Amabandla Okusakha Eluthandweni Nakumanyano
Usenokuba ukhe waya kwezinye zeentlanganiso zebandla zamaNgqina kaYehova kufuphi nendawo ohlala kuyo. Kwakukho apho abantu abavela kuzo zonke iindlela zobomi—iintsapho, abangatshatanga, abakhulileyo nabaselula. Bonke babemanyene kunqulo lwabo ibe benomdla ekuncedeni abanye.
Kulo naliphi na ilungiselelo apho abantu abaninzi banqwenela ukusebenza ngokumanyeneyo, kumele kubekho owongamelayo. UThixo unguThixo wocwangco; ngenxa yoko, olo cwangco lumele lubonakale kwibandla labantu bakhe. Njengakwinkulungwane yokuqala, ngokufanayo namhlanje, amadoda angamaKristu afanelekileyo, akhulileyo nanamava anyulwa njengabadala, okanye abaveleli. Aba bongamela ibandla baze banyamekele iintswelo zalo zokomoya. Bancediswa ngamanye amadoda athembekileyo aziwa njengezicaka zolungiselelo. La madoda awafumani mvuzo okanye enye ingenelo engokwemali kodwa akhonza ngokuzithandela, ehlangabezana neendleko zobuqu, ngokuqhelekileyo ngemivuzo ayifumana empangelweni.—1 Korinte 14:33, 40; Filipi 1:1; 1 Timoti 3:8, 9.
Aba banyulwa njani? Bamele babe ngabakhonzi bakaThixo abathembekileyo ababonakalisa iimpawu ezithile zokufaneleka ezingokweZibhalo. Zimbi zazo zezi: kukuba ‘yingcathu, ukuba nesidima, ukuzibeka, ukubuka iindwendwe, ukufundisa nokuthantamisa; ukungabi ngumthandi wemali; ukongamela kakuhle eyakhe indlu; angabi ngosandula ukungeniswa; abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle’; ‘ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso.’—1 Timoti 3:1-15; Tito 1:7-9.
La madoda awanikwa ezi zikhundla ngokuvotelwa libandla, apho uninzi ludla ngokuba ngamaKristu asematsha. Kunoko, anconyelwa ngamadoda akhulileyo nanamava angabadala nawuqondayo umlinganiselo abo baqwalaselwayo abahlangabezana ngawo nezinto ezifunwa ziZibhalo. Ngoko ukumiselwa kwabadala nezicaka zolungiselelo kwenziwa phantsi kokongamela kweQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, nto leyo elandela umzekelo owamiselwa libandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala.
Aba badala, okanye abaveleli, ababumbi udidi lwabefundisi; abazonkosi phezu kwabanye. Njengoko uYesu watshoyo, nabani na okhokelayo umele abe ngumkhonzi wabo bonke. Kwibandla lamaNgqina kaYehova, abadala ngenyaniso bangabantu abasebenzela uBukumkani bukaThixo nabanye.—Mateyu 20:26, 27; 23:8-11; Roma 12:8; 1 Korinte 3:5; 4:1, 2; Kolose 4:11; 1 Tesalonika 5:12-14.
Njengabaveleli, bongamela uyalelo olunikelwa kwiintlanganiso baze bakhokele kumsebenzi wokushumayela. Ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuwo wonke umhlaba owabelweyo kuyinjongo ephambili yebandla. Abaveleli bakwakhonza njengabalusi, betyelela amalungu ebandla ukuze bawakhuthaze njengoko kufuneka.—Mateyu 24:14; IZenzo 1:8; 1 Tesalonika 2:11, 12; 5:14, 15; 2 Timoti 2:24-26; Hebhere 13:17; Yakobi 5:13-16; 1 Petros 5:1-4.
Abadala bakwanembopheleleko yokukhalimela nokohlwaya nabani na osenokuba ulandela ikhondo eliphosakeleyo nosenokuba yingozi ekucocekeni ngokomoya nangokokuziphatha nakumanyano lwebandla.—1 Korinte 5:4, 5, 7, 11-13; Tito 1:9; 2:15; 3:10, 11.
Ukunxulumana ngokuthe rhoqo nebandla kuya kukunika ubudlelane obuhle neengenelo ezininzi zokomoya.—INdumiso 35:18; 84:10.
• Ngoobani abongamela imicimbi yamabandla ngamanye?
• Abaveleli banyulwa ngokwasiphi isizinzi?
• Ziyintoni iimbopheleleko zabo?
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Abaveleli bafundisa ibandla, bakhokela ekushumayeleni kwindlu ngendlu, bakhuthaza ngamatyelelo okwalusa, banikela isiluleko baze bohlwaye xa kuyimfuneko