IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/15 iphe. 7-9
  • Ubomi Bokuba Yimfama

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubomi Bokuba Yimfama
  • Vukani!—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Nceda Abantu Abangaboniyo Bafunde NgoYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Amaqhuqhuva Atshintsha Ubomi
    Indlela Esetyenziswa Ngayo Iminikelo Yakho
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Ukushumayela Kubantu Abangaboniyo
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Ukuvula Amehlo Kwiindaba Ezilungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Vukani!—2015
g 11/15 iphe. 7-9
Paqui and her husband

Ubomi Bokuba Yimfama

“Ndaqala ukungaboni kakuhle xa ndaphanyazwa liyeza lamehlo ndiseyimveku. Ebutsheni bam ndaye ndaba yimfama ngokupheleleyo, ibe loo nto yandenza ndahlala ndinentliziyo elihlwili.”—UPaqui, osele engumntu ongumama onomyeni okwayimfama.

UKUBA yimfama okanye ukungaboni kakuhle kwenziwa zizinto ezininzi eziquka ukwenzakala okanye isifo. Ezi zinto zinokuchaphazela amehlo ngokwawo, imithambo luvo yamehlo okanye ingqondo. Abantu abangaboni kakuhle okanye abazimfama badla ngokungayamkeli imeko yabo, bakhathazeke kakhulu, bathiwe lwalwe naluloyiko. Kodwa ke, abaninzi baye bafunde ukumelana nemeko yabo, baze baphile ubomi obanelisayo.

Amaxesha amaninzi sixhomekeke emehlweni ethu ukuze sazi izinto ezisijikelezileyo. Ngoko ke, xa umntu ephanyaka, uye axhomekeke kakhulu kwezinye izivamvo—ukuva ngeendlebe, ukunukisa, ukubamba nokungcamla.

Imagazini iScientific American ithi uphando ngendlela ingqondo emelana ngayo notshintsho luye lwabonisa ukuba ingqondo iyakwazi “ukuzitshintsha xa kuyimfuneko.” Eli nqaku laleka ngelithi: “Ubungqina obuninzi bubonisa ukuba xa ezinye zezivamvo zingasebenzi kakuhle, ingqondo iyakwazi ukuzilungelelanisa ukuze incedise umzimba ngezo zisebenza kakuhle.” Cinga ngale mizekelo.

Ukuva ngeendlebe: Ilizwi nesingqi somntu zisenokumzobela umfanekiso ngqondweni umntu oyimfama. Indoda eyimfama uFernando ithi, “Ndiye ndafunda ukubazi nokubakhumbula abantu ngokuva nje amazwi okanye izingqi zabo.” UJuan naye oyimfama uthi, “Umntu ongaboniyo ubazi abanye ngokwamazwi abo.” Njengathi sonke, abantu abazimfama baye baqaphele indlela umntu athetha ngayo nto leyo ebanceda bave iimvakalelo zakhe.

Xa eqeqeshiwe umntu oyimfama, isandi simxelela lukhulu ngendawo akuyo, kwicala eziya kulo iimoto, ubukhulu begumbi kwaneendawo ezinokumkhubekisa.

Ukunukisa: Ukunukisa kumxelela lukhulu umntu oyimfama, kungekuphela nje ngaloo nto inukayo. Ngokomzekelo, xa ehamba endaweni ethile, izivamvo zokunukisa zimnceda azizobele engqondweni izinto ezimngqongileyo ezinje ngeendawo zokutyela, iivenkile, njalo-njalo. Kakade ke, izandi eziqhelekileyo nezinto aziva ngezandla nazo ziyamnceda.

Ukubamba: UFrancisco uthi: “Iminwe yam ngamehlo am.” Loo “mehlo” aphinda ancediswe nayintonga. UManasés, owazalwa eyimfama waza wasebenzisa intonga kwasebuntwaneni uthi, “ezinye izivamvo, inkumbulo nezinto eziba kwindawo endihamba kuyo zindinceda ndizazi kakuhle apho ndikhoyo.”

A person reads a Braille Watchtower magazine

Umntu ofunda iMboniselo yeBraille

Ukusebenzisa iminwe kunceda abantu abaziimfama abaninzi bakwazi ukufunda iincwadi zeBraille. Phofu ke, kule mihla yinto eqhelekileyo ukuba abantu abaziimfama bancediswe zizinto ezithile ukuze bondle ingqondo nokholo lwabo. Ngaphandle kweencwadi zeBraille, ezi zinto ziquka izinto ezirekhodiweyo nezisebenza ngekhompyutha. Ezi zinto ke, ziyamnceda umntu oyimfama akwazi ukufunda iBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo.a

Ezi zinto ezinceda ekwakheni ubuhlobo noThixo, ziye zamthuthuzela nyhani futhi zamnik’ ithemba uPaqui nomyeni wakhe, abachazwe ekuqaleni. Baye baxhaswa nangabanye abakhonza nabo, ibandla lamaNgqina KaYehova. UPaqui uthi: “Ngoku sinento yonke futhi asiloxanduva kangako.”

Xa sitheth’ inyani, ukungaboni kuneengxaki zako. Kodwa ke xa abantu bekwazi ukumelana nezo ngxaki baze baqhubeke bonwabile ebomini loo nto ibonisa ukuba umntu uyakwazi ukuqhelana nemeko akuyo!

a AmaNgqina KaYehova enza iincwadi zeBraille ezisekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-25.

