IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • re isahl. 21 iphe. 129-141
  • Izibetho ZikaYehova KwiNgqobhoko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izibetho ZikaYehova KwiNgqobhoko
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ixesha Lomthandazo Wokunyaniseka
  • Ukuphoswa Komlilo Emhlabeni
  • Ukulungiselela Ukuvuthelwa Kwamaxilongo
  • Ukufaniswa ‘Kwesinye Kwisithathu’
  • Ukutshiswa Kwesinye Kwisithathu Somhlaba
  • Njengentaba Evuthayo
  • Ukuwa Kwenkwenkwezi Ezulwini
  • Ubumnyama!
  • Ukhozi Olubhabhayo
  • Ilixa Lomgwebo KaThixo Lifikile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Iimbalasane Zencwadi YeSityhilelo—I
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imfihlelo Engcwele KaThixo—Incopho Yayo Ezukileyo!
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
Khangela Okunye
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
re isahl. 21 iphe. 129-141

Isahluko 21

Izibetho ZikaYehova KwiNgqobhoko

Umbono 5—ISityhilelo 8:1–9:21

Umbandela: Ukuvuthelwa kwamaxilongo amathandathu kwasixhenxe

Ixesha lokuzaliseka: Lisusela ekubekweni etroneni kukaKristu Yesu ngowe-1914 ukusa kwimbandezelo enkulu

1. Kwenzeka ntoni xa iMvana ivula itywina lesixhenxe?

‘IMIMOYA emine’ iye yathintelwa de kwatywinwa i-144 000 loSirayeli wokomoya nesihlwele esikhulu saba sesikholekileyo ukuba singasindiswa. (ISityhilelo 7:1-4, 9) Noko ke, ngaphambi kokuqhambuka kweso saqhwithi somoya phezu komhlaba, kukwamele kuvakaliswe nemigwebo kaYehova eqatha kwihlabathi likaSathana! Njengoko iMvana ihlabela mgama ivula itywina lesixhenxe nelokugqibela, uYohane umele ukuba ubukele ngomdla ukuze abone okuza kubonakala. Ngoku wabelana nathi ngamava akhe esithi: “Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwathi cwaka ezulwini kangangesiqingatha seyure. Ndaza ndabona iingelosi ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.”—ISityhilelo 8:1, 2.

Ixesha Lomthandazo Wokunyaniseka

2. Kwenzeka ntoni ebudeni besiqingatha seyure sokomfuziselo senzolo ezulwini?

2 Le yinzolo ephawulekayo! Isiqingatha seyure sinokubonakala silixesha elide xa ulindele ukuba kwenzeke into. Ngoku, akuseviwa nengoma yendumiso yasezulwini ebisoloko ivakala. (ISityhilelo 4:8) Kutheni? UYohane ubona isizathu soku embonweni: “Kwafika enye ingelosi yaza yema esibingelelweni, inesitya sesiqhumiso segolide; yanikwa isiqhumiso esininzi ukuba isinikele kunye nemithandazo yabo bonke abo bangcwele phezu kwesibingelelo segolide esasiphambi kwetrone. Yaye umsi wesiqhumiso wenyuka esandleni sengelosi leyo kunye nemithandazo yabo bangcwele phambi koThixo.”—ISityhilelo 8:3, 4.

3. (a) Ukutshiswa kwesiqhumiso kusikhumbuza ngantoni? (b) Iyintoni injongo yesiqingatha seyure yenzolo ezulwini?

3 Oku kusikhumbuza ukuba phantsi kwenkqubo yezinto yamaYuda, isiqhumiso sasitshiswa mihla le emnqubeni, yaye kwiminyaka yamva, sasitshiswa kwitempile eyayiseYerusalem. (Eksodus 30:1-8) Xa kutshiswa eso siqhumiso, amaSirayeli awayengengobabingeleli ayelinda ngaphandle kwendawo engcwele, ethandaza—ngokungathandabuzekiyo ngokuzolileyo ezintliziyweni zawo—ebhekisa kuLowo wawunyukela kuye umsi wesiqhumiso. (Luka 1:10) Ngoku uYohane ubona into efana nale isenzeka ezulwini. Isiqhumiso esinikelwa yingelosi sihlanganiswa ‘nemithandazo yabo bangcwele.’ Enyanisweni, kumbono ongaphambilana, isiqhumiso kuthiwa simela imithandazo enjalo. (ISityhilelo 5:8; INdumiso 141:1, 2) Ngoko, kuyacaca ukuba inzolo yokomfuziselo esezulwini yenzelwe ukuba iviwe imithandazo yabangcwele abasemhlabeni.

