Chapter 5
Imizekelo Enokuthenjwa Yekamva Loluntu
1. Kutheni le nto isiprofeto seBhayibhile sisoloko singqineka sichanile?
SINEZIZATHU eziphilileyo zokuba nentembelo koko sikuxelelwa yiBhayibhile ngekamva. Iziprofeto zayo azisekelwanga kuqashiqashi owenziwa ngabantu abafundisise into abantu abatyekele kuyo baza ke bachaza izinto kwangaphambili. “Isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.” (2 Petros 1:20, 21) Ngenxa yoko, isiprofeto seBhayibhile singqineke sichanile kuzo zonke iinkcukacha.
2. Khawunikele imizekelo yeziprofeto ezingemicimbi yehlabathi.
2 Saxela kwangaphambili ngokuvela nokuwa kweendidi ezininzi zobukhosi behlabathi ngokuzichaza ngamagama—iBhabhiloni, amaMedi namaPersi neGrisi. Phantse kwiinkulungwane ezimbini kwangaphambili sachaza ngendlela iBhabhiloni eyayiya kuwa ngayo negama lomoyisi wayo. Oku kwazalisekiswa ngokweenkcukacha. Saprofeta ngelithi isixeko saseBhabhiloni ekugqibeleni sasiya kuba yintlango eyinkangala, singaze simiwe kwakhona. Loo meko iyaqhubeka ukuza kuthi ga kumhla wethu. (Daniyeli 8:3-8, 20-22; Isaya 44:27–45:2; 13:1, 17-20) Ezinye iintlanga ezingabizwanga ngegama eBhayibhileni zaxelwa kwangaphambili ngeenkcukacha kangangokuba abantu abanolwazi banokuzifanisa ngokulula.
3. Ngaba zikho iziprofeto ezingachazwanga ngokuthe ngqo kwangaphambili?
3 Noko ke, kumele kuqondwe ukuba zininzi iintlobo zenkcazelo eziziziprofeto eBhayibhileni. Sele sikubonile oku ngokunxibelelene nemimangaliso kaYesu, eyasebenza njengemiqondiso yoko uluntu luya kukufumana phantsi koBukumkani bukaThixo. Amanye amacandelo eZibhalo asenokungasebenzisi ulwimi oluvakala njengezinto ezixelwe kwangaphambili, nawo akwaqulethe izinto ezisisiprofeto.
IMIZEKELO YESIPROFETO ENOMTSALANE
4. Siyiqondiswa njani intsingiselo yesiprofeto yoMthetho kaMoses?
4 Ngokomzekelo, incwadi yeBhayibhile yamaHebhere, isichazela ngemibandela enentsingiselo engokwesiprofeto umfundi nje oqhelekileyo asenokuyijonga iyimbali nje. Ibonisa ukuba “umthetho [kaMoses], unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho.”—Hebhere 10:1.
5. Yintoni ebonisa ukuba izinto zisenokufuzisela into enkulu ngakumbi?
5 Maxa wambi kwakusetyenziswa izinto ukwenza imizekelo yesiprofeto. Ngokomzekelo, ngokubhekisele kwintente engcwele, okanye kumnquba, owakhiwa nguMoses ngokuyalelwa nguYehova, kwakunye neenkonzo ezaziqhutywa kuwo, umbhali ophefumlelwe ngokobuthixo wamaHebhere ucacisa ukuba oko ‘kwakungumzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini.’ Kwakufanekisela itempile kaYehova enkulu yokomoya, Eyona Ngcwele esemazulwini. Ngaloo ndlela, “[xa] uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo, wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela. . . . UKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” (Hebhere 8:1-5; 9:1-14, 24-28) AmaKristu afumana iingenelo ezinkulu kwizinto zokomoya ezichazwe apha, yaye uxabiso ngezi zinto lumele lubonakaliswe kwikhondo lethu lobomi.—Hebhere 9:14; 10:19-29; 13:11-16.
6. Iyintoni intsingiselo yesiprofeto enxulunyaniswe nabantu abachazwe (a) kumaGalati 4:21-31? (b) kuMateyu 17:10-13?
6 Abantu ekuthethwe ngabo eZibhalweni nabo basebenza njengemizekelo yesiprofeto. KumaGalati 4:21-31 kucaciswe umzekelo oneenkcukacha woku kumfazi ka-Abraham uSara (ekwathiwa ufana ‘nephezulu iYerusalem’) nekhobokazana uHagare (ofaniswe ‘neYerusalem yanamhla’) nabantwana bakhe. Kwenye imeko uYesu wanceda abafundi bakhe ukuze baqonde ukuba umprofeti uEliya wayefanekisela uYohane uMbhaptizi, owathi, njengoEliya, akoyika ekubhenceni uqheliselo lonqulo olulolohanahaniso.—Mateyu 17:10-13.
7. Kungaziphi iindlela awathi uYesu Kristu wafuziselwa kwangaphambili (a) nguSolomon? (b) nguMelkitsedeke?
7 USolomon, owayedume ngobulumko bakhe nobutyebi noxolo kulawulo lwakhe, ngokuchanileyo wafanekisela kwangaphambili uYesu Kristu. (1 Kumkani 3:28; 4:25; Luka 11:31; Kolose 2:3) Nangona ingxelo ekwiGenesis engokuhlangana kuka-Abraham noMelkitsedeke imfutshane gqitha, INdumiso 110:1-4 ibonisa ukuba nayo, inentsingiselo, kuba uMesiya wayeza kuba ‘ngumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeke,’ oko kukuthi, ububingeleli bakhe wayeza kubufumana ngokumiselwa ngokuthe ngqo nguThixo, kungekhona ngenxa yentsapho awayeza kuzalelwa kuyo. Kamva, incwadi eya kumaHebhere yongezelela koku ize inxulumanise ukuxabisa iinyaniso ezinjalo nokukhula ngokobuKristu, phawu olo olubalulekileyo kwabo bafuna ukukholisa uThixo.—Hebhere 5:10-14; 7:1-17.
8. (a) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba amava obomi asenokuba sisiprofeto? (b) Ngaba zonke iinkalo zamava anjalo ngokuyimfuneko kumele zifane ngokwenzaliseko?
8 Licacile elokuba imizekelo yesiprofeto ibandakanya ngaphezu kwesigxina sabantu. Ikwaquka amava abo ebomini. Ngesinye isihlandlo xa iinkokeli zamaYuda ezizezonqulo zabonisa ukungakholwa kwazo, uYesu wathi kuzo: “Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.” (Mateyu 12:38-40; Yona 1:17; 2:10) Phofu ke, uYesu akazange athi yonk’ into eyenzeka kubomi bukaYona yafanekisela kwangaphambili oko yena wayeza kukuva. Xa wanikwa isabelo nguYehova, uYesu akazange asibaleke, njengokuba uYona wazama ukubalekela eTarshishe. Kodwa njengokuba uYesu wabonisayo, amava kaYona esiswini sentlanzi enkulu ayequkiwe kwincwadi yeBhayibhile kuba ayenikela iinkcukacha zesiprofeto esingokufa nokuvuka kukaYesu.—Mateyu 16:4, 21.
9. (a) Ziziphi iinkalo ezingokwesiprofeto uYesu awazibonisayo kwizihlandlo zembali ezimbini? (b) Ziziphi iinkcukacha ezinentsingiselo engakumbi uPetros awazikhankanya ephantsi kwempefumlelo?
9 Izihlandlo ezithile zembali zikwanikela imizekelo engokwesiprofeto ebangel’ umdla ngokukhethekileyo kuthi. Xa wayethetha ngexesha elakhokelela ekubonakaleni kwakhe ekumandla oBukumkani, uYesu wabonisa ukufana kwezinye izihlandlo ezibini xa kwaphunyezwa umgwebo wobuthixo kubantu abangendawo. Wathetha ‘ngemihla kaNowa’ ‘nangemihla kaLote’ njengenentsingiselo, ngokukodwa ebalaselisa ukuxakeka kwabantu ngelo xesha yimicimbi yobomi yamihla le. Wasibongoza ukuba ngokukhawulezileyo sibe nento esiyenzayo size singabuyeli emva silangazelele izinto esazishiya ngasemva, njengokuba umfazi kaLote wenjenjalo. (Luka 17:26-32) Kwincwadi ephefumlelweyo yesibini yompostile uPetros kukhankanywe iinkcukacha ezingakumbi ezinentsingiselo—ukungathobeli kwezithunywa zezulu ngaphambi koMkhukula, umsebenzi kaNowa wokushumayela, unxunguphalo olweviwa nguLote ngenxa yabantu baseSodom ababewudele kakhulu umthetho, isibakala sokuba ngokunqunyulwa kwabangendawo ngexesha lakhe elifanelekileyo uThixo wayemisela umzekelo wezinto eziza kuza, kwanobungqina bokuba uThixo unokubahlangula abakhonzi bakhe abathembekileyo ibe engayi kusilela ukwenjenjalo.—2 Petros 2:4-9.
10. Ngokuthelekisa uYeremiya neSityhilelo, bonisa ukuba iziprofeto ezizalisekisiweyo zisenokuxabiseka ngokubhekele phaya ngokwesiprofeto.
10 Xa iziprofeto sele zizalisekisiwe, oku akuthethi ukuba ngoku zezomdla nje embalini. Ukwaziswa kwangaphambili ngokwakuza kwenzeka nendlela okwazalisekiswa ngayo kudla ngokuba yinto eprofeta iziganeko ezisekude ngakumbi kwixesha elizayo. Oku kunjalo ngoko kubhalwe ngeBhabhiloni yamandulo, ubukhosi obabungokonqulo ngendlela ebalaseleyo nobabunempembelelo eseviwayo jikelele ehlabathini nakumhla wethu. Nangona iBhabhiloni yawela kumaMedi namaPersi ngowama-539 B.C.E., incwadi yeSityhilelo, eyabhalwa ekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, isebenzisa amazwi omprofeti uYeremiya ize ezo ziprofeto izisebenzise kwixesha elizayo, ngokunxibelelene neBhabheli Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Njengomzekelo woku, thelekisa ISityhilelo 18:4 noYeremiya 51:6, 45; ISityhilelo 17:1, 15 nese-16:12 noYeremiya 51:13 nesama-50:38; ISityhilelo 18:21 noYeremiya 51:63, 64.
11. Iyintoni intsingiselo engokwesiprofeto ekwingxelo yokuqhubana kukaYehova noSirayeli owexukileyo noYuda xa wayengathembekanga? Ngoba?
11 Ngendlel’ efanayo, ukuqhubana kukaYehova nezizwe ezilishumi eziwexukileyo zobukumkani bukaSirayeli nookumkani nababingeleli abangenalukholo bezizwe ezibini zobukumkani bukaYuda kuyinto eprofetayo. Zozibini iziprofeto ezasebenza kwezo zikumkani zamandulo nokuzaliseka kwazo, okwabhalwa kwiZibhalo, kusinika umfanekiso ocacileyo ongendlela uThixo aya kuqhubana ngayo neNgqobhoko yanamhla, ekwazibabaza ikhonza uThixo weBhayibhile kodwa ethi ngokothusayo ivukele imiyalelo yakhe yobulungisa.
12. Singenelwa njani ngokobuqu ziingxelo ezinjalo?
12 Ngoko ke, zonke ezi ngxelo, zinentsingiselo namhlanje. Ziyasinceda ukuze siqonde indlela uThixo azijonga ngayo iimeko kumhla wethu nento esimele siyenze ngokobuqu ukuze sisinde kwimbandezelo enkulu ezayo. Ngaloo ndlela siyancedwa ukuze sisiqonde ngokungakumbi isibakala sokuba “sonke isibhalo, . . . sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni.”—2 Timoti 3:16, 17.
NGABA KONKE KWACETYWA KWANGAPHAMBILI?
13. Sazi njani ukuba uThixo akazange abalukuhle abantu ukuba benze izono ukuze kwenziwe imizekelo yesiprofeto?
13 Ngokwayo yonke le nkcazelo, ngaba siza kuqonda ukuba ukuziphatha kwabantu neentlanga okubhalwe eBhayibhileni konke kwacetywa kwangaphambili nguThixo ukuze kube nentsingiselo esisiprofeto? Kuyacaca ukuba uThixo waqhubana nabakhonzi bakhe kwixa elidlulileyo ngendlela ethile ukuze anikele umzekelo wezinto ezinkulu ngakumbi awayezicinga ngexesha elizayo. Kodwa kuthekani ngezenzo zabantu? Bambi babo benza izono ezinzulu. Ngaba uThixo wabalukuhla ukuba bazenze ezi zinto ukuze bayile ingxelo yeBhayibhile? Umbhali weBhayibhile ongumKristu ogama linguYakobi uphendula ngelithi: “UThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.” (Yakobi 1:13) UThixo akazange ababangele benze okuphosakeleyo ukuze kwenziwe imizekelo yesiprofeto.
14. (a) UYehova ukwazi njani oko abantu, okanye kwanoSathana, aya kukwenza kwixesha elizayo? (b) Ukuzazi kukaYehova nokwazi injongo yakhe kungena ngaziphi iindlela kwisiprofeto seBhayibhile?
14 Ungalibali ukuba uYehova unguMdali woluntu. Uyayazi indlela esenziwe ngayo nento ebangela abantu baqhube ngendlela abenza ngayo. (Genesis 6:5; Duteronomi 31:21) Ngokuchanileyo unokuwuxela kwangaphambili umphumo wabantu abaphila ngokuvisisana nemigaqo yakhe yobulungisa noko imiphumo iya kuba kuko kwabo bazama ukutyeshela ukufuna kwabo uThixo okanye abazigqwethayo iindlela zakhe. (Galati 6:7, 8) Uyazi ukuba uMtyholi uya kuqhubeka esebenzisa ubuchule obufana nobo wabusebenzisa kwixa elidluleyo. Kwakhona uYehova uyakwazi oko yena aya kukwenza phantsi kwezo meko, uyazi ukuba uya kwenza ngokuvisisana neempawu eziphakamileyo zokusesikweni, ukungakhethi buso, uthando nenceba, mpawu ezo ebesoloko ezibonakalisa. (Malaki 3:6) Ekubeni uYehova eqinisekile ngokufeza iinjongo zakhe, unokuyixela kwangaphambili imiphumo namanyathelo aya kuwathabatha ukuze azifeze. (Isaya 14:24, 27) Ngoko unokukhetha iziganeko zobomi babantu abathile neentlanga aze azihlanganise eBhayibhileni ukuze anikele imizekelo ngoko ikamva liya kukuzisa.
15. Umpostile uPawulos wagxininisa njani ukuba iingxelo zeBhayibhile aziyombali nje?
15 Ngoko ke, ngokufanelekileyo, emva kokubalisa iziganeko ezisusela kwimbali kaSirayeli, umpostile uPawulos wathi kumaKristu angoowabo: “Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.” (1 Korinte 10:11) Yaye ebhalela ibandla lamaKristu eRoma wathi: “Izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Xa sithi ngaloo ndlela siqonde ukuba iingxelo zeBhayibhile aziyombali nje, sinokuqalisa ukuzuza kuzo imizekelo emangalisayo yekamva loluntu.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 41]
IMIZEKELO YESIPROFETO—Yayisalatha Entwenini?
Imihla kaNowa
Umnquba
Kumkani USolomon
Yona Ekwisisu Sentlanzi Iintsuku Ezintathu
Ukuwa KweBhabhiloni