Isahluko 16
Amadoda Amane Aphalisa Amahashe!
Umbono 3—ISityhilelo 6:1-17
Umbandela: Ukuphalisa kwabakhweli bamahashe abane, amangqina angabafeli-nkolo ngaphantsi kwesibingelelo nemini enkulu yengqumbo
Ixesha lokuzaliseka: Ukususela ngowe-1914 ukusa ekutshatyalalisweni kwale nkqubo yezinto
1. UYehova umtyhilela njani uYohane izinto eziqulethwe kumsongo obangel’ ihlombe novulwa nguYesu?
KULO mhla wamanqam, ngaba asinamdla wokwenene ‘kwizinto ezimele zenzeke kamsinya’? Ngokuqinisekileyo sinawo, kuba sithi ababandakanyekileyo! Ngoko masipheleke uYohane njengoko uYesu ehlabela mgama evula lo msongo ubangel’ ihlombe. Okuphawulekayo kukuba, akuyomfuneko ukuba uYohane awufunde. Kutheni kungeyomfuneko nje? Kungenxa yokuba okuquletheyo kudluliswa kuye “ngemiqondiso” ngongcelele lwemibono ehlab’ umxhelo neshukumisayo.—ISityhilelo 1:1, 10.
2. (a) Yintoni ebonwa neviwa nguYohane, yaye ukubonakala kwekerubhi kubonisa ntoni? (b) Umyalelo wekerubhi yokuqala ubhekiswa kubani, yaye kutheni uphendula njalo nje?
2 Khawuphulaphule uYohane njengoko uYesu evula itywina lokuqala lalo msongo: “Ndabona xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina asixhenxe, ndaza ndeva esinye sezidalwa eziphilayo ezine sisithi ngelizwi elingathi lelendudumo: ‘Yiza!’” (ISityhilelo 6:1) Eli lilizwi lekerubhi yokuqala. Ukubonakala kwayo njengengonyama bekuya kubonisa kuYohane ukuba intlangano kaYehova iza kubonakalisa inkalipho ekuphumezeni imigwebo Yakhe yobulungisa. Ubhekiswa kubani loo myalelo? Awunakuba ubhekiswa kuYohane, kuba uYohane sele emenyelwe ukuba nesabelo kule mibono yesiprofeto. (ISityhilelo 4:1) Elo ‘lizwi lingathi lelendudumo’ libiza abanye abanenxaxheba kwisiganeko sokuqala kwezine ezichukumisayo.
Ihashe Elimhlophe Nomkhweli Walo Ozukileyo
3. (a) Ngoku uYohane uchaza ntoni? (b) Ngokuvisisana nokufuzisela kweBhayibhile, ihashe elimhlophe lifanekisela ntoni?
3 UYohane nabanye abakunye naye abaludidi lukaYohane olunenzondelelo namaqabane alo anamhlanje, banelungelo lokubona lo mbono wezinto ezivela ngokukhawuleza! UYohane uthi: “Yaye khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” (ISityhilelo 6:2) Ewe, kuvela ihashe elimhlophe ngokushukunyiswa lelo lizwi linjengelendudumo lithi “Yiza!” EBhayibhileni, ihashe lidla ngokufuzisela imfazwe. (INdumiso 20:7; IMizekeliso 21:31; Isaya 31:1) Eli hashe, ekusenokwenzeka ukuba liyinkunzi, limhlophe qhwa nto leyo ebonisa ubungcwele obungenasiphako. (Thelekisa iSityhilelo 1:14; 4:4; 7:9; 20:11.) Hayi indlela elifaneleke ngayo, kuba lifuzisela imfazwe ecocekileyo neyobulungisa emehlweni kaYehova angcwele!—Bona kwaneSityhilelo 19:11, 14.
4. Ngubani uMkhweli wehashe elimhlophe? Cacisa.
4 Ngubani uMkhweli weli hashe? Unesaphetha, isixhobo sokulwa emfazweni, kodwa ukwanikwe nesithsaba. Ekuphela kwabantu abangamalungisa ababonwa bethwele izithsaba ebudeni bemini yeNkosi nguYesu nodidi olufuziselwa ngabadala abangama-24. (Daniyeli 7:13, 14 27; Luka 1:31-33; ISityhilelo 4:4, 10; 14:14)a Akunakwenzeka ukuba ilungu elinye leqela labadala abangama-24 liboniswe lifumana isithsaba ngenxa yokufaneleka kwalo. Ngenxa yoko, lo mntu umnye ukhwele ihashe umele ukuba nguYesu Kristu. UYohane umbona esezulwini ngonyaka ongenakulibaleka embalini we-1914 xa uYehova evakalisa esithi, “Mna, ndimmisile ukumkani wam,” yaye umxelela ukuba oku ukwenze ngenjongo yokuba ‘iintlanga zibe lilifa lakhe.’ (INdumiso 2:6-8)b Ngaloo ndlela, xa evula itywina lokuqala uYesu ubonisa indlela yena, njengoKumkani osandul’ ukuthweswa isithsaba, aya kulwa ngayo emfazweni ngexesha elimiselwe nguThixo.
5. Umdumisi umchaza njani uMkhweli ngendlela efana nechazwe kwiSityhilelo 6:2?
5 Lo mbono uvisisana kakuhle neNdumiso 45:4-7, ebhekiswe kuKumkani obekwe etroneni nguYehova: “Ngobungangamsha bakho singa empumelelweni; phalisa endleleni yenyaniso nentobeko nobulungisa, yaye isandla sakho sasekunene siya kukuyalela izinto ezoyikekayo. Iintolo zakho zibukhali—izizwana ziyaqhubeka zisiwa ngaphantsi kwakho—entliziyweni yeentshaba zokumkani. UThixo uyitrone yakho ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade; intonga yobukhosi yobukumkani bakho yintonga yobukhosi yokuthe tye. Ubuthandile ubulungisa waza wabuthiya ubungendawo. Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane akho.” Ekubeni wayeqhelene naloo ngcaciso yesiprofeto, uYohane wayeya kuqonda ukuba ibhekisela ekulawuleni kukaYesu njengoKumkani.—Thelekisa amaHebhere 1:1, 2, 8, 9.
Ukuqhubeka Noloyiso
6. (a) Kutheni lo Mkhweli emele aqhubeke esoyisa? (b) Ukuphalisa ngoloyiso kuqhubeka ukutyhubela yiphi iminyaka?