4, 5. Ziziphi iziganeko ezingokwembali ezisinceda siqonde ithuba lexesha elifana nesiqingatha seyure senzolo yokomfuziselo?

4 Ngaba sinokwazi ukuba oku kwenzeka nini? Ewe sinako, ngokuhlolisisa umongo, kunye neziganeko ezingokwembali ekuqalekeni kwemini yeNkosi. (ISityhilelo 1:10) Ebudeni bowe-1918 nowe-1919, iziganeko ezenzeka emhlabeni zazivisisana ngendlela ephawulekayo nombono ochazwe kwiSityhilelo 8:1-4. Kangangeminyaka engama-40 ngaphambi kowe-1914, aBafundi BeBhayibhile—njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko—ngokungafihlisiyo babevakalisa ukuba amaxesha eeNtlanga ayeya kuphela ngaloo nyaka. Iziganeko ezinxunguphalisayo zowe-1914 zabangqina bechanile. (Luka 21:24; Mateyu 24:3, 7, 8) Kodwa uninzi lwabo lwalukwakholelwa ukuba ngowe-1914 lwaluya kuthatyathwa kulo mhlaba lusiwe kwilifa labo lasezulwini. Oku akuzange kwenzeke. Kunoko, ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, banyamezela ixesha lentshutshiso eqatha. Ngo-Oktobha 31, 1916, umongameli wokuqala weWatch Tower Society, uCharles T. Russell, wafa. Emva koko, ngoJulayi 4, 1918, umongameli omtsha, uJoseph F. Rutherford, nabanye abameli abasixhenxe boMbutho bahanjiswa ngesithuthi baya kuvalelwa entolongweni eAtlanta, eGeorgia, ngokuphosakeleyo begwetywa iminyaka emininzi entolongweni.

5 AmaKristu anyanisekileyo odidi lukaYohane ayedidekile. UThixo wayefuna ukuba enze ntoni emva koko? Ayeya kuthatyathelwa nini ezulwini? Inqaku elinomxholo othi “Isivuno Siphelile—Kuza Kulandela Ntoni?” lavela kwiMboniselo (yesiNgesi) kaMeyi 1, 1919. Labonakalisa le meko yokungaqiniseki laza lakhuthaza abathembekileyo ukuba baqhubeke benyamezele, lisongezelela ngelithi: “Sikholelwa kwelokuba ngoku kuyinyaniso ukuba isivuno sodidi lobukumkani sesifeziwe, nokuba bonke abanjalo batywinwe ngokufanelekileyo yaye ucango luvaliwe.” Ebudeni beli thuba lobunzima, imithandazo eyenziwa ngokunyaniseka ludidi lukaYohane yayinyuka, ngokungathi ngumsi wesiqhumiso esikhulu. Yaye imithandazo yalo yayiviwa!

Ukuphoswa Komlilo Emhlabeni

6. Kwenzeka ntoni emva kwenzolo esezulwini, yaye oku kwenzeka ngenxa yokuphendulwa kwantoni?

6 UYohane usixelela oku: “Yandula ke ingelosi leyo yasithabatha isitya sesiqhumiso, yasizalisa ngenxalenye yomlilo wesibingelelo yaza yawuphosa emhlabeni. Ngoko kwabakho iindudumo namazwi nemibane nenyikima yomhlaba.” (ISityhilelo 8:5) Emva kwenzolo, ngequbuliso kubakho isenzo esiphawulekayo! Ngokucacileyo oku yayikukuphendulwa kwemithandazo yabangcwele, ekubeni ishukunyiswa ngumlilo othatyathwe kwisibingelelo sokuqhumisela. Emva phayaa ngowe-1513 B.C.E., kwiNtaba yeSinayi, iindudumo nemibane, ingxolo, umlilo nokunyikima kwentaba, konke oku kwaphawula ukuba uYehova wayenikela ingqalelo yakhe ebantwini bakhe. (Eksodus 19:16-20) Izinto ezifana nezi ezachazwa nguYohane ngokukwanjalo zibonakalisa ukuba uYehova unikela ingqalelo kubakhonzi bakhe basemhlabeni. Kodwa okubonwa nguYohane kunikelwa ngemiqondiso. (ISityhilelo 1:1) Ngoko unokucaciswa njani namhlanje umlilo, iindudumo, amazwi, imibane nenyikima yokomfuziselo?

