Inkomo Enoboya Obuphindwe Kabini
Imazi yenkomo yolu hlobo kunye nethole layo
KULULA ukuyahlula le nkomo kuba ineempondo ezinde ezijonge phezulu, noboya obude obugqume amehlo.
Le nkomo yomeleleyo yasezintabeni—lolunye uhlobo lwenkomo oludala olwaziwayo—noluye lwasinda ukutyhubela iinkulungwane iphila kwimozulu embi yeenduli neziqithi zaseSkotlani. Ekuqaleni, iinkomo eziphila ezintabeni zazinkulu yaye zinoboya obubomvu, ngoxa ezikwiziqithi zonxweme zasentshona zazincinane zithanda ukuba mnyama. Namhlanje, ebantwini ihamba yodwa le nkomo, kuquka imibala yayo esusela kobomvu, omnyama, ogwangqa ukusa kolubhelu.
Uboya obude bale nkomo yasezintabeni, bunendima ebalulekileyo. Ebusika buyinceda kwimimoya ebhudlayo, imvula, nekhephu. Ehlotyeni buyikhusela kwizinambuzane ezinokuyiphathela izifo.
Ngorhatya, mandulo abalimi babedla ngokuzifaka kwiintango zamatye iinkomo zabo. Oku kwakusenzelwa ukuzikhusela kwimozulu embi neengcuka.
Uboya Bayo Obubalaseleyo
Ngokwahlukileyo kwezinye, le inkomo inoboya obuphindwe kabini. Obu boya bungaphezulu bude nobuyephuyephu, maxa wambi bufikelela kwiisentimitha ezingama-33. Ekubeni uboya bayo buneoli, imvula nekhephu zitsho zincame kule nkomo. Ngaphantsi kobo boya kukho obunye obufutshane nobuthambileyo obugcina le nkomo ifudumele.
UJim, osebenze ngezi nkomo kangangeminyaka, uthi: “Yindinisa nje ukuhlamba le nkomo ngesepha kuba kunzima kwaukuba amanzi angene kobo boya!” Ngenxa yoboya bayo obude, iyakwazi ukuphila ize yande kule mixethuka namathambeka eentaba ezithandwa yimvula nemimoya ebandayo, apho lungekho olunye uhlobo lwenkomo olunokukwazi ukuphila khona.
Xa kutshisa gqitha ehlotyeni, obo boya bude bungaphezulu buye buwe. Xa kuza kungena ubusika buphinda bukhule.
Ixabiseke Gqitha
Ngoxa iigusha zitshabalalisa utyani ngokutya iingcambu nengca esahlumayo, zona iinkomo—kuquka olu hlobo lweenkomo zasentabeni—azikwenzi oko. Enyanisweni, olu hlobo lwenkomo luba luncedo kumadlelo abhuqiswe ngokugqithiseleyo. Njani? Ngezo mpondo zayo zinde, zinamandla nomlebe ongentla obanzi, iyakwazi ukutshayela utyani obungamahlahla nobudla ngokungatyiwa zezinye iinkomo. Oku kunceda ingca nemithi ikwazi ukuntshula.
Obu boya buphindwe kabini, buphinda bube luncedo nangenye indlela ebalulekileyo. Ekubeni kungekho mfuneko yokuba ibe namanqatha angakumbi okuyinceda ifudumale, inyama yayo ayityebi kangako nto leyo eyenza ibe neeprotini neiron eninzi kunezinye iinkomo. Le nyama ikumgangatho ophezulu kangaka, iveliswa ngaphandle kokuyondla ngokutya okubiza imali eninzi!
Isilumkiso
Ezi nkomo kudala zihlala kufuphi nabantu. Abemi baseSkotlani bamandulo babezigcina kwigumbi elisezantsi lezinye zabo. Ubukho bazo apho babuwagcina efudumele amagumbi aphezulu ahlala intsapho.
Nakuba inkomo ezihlala ekhaya zidla ngokuzola zithomalale, maxa wambi ezi nkomo zinokuba yingozi. Ngokomzekelo, oku kungenzeka xa imazi ikhusela ithole layo. Umntu umele alumke naxa edlula kumhlambi wezi nkomo, angaze anqumle phakathi kwawo.
Ngenxa yokulungela kwayo iimeko ezahlukahlukeneyo, le nkomo iye yathandwa ehlabathini lonke. Iyakwazi ukuphila nakummandla osemantla njengeAlaska neScandinavia, nkqu nakummandla ophakame kangangeemitha ezingama-3 000 kwiiNtaba zeeAndes. Ukanti, ayibi nangxaki nakwimimandla eshushu.
ISkotlani yaziwa ngelaphu layo loboya, imibhaco, neebagpipe kuquka olu hlobo lwenkomo entle ngendlela engayiwayo. Ngaba zikho iinkomo ezinoboya obuphindwe kabini kwindawo ohlala kuyo?