IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • su isahl. 18 iphe. 138-144
  • Ngaba Unyanisekile KuKumkani Omtsha Womhlaba?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Unyanisekile KuKumkani Omtsha Womhlaba?
  • Ukusindela Kumhlaba Omtsha
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IMBALI KAKUMKANI YOKUNYANISEKA
  • UTHANDO OLUNYANISEKILEYO NGABATHANJISWA BAKAYEHOVA
  • YINTONI EFUNWA KUKUNYANISEKA KUTHI?
  • “Nguwe Wedwa Onyanisekileyo”
    Sondela KuYehova
  • Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokunyaniseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Khangela Abanyanisekileyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukunyaniseka—Kunexabiso Elingakanani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
Ukusindela Kumhlaba Omtsha
su isahl. 18 iphe. 138-144

Chapter 18

Ngaba Unyanisekile KuKumkani Omtsha Womhlaba?

1. Xa uYesu wabonakaliswayo njengoKumkani ngowama-33 C.E., sasabela njani isihlwele?

NGONISAN 9 wama-33 C.E., uYesu Kristu wazibonakalisa kumaYuda njengoKumkani wawo, uMesiya owaxelwa kwangaphambili. Njengoko wayesihla kwiNtaba yemiNquma ngaseYerusalem, inginginya yabafundi yavuya yaza yamdumisa uThixo ngenxa yemisebenzi enamandla uYesu awayeyenzile. (Luka 19:37, 38; Zekariya 9:9) Kodwa ngaba babeza kuzingqina benyanisekile kuLowo ababemothulele umnqwazi njengoKumkani? Kungekudala ukunyaniseka kwabo kwavavanywa.

2. (a) Abantu abaninzi namhlanje basabela njani kwisaziso sokuba uKristu unguKumkani omtsha womhlaba? (b) Kodwa yiyiphi imibuzo efuna ukuba iqwalaselwe ngokunzulu?

2 Ukususela ngowe-1914 uYesu Kristu ozukisiweyo nolawula ngokwenene ezulwini uye wabonakaliswa kulo lonke uluntu njengoKumkani omtsha womhlaba. Ithemba lokudla ubomi phantsi korhulumente olawulwa nguKristu, oza kuzicombulula ngokwenyaniso iingxaki zoluntu, libangele abantu abavela kuzo zonke iintlanga bavuya. Kodwa ngaba baya kungqineka benyanisekile? Kuthekani ngamnye wethu njengabantu ngabanye?

IMBALI KAKUMKANI YOKUNYANISEKA

3. (a) Kutheni uYesu kubhekiselwa kuye ‘njengonyanisekileyo’ kaYehova? (b) Kuyintoni ukunyaniseka?

3 UYesu Kristu unikele ubungqina obuyintabalala bokuba ukunyaniseka kwakhe kuYehova, uMongami Wendalo Iphela, akuxengaxengi. EZibhalweni ngokufanelekileyo kubhekiselwa kuye ‘njengonyanisekileyo’ kaYehova. (INdumiso 16:10, NW; IZenzo 2:24-27, NW) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukunyaniseka” apha linengcamango yokuba nobubele obunothando. Akunto nje engenangqiqo, esekelwe nje emthethweni okanye kwinto esesikweni, kodwa kushukunyiswa kwanaluthando noxabiso.—Thelekisa INdumiso 40:8; Yohane 14:31.

4, 5. (a) Ukunyaniseka kukaYesu kwabonakaliswa njani ezulwini, emva kokuvukela kukaSathana? (b) Oko kunyaniseka kwabonakaliswa njani kwakhona emhlabeni?

4 Ezulwini, xa uSathana waqalisa ukuzifunela uzuko olwalulolukaThixo kuphela naxa ezinye izithunywa zezulu zazishiyayo iindawo zazo ezifanelekileyo kwintlangano kaYehova yasezulwini, uNyana kaThixo wamazibulo akazange axelise isimo sazo sengqondo. Kuye ukwenjenjalo kwakuyinto eyinkohla! Wayezinikele ngendlela yokuzincama kangangokuba, ekuphumezeni ukuthanda kukaYise, lo Nyana unyanisekileyo walushiya uzuko lwakhe lwasezulwini, waba ngumntu wade wabulawelwa emthini wentuthumbo. Ngothando, waqiniseka ukuba, ngokwendlela izinto ezazixhomekeke ngayo kuye, ayikho inkcukacha yoko kwakwandlalwe ziZibhalo ngaye eyayiya kuhlala ingazalisekanga.—Filipi 2:5-8; Luka 24:44-48.

5 Ngoxa uYesu wayesemhlabeni, uSathana wezisa ingcinezelo enkulu kuye ukuze amtyekise kumsebenzi uThixo awayemnike ukuba awenze—ukuba kunokwenzeka, amrhintyele ukuze enze into eyayiya kubangela uThixo amcekise uNyana wakhe. Wabongoza uYesu ukuba enze izinto ezaziza kuphumela ekubeni azuze udumo negunya—kodwa njengenxalenye yehlabathi uSathana awayengumlawuli walo. UYesu akazange avume, ecaphula iZibhalo Ezingcwele njengokhokelo lwakhe. (Mateyu 4:1-10) UYesu wayenobuchule obubalaseleyo ibe wabusebenzisa kakuhle, kodwa esoloko ebusebenzisa ngokuvisisana nokuthanda kukaYise. Wazixakekisa ngokupheleleyo ekwenzeni umsebenzi uThixo awayemthume ukuba awenze. (Yohane 7:16-18; 8:28, 29; 14:10) Onjani wona umzekelo ukuba mhle wokunyaniseka!

6. Umvuzo owanikelwa kuYesu ukufuna ngayiphi indlela ukunyaniseka kuthi?

6 Ngenxa yokunyaniseka kukaYesu okungqiniweyo, uYehova wamvusa kwelabafileyo, “wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe . . . zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.” (Filipi 2:9-11) Eli ‘gama lingaphezu kwawo onke amagama’ limela amandla negunya elajizekwa uYesu ukuze enze ukuthanda kukaYehova. ‘Ukugoba amadolo’ kuye kuthetha ukusivuma isigxina sakhe nokuzithoba kwigunya lakhe. Kuquka ukuba ngumlawulwa onyanisekileyo wakhe njengoKumkani.

UTHANDO OLUNYANISEKILEYO NGABATHANJISWA BAKAYEHOVA

7. Abalandeli bakaYesu bavavanywa ngayiphi imicimbi ngokubhekisele ekunyanisekeni kwabo?

7 Isibakala sokuba, emva kokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu wayengenakubonwa ngamehlo abantu sasiya kuphumela kwiimvavanyo zokunyaniseka ezifikelel’ intliziyo kubalandeli bakhe. Ngaba babeza kuphila ngemigaqo awayebafundise yona? Ngaba babeza kuhlala bahlukile ehlabathini? Ngaba babeza kubahlonela abo babejizekwe ngumoya oyingcwele iimbopheleleko zokuvelela? Ngaba babeza kuwenza ngomphefumlo uphela umsebenzi awayewabele bona?

8. Yintoni eyafanekiselwa kwangaphambili luthando olunyanisekileyo olwaluphakathi koYonatan noDavide?

8 Ngexesha elifanelekileyo “ezinye izimvu” zaziza kuhlanganiswa ‘nomhlambi omncinane’ weendlalifa zoBukumkani basezulwini. Ngaba ngokwenyaniso zaziza kuzixabisa izigxina ezazizabelwe ngokubhekisele kuKristu njengoKumkani nakomnye nomnye? Izibakala zibonisa ukuba oko kuthandana ngokwenyaniso kuye kwabonakala phakathi kwabo bonke abayinxalenye ‘yomhlambi omnye’ phantsi koYesu Kristu. Oku kwafanekiselwa kwangaphambili luthando olungapheliyo nolungafiyo lukaYonatan, unyana kaKumkani uSawule, kuDavide. Akuba ebone ukuzinikela ngokupheleleyo kukaDavide kuYehova nokukholosa kwakhe ngoThixo ekubulaleni isigebenga esinguGoliyati, uYonatan washukunyiswa ngokunzulu ibe “umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.” Uthando lwakhe aluzange luthothe xa kwaye kwacaca ukuba uYehova wayeza kunikela ulawulo kuDavide kungekhona kuYonatan. UYonatan wade wabuchanaba ngokuphindaphindiweyo ubomi bakhe ngenxa kaDavide.—1 Samuweli 17:45-47; 18:1; 23:16, 17.

9. Ukunyaniseka okufanayo kwabonakaliswa njani ngabantu abangengomaSirayeli abathi bakhonza kumkhosi kaDavide?

9 Ngaphandle kukaYonatan, kwakukho abantu ababengengomaSirayeli ababezinxulumanise noDavide. Babengengomajoni awayeqeshiwe kodwa babengabantu abakhaliphileyo ababesenza ngenxa yokuzinikela kuDavide njengomthanjiswa kaYehova. Ababephakathi kwaba bantu yayingamaKreti, amaPeleti nababekade bengabomthonyama kwisixeko saseFilistiya iGati. Banamathela ngokunyanisekileyo kuDavide xa unyana wakhe uAbhisalom wathi ngenkohliso wafuna ukuba iintliziyo zamadoda akwaSirayeli. Phezu kwalo nje udumo nobuqhophololo buka-Abhisalom, abazange bakhokelelwe kwikhondo lokungcatsha yintetho yakhe elalanisayo.—2 Samuweli 15:6, 10, 18-22.

10. (a) Ulwalamano olusondeleyo phakathi kukaKristu, intsalela ethanjisiweyo “nezinye izimvu” luchazwe njani kwiNdumiso 45? (b) ‘Iintombi ezinayo’ zingena ngayiphi ingqiqo ‘ebhotweni lokumkani’?

10 Enye ingcaciso efudumez’ intliziyo yolwalamano oluphakathi kukaKristu, intsalela ethanjisiweyo “nezinye izimvu” ifunyanwa kwiNdumiso 45. Lo asingombongo nje ochazwe kakuhle kodwa uprofeta ngoBukumkani obulawulwa nguMesiya—uThixo ‘eyitrone,’ oko kukuthi, esisiseko nomxhasi wolawulo lukaYesu. (INdumiso 45:1-7; Hebhere 1:8, 9) Umdumisi umchaza umtshakazi kaKristu, “intombi yokumkani,” isiziswa kuKumkani ngosuku lwakhe lokutshata. Abahamba nayo ‘ziintombi ezingoowayo.’ Zingoobani zona? Zingabo bakhangele phambili ekubeni ngabalawulwa basemhlabeni boBukumkani bukaThixo. “Ngovuyo nangomgcobo” zipheleka udidi ‘lomtshakazi’ kude owona wokugqibela waba abe umanyene noKristu ezulwini. Bekunye nazo, ‘bangena ebhotweni likakumkani,’ kungekhona ngokunyukela ezulwini, kodwa ngokuzinikela kumsebenzi kaKumkani. Ngaba uye wayinxalenye yolo ngcelele lonwabileyo?—INdumiso 45:13-15.

YINTONI EFUNWA KUKUNYANISEKA KUTHI?

11. Ziziphi iimeko ezisivavanyayo ngokubhekisele ‘kukungabi ngowehlabathi’?

11 Iimeko ezininzi ebomini zibonisa ukuba siluhlobo olunjani na lwabantu. Ngaba ngokwenene siyakholelwa kuBukumkani bukaYehova obulawulwa nguMesiya? Ngaba buyinto yokwenene kuthi? UYesu wathi abalandeli bakhe bokwenyaniso babengayi kuba ‘ngabehlabathi.’ Ngaba kunjalo kuwe?—Yohane 17:15, 16.

12. Nakubeni singafezekanga, sinokubunikela ngaziphi iindlela ezingakumbi ubungqina bokunyaniseka?

12 Kwimeko yethu thina bantu abangafezekanga, ukunyaniseka akufuni ukuba sibe ngabantu abafezekileyo. Kodwa kufuna ukuba sikuphephe ukuthi ngabom sivukele imiyalelo yeBhayibhile, enoba abanye abantu bayasibona okanye abasiboni. Kuya kusishukumisela ukuba sizabalazele ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ngokupheleleyo, kunokubona indlela esinokusondela ngayo kwiindlela zehlabathi. Kuya kusibangela sihlakulele intiyo yokwenyaniso ngoko kungalungileyo.—INdumiso 97:10.

13. Ukunyaniseka kuya kusilondoloza njani kwintetho elalanisayo yabawexuki?

13 Ukuba ngokwenyaniso siyithiyile into embi, asiyi kuvumela umnqweno wokufun’ ukwazi usirhintyele ukuze sisondele kuyo. Ukuba ngofun’ ukwazi ngobomi babantu abaziphethe kakubi ngokwesini kunokukhokelela ubani ekonakaleni. (IMizekeliso 7:6-23) Ngoko, kwakhona, basenokwenzakala ngokomoya abo bathi ngokufun’ ukwazi bathenge baze bafunde uncwadi olubhalwe ngabawexuki, abantu abamtyesheleyo uYehova nentlangano yakhe nabathi ke ngomlomo “babethe” izinxulumani zangaphambili. (Mateyu 24:48-51) IMizekeliso 11:9 ilumkisa ngelithi: “Intshembenxa [umwexuki, NW] iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo.” Kodwa ukunyaniseka kuya kusilondoloza ekubeni singalahlekiswa yintetho yabo elalanisayo.—2 Yohane 8-11.

14. (a) Yiyiphi enye yezona ndlela zibalulekileyo esinokukubonakalisa ngayo ukunyaniseka kwethu kuKristu njengoKumkani? (b) Kutheni le nto lo msebenzi ubaluleke kangaka nje?

14 Enye yezona ndlela zibalulekileyo esinokubonisa ngazo ukunyaniseka kukuwenza ngomphefumlo uphela umsebenzi uYesu awafundisa abafundi bakhe ukuba bawenze. Wawumisela ngokobuqu umzekelo ngokuhamba kwimizi ngemizi nakwimizana ngemizana, eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Luka 8:1) UYesu waxela kwangaphambili oko amaKristu okwenyaniso ayeya kukwenza namhlanje xa wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) Imbambano yoBukumkani inikelwa ebantwini kuzo zonke iindawo ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ukuze bazenzele isigqibo sobuqu. Kwisihlwele esikhulu, eso sigqibo siya kusikhokelela ekubeni silondolozwe ukutyhubela imbandezelo enkulu. (ISityhilelo 7:9, 10) Ngaba ngokunyanisekileyo unesabelo kulo msebenzi ungxamisekileyo?

15. (a) INdumiso 145:10-13 ithi abanyanisekileyo kuYehova babeza kuthetha ngantoni? (b) Oko kusebenza njani kuthi?

15 Kudala umdumisi uDavide wabhala oku: “Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, bakubonge abakho benceba [abanyanisekileyo, NW]; uzuko lobukumkani bakho balutsho, bathethe ngobugorha bakho. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.” (INdumiso 145:10-13) Olo lawulo ngoku luphunyezwa ngoBukumkani obungoMesiya obulawulwa ngokunyanisekileyo nguYesu Kristu, yaye ukunyaniseka kwethu kuThixo nakuKristu sikubonakalisa ngokuthetha ngokukhululekileyo nangehlombe ngabo.

16. Ukunyaniseka kumele kuwuphembelele njani umlinganiselo esiba nesabelo ngawo ekushumayeleni uBukumkani nentshukumisa esikwenza ngayo oko?

16 Lo msebenzi wokunikela ubungqina boBukumkani uye wawubalaselisa kangakanani kubomi bakho? Ngaba ngokwenene uwubeka ngaphambi kwezinye izinto ozifunayo? Okwenzayo ngokobuqu kusenokuba ngaphezulu okanye kube ngaphantsi kunoko abanye bakwenzayo. Iimeko zabantu ngabanye ziyahluka. Kodwa sonke sinokungenelwa ngokuzibuza imibuzo enjengale: ‘Ngaba isabelo sam sibonakalisa ingcamango nje yokuba ndinemfanelo yokuwenza, singumnikelo owenziwa nje? Ngaba ndiwujonga nje njengento efunekayo ukuze ndisinde? Okanye ngaba ukuthanda uYehova, ukuzinikela kuKumkani wakhe onguMesiya nokumxhalabela ngokunyanisekileyo umntu onguwethu kuko okundishukumisela ekubeni ndibubeke kuqala ukuze ezinye izilangazelelo ebomini bam zakhelwe kuwo?’ Ukunyaniseka kuya kusishukumisela ukuba sifune iindlela zokubonakalisa ukuba lo msebenzi ubalulekile kuthi njengokuba unjalo kuKumkani wethu.

17. UYesu uya ‘kuluthetha koobani uxolo’ xa etshabalalisa abangendawo?

17 Kungekudala Lowo wothulelwa umnqwazi ngovuyo njengoKumkani ngabafundi bakhe njengokuba wayengena eYerusalem ngowama-33 C.E. uya kubatshabalalisa bonke abangaluvumiyo ulongamo lukaYehova njengokuba lubonakaliswe ngoKumkani Wakhe onguMesiya. Kodwa uya ‘kuthetha uxolo’ kweso ‘sihlwele sikhulu’ sabantu abaphuma kuzo zonke iintlanga abaye baxelisa umzekelo wakhe wokunyaniseka. Ngaba uya kuba phakathi kwabo?—Zekariya 9:10; Efese 4:20-24.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share