Kutheni Kukho Ukubandezeleka Okungaka Nje?

ABEFUNDISI abazibanga beyazi impendulo yalo mbuzo ungasekhohlo badla ngokuthi sibandezeleka kuba sisohlwaywa nguThixo. Ngokomzekelo, kwiintsuku nje emva kwenyikima yaseHaiti, omnye omfundisi wachazela icawa yakhe ukuba loo ntlekele yayibangelwe nguThixo. Noko ke, abanye abathethi ngokungqalileyo. Omnye unjingalwazi wezonqulo waseMerika uthi abantu abaninzi badla ngokuthi: “Asinakuze sisazi isizathu sokuba uThixo abangele iintlekele kwaye asifanele sizixakekise ngaso. Thina sifanele nje sibe nokholo.”

Ngaba nguThixo obangela ukubandezeleka kwabantu? IBhayibhile iphendula ngokucacileyo ukuba akunjalo! Yayingeyonjongo kaYehova uThixo ukuba abantu babandezeleke. Noko ke, uAdam noEva balugatya ulawulo lukaThixo baza bakhetha ukuzibekela eyabo imigaqo yokulungileyo nokubi. Bamshiya uThixo baza bafumana imiphumo ebuhlungu. Namhlanje siyabandezeleka ngenxa yesigqibo esingafanelekanga abasenzayo. Kodwa asingoThixo owabangela ukuba abantu babandezeleke. IBhayibhile ithi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Nabani na unokubandezeleka—kuquka nabo bathandwayo nguThixo. Makhe sihlole le mizekelo ilandelayo:

● Umprofeti uElisha wayenesifo esinganyangekiyo.—2 Kumkani 13:14.

● Umpostile uPawulos uthi waqhubeka ‘elamba, enxanwa edlakazela, entlithwa yaye engenakhaya.’—1 Korinte 4:11.

● UEpafrodito owayengumKristu wayegula yaye “edandathekile.”—Filipi 2:25, 26.

IBhayibhile ayithi la madoda ayesohlwaywa nguThixo ngenxa yezono zawo. Sekunjalo, iBhayibhile ayipheleli nje ekusichazeleni ukuba ngubani ongengonobangela wokubandezeleka. Ikwachaza nezinye izinto ezintathu ezidla ngokubangela ukubandezeleka.

Izigqibo Ozenzayo

“Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Ngokuqinisekileyo, umntu okhetha ukutshaya, ukundlandlathekisa imoto okanye ukusafaz’ imali yakhe ufanele ajongane nemiphumo yezenzo zakhe.

Kwakhona sisenokubandezeleka ngenxa yesigqibo sokuzingca esenziwe ngomnye umntu. Eneneni, abantu baye benza inkohlakalo engenakuthetheka njengezinto ezimanyumnyezi ezenziwa ngamaNazi kunye nokuxhatshazwa kwabantwana. Abanye abantu baye benza izigqibo ezibangela ukubandezeleka koluntu.

Iziganeko Ezenzeka Ngequbuliso

Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, eYerusalem kwadilika inqaba enkulu kwaza kwafa abantu abali-18. Ethetha ngabantu abafa apho, uYesu wathi: “Ngaba nicinga ukuba babenetyala ngakumbi kunabo bonke abanye abantu abangabemi eYerusalem? Eneneni, ndithi kuni, akunjalo.” (Luka 13:4, 5) UYesu wayesazi ukuba abo bantu babengohlwaywa nguThixo. Wayekwazi oko iLizwi likaThixo lalikutshilo ngaphambili: “Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Iintlekele ezininzi zehlela abantu kuba bekwindawo ezenzeka kuyo ngelo xesha okanye ngenxa yeempazamo ezenziwa ngabanye. Ngokomzekelo, iingxelo zibonisa ukuba kudla ngokubandezeleka abantu abaninzi xa zibethwa ngoyaba izilumkiso naxa izakhiwo zingakhiwa ngohlobo lokuba zikwazi ukumelana nemozulu embi neenyikima. Kwiimeko ezinjalo baninzi abantu abachaphazelekayo xa kusehla intlekele kuze ngaloo ndlela kubandezeleke abangakumbi.

“Umlawuli Weli Hlabathi”

IBhayibhile ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19) “Ongendawo” nguSathana uMtyholi, isidalwa somoya esinamandla esibizwa ngokuba ‘ngumlawuli wegunya lomoya.’ USathana ufaka abantu ‘umoya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ (Efese 2:2) Olunye ulwaphulo-mthetho, njengokutshatyalaliswa kohlanga nokuxhatshazwa kwabantwana ziye zaba manyumnyezi kangangokuba abantu abaninzi bathi azinakubangelwa ngabantu nje kuphela.

Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba uThixo akakukhathalelanga ukubandezeleka kwethu? Ngaba unako—yaye uza kwenza okuthile ukuze akuphelise?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share