7. (a) Nguwuphi umlilo wokomfuziselo owaphenjwa nguYesu emhlabeni ebudeni bobulungiseleli bakhe? (b) Abazalwana bakaYesu bokomoya bawuphemba njani umlilo kwiNgqobhoko?

7 Ngesinye isihlandlo, uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Ndize kuqala umlilo emhlabeni.” (Luka 12:49) Ngokwenyaniso, waphemba umlilo. Ngokushumayela kwakhe ngenzondelelo, uYesu wenza uBukumkani bukaThixo baba yimbambano ephambili kubantu abangamaYuda, ibe oku kwavusa impikiswano eshushu kulo lonke olo hlanga. (Mateyu 4:17, 25; 10:5-7, 17, 18) Ngowe-1919 abazalwana bakaYesu bokomoya abasemhlabeni, abalibathwana lamaKristu athanjisiweyo awayesindile kwimihla yovavanyo yeMfazwe Yehlabathi I, baphemba umlilo ofanayo kwiNgqobhoko. NgoSeptemba waloo nyaka, umoya kaYehova wawubonakala ngokuphawulekayo njengoko amaNgqina akhe anyanisekileyo athi ahlanganisana evela kwiindawo ngeendawo eCedar Point, eOhio, eUnited States. UJoseph F. Rutherford, owayesandul’ ukukhululwa entolongweni nokwakuza kuthi kungekudala kurhoxiswe zonke izimangalo awayetyatyekwe zona, wathetha ngokungafihlisiyo kuloo ndibano, esithi: “Ekubeni sithobela umyalelo weNkosi yethu, yaye siliqonda ilungelo nomsebenzi wethu wokulwa namaziko omeleleyo naphosakeleyo athe kangangethuba elide abenza amakhoboka abantu, umsebenzi wethu kukuvakalisa ubukumkani obuzukileyo bukaMesiya obuzayo.” Leyo yimbambano eyintloko—uBukumkani bukaThixo!

8, 9. (a) UJ. F. Rutherford wasichaza njani isimo sengqondo nomnqweno wabantu bakaThixo ebudeni beminyaka enzima yemfazwe? (b) Waphoswa njani umlilo emhlabeni? (c) Iindudumo, amazwi, imibane nonyikimo zenzeke njani?

8 Sibhekisela kwizinto ezibuhlungu ezazisandul’ ukwehlela abantu bakaThixo, esi sithethi sathi: “Uhlaselo lotshaba lwalungenanceba kangangokuba uninzi lomhlambi othandekayo weNkosi lwema nematha lukhwankqisiwe, luthandaza yaye lulindele iNkosi ukuba ibonakalise ukuthanda kwayo. . . . Nangona lwaludimazekile okomzuzwana, lwalunomnqweno ovuthayo wokuvakalisa isigidimi sobukumkani.”—Bona IMboniselo (yesiNgesi) kaSeptemba 15, 1919, iphepha 280.

9 Ngowe-1919 loo mnqweno waneliswa. Eli qela lincinane kodwa elikhutheleyo lamaKristu lafakwa umlilo ngengqiqo yokomoya, ukuze liqalise uhlaselo lokushumayela emhlabeni wonke. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:19.) Umlilo waphoswa emhlabeni ngengqiqo yokuba uBukumkani bukaThixo benziwa imbambano ephambili, yaye buqhubeka bunjalo! Endaweni yokubakho kwenzolo kwavakala amazwi anamandla, evakalisa isigidimi soBukumkani ngokucacileyo. Kwavakaliswa izilumkiso eziphuma eBhayibhileni ezinjengesaqhwithi esinendudumo. Njengemibane, imitha eqaqambileyo yenyaniso yakhanyisa iphuma kwiLizwi likaYehova lesiprofeto, yaye, ngokungathi kungenyikima enamandla, ummandla wonqulo washukunyiswa neziseko zawo. Udidi lukaYohane lwabona ukuba kwakukho umsebenzi omele wenziwe. Yaye ukuza kuthi ga namhla, lo msebenzi uyaqhubeka usanda ngokuzukileyo kuwo wonke umhlaba!—Roma 10:18.

Ukulungiselela Ukuvuthelwa Kwamaxilongo

10. Iingelosi ezisixhenxe zilungiselela ukwenza ntoni, yaye ngoba?

10 UYohane uhlabela mgama esithi: “Zaza iingelosi ezisixhenxe ezinamaxilongo asixhenxe zalungiselela ukuwavuthela.” (ISityhilelo 8:6) Kuthetha ntoni ukuvuthelwa kwaloo maxilongo? Ngemihla kaSirayeli, amaxilongo ayevuthelwa ukuphawula imihla ebalulekileyo okanye iziganeko eziphawulekayo. (Levitikus 23:24; 2 Kumkani 11:14) Ngokufanayo, ukuvuthelwa kwamaxilongo okuza kuviwa nguYohane kutsalela ingqalelo kwimicimbi ebalulekileyo ethetha ubomi nokufa.

11. Nguwuphi umsebenzi wokulungiselela wasemhlabeni udidi lukaYohane olwalubandakanyeke kuwo ukususela ngowe-1919 ukusa kowe-1922?

11 Njengoko iingelosi zazilungiselela ukuvuthela loo maxilongo, akuthandabuzeki ukuba zazikwanikela ulwalathiso kumsebenzi wokulungiselela emhlabeni. Ukususela ngowe-1919 ukusa kowe-1922, udidi lukaYohane olwaluhlaziyiwe lwaluxakekile ekulungelelaniseni kwakhona ubulungiseleli basesidlangalaleni nasekwakheni amaziko okushicilela. Ngowe-1919 iphephancwadi iThe Golden Age, namhlanje elaziwa njengoVukani!, lalikhutshwe ‘Njengolindixesha Othetha Izibakala, Onikela Ithemba Nenkoloseko’—isixhobo esinjengexilongo esasiya kuphumeza indima ephambili ekubhenceni ukubandakanyeka konqulo lobuxoki kwezobupolitika.

12. Yintoni evakaliswa kukuvuthelwa kwexilongo ngalinye, yaye kusikhumbuza ngayiphi into eyenzeka ngomhla kaMoses?

12 Njengoko siza kubona, ukuvuthelwa kwexilongo ngalinye kuvakalisa umbono okhwankqisayo ekuthi kuwo izibetho ezoyikekayo zichaphazele amacandelo omhlaba. Ezinye zezi zibetho zisikhumbuza ezo zathunyelwa nguYehova ukuze ohlwaye amaYiputa ngomhla kaMoses. (Eksodus 7:19–12:32) Ezi zibetho zaziyimbonakaliso yomgwebo kaYehova kolo hlanga, ibe zavula indlela yokuba abantu bakaThixo baphume ebukhobokeni. Izibetho ezibonwa nguYohane zifeza injongo efanayo. Noko ke, asizozibetho zokoqobo. Yimiqondiso efuzisela imigwebo kaYehova yobulungisa.—ISityhilelo 1:1.

Ukufaniswa ‘Kwesinye Kwisithathu’

13. Kwenzeka ntoni xa kuvuthelwa amaxilongo amane okuqala, yaye oku kuphakamisa wuphi umbuzo?

13 Njengoko siza kubona, xa kuvuthelwa amaxilongo amane okuqala, izibetho ziphoswa ‘kwisinye kwisithathu’ somhlaba, solwandle, semilambo nemithombo yamanzi, nesezikhanyiso zomhlaba. (ISityhilelo 8:7-12) Isinye kwisithathu yinxalenye enkulu yento kodwa asiyiyo yonke. (Thelekisa uIsaya 19:24; Hezekile 5:2; Zekariya 13:8, 9.) Ngoko sisiphi esi ‘sinye kwisithathu’ sasiya kuzifanela ngokona kona ezi zibetho? Uninzi lwabantu lumfanyekiswe lwaza lonakaliswa nguSathana nembewu yakhe. (Genesis 3:15; 2 Korinte 4:4) Imeko injengokuba yachazwa nguDavide: “Bonke baphambukile, bonke bonakele ngokufanayo; akukho namnye owenza okulungileyo, nokuba abe mnye.” (INdumiso 14:3) Ewe, lonke uluntu lusengozini yokufumana umgwebo oqatha. Kodwa licandelo elinye lalo elinetyala ngokukhethekileyo. Inxalenye enye—‘isinye kwisithathu’—bekumele ukuba yazi kakuhle! Siyintoni eso ‘sinye kwisithathu’?

14. Sisiphi isinye kwisithathu sokomfuziselo esifumana izigidimi ezizizibetho ezivela kuYehova?

14 YiNgqobhoko! Ngeminyaka yee-1920, yayinesinye kwisithathu soluntu. Unqulo lwayo lungumphumo wowexuko olukhulu kubuKristu bokwenyaniso—wexuko olo uYesu nabafundi bakhe abaluxela kwangaphambili. (Mateyu 13:24-30; IZenzo 20:29, 30; 2 Tesalonika 2:3; 2 Petros 2:1-3) Abefundisi beNgqobhoko bathi bakwitempile kaThixo ibe baye bazichaza njengabafundisi bobuKristu. Kodwa iimfundiso zabo zikude lee kwinyaniso yeBhayibhile, yaye basoloko benyelisa igama likaThixo. Ekubeni ngokuchanileyo ifanekiselwa sisinye kwisithathu sokomfuziselo, iNgqobhoko ifumana izigidimi ezinamandla nezizizibetho ezivela kuYehova. Eso sinye kwisithathu soluntu asilufanelanga konke konke ubabalo lukaThixo!

15. (a) Ngaba ukuvuthelwa kwexilongo ngalinye kupheleliselwe kunyaka othile? Cacisa. (b) Lilizwi loobani eliye longezelelwa kwelo lodidi lukaYohane ekuvakaliseni imigwebo kaYehova?

15 Ngokuvisisana nokuvuthelwa ngokulandelelanayo kwamaxilongo, kwavakaliswa izigqibo ezikhethekileyo kwiindibano ezisixhenxe ukususela ngowe-1922 ukuya kowe-1928. Kodwa ukuvuthelwa kwamaxilongo akupheleliselwanga kuloo minyaka. Ukubhencwa ngamandla kweendlela ezingendawo zeNgqobhoko bekuhambela phambili, njengoko imini yeNkosi iqhubeka. Imigwebo kaYehova imele ivakaliswe kwindalo iphela, kuzo zonke iintlanga, phezu kwayo nje intiyo neentshutshiso ezivela kwizizwe ngezizwe. Kuphela kungelo xesha ekuya kuthi kufike isiphelo senkqubo kaSathana. (Marko 13:10, 13) Okuvuyisayo kukuba, isihlwele esikhulu ngoku siye songezelela ilizwi laso kwelo lodidi lukaYohane ekwenzeni ukuba loo mazwi anjengendudumo abe ngabalulekileyo ehlabathini lonke.

Ukutshiswa Kwesinye Kwisithathu Somhlaba

16. Kulandela ntoni xa ingelosi yokuqala ivuthela ixilongo layo?

16 Ethetha ngeengelosi, uYohane ubhala athi: “Eyokuqala yavuthela ixilongo layo. Kwabakho isichotho nomlilo ziphithikezwe negazi, kwaza oko kwaphoswa emhlabeni; saza isinye kwisithathu somhlaba satshiswa, nesinye kwisithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.” (ISityhilelo 8:7) Oku kuyafana nento eyenzeka kwisibetho sesixhenxe eYiputa, kodwa kuthetha ntoni kweli xesha siphila kulo?—Eksodus 9:24.

17. (a) Lifanekisela ntoni igama elithi ‘umhlaba’ kwiSityhilelo 8:7? (b) Isinye kwisithathu somhlaba esiyiNgqobhoko sitshiswa njani?

17 EBhayibhileni, igama elithi ‘umhlaba’ lidla ngokubhekisela kuluntu. (Genesis 11:1; INdumiso 96:1) Ekubeni isibetho sesibini siphoswe elwandle, nalo olunento yokwenza noluntu, ‘umhlaba’ umele ukuba ubhekisela kwibutho labantu elibonakala lizinzile elakhiwe nguSathana neliza kutshatyalaliswa. (2 Petros 3:7; ISityhilelo 21:1) Umbono ongesibetho utyhila ukuba isinye kwisithathu somhlaba esiyiNgqobhoko sitshiswa bubushushu obukhulu bengqumbo kaYehova. Ababalaseleyo kuyo—abami njengemithi phakathi kwayo—bayatshiswa kukuvakaliswa komgwebo kaYehova oqatha. Onke amalungu eNgqobhoko angamakhulu ezigidi, ukuba ayaqhubeka exhasa unqulo lwayo, aba njengengca etshileyo, ebunileyo ngokomoya emehlweni kaThixo.—Thelekisa iNdumiso 37:1, