IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 113
  • UPawulos ERoma

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UPawulos ERoma
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Incwadi YeBhayibhile 57—Filemon
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • UFilemon No-Onesimo—Bamanyene Kubuzalwana BamaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • ‘Ukubongoza Abanye Ngenxa Yothando’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Uthando Lobuzalwana Luyasebenza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 113
Umpostile uxelela uTimoti izinto amakazibhale eleteni, ugadwe lijoni laseRoma

IBALI 113

UPawulos ERoma

BONA amatyathanga kuPawulos, uze ukhangele kwijoni elingumRoma elimgadileyo. UPawulos libanjwa eRoma. Ulindile de uKesare waseRoma enze isigqibo ngento aza kuyenza kuye. Ngoxa elibanjwa, abantu bavunyelwe ukumtyelela.

Kwiintsuku ezintathu emva kokuba uPawulos efikile eRoma, uthi makubizwe ezinye iinkokeli ezingamaYuda zize kumbona. Ngoko, amaYuda amaninzi eRoma ayeza. UPawulos ushumayela kuwo ngoYesu nangobukumkani bukaThixo. Bambi bayakholwa babe ngamaKristu, kodwa abanye abakholwa.

Kwakhona uPawulos ushumayela kumajoni awahlukeneyo amgadileyo. Kwiminyaka emibini egcinwe apha njengebanjwa uPawulos ushumayela kubo bonke akwaziyo ukuthetha nabo. Ngoko, kwanendlu kaKesare iyeva ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani, yaye bambi kubo baba ngamaKristu.

UTimoti ubhala amazwi kaPawulos

Kodwa ngubani olu ndwendwe lubhala etafileni? Qashela! Ewe, nguTimoti. Naye uTimoti ebesentolongweni ngenxa yokushumayela ngoBukumkani, kodwa ukhululwe kwakhona. Yaye uze apha ukunceda uPawulos. Ngaba uyayazi into ebhalwa nguTimoti? Masibone.

Uyasikhumbula na isixeko saseFilipi nesase-Efese ekuthethwe ngazo kwiBali 110? UPawulos wanceda ekumiseleni amabandla amaKristu kwezo zixeko. Ngoku, ngoxa esentolongweni, uPawulos ubhala iincwadi eziya kula maKristu. Ezi ncwadi ziseBhayibhileni, yaye kuthiwa yeyabase-Efese neyabaseFilipi. Ngoku uPawulos uxelela uTimoti into amakayibhalele abahlobo babo abangamaKristu abaseFilipi.

AmaFilipi ebenobubele gqitha kuPawulos. Amthumelela isipho apha entolongweni, yaye ke uPawulos uyabulela. UEpafrodito nguye ozise isipho. Kodwa wagula kakhulu waphantsa ukufa. Ngoku uphilile kwakhona yaye ulungele ukugoduka. Uza kuhamba nale ncwadi ivela kuPawulos noTimoti xa ebuyela eFilipi.

Ngoxa esentolongweni uPawulos ubhala ezinye iincwadi ezimbini esinazo eBhayibhileni. Enye iya kumaKristu aseKolose. Ngaba uyazi ukuba ibizwa ngokuthini? YeyabaseKolose. Enye yincwadi yobuqu eya kumhlobo wakhe omkhulu uFilemon ohlala eKolose. Le ncwadi ingekhoboka likaFilemon uOnesimo.

UOnesimo wabaleka kuFilemon weza eRoma. Ngandlel’ ithile uOnesimo weva ukuba uPawulos usentolongweni apha. Weza kumtyelela, waza uPawulos wamshumayeza. Kungekudala no-Onesimo waba ngumKristu. Ngoku uOnesimo ubuhlungu ngokubaleka kwakhe. Uyazi na ukuba uPawulos ubhala ntoni kule ncwadi iya kuFilemon?

UPawulos ucela uFilemon ukuba amxolele uOnesimo. ‘Ndimthumela kuwe kwakhona,’ ubhala atsho uPawulos. ‘Kodwa ngoku akalokhoboka lakho nje kuphela. Ukwangumzalwana ongumKristu.’ Xa uOnesimo ebuyela eKolose uhamba nezi ncwadi zimbini, enye iya kwabaseKolose enye kuFilemon. Umele ukuba wavuya gqitha uFilemon akuva ukuba ikhoboka lakhe lingumKristu.

Xa uPawulos ebhalela abaseFilipi noFilemon, uneendaba ezimnandi kunene. ‘Ndinithumelela uTimoti,’ utsho uPawulos kumaFilipi. ‘Kodwa nam ndiya kunityelela ngokufutshane.’ Yaye uthi kuFilemon: ‘Ndilungiselele indawo yokuhlala apho.’

Xa uPawulos ekhululwa utyelela abazalwana noodade abangamaKristu kwiindawo ezininzi. Kodwa kamva uPawulos wenziwa ibanjwa kwakhona eRoma. Ngoku uyazi ukuba uza kubulawa. Ke ubhalela uTimoti amcele ukuba eze ngokukhawuleza. Ubhala athi: ‘Bendithembekile kuThixo, yaye uThixo uya kundinika umvuzo.’ Emva kweminyaka embalwa ebulewe uPawulos, iYerusalem iyatshatyalaliswa kwakhona, ngoku ngamaRoma.

Kodwa kukho okungakumbi eBhayibhileni. UYehova uThixo usebenzisa umpostile uYohane ekubhaleni iincwadi zayo zokugqibela, kuquka iSityhilelo. Le ncwadi yeBhayibhile isixelela ngekamva. Ngoku masive oko sikuphathelwe likamva.

IZenzo 28:16-31; Filipi 1:13; 2:19-30; 4:18-23; Hebhere 13:23; Filemon 1-25; Kolose 4:7-9; 2 Timoti 4:7-9.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share