INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO
Funda Ngezinye Izinto
NGABA WAKHA WAZIBUZA UKUBA:
- Inokonwaba njani intsapho yam? 
- Ndingabafumana njani abahlobo bokwenene ndize nam ndibe nguloo mhlobo? 
- Likhona ithemba ngabantu endibathandayo abaswelekayo? 
- Ngaba izinto ezimbi zingaze ziphele? 
- Ngaba abantu baza kuwonakalisa de uphele umhlaba? 
- Ngaba zonke iicawa zifundisa ngoThixo oyinyaniso? 
UNGAZIFUMANA IIMPENDULO ZALE MIBUZO NEMINYE ONAYO
Yiya ku-jw.org/xh, iwebhsayithi efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-900. Kuyo, ungafumana imixholo emininzi eza kukunceda.
Uza kubona iividiyo zabantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo abaye bafumana ulonwabo ibe abazisoli tu. Abanye babesebenzisa iziyobisi, abanye bengamabanjwa. Kukho nabafunde kakhulu njengoososayensi.
Ku-jw.org/xh, uza kukwazi ukufumana okanye udawunlowude simahla iBhayibhile nezinye iincwadi ezininzi. Kukho imixholo efana nethi:
- Ninako Ukonwaba Entsatsheni 
- Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe? 
- Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!