Nangona Ndiyimfama, Ubomi Bam Buyandanelisa

Marco Antonio and his guide dog, Dante

UMarco Antonio ngumyeni, utata, nomnye wabaphathi benkampani. Kwasekuzalweni waba yimfama. Uye wabalisela uVukani! ngeengxaki ezithile nezinto eziye zamvuyisa.

Ungumphathi wenkampani. Yintoni owona msebenzi wakho?

Ndiphendula iminxeba engenayo, ndidibane nabathengi nabantu esithenga kubo, ndibale ndize ndifake imali ebhankini.

Uzonwabisa ngantoni?

Ndithanda umculo. Undenza ndiphole. Ndidlala ipiyano, nangona kunzima kuba andikwazi kuwufunda umculo weBraille kwangaxeshanye ndibe ndidlala ipiyano ngezandla zombini. Xa ndiqala ukudlala umculo, ndiye ndiwufunde ngesandla sam sasekunene ndize ndidlale ipiyano ngesinye. Ndiye ndiphinde kwala nto inye, kodwa ngoku izandla zitshintshene. Xa ndide ndazazi iinotes, ndiye ndizisebenzise zombini izandla.

Ngaba zikho iingxaki ezikhethekileyo okhe wadibana nazo?

Xa ndandisakhula, abazali bam nabantwana basekhaya babendikhathalele, ibe babesenza kube ngathi ndiyabona. Ewe ke, ndandiye ndikhubeke ndize ndiwe njengomntu ongaboniyo, kodwa ekuhambeni kwexesha ndaye ndakwazi ukwenza izinto ezazisenziwa ngabantu ababonayo. Ebudaleni bam eyona nto yayindikhathaza kukuba ndandingakwazi ukuqhuba.

Ndingumyeni notata, ibe ndixhasa intsapho yam endithandayo. Unyana wam uDavid, naye ufana nam—unengxaki yokungaboni. Kodwa ndizama ukuba ngumzekelo omhle kuye. Ndifuna afunde ukuba ngokuba nomonde nokuzimisela, uya kwenza izinto ezininzi.

Ngoku unenja ekukhaphayo. Kwakutheni ukuze uyifune?

UDante inja yam—undinceda ndikhawuleze ibe ndikhuseleke. Xa ndisiya okokuqala endaweni, umfazi wam, uLoli, ongeyomfama uye asikhaphe ukuze mna noDante siyazi indlela eya kuloo ndawo. Mandiyithethe inyani, ekuqaleni kwakunzima ukuthembela enjeni. Kodwa uDante wandenza ndamthemba. Noba kwenzekani, le nja ayiphazamiseki kunoko iqhubeka indikhokela. Xa ndiye ndalikhulula ibhanti layo, iye ifane nezinye izinja.

NjengeNgqina likaYehova, ulwenza njani ufundisiso lwakho lweBhayibhile?

Xa zazisanqabile izixhobo zeteknoloji zokufunda iBhayibhile, uLoli wayedla ngokundifundela iBhayibhile kunye neencwadi ezinceda ekuyifundeni. Wayendinceda nyhani. Ngenxa yoko, ndandikwazi nokunikela iintetho ebandleni. Kule, mihla kulula ukuzifundela ngenxa yokuba ndineBhayibhile neencwadi zeBraille. Ndiyakwazi nokuya kwiwebhsayithi yamaNgqina kaYehova, u-jw.org—apho ndikhuphela khona izinto ezirekhodiweyo. Ibe ndinesixhobo seBraille, esindinceda ndifunde into kwikhompyutha yam. Esi sixhobo siveza amagama eBraille. Simangalisa ngokwenene!

Ilungelo endibe nalo kukunceda ngokuguqulela amazwi abe yiBraille kwisebe lamaNgqina kaYehova eliseSpain eMadrid. Ukuze baphucule iincwadi zeBraille, abo bazenzayo bayawaxabisa amacebiso asuka kubantu abangaboniyo. Ngoko ndingatsho ndithi ndiziva ndithandwa yaye ndixatyiswa ngabazalwana noodade wethu.

Ngaba uyakuthanda ukuba kunye nabanye?

Ewe, ingakumbi intsapho yam namanye amaNgqina, endidla ngokuya nawo kumsebenzi wendlu ngendlu. Abazalwana noodade bandiphatha ngendlela efanayo neyabanye abantu. Enyanisweni, bade balibale nokuba ndiyimfama!

Okungakumbi kukuba ukushumayela kundenza ndixelele abanye ngethemba elixabisekileyo eliseBhayibhileni. Ngokomzekelo kuIsaya 35:5 sifunda ukuba xa kulawula uBukumkani bukaThixo, “aya kuvulwa amehlo eemfama.” Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, waphilisa abaziimfama, esinika umzekelo wento aza kuyenza kwikamva. (Mateyu 15:30, 31) Ukuba yimfama, yinto yokwexeshana, njengokuba kunjalo nangezinye iziphene. KwiParadesi ezayo, akho mntu uya kuthi, ‘ndiyagula okanye ndinesiphene.’—Isaya 33:24; Luka 23:43.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share