IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/14 iphe. 7
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KwaSirayeli, EYordan NasePalestina
  • EJamani
  • EBritani
  • Kumbindi NoMzantsi Merika NakwiCaribbean
  • Ulwandle Olukhethekileyo—Kodwa Olufileyo
    Vukani!—2008
  • Ithetha Ntoni IKrisimesi Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ngaba Ukuphana Izipho ZeKrisimesi Kunengqiqo?
    Vukani!—1993
  • Ngaba Ufanele Uyibhiyozele IKrismesi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 12/14 iphe. 7

OKWENZEKA EHLABATHINI

KwaSirayeli, EYordan NasePalestina

Ulwandle Olufileyo

ULwandle Olufileyo lutsha ngemitha enye nyaka ngamnye. Abanye baxhalabile ukuba liya kube sele lome khonkqo ngo-2050. Abasemagunyeni bazama ukulungisa le ngxaki. Enye yezinto ezinokwenziwa kukukhupha ityuwa kumanzi oLwandle Olubomvu ukuze asetyenziswe ngabantu aze ashiyekileyo anetyuwa agalelwe kuLwandle Olufileyo. Iingcali zixhalabile ukuba oku kunokubulala izinto eziphila kuLwandle Olufileyo.

EJamani

Inqwelo yezigulana

Ngokutsho kohlolisiso olwenziwe yenye inkampani yeinshorensi, ngeKrismesi, abantu abahlaselwa yintliziyo abasiwa esibhedlele bayanda ngaphezu kwalo naliphi na elinye ixesha enyakeni. Le nkampani ithi ezinye zezizathu eziphambili zoku, sistres esandayo xa kufuneka kuthengwe izipho zeKrismesi nolindelo lwentsapho kunye nabahlobo.

EBritani

Umfanekiso ozotyiweyo wenkumba endala yaseIceland

Oososayensi baseBritani benze isaziso sokuba inkumba yaseIceland ekwakucingwa ukuba ineminyaka eyi-405 yayineminyaka eyi-507 ukufa kwayo ngo-2006. Oku kuthetha ukuba isesona silwanyana esiye saphila ixesha elidea esaziwayo. Le nkumba yafa xa abaphandi bayifaka emkhenkceni ukuze bayise kwindawo abasebenzela kuyo.

Kumbindi NoMzantsi Merika NakwiCaribbean

Kwinkomfa ebiseHavana, eCuba, amazwe ayi-33 kuMbindi noMzantsi Merika aye athi amazwe awo ‘yindawo yoxolo,’ ibe aye avumelana ukuba ukungavisisani phakathi kwawo kuza kulungiswa ngaphandle kokulwa. Omnye wabantu ebebekho ibinguNobhala-Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uBan Ki-moon.

a Ibinzana elithi ‘esona silwanyana siye saphila ixesha elide’ aliquki izinto eziphila kunye ezifana neekorale, ekucingelwa ukuba zinamawaka eminyaka.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share