Iintlanganiso Zokusilola Eluthandweni Nasemisebenzini Emihle
AmaKristu okuqala ayehlanganisana kunye, ngokuqhelekileyo kumakhaya abantu, ukuze afumane uyalelo aze anandiphe ubudlelane obakhayo. Namhlanje, amabandla amaNgqina kaYehova ahlangana izihlandlo ezithathu ngeveki. Uyamenywa ukuba uye kuyo nayiphi na yezi ntlanganiso. Iintlanganiso zawo azinazinkqubo zasithethe, kodwa zitsoliswe kwimfundo yobuthixo. Iintlanganiso zebandla zivulwa zize zivalwe ngengoma nangomthandazo. Kungenwa ngesisa, ibe akukho nkongozelo.—IZenzo 4:23-31; 14:22; 15:32, 35; Roma 16:5; Kolose 4:15.
Mhlawumbi intlanganiso yokuqala oya kuya kuyo iya kuba yintetho yesidlangalala yemizuzu engama-45, exubusha ngeemfundiso zeBhayibhile, isiprofeto, okanye isiluleko ngokuphila kwamaKristu. Emva kwale ntetho, kukho isifundo seBhayibhile, kusetyenziswa inqaku elikwiMboniselo eliyilelwe ukufundisiswa ebandleni ngokukhethekileyo. Esi sifundo sihamba ngale ndlela: Kufundwa isiqendu kwiMboniselo, umqhubi uphakamisa imibuzo engalo mbandela baze abo banqwenela ukugqabaza bakubonise oko ngokuphakamisa izandla zabo. Ngokuqhelekileyo kunikelwa amagqabaza ngesiqendu ngasinye. Le ntlanganiso iqhuba ithuba elingangeyure enye.
Kamva evekini, kuqhutywa ezinye iintlanganiso ezimbini zemizuzu engama-45. Enye siSikolo soBulungiseleli Sobuthixo. Sinikela uqeqesho ngendlela yokuqokelela inkcazelo ngemibandela yeBhayibhile nangokuwufundisa ngokunomphumo. Emva kokufundiswa ngokukhethekileyo imizuzu engama-21, abafundi abebenikwe izabelo kusengaphambili banikela iintetho ezimfutshane. Emva kwentetho nganye, umqhubi wesikolo unikela isiluleko ebonisa indlela umfundi anokuphucula ngayo. Kuye kwalungiselelwa iincwadi zesikhokelo eziliqela ukuba zisetyenziswe kwesi sikolo. Abo beza ngokuthe rhoqo kwiintlanganiso banokubhalisa, ukuba nje baphila ngendlela evisisana nemigaqo yobuKristu.
Intlanganiso elandelayo ibizwa ngokuba yiNtlanganiso Yenkonzo. Iquka iinxalenye ezintathu okanye ezine ezixubusha ngokunikela iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu kwanezinye iinkalo zobulungiseleli. Ezi nxalenye zinikelwa njengeentetho, iingxubusho, okanye imiboniso, abaphulaphuli besiba nenxaxheba. Inxalenye enkulu yocwangciso isekelwe kumbandela ofunyanwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, iphetshana elinemiyalelo nelinamaphepha amane elipapashwa nyanga nganye yiWatch Tower Society.
Intlanganiso yesithathu sisifundo seeveki ngeeveki esiqhutywa ngamaqela amancinane, ngokuqhelekileyo kumakhaya abantu akwintsimi yebandla. Esi sifundo sisekelwe eBhayibhileni nakwincwadi yakutshanje epapashwe nguMbutho. Ekubeni iqela lilincinane, kukho ithuba elilunge ngakumbi labo bonke ukuba babe nesabelo kwingxubusho, ibe kukho ithuba elihle labo bakhoyo ukuba baqhelane ngakumbi.
Amabandla amaninzi aqhuba iintlanganiso zawo kwiHolo yoBukumkani eyakhiwe ngamaNgqina kaYehova. Iindleko zigutyungelwa ngeminikelo yokuzithandela yamaNgqina ngokwawo, ibe kwiimeko ezininzi umsebenzi wenziwa ngesisa ngabasebenzi bokuzithandela. Kukho iibhokisi zeminikelo kuzo zonke iintlanganiso zokuba zisetyenziswe ngabo banqwenela ukunikela.
Iintlanganiso zebandla zinceda amaNgqina kaYehova alandele isiluleko esikumaHebhere 10:24, 25 esithi: “Masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzi emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.”
• Ziziphi iinkalo zeentlanganiso zamaKristu okuqala ezinokubonwa kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova?
• Yandlala oko kunikelwayo kwiintlanganiso ezintlanu eziqhutywa ngokuthe rhoqo ngamaNgqina.
• Iiholo zokuhlanganisana ziye zazuzwa njani?
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
Umdala eqhuba iSifundo seMboniselo, eUnited States
Umfanekiso weSikolo soBulungiseleli Sobuthixo, kwiiFaeroe Islands
Isifundo seqela ekhayeni, eYap
IHolo yoBukumkani, eNew Braunfels, eTexas, eU.S.A., eyakhiwa ngeentsuku ezimbini ngamaNgqina kaYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
IiHolo zoBukumkani kumazwe awahlukahlukeneyo
EJapan
EOstreliya
EOstriya
ESpeyin