IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo, Inxalenye 4
IBhayibhile Yaxela Kwangaphambili Ukuba UKristu Wayeza Kubandezeleka Aze Afe
Olu ngcelele luneenxalenye ezisibhozo ‘kuVukani!’ luhlolisisa inkalo ebalaseleyo yeBhayibhile—iziprofeto zayo, okanye izinto eyazichazayo. La manqaku aza kukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo: Ngaba iziprofeto zeBhayibhile zizinto nje ezaziqikelelwa ngabantu abakrelekrele? Ngaba ngokwenene ziphefumlelwe nguThixo? Siyakucela ukuba ukhe uhlolisise obu bungqina.
XA WEYELAPHA emhlabeni kwiminyaka emalunga nama-2 000 eyadlulayo, uYesu Kristu wayesazi ukuba uza kubulawa kabuhlungu ziintshaba zakhe. Wakwazi njani oko? Wayezazi kakuhle iziprofeto eziphathelele yena kwiZibhalo zesiHebhere, okanye “iTestamente Endala.” Ezininzi kuzo zabhalwa ngumprofeti uIsaya kwiminyaka engaphezu kwama-700 ngaphambi kokuba uYesu azalwe. Siqiniseka njani ukuba amazwi kaIsaya abhalwa ngaphambi kokuba ezo ziganeko zenzeke?
EWest Bank, ngowe-1947 umalusi waseBedouin wafumana imisongo eyayifihlwe emqolombeni eQumran, kumntla-ntshona woLwandle Olufileyo. Loo misongo, kuquka neminye eyafunyanwa kufuphi naloo miqolomba, yabizwa ngokuba yiMisongo YoLwandle Olufileyo. Iquka umbhalo wencwadi kaIsaya xa iyonke.a Le kopi yayibhalwe malunga neenkulungwane ezimbini ngaphambi kokuba uYesu azalwe. Ngoko ke, oko kwabhalwa nguIsaya kwakungekenzeki. Waprofeta wathini ngokubandezeleka kukaKristu, okanye uMesiya?b Khawuqwalasele iziprofeto ezibini zikaIsaya.
Ukubandezeleka KukaKristu Kwaxelwa Kwangaphambili
Isiprofeto 1: “Ndawunikela umhlana wam kubabethi.”—Isaya 50:6.c
Inzaliseko: Ngowama-33 C.E., iintshaba zikaYesu ezingamaYuda zaya kummangalela kwiRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato. Iqonda ukuba uYesu akanatyala, le rhuluneli yazama ukumkhulula. Noko ke, ngenxa yokuba amaYuda ayefuna uYesu abulawe, uPilato ‘wagweba ngelithi makwenziwe oko kwakufunwa ngamaYuda’ watsho emnikela ukuba abethelelwe uYesu. (Luka 23:13-24) Kodwa kuqala, “uPilato wamthabatha uYesu waza wamtyakatya,” okanye wamnikela ukuba akatswe kanobom. (Yohane 19:1) Njengokuba uIsaya wayeprofetile, uYesu akazange axhathise kunoko ‘wawunikela umhlana wakhe kubabethi.’
Oko kutyhilwa yimbali:
● Imbali iyangqina ukuba amaRoma ayewatywatyusha amaxhoba awo ngaphambi kokuba awabulale. Enye ingxelo ithi, “abantu babetywatyushwa ngesabhokhwe esinemisonto eliqela yofele efakelwe amaplanga okanye iintsinjana ezibukhali ezincinane ekupheleni kolutya ngalunye. Ixhoba . . . lalibethwa emhlana . . . de inyama ikrazuke. Maxa wambi, ayebulawa koko kubethwa.” Noko ke, uYesu wasinda kule nkohlakalo.
Ukufa KukaKristu Kwaxelwa Kwangaphambili
Isiprofeto 2: “Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni.” (Isaya 53:12)d Isongezelela koko, iNdumiso 22:16 ithi: “Indibano yabenzi bobubi indivingcele, injengengonyama ezandleni nasezinyaweni zam.”
Inzaliseko: UMarko 15:15 uthi, “Emva kokuba uYesu etywatyushiwe, [uPilato] wamnikela ukuba abethelelwe.” Kwimeko kaYesu, esi sigwebo senkohlakalo sasiquka ukubethelelwa ngezikhonkwane iinyawo nezandla esibondeni. (Yohane 20:25) Emva kweeyure ezithile, “UYesu wadanduluka kakhulu waza wabhubha.”—Marko 15:37.
Oko Kutyhilwa Yimbali:
● Nakuba iingxelo zehlabathi zingathethi kangako ngokufa kukaYesu, umbhali-mbali ohloniphekileyo womRoma uTacitus, owazalwa malunga nowama-55 C.E., wathi “uKristu, athiywe ngegama lakhe [amaKristu], wabulawa kabuhlungu xa kwakulawula uTibheriyo ngesigwebo esawiswa lelinye lamabamba ethu, uPontiyo Pilato.”e Ingxelo kaTacitus ivumelana naleyo yeencwadi zeVangeli, ezithethayo ngoKesare Tibheriyo, uPontiyo Pilato, namanye amagosa.—Luka 3:1; 23:1-33; Yohane 19:1-24.
Imbali iyangqina nokuba amaRoma ayewabethelela amakhoboka nabantu awayebajonga njengongantweni bezaphuli-mthetho. Maxa wambi, amaRoma ayewabophelela kwisibonda amaxhoba awo. Maxa wambi ayesebenzisa izikhonkwane. Enye ingxelo ithi, “izikhonkwane zazibethelelwa ezandleni nasezinyaweni, yaye ixhoba lalishiywa lijinga apho ligcuma, linxaniwe, yaye lixhuzula ziintlungu.”