6 Noko ke, kutheni le nto uKumkani osandul’ ukunikwa isithsaba emele aphalise aye emfazweni? Kungenxa yokuba ulawulo lwakhe lumiselwe phezu kwayo nje inkcaso ekrakra evela kutshaba olukhulu lukaYehova, uSathana uMtyholi nabo basemhlabeni abathi—besazi okanye bengazi—baphumeze iinjongo zikaSathana. Ukuzalwa koBukumkani kubangela ukuba kubekho imfazwe enkulu ezulwini. Esilwa njengoMikayeli (gama elo elithetha ukuba “Ngubani OnjengoThixo?”), uYesu uyamoyisa uSathana needemon zakhe aze abaphosele phantsi emhlabeni. (ISityhilelo 12:7-12) Ukuphalisa kukaYesu esoyisa kuyaqhubeka ukutyhubela amashumi eminyaka yokuqala yemini yeNkosi ngoxa kuhlanganiswa ababumvu. Nangona lonke ihlabathi “lisemandleni ongendawo,” ngothando uYesu uyaqhubeka esalusa abazalwana bakhe abangabathanjiswa namaqabane abo, enceda ngamnye wabo ukuba oyise ngokholo.—1 Yohane 5:19.
7. Luluphi uloyiso oluphunyezwe nguYesu kumashumi eminyaka yokuqala yemini yeNkosi, yaye simele sibe yintoni isigqibo sethu?
7 Luluphi olunye uloyiso oluphunyezwe nguYesu ebudeni beminyaka edluleyo yemini yeNkosi engaphezu kwama-90? Kulo lonke ihlabathi, abantu bakaYehova, ngokwabantu ngabanye nanjengebandla, baye bahlangabezana neemeko ezinzima, iingcinezelo neentshutshiso ezininzi ezifana nezo zafunyanwa ngumpostile uPawulos xa wayenikela ubungqina ngobulungiseleli bakhe. (2 Korinte 11:23-28) AmaNgqina kaYehova aye afuna “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo,” ukuze anyamezele ngakumbi kwiimfazwe ezininzi nakugonyamelo. (2 Korinte 4:7) Kodwa kwanakwiimeko ezizisa uvavanyo oluqatha, amaNgqina athembekileyo aye akwazi ukuthetha amazwi awathethwa nguPawulos, athi: “INkosi yema kufuphi nam, yandomeleza, ukuze ngam ukushumayela kufezwe ngokuzeleyo.” (2 Timoti 4:17) Ewe, uYesu woyisa ngenxa yawo. Ibe uya kuqhubeka esoyisa ngenxa yethu, logama nje sizimisele ukuba siphelelise uloyiso lwethu lokholo.—1 Yohane 5:4.
8, 9. (a) Luluphi uloyiso aye aba nesabelo kulo amabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke? (b) Belubalasele phi ngokwenene ulwando lwamaNgqina kaYehova?
8 Amabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye oyisa ngeendlela ezininzi ngenxa yokukhokelwa kwawo nguKumkani wawo owoyisayo. Okubalaseleyo kukuba, wabakhusela aba Bafundi beBhayibhile kwimbubhiso yowe-1918, xa ‘boyiswa’ okwexeshana yintlangano kaSathana yobupolitika. Noko ke, ngowe-1919, waqhekeza imivalo yentolongo ukuze abahlangule, wandula ke wabahlaziya ukuze bavakalise iindaba ezilungileyo “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—ISityhilelo 13:7; IZenzo 1:8.
9 Ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II nasebudeni bayo, amazwe obuzwilakhe awayexhasa elaseJamani azama ukuwatshayela amaNgqina kaYehova kumazwe amaninzi apho iinkokeli zonqulo, ingakumbi ezo zikwizigxina zolawulo kwicawa yamaRoma Katolika, zabaxhasa ngokuphandle okanye ngezenzo oozwilakhe abacinezelayo. Kodwa amaNgqina angama-71 509 awayeshumayela ekuqaliseni kwemfazwe ngowe-1939 aba li-141 606 ekupheleni kowe-1945, nakubeni angaphezu kwe-10 000 ayechithe iminyaka emininzi ezintolongweni nakwiinkampu zoxinaniso, aza amalunga nama-2 000 abulawa. AmaNgqina akhutheleyo emhlabeni ngokubanzi andile aba ngaphezu kwezigidi ezithandathu namhlanje. Ulwando lubalasele kumazwe amaKatolika nasemazweni apho iintshutshiso zaziqatha ngokugqithiseleyo—njengaseJamani, eItali naseJapan, yaye ngoku kuloo mazwe kukho abalungiseleli abakhutheleyo entsimini abangamaNgqina angaphezu kwama-600 000.—Isaya 54:17; Yeremiya 1:17-19.
10. UKumkani owoyisayo ubasikelele ngaluphi uloyiso abantu bakhe ‘ekuthethelelweni nasekumiselweni ngokusemthethweni kweendaba ezilungileyo’?
10 UKumkani wethu owoyisayo ukwasikelele abantu bakhe abanenzondelelo ngokubakhokelela kuloyiso olubonakale izihlandlo ezininzi ‘ekuthethelelweni nasekumiselweni ngokusemthethweni kweendaba ezilungileyo’ kwiinkundla zomthetho naphambi kwabalawuli. (Filipi 1:7; Mateyu 10:18; 24:9) Oku kwenzeke kwizizwe ngezizwe—eArgentina, eGrisi, eIndiya, eKhanada, eOstreliya, eSwazini, eSwitzerland, eTurkey nakwamanye amazwe. Phakathi koloyiso olungokwasemthethweni olwafunyanwa izihlandlo ezingama-50 ngamaNgqina kaYehova kwiNkundla Ephakamileyo yaseUnited States kwakukho olo luqinisekisa ilungelo lokuvakalisa iindaba ezilungileyo “esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu” nokungabi nanxaxheba kwimibhiyozo yokunqulwa kwezithixo neyokuthand’ izwe. (IZenzo 5:42; 20:20; 1 Korinte 10:14) Ngoko, indlela yokwandisa ukunikela ubungqina kwihlabathi lonke iye yahlala ivuliwe.
11. (a) Lo Mkhweli ‘ukuphelelisa njani ukoyisa kwakhe’? (b) Kumele kube nawuphi umphumo kuthi ukuvulwa kwetywina lesibini, elesithathu nelesine?
11 UYesu ‘ukuphelelisa njani ukoyisa kwakhe’?c Njengoko siza kubona, oku ukwenza ngokutshabalalisa unqulo lobuxoki nokuphosa yonke inxalenye eseleyo yentlangano ebonakalayo kaSathana “edikeni lomlilo” lokomfuziselo eliyintshabalalo, ukuze kuthethelelwe ulongamo lukaYehova. Ngentembelo, ngoku sikhangele phambili kuloo mhla eArmagedon xa ‘uKumkani wookumkani’ eya kuyoyisa okokugqibela intlangano kaSathana ecinezelayo yobupolitika! (ISityhilelo 16:16; 17:14; 19:2, 14-21; Hezekile 25:17) Okweli xesha, uMoyisi ongenakoyiswa osehasheni elimhlophe uyaqhubeka ephalisa njengoko uYehova esoloko esongezelela abantliziyo zinyanisekileyo kuhlanga Lwakhe lobulungisa olusemhlabeni. (Isaya 26:2; 60:22) Ngaba wabelana nodidi lukaYohane oluthanjisiweyo kolo lwando loBukumkani oluvuyisayo? Ukuba wenjenjalo, okubonwa ngumpostile uYohane xa kuvulwa amatywina alandelayo amathathu ngokungathandabuzekiyo kuya kukukhuthaza ukuba ube nesabelo esikhulu ngakumbi kumsebenzi uYehova afuna wenziwe namhlanje.
Khangela, Ihashe Elimbala Ubumlilorha!
12. UYesu wathi yintoni eyayiya kuphawula ubukho bakhe obungabonakaliyo njengoKumkani?
12 Ngasekupheleni kobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni, abafundi bakhe bambuza bebodwa bathi: “Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” Xa wayephendula, wazixela kwangaphambili iintlekele ezaziya kuba ‘kukuqala kwenimba.’ UYesu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, neendyikitya zokufa nokunqongophala kokutya kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho imibono eyoyikekayo nemiqondiso emikhulu ezulwini.” (Mateyu 24:3, 7, 8; Luka 21:10, 11) Izinto ezibonwa nguYohane xa kuvulwa amatywina aseleyo akumsongo zifana ngokuphawulekayo nezo zikweso siprofeto. Khawuphawule ke ngoku njengoko uYesu ozukisiweyo evula itywina lesibini!
13. Nguwuphi umahluko osele uza kubonakala kuYohane?
13 “Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva isidalwa esiphilayo sesibini sisithi: ‘Yiza!’” (ISityhilelo 6:3) Lo myalelo ukhutshwa yikerubhi yesibini, efana nenkunzi. Into efuziselwayo apha ngamandla, kodwa asetyenziswa ngendlela yobulungisa. Noko ke, ngokwahlukileyo koko, ngoku uYohane uza kubona ukubonakaliswa kwamandla ngendlela ekhwankqisayo nebulalayo.
14. Liliphi ihashe nomkhweli walo uYohane alibonayo ngokulandelayo, yaye lo mbono ufanekisela ntoni?
14 Siphendulwa njani ke esi simemezo sithi “Yiza!”? Siphendulwa ngale ndlela: “Kwaphuma elinye ihashe elimbala ubumlilorha; lowo wayehleli phezu kwalo wanikwa ukuba asuse uxolo emhlabeni ukuze babulalane ngogonyamelo; wanikwa nekrele elikhulu.” (ISityhilelo 6:4) Ngokwenene lo ngumbono owoyikekayo! Ibe akukho mathandabuzo ngento oyifanekiselayo: yimfazwe! Asiyomfazwe yobulungisa yokoyisa koKumkani kaYehova owoyisayo kodwa yimfazwe eliwa ngenkohlakalo, eyenziwe ngumntu, eqhubeka kwizizwe ngezizwe, enophalazo-gazi neentlungu ezingeyomfuneko. Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba lo mntu abe ukhwele ihashe elibomvu krwe!
15. Kutheni simele singabi nanto yakwenza nokuphalisa komkhweli wehashe lesibini?
15 Ngokuqinisekileyo, uYohane wayengayi kuvisisana nalo mkhweli-hashe nokuphalisa kwakhe ihashe ngokugqithiseleyo, kuba kwakuprofetiwe ngabantu bakaThixo kwathiwa: ‘Abayi kuphinda bafunde mfazwe kwakhona.’ (Isaya 2:4) Nangona ‘besesehlabathini,’ uYohane kwanodidi lukaYohane nesihlwele esikhulu namhlanje ‘abangabo’ abale nkqubo izele ligazi. Izixhobo esinazo zezokomoya yaye “ngaye uThixo zinamandla” okuyivakalisa ngenkuthalo inyaniso yaye azinanto yakwenza nemfazwe yokoqobo.—Yohane 17:11, 14; 2 Korinte 10:3, 4.
16. Umkhweli wehashe elibomvu walinikwa nini yaye njani ‘ikrele elikhulu’?
16 Kwakukho iimfazwe ezininzi ngaphambi kowe-1914, nyaka lowo awathi uMkhweli wehashe elimhlophe wafumana isithsaba sakhe. Kodwa ngoku umkhweli wehashe elibomvu unikwa ‘ikrele elikhulu.’ Kuthetha ntoni oku? Ekuqhambukeni kweMfazwe Yehlabathi I, imfazwe eyenziwa ngabantu yaba nezantyalantyala zegazi yaza yatshabalalisa ngakumbi kunanini na ngaphambili. Ebudeni bexesha lokuphalazwa kwegazi ngowe-1914-18, iinqwelo zomkhosi, iigesi ezinetyhefu, iinqwelo-moya, iinkwili, iinkanunu ezinkulu nezixhobo ezizidubulela ngokwazo zasetyenziswa okokuqala okanye ngomlinganiselo ongazange ubonwe ngaphambili. Kumazwe anokuba ngama-28, bonke abemi, kungekhona nje amajoni aqeqeshiweyo, banyanzelwa ukuba balwe emfazweni. Abantu bangxwelerheka ngendlela emasikizi. Kwabulawa amajoni angaphezu kwezigidi ezisithoba, yaye iingxwelerha ezingabemi nje zaziyinkungu nelanga. Kwanasekupheleni kwemfazwe, abantu abazange babuyele kuxolo lokwenene emhlabeni. Ngaphezu kweminyaka engama-50 emva kwaloo mfazwe, isithethi soburhulumente baseJamani uKonrad Adenauer wathi: “Unqabiseko nenzolo zaphela ebantwini ukususela ngowe-1914.” Ngokwenene, umkhweli wehashe elibumlilorha wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni!
17. Kuqhubeke njani ukusetyenziswa ‘kwekrele elikhulu’ emva kweMfazwe Yehlabathi I?
17 Wandula ke, njengoko ukunxanelwa kwakhe igazi kwakuthabath’ unyawo, umkhweli wehashe elibomvu waqhwaya iMfazwe Yehlabathi II. Izixhobo zokubulala zazisoyikeka ngakumbi, yaye abantu ababa ziingxwelerha baba ngaphezulu ngokuphindwe kane kunabo beMfazwe Yehlabathi I. Ngowe-1945 kwadubula iibhombu ezimbini zeathom eJapan, nganye itshabalalisa—ngephanyazo—amashumi amawaka amaxhoba. Ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, umkhweli wehashe elibomvu wasuba ubomi babantu abanokuba ngama-55 ezigidi, yaye nakuba kunjalo akazange aneliseke. Imithombo enokuthenjwa ithi ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II kubulewe abantu abangaphezu kwama-20 ezigidi ngenxa yokusetyenziswa ‘kwekrele elikhulu.’
18, 19. (a) Kunokuba ibe kukuphumelela kobugcisa bezomkhosi, ukubulawa kwabantu ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II kububungqina basiphi isibakala? (b) Yiyiphi ingozi ejongene noluntu, kodwa iya kupheliswa njani nguMkhweli wehashe elimhlophe?
18 Ngaba oku kubonisa ukuphumelela kobugcisa bezomkhosi? Akunjalo, kunoko kububungqina bokuba ihashe elibomvu elingenanceba liyaphaliswa. Kuya kuphelela phi oko kuphaliswa? Zimbi izazinzulu zithi kusenokubakho imfazwe yenyukliya engacetywanga—kungasathethwa ke ngemfazwe yenyukliya ecetyiweyo! Kodwa okuvuyisayo kukuba uMkhweli wehashe elimhlophe owoyisayo unenye into ayicingayo mayela noku.
19 Logama nje ibutho labantu lisekelwe kwikratshi nentiyo yobuhlanga, uluntu lumele luhlale lulindele imfazwe yenyukliya. Nokuba iintlanga, ngenxa yokuphelelwa lithemba, zinokuthi ziphelise zonke izixhobo zenyukliya, ziya kuhlala ziyazi indlela yokuzenza. Ngokukhawuleza, zinokuvelisa izixhobo zazo zenyukliya ezibulalayo; ngenxa yoko, nayiphi na imfazwe ekusetyenziswa kuyo izixhobo ezingezizo ezenyukliya kungekudala inokuphumela ekubeni yimbubhiso. Ikratshi nentiyo, zinto ezo ezigubungele iintlanga namhlanje, zimele zikhokelele ekuzibulaleni kwabantu, kungenjalo uMkhweli wehashe elimhlophe umele alithintele ihashe elibomvu eliphala ngendlela enempambano. Masibe nentembelo yokuba uKristu uKumkani uya kuphalisa, aphelelise uloyiso lwakhe kwihlabathi elilawulwa nguSathana aze amisele ibutho elitsha lasemhlabeni elisekelwe kuthando—ukuthanda uThixo nommelwane—oluyimpembelelo yoxolo ezigqwesa ngokupheleleyo izinto ezingomelelanga ezithintela imfazwe yenyukliya yamaxesha ethu empambano.—INdumiso 37:9-11; Marko 12:29-31; ISityhilelo 21:1-5.
Ukuvela Kwehashe Elimnyama
20. Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba uMkhweli wehashe elimhlophe uya kuhlangabezana nayo nayiphi na intlekele?
20 Ngoku uYesu uvula itywina lesithathu! Yohane, khawutsho, yintoni oyibonayo? “Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva isidalwa esiphilayo sesithathu sisithi: ‘Yiza!’” (ISityhilelo 6:5a) Okuvuyisayo kukuba, le kerubhi yesithathu ‘inobuso obunjengobomntu,’ nto leyo efuzisela uphawu lothando. Uthando lomgaqo luya kubalasela kwihlabathi elitsha likaThixo, kwanjengokuba olo phawu luhle lubalasele kuyo yonke intlangano kaYehova namhlanje. (ISityhilelo 4:7; 1 Yohane 4:16) Sinokuqiniseka ukuba uMkhweli wehashe elimhlophe, ‘omele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba,’ ngothando uya kushenxisa intlekele ayibonayo uYohane.—1 Korinte 15:25.
21. (a) Lifanekisela ntoni ihashe elimnyama nomkhweli walo? (b) Yintoni engqina ukuba ihashe elimnyama lisaphala?
21 Yintoni ke ngoku ebonwa nguYohane, njengoko kuphendulwa isimemezo sesithathu esithi “Yiza!”? “Yaye khangela! ndabona nalo ihashe elimnyama; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe.” (ISityhilelo 6:5b) Le yindlala eqatha! Eso sisigidimi esilusizi esiqulethwe ngulo mbono wesiprofeto. Salatha phambili kwiimeko eziya kubakho ekuqaleni kwemini yeNkosi xa ukutya kuya kuthi kulinganiswe ngezikali. Ukususela ngowe-1914 indlala ibiyingxaki eqhubekayo ehlabathini lonke. Iimfazwe ezikhoyo namhlanje zilandelwa yindlala, kuba ubuncwane ngokuqhelekileyo obusetyenziselwa ukondla abalambayo budla ngokulungiselela ukuthengwa kwezixhobo zemfazwe. Abalimi abagayelwa umkhosi, ukutya kwasemasimini okutshatyalaliswe yimfazwe nomthetho wokutshabalalisa ukudla ukuze kungafunyanwa lutshaba, konke oku kuthintela ukuveliswa kokutya. Hayi indlela ekwakuyinyaniso ngayo oku ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, xa izigidi zabantu zathwaxwa yindlala zaza zafa! Ngaphezu koko, umkhweli wehashe elimnyama lendlala akazange ayekelele ekupheleni kwaloo mfazwe. Ebudeni beminyaka yee-1930, abantu abazizigidi ezihlanu batshatyalaliswa yindlala nje enye kuphela eUkraine. Ngemva kwemfazwe yehlabathi yesibini ukutya kwanqongophala ngakumbi kwaza kwabakho nendlala engakumbi. Njengoko ihashe elimnyama laliqhubeka liphala, iBhunga Lokuveliswa Kokutya Kwehlabathi ngowe-1987 lanikela ingxelo yokuba abantu abazizigidi ezingama-512 babethwaxwa linxele likaKhetsekile, nokuba abantwana abangama-40 000 babulawa yindlala mihla le.
22. (a) Lithini eli lizwi yaye livakalisa yiphi imfuneko? (b) Athetha ntoni amazwi athi ilitha yengqolowa neelitha ezintathu zerhasi?
22 UYohane usixelela okungakumbi esithi: “Ndaza ndeva ilizwi ngokungathi kuphakathi kwezidalwa eziphilayo ezine lisithi: ‘Ilitha yengqolowa iya kubiza idenariyo, neelitha ezintathu zerhasi zibize idenariyo; ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi.’” (ISityhilelo 6:6) Zonke iikerubhi ezine zimanyene ekuvakaliseni imfuneko yokulondolozwa ngenyameko kokutya—kanye njengokuba abantu kwakufuneka ‘badle isonka ngomlinganiselo nangokuxhalaba’ ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. (Hezekile 4:16) Ngexesha likaYohane, ilitha yengqolowa yayijongwa njengomxhesho wosuku wejoni. Wawuya kubiza malini umxhesho onjalo? Idenariyo—umvuzo wosuku lonke! (Mateyu 20:2)d Kuthekani ukuba indoda yayinentsapho? Kaloku, endaweni yoko yayinokuthenga iibhekile ezintathu zerhasi engacolekanga. Kwanokutya okunjalo kwakuya kondla intsapho encinane nje kuphela. Ibe irhasi yayingajongwa njengokutya okusemgangathweni njengengqolowa.
23. Athetha ntoni amazwi athi, “Ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi”?
23 Athetha ntoni amazwi athi, “Ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi”? Bambi bathi athetha ukuba ngoxa ukutya kwakuya kunqongophala kwabaninzi baze bade balambe, ubunewunewu bezityebi babungayi konakaliswa. Kodwa kuMbindi Mpuma, ioli newayini asizozinto zobunewunewu. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, isonka, ioli newayini zazijongwa njengokudla okuqhelekileyo. (Thelekisa iGenesis 14:18; INdumiso 104:14, 15.) Amanzi ayengasoloko ecocekile, ngoko iwayini yayisetyenziswa ngokubanzi ngeenjongo zokusela yaye maxa wambi isetyenziswa ekunyangeni. (1 Timoti 5:23) Ngokubhekisele kwioli, ngomhla kaEliya umhlolokazi waseTsarefathi, nakuba wayelihlwempu, kodwa wayenayo ioli eyayisasele awayisebenzisa ekuphekeni umgubo wakhe oseleyo. (1 Kumkani 17:12) Ngoko ke, umyalelo othi “ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi” ubonakala ulicebiso elithetha ukuba zingagqitywa ngokukhawuleza ezi zinto zisisiseko, kodwa zisetyenziswe ngokulinganisela. Kungenjalo ziya ‘konakaliswa,’ oko kukuthi, ziya kuphela ngaphambi kokuba indlala iphele.
24. Kutheni ihashe elimnyama lingayi kuphala ithuba elide?
24 Hayi indlela esinokuvuya ngayo kuba uMkhweli wehashe elimhlophe eya kuthi ngokukhawuleza akuthintele ukuphala kwelo hashe limnyama! Kuba mayela nelungiselelo Lakhe lothando ngehlabathi elitsha kubhaliwe kwathiwa: “Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa, nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga. . . . Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:7, 16; bona kwanoIsaya 25:6-8.
Ihashe Eliluthuthu Nomkhweli Walo
25. Xa uYesu evula itywina lesine, lilizwi likabani eliviwa nguYohane, yaye oku kubonisa ntoni?
25 Eli bali alikabaliswa ngokupheleleyo. UYesu uvula itywina lesine, yaye uYohane usixelela imiphumo yoku: “Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva ilizwi lesidalwa esiphilayo sesine lisithi: ‘Yiza!’” (ISityhilelo 6:7) Eli lilizwi lekerubhi efana nokhozi olubhabhayo. Lona lufuzisela ubulumko bokuyibona into isekude, ibe ngokwenyaniso uYohane, udidi lukaYohane nabo bonke abanye abakhonzi bakaThixo basemhlabeni kuye kwafuneka bajonge baze benze ngobulumko ngenxa yoko kuchazwe apha. Xa sisenjenjalo, sinokukhuseleka ngandlel’ ithile kwizibetho ezithwaxa izilumko zeli hlabathi lesi sizukulwana sanamhla sinekratshi nesiziphethe kakubi.—1 Korinte 1:20, 21.
26. (a) Ungubani umkhweli wehashe lesine, yaye kutheni ufanelekile nje umbala wehashe lakhe? (b) Ngubani olandela umkhweli wehashe lesine, yaye kwenzeka ntoni kumaxhoba akhe?
26 Ngoko ziziphi izinto ezoyikekayo esiziboniswayo, njengoko umkhweli wehashe lesine esabela kolu bizo? UYohane uyasixelela esithi: “Yaye khangela! nalo ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe. Kwaye iHadesi yayimlandela ngokusondeleyo.” (ISityhilelo 6:8a) Umkhweli wehashe lokugqibela unegama: NguKufa. Nguye kuphela kubakhweli bamahashe abane beSityhilelo ozichaza igama lakhe ngokungqalileyo. Ngokufanelekileyo, uKufa ukhwele ihashe eliluthuthu, ekubeni igama elithi luthuthu (khlo·rosʹ ngesiGrike) lisetyenziswa kuncwadi lwesiGrike ukuchaza ubuso obumbatshe ngokungathi bunesifo. Enye into efanelekileyo yeyokuba, uKufa ulandelwa ngokusondeleyo yiHadesi (elabafileyo) ngendlela engenakucaciswa, ekubeni iHadesi ingenisa inani elikhulu labo bangamaxhoba eentlaselo zomkhweli-hashe wesine. Okuvuyisayo kukuba, aba baya kuvuswa, xa ‘ukufa neHadesi kukhupha abafileyo abalapho.’ (ISityhilelo 20:13) Kodwa uKufa uwafumana njani loo maxhoba?
27. (a) Umkhweli wehashe onguKufa uwafumana njani amaxhoba akhe? (b) Iyintoni intsingiselo yebinzana elithi ‘inxalenye yesine yomhlaba’ elawulwa nguKufa?
27 Kulo mbono kuchazwe ezinye zeendlela kwathiwa: “Banikwa igunya phezu kwenxalenye yesine yomhlaba, lokubulala ngekrele elide nangokunqongophala kokutya nangesibetho esibulalayo nangamarhamncwa omhlaba.” (ISityhilelo 6:8b) Oku akubhekiseli kubemi bomhlaba abasisine ngokoqobo, kodwa inxalenye enkulu yomhlaba, enoba inabemi abaninzi okanye abambalwa, iya kuchatshazelwa koku kuphaliswa kweli hashe. Lo mkhweli wehashe uvuna amaxhoba ekrele elikhulu lomkhweli wehashe lesibini nendlala nokunqongophala kokutya komkhweli wehashe lesithathu. Kwakhona uvuna esakhe isivuno, esisisibetho esibulalayo kwanesivuno seenyikima zomhlaba, njengoko kuchazwe kuLuka 21:10, 11.
28. (a) Sizaliseke njani isiprofeto ‘esingesibetho esibulalayo’? (b) Abantu bakaYehova bakhuselwe njani kwizifo ezininzi namhlanje?
28 Into ebalulekileyo ngoku apha ‘sisibetho esibulalayo.’ Emva kokubhuqa kweMfazwe Yehlabathi I, uMbathalala wabulala abantu abangaphezu kwama-20 ezigidi kwiinyanga nje ezimbalwa ngowe-1918-19. Ekuphela kommandla womhlaba ongazange uchatshazelwe sesi sibetho yayisisiqithi esincinane saseSt. Helena. Kwiindawo apho kwakufe abemi abaninzi, kwakubaswa imililo yokutshisa izidumbu ezaziyimfumba. Yaye namhlanje kukho izifo ezoyikekayo ezinjengesentliziyo nomhlaza, uninzi lwazo olubangelwa ngumsi ongcolisayo wecuba. Kwiminyaka eyachazwa “njengeshumi leminyaka emibi” yee-1980, indlela yobomi echaseneyo nemilinganiselo yeBhayibhile yongezelela isifo esinguGawulayo ‘kwisibetho esibulalayo.’ Ingxelo ibonisa ukuba, ngonyaka wama-2000 omnye ugqirha wotyando waseUnited States wathi uGawulayo “usenokuba ngoyena bhubhani ugqwesileyo kunabo bonke abakha bakho ehlabathini.” Wathi bangama-52 ezigidi abantu abanoGawulayo nentsholongwane iHIV ehlabathini, yaye abangama-20 ezigidi kubo sele befile. Hayi indlela abanombulelo ngayo abantu bakaYehova kuba isiluleko sobulumko seLizwi lakhe sibenza bangahenyuzi yaye bangalisebenzisi kakubi igazi, ekuthi ngenxa yezo zinto abantu bafumane izifo ezininzi namhlanje!—IZenzo 15:28, 29; thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11.
29, 30. (a) ‘Izenzo ezine ezenzakalisayo’ ezichazwe kuHezekile 14:21 zifanekisela ntoni namhlanje? (b) Yintoni esinokuyiqonda ‘ngerhamncwa’ leSityhilelo 6:8? (c) Yintoni ebonakala iyingongoma eyintloko yalo mbono wesiprofeto?
29 Kumbono kaYohane kukhankanywe amarhamncwa njengonobangela wesine wokufa okungalindelekanga. Ngokwenene, izinto ezine ezichazwa ekuvulweni kwetywina lesine—imfazwe, indlala, izifo namarhamncwa—kumaxesha amandulo zazijongwa njengoonobangela ababalaseleyo bokufa okungalindelekanga. Ngoko zaziya kufanekisela kwangaphambili bonke oonobangela bokufa okungalindelekanga namhlanje. Kunjengokuba kanye uYehova walumkisa uSirayeli wathi: “Kuya kuba njalo ke xa kuya kubakho izenzo zam ezine zokugweba ezenzakalisayo—ikrele nendlala nerhamncwa elenzakalisayo nendyikitya yokufa—endiya kuzithumela okunene phezu kweYerusalem ukuze ndinqumle kuyo umntu wasemhlabeni nesilwanyana sasekhaya.”—Hezekile 14:21.
30 Ukubulawa kwabantu ngamarhamncwa bekungafane kube yinto ebalaseleyo kumaxesha anamhla, nangona bekho abakhe babulawa zizilwanyana zasendle kumazwe akweleenjiko. Kwixesha elizayo, zisenokubulala abangakumbi ukuba amazwe aba yinkangala ngenxa yemfazwe okanye ukuba abantu baphelelwa ngamandla ngenxa yendlala kangangokuba bangakwazi ukulwa nezilwanyana ezilambileyo. Ukongezelela, namhlanje kukho abantu abaninzi abathi, njengezilwanyana ezingenangqiqo, babonakalise isimo sengqondo samarhamncwa esahluke ngokupheleleyo kweso sichazwe kuIsaya 11:6-9. Ubukhulu becala aba bantu bangoonobangela bokwanda kolwaphulo-mthetho olunxulumene nesini, ukubulala, ubugrogrisi nokudubula kweebhombu namhlanje. (Thelekisa uHezekile 21:31; Roma 1:28-31; 2 Petros 2:12.) Umkhweli wehashe lesine uvuna namaxhoba abo. Ngenene, ingongoma eyintloko yalo mbono wesiprofeto ibonakala iyeyokuba umkhweli wehashe eliluthuthu uvuna ukufa okungalindelekanga koluntu ngeendlela ezininzi.
31. Phezu kwayo nje imbuqe ebangelwe ngumkhweli wehashe elibomvu, elimnyama neliluthuthu, kutheni simele sizive sikhuthazekile?
31 Inkcazelo etyhilwe ngokuvulwa kwamatywina amane okuqala iyasiqinisekisa kuba isifundisa ukuba singaphelelwa lithemba xa kukho imfazwe, indlala, izifo nabanye oonobangela bokufa okungalindelekanga abaxhaphake gqitha namhlanje; yaye asimele siphelelwe lithemba ngenxa yokuba iinkokeli ezingabantu zisilele ukucombulula iingxaki ezikhoyo. Ukuba iimeko zehlabathi zibonakalisa ukuba abakhweli behashe elibomvu, elimnyama neliluthuthu bakulo lonke ihlabathi, musa ukulibala ukuba uMkhweli wehashe elimhlophe wayengowokuqala ukukhwela. UYesu unguKumkani, ibe sele oyisile ukusa kumlinganiselo wokukhupha uSathana emazulwini. Uloyiso lwakhe olungakumbi luye lwaquka ukuhlanganisa kwakhe abasaseleyo boonyana boSirayeli wokomoya nesihlwele esikhulu esiphuma kwizizwe ngezizwe nesizizigidi, ukuze basinde kwimbandezelo enkulu. (ISityhilelo 7:4, 9, 14) Umele aqhubeke ephalisa de aphelelise uloyiso lwakhe.
32. Yintoni eyenzekayo ngalo lonke ithuba kuvulwa itywina ngalinye kula mane okuqala?
32 Ukuvulwa kwetywina ngalinye kwamane angawokuqala kulandelwe sisimemezo esithi: “Yiza!” Sihlandlo ngasinye, bekuvela ihashe nomkhweli walo. Ukususela kwitywina lesihlanu, asisasiva isimemezo esinjalo. Kodwa aba bakhweli bamahashe basaphalisa, yaye baya kuqhubeka bephalisa ukutyhubela ukupheliswa kwale nkqubo yezinto. (Thelekisa uMateyu 28:20.) Ziziphi ezinye iziganeko ezibalulekileyo uYesu azityhilayo njengoko evula amatywina amathathu aseleyo? Zimbi zeziganeko azibonakali emehlweni abantu. Ezinye, nangona zibonakala, ziseza. Sekunjalo, ngokuqinisekileyo ziza kuzaliseka. Makhe sibone ukuba ziyintoni na.
[Imibhalo esemazantsi]
a Noko ke, phawula ukuba “umfazi” weSityhilelo 12:1 ‘unesithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinesibini’ sokomfuziselo.
b Ukuze ufumane ubungqina obuneenkcukacha bokuba uYesu weza eBukumkanini bakhe ngowe-1914, bona iphepha 215-18 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ngoxa iinguqulelo ezininzi ziliguqulela eli binzana ngokuthi “ukuzimisela ukoyisa” (iPhillips, iNew International Version), ixesha elisetyenzisiweyo kwisiGrike santlandlolo linikela ingcamango yokuba oku kuyagqitywa okanye kokokugqibela. Ngenxa yoko, iWord Pictures in the New Testament kaRobertson igqabaza isithi: “Ixesha elisetyenzisiweyo apha lalatha kuloyiso lokugqibela.”
d Bona umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
[Ibhokisi ekwiphepha 92]
UKumkani Uyaphalisa Esoyisa
Ebudeni beminyaka yee-1930 neyee-1940, iintshaba ezizimiseleyo zazama ukwenza ubulungiseleli bamaNgqina kaYehova bubonakale bungekho mthethweni, bululwaphulo-mthetho, okanye bude bubonakale bukukuvukela urhulumente. (INdumiso 94:20) Ngonyaka we-1936 kuphela, ngokwengxelo kwabanjwa abantu abali-1 149 eUnited States. AmaNgqina alwa kumatyala amaninzi asemthethweni ade aya kufikelela kwiNkundla Ephakamileyo yaseUnited States, ibe ezi zilandelayo zezinye iziganeko ezibalaseleyo awoyisa kuzo.
NgoMeyi 3, 1943, kwityala likaMurdock nxamnye nePennsylvania elalichotshelwe kwiNkundla Ephakamileyo kwagqitywa kwelokuba kwakungeyomfuneko ukuba amaNgqina abe nephepha-mvume ukuze ahambise uncwadi ngemali. Kwangaloo mhla mnye, kwisigwebo esawiswa kwityala likaMartin nxamnye nesiXeko saseStruthers kwathiwa kwakungeyonto engekho mthethweni ukunkqonkqoza ezindlwini ngoxa umntu enenxaxheba kumsebenzi wendlu ngendlu wokusasaza izimemo nolunye uncwadi olubhengezayo.
NgoJuni 14, 1943, kwityala likaTaylor nxamnye neMississippi iNkundla Ephakamileyo yagqiba kwelokuba amaNgqina akakhuthazi ukuba abantu banganyaniseki kurhulumente ngokushumayela kwawo. Kwangaloo mhla mnye, kwityala leWest Virginia State Board of Education nxamnye noBarnette, iNkundla yathi ibhodi yesikolo yayingenalo ilungelo lokubagxotha esikolweni abantwana bamaNgqina kaYehova ababengavumi ukukhahlela indwe. Kwangosuku olulandelayo, iNkundla Ephakamileyo yaseOstreliya yavumelana ngamxhelo mnye ngokushenxisa umthetho ovala umsebenzi wamaNgqina kaYehova, mthetho lowo owathi wavakaliswa “usisenzo somkhethe, sobuwexuwexu nesengcinezelo.”
[Ibhokisi ekwiphepha 94]
“Wanikwa Ukuba Asuse Uxolo Emhlabeni”
Ubugcisa bukhokelela phi? IThe Globe and Mail, yaseToronto, eKhanada, kaJanuwari 22, 1987, yachaza okulandelayo okwakuphuma kwintetho eyanikelwa nguIvan L. Head, umongameli weZiko Lophengululo Lwezizwe Ngezizwe:
“Uqikelelo olunokuthenjwa lubonisa ukuba isazinzulu negcisa elinye kwamane ehlabathini awenza uphengululo nophuculo oluthile lisebenza ngezixhobo. . . . Kumlinganiselo we-1986, inkcitho eyenziwayo yayingaphezu kwezigidi ezi-3 zeerandi ngomzuzu. . . . Ngaba sonke siziva sinqabiseke ngakumbi ngenxa yolu hlobo lobugcisa bubalaseliswayo? Amaziko ezixhobo zenyukliya aphantsi kwamagunya amakhulu aneziqhushumbisi zazo zonke izixhobo ezazisetyenziswa ngamajoni ngalo lonke ithuba leMfazwe Yehlabathi Yesibini—ngokuphindwe kangangama-6 000. Oku kulingana neeMfazwe Zehlabathi Zesibini ezingamawaka amathandathu. Ukususela ngowe-1945, ihlabathi belinethuba elingaphantsi kweeveki ezisixhenxe lingabandakanyekanga emfazweni. Bekukho iimfazwe ezingaphezu kwe-150 zezizwe ngezizwe okanye zamakhaya, ekuqikelelwa ukuba kufe abantu abangaphezu kwama-20 ezigidi kuzo, uninzi lwabo ngenxa yobugcisa obutsha obunempumelelo obuye bavela kweli xesha leZizwe Ezimanyeneyo.”
Ngonyaka wama-2005, babengaphezu kwama-20 ezigidi abantu ababesele bebulewe emfazweni.
[Ibhokisi ekwiphepha 98, 99]
Ukulandelelana Kweziganeko Zencwadi YeSityhilelo
Ekubeni sesihambe saza kutsho apha kwingxubusho yethu yencwadi yeSityhilelo, siya siyibona ngokucace ngakumbi indlela ebhalwe ngayo le ncwadi. Emva kwentshayelelo yayo ebangel’ imincili (ISityhilelo 1:1-9), incwadi yeSityhilelo yahlulahlulwe yaba yimibono eli-16 ngale ndlela:
UMBONO WOKU-1 (1:10–3:22): Ngokuphefumlelwa uYohane ubona uYesu ozukisiweyo, odlulisela izigidimi zobubele ezinesiluleko kumabandla asixhenxe.
UMBONO WESI-2 (4:1–5:14): Imbonakalo ezukileyo yetrone yasezulwini kaYehova uThixo. Udlulisa umsongo kwiMvana.
UMBONO WESI-3 (6:1-17): IMvana ivula amatywina amathandathu okuqala omsongo, ize ichaze iziganeko ezifanele zenzeke ngemini yeNkosi. Abakhweli bamahashe abane beSityhilelo bayaphalisa, abakhonzi bakaThixo abangabafeli-nkolo banikwe imiwunduzo emhlophe, yaye kuchazwa nemini enkulu yengqumbo.
UMBONO WESI-4 (7:1-17): Iingelosi zibambe imimoya yentshabalalo de kutywinwe i-144 000 loSirayeli wokomoya. Isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga sithi usindiso lubangelwe nguThixo noKristu ibe sihlanganiselwa ukusindiswa kwimbandezelo enkulu.
UMBONO WESI-5 (8:1–9:21): Ekuvulweni kwetywina lesixhenxe kuvuthelwa amaxilongo asixhenxe, awokuqala amathandathu angumbono wesihlanu. Ukuvuthelwa kwamaxilongo amathandathu kuvakalisa amazwi omgwebo kaYehova eluntwini. Ixilongo lesihlanu nelesithandathu akwavakalisa uyeha wokuqala nowesibini.
UMBONO WESI-6 (10:1–11:19): Ingelosi eyomeleleyo inika uYohane umsongo, kulinganiswa itempile, yaye sifunda ngamava amangqina amabini. Ufikelela incopho ngokuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe, okuvakalisa uyeha wesithathu kwiintshaba zikaThixo—uBukumkani obuzayo bukaYehova nobukaKristu wakhe.
UMBONO WESI-7 (12:1-17): Lo mbono uchaza ngokuzalwa koBukumkani okuphumela ekubeni uMikayeli aphose inyoka, uSathana, phantsi emhlabeni.
UMBONO WESI-8 (13:1-18): Irhamncwa elinamandla liphuma elwandle, lize eli rhamncwa lineempondo ezimbini lifana nemvana libongoze uluntu ukuba lulinqule.
UMBONO WESI-9 (14:1-20): Ukubonwa okuzukileyo kwangaphambili kwe-144 000 kwiNtaba yeZiyon. Izigidimi zeengelosi zivakala emhlabeni wonke, umdiliya womhlaba uyavunwa nesixovulelo somsindo kaThixo siyanyathelwa.
UMBONO WE-10 (15:1–16:21): Kwakhona sithelwa thsuphe ngenkundla yasezulwini, emva koko kuphalazwa iingqayi ezisixhenxe zomsindo kaYehova emhlabeni. Nalo eli candelo liqukumbela ngokuchaza isiphelo senkqubo kaSathana.
UMBONO WE-11 (17:1-18): Ihenyukazi elikhulu, iBhabhiloni Enkulu, likhwele irhamncwa elimbala ungqombela, elithi okwexesha elifutshane litshone enzonzobileni kodwa liphinde liphume lize liyitshabalalise.
UMBONO WE-12 (18:1–19:10): Kuvakaliswa ngokuwa nangentshabalalo yokugqibela yeBhabhiloni Enkulu. Emva kokugwetywa kwayo, bambi bayayililela, abanye badumisa uYehova; kuvakaliswa umtshato weMvana.
UMBONO WE-13 (19:11-21): UYesu ukhokela imikhosi yasezulwini ukuba iphumeze umgwebo wengqumbo kaThixo kwinkqubo kaSathana, kwimikhosi yayo nakubaxhasi bayo; iintaka ezitya inyama ebolileyo zizenzela isidlo ngezidumbu zabo.
UMBONO WE-14 (20:1-10): Ukuphoswa enzonzobileni kukaSathana uMtyholi, uLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu nookumkani abangamadlelane naye, uvavanyo lokugqibela loluntu nokutshatyalaliswa kukaSathana needemon zakhe.
UMBONO WE-15 (20:11–21:8): Ukuvuswa kwabantu ngokubanzi neMini enkulu yoMgwebo; kuvela izulu elitsha nomhlaba omtsha, zinto ezo ezizisa iintsikelelo zikanaphakade kuluntu olungamalungisa.
UMBONO WE-16 (21:9–22:5): ISityhilelo sifikelela incopho ngombono ozukileyo weYerusalem Entsha, umfazi weMvana. Ilungiselelo likaThixo lokuphilisa nelobomi boluntu liphuma kweso sixeko.
ISityhilelo siqukumbela ngamazwi afudumezayo ombuliso nesiluleko esivela kuYehova, kuYesu, kwingelosi nakuYohane ngokwakhe. Isimemo esidluliselwa kuye wonk’ ubani sithi “Yiza!”—ISityhilelo 22:6-21.