IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/15 iphe. 8-9
  • Abantu Basebukhweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Basebukhweni
  • Vukani!—2015
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INGXAKI
  • Indlela Yokuqhubana Nabazali Bomyeni Okanye Umfazi Wakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Inokonwaba Intsapho Yakho
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Aqhekeza Imitshato?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Indlela Yokuthetha Ngeengxaki
    Vukani!—2016
Khangela Okunye
Vukani!—2015
g 3/15 iphe. 8-9
Umyeni akakhululekanga phakathi kwabakhwe bakhe, umfazi ngasemva uyibukele le nto

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Abantu Basebukhweni

INGXAKI

“Xa sasinengxaki ethile, umfazi wam waxelela abazali bakhe. Utata wakhe wandifowunela waza wandicebisa ukuba siyicombulule njani. Zange ihle kamnandi kum le nto!”—UJames.a

“Umama womyeni wam uyakuthanda ukuthi, ‘Andisamkhumbuli nje unyan’ am!’ Xa ethetha ngendlela ababengabahlobo ngayo, ndiba buhlungu ngokungathi mna ndafika ndatshata unyana wakhe ndaza ndamshiya ebuhlungu!”—UNatasha.

Ngaba ningakwazi ukuthintela iingxaki zabantu basebukhweni ukuze zinganixabanisi?

OKO UMELE UKWAZI

Xa abantu betshata, baqalisa intsapho entsha. IBhayibhile ithi xa indoda itshata, “iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo.” Naye ke umfazi ushiya abazali aze anamathele endodeni yakhe. Xa etshata, iBhayibhile ithi yena nomyeni wakhe baba “nyama-nye.” Loo nto ibenza babe yintsapho.—Mateyu 19:5.

Umtshato wakho ubaluleke ngaphezu kwabazali bakho. UJohn M. Gottman oyingcali kwezemitshato uthi, “enye yezinto ezenziwa ngumtshato kukwenza indoda nomfazi babe yimbumba. Ukuze nikwazi ukumanyana, kusenokufuneka ningasondeli kakhulu kwiintsapho zenu.”b

Kubathath’ ixesha abanye abazali ukuqhela ukuba umntwana wabo utshatile. Omnye umyeni uthi: “Xa wayeseyintombi, umfazi wam wayesoloko ebuza kubazali bakhe ngaphambi kokuba enze nantoni na. Emva kokuba sitshatile, umama wakhe wabona ukuba kukho omnye umntu ekubuzwa kuye ngoku. Kwakunzima kuye ukuyamkela ke leyo.”

Kuba nzima nakwabanye abasandul’ ukutshata. UJames obekhe wacatshulwa ngaphambili uthi: “Abazali bomntu otshate naye awubakhethi ngokungathi ukhetha abahlobo. Uzibhaqa sele unabahlobo ababini abatsha, uthand’ ungathandi. Bayintsapho yakho ngoku, enoba bakuz’ entloko!”

OKO UNOKUKWENZA

Ukuba wena neqabane lakho aniboni ngasonye kumba wabazali, hlalani phantsi nize nithethe. Thobelani icebiso leBhayibhile elithi, “funa ukufumana uxolo, ulusukele.”—INdumiso 34:14.

Ukuze nikwazi ukwenza oku, makhe sithethe ngezi meko zimbini. Nganye kuzo kuthethwa ngayo ngokungathi yeyomyeni okanye umfazi. Noko ke, ezi ngxaki zinokwehlela nabani na kuni, ibe amacebiso ekuthethwa ngawo anokuninceda nilungise iingxaki eziliqela ngokuphathelele abazali benu.

Umfazi wakho uthi akwaba ubuvana nonina, kodwa wena ucinga ukuba umama wakhe unochuku.

Zama eli cebiso: Thetha nomfazi wakho ngale nto, uze uzimisele ukugob’ uphondo kwezinye izinto. Eyona nto ibalulekileyo asiyondlela omjonga ngayo umkhwekazi wakho, kodwa yindlela oziva ngayo ngomfazi wakho—owafunga wathi uya kumthanda. Emva kokuba nithethile, makubekho into enye okanye ezimbini oceba ukuzenza ukuze ulungise ubuhlobo bakho nomama womfazi wakho. Qiniseka ukuba uyazenza ezo zinto. Umfazi wakho uya kukuhlonipha nangakumbi xa ebona ukuba uyazama.—Umgaqo weBhayibhile: 1 Korinte 10:24.

Umyeni wakho uthi, eyona nto ibalulekileyo kuwe ngabazali bakho ngaphezu kwakhe.

Zama eli cebiso: Thetha nomyeni wakho ngale ngxaki, uze uzame ukuzibeka ezihlangwini zakhe. Phofu ke, umyeni wakho akafanele akhwelete kuba nje unika abazali bakho imbeko ebafaneleyo. (IMizekeliso 23:22) Sekunjalo, kusenokufuneka umqinisekise ngamazwi nangezenzo ukuba ubaluleke ngaphezu kwabazali bakho. Ukuba uyayibona loo nto, akanakufane acing’ ukuba ukhuphisana nabazali bakho ngothando lwakho.—Umgaqo weBhayibhile: Efese 5:33.

Umfazi wakho ucela icebiso kubazali bakhe kunokuba eze kuwe.

Zama eli cebiso: Thetha nomfazi wakho ngale nto, nize nivumelane ngemida eniza kubabekela yona abazali. Zama ukungabi ngqongqo. Ngaba kusoloko kuphosakele ukuthetha nabazali ngengxaki ethile? Kuthethwa nabo xa kutheni? Le nto ayibi yingxaki xa nivumelana ngemida eniza kubabekela yona.—Umgaqo weBhayibhile: Filipi 4:5.

a Amagama atshintshiwe kweli nqaku.

b La mazwi acatshulwe kwincwadi ethi The Seven Principles for Making Marriage Work.

IZIBHALO EZILUNCEDO

  • “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.”—1 Korinte 10:24.

  • “Ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”—Efese 5:33.

  • “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.”—Filipi 4:5.

Jonga Kakhulu Izinto Ezintle

“Kubalulekile ukuvana nabazali beqabane lakho. Ngabo abakhulisa iqabane lakho ibe enoba banawaphi na amakhwiniba, ufanele ubabulele ngokukuzalela isithandwa sakho. Ininzi into onokuyifunda kubo. Ukuba ujonga kakhulu izinto ezintle kubo uze uzenze, uya kuya kude.”—UJessica.

Umyeni nenkosikazi yakhe bonwabe nabasebukhweni
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share