Njengoko sekutshiwo, uYesu wayesazi ukuba uza kubulawa ngenkohlakalo. Ngoko ke, njengoko isiphelo sakhe sasisondela, eli gorha lathi kubalandeli balo: “Siyenyuka siya eYerusalem, yaye uNyana womntu uya kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nababhali, kwaye baya kumgwebela isohlwayo sokufa, bamnikele kubantu beentlanga ukuze bahlekise ngaye, bamtyakatye, bambethelele.” (Mateyu 20:18, 19) Abanye bayabuza ukuba kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uYesu afe? Impendulo yaloo mbuzo isichaphazela sonke, yaye iqulethe ezona ndaba zimnandi sinokuziva!
“Watyunyuzwa Ngenxa Yeziphoso Zethu”
Ekubeni singafezekanga, sisoloko sisenza izinto eziphosakeleyo. IBhayibhile ithi oko sisono. Isono sifana nentlenge etya injini yemoto ngaphakathi. Ekugqibeleni, le ntlenge iyitya loo njini de yonakale ize ime. Ngokufanayo, isono sibangela ukuba saluphale, sigule size sife. EyabaseRoma 6:23 ithi, “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” Kodwa ke, ukufa kukaKristu kwenza sikwazi ukukhululeka kule ntlungu. Njani? Kwesinye isiprofeto esimangalisayo, uIsaya wabhala ngoKristu esithi wayeya kufa “ngenxa yokunxaxha kwethu,” okanye ‘atyunyuzwe ngenxa yeziphoso zethu, yaye ngamanxeba akhe siphiliswe.’f—Isaya 53:5.
Isiprofeto sikaIsaya sisikhumbuza amazwi kaYesu akuYohane 3:16 athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”
Umntu unokwenza njani ukuze abe nokholo kuYesu? Umele afunde ngaye. Kumthandazo wakhe uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Olo lwazi luxabisekileyo lufumaneka eBhayibhileni.—2 Timoti 3:16.
Siyaqondakala ke isizathu sokuba, uYesu efuna babebaninzi kangangoko abantu abazuza ubomi obungunaphakade. Ngokuvisisana noko, ngaphambi nje kokuba afe wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani [urhulumente kaThixo, oza kuzisa iingenelo zedini likaKristu] ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Njengoko siza kubona kumanqaku amabini alandelayo olu ngcelele, eso siprofeto sazaliseka.
[Imibhalo esemazantsi]
a Lo kuphela komsongo onayo yonke incwadi kaIsaya. Eminye imisongo ziziqwenga nje zale ncwadi.
b Funda uVukani! kaJulayi 2012 ukuze ufunde ngezinye iziprofeto zeBhayibhile ezisinceda siqonde uMesiya.
c Umongo ubonisa isivumelanisi esithi “nda” kwesi siprofeto sibhekisela kuKristu. Ngokomzekelo, indinyana yesi-8 ithi: “[UThixo] Lowo undivakalisa ndililungisa [mna Yesu Kristu] usondele.” Xa wayesemhlabeni, uYesu nguye kuphela owayelilungisa, okanye ongenasono, emehlweni kaThixo.—Roma 3:23; 1 Petros 2:21, 22.
d UIsaya 52:13–53:12, ezi zahluko zineenkcukacha ezininzi zeziprofeto eziphathelele uMesiya. Ngokomzekelo, uIsaya 53:7 uthi: “Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni . . . Naye wayengawuvuli umlomo wakhe.” Indinyana 10 yalek’ umsundulu ibonisa ukuba wawunikela umphefumlo wakhe ‘njengomnikelo wetyala.’
e Bakho nabanye ababhali-mbali bamandulo abathethayo ngoKristu. Aba baquka umRoma ohlonelwayo uSuetonius (wenkulungwane yokuqala); uPliny Omncinci, irhuluneli yaseBhithiniya (ekuqaleni kwenkulungwane yesibini); nomYuda uJosephus (wenkulungwane yokuqala), ababhekisela “kuYakobi, umntakwaboYesu owayebizwa ngokuba nguKristu.”
f UYesu “akazange enze sono” ngoko wayengenakufa. (1 Petros 2:22) Kodwa wanikela ngabo ngenxa yethu, ehlawulela izono zethu ukuze asihlangule ekufeni. Kungenxa yoko le nto ukufa kukaYesu kusithiwa lidini ‘lentlawulelo.’ (Mateyu 20:28) Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngalo mba, funda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kwiWebhsayithi ethi www.pr418.com.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20]
UKUFA OKULIDINI KUKAKRISTU KWAFUZISELWA
Umthetho kaThixo kuhlanga lwamaSirayeli wawuquka imithetho eyayifuzisela, okanye eyaba ngumzekelo wezinto ezaziza kwenziwa nguYesu kamva. Ngokomzekelo, emva kokuba umSirayeli onile, okanye engamthobelanga uThixo, kwakufuneka anikele ngesilwanyana esiphilileyo. (Levitikus 17:11; 22:21) Ngaba loo minikelo yezilwanyana yayinokusicamagushela ngokupheleleyo isono? Nakanye. (Hebhere 10:4) Kodwa yayinako, ibe yawufanekisela ngokwenene umnikelo owawuza kusigubungela isono—idini ‘leMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.’ (Yohane 1:29; Hebhere 10:1, 5-10) Bonke abanokholo kule mvana yokomfuziselo, uYesu Kristu, banethemba lokuphila obomi obungunaphakade.—Yohane 6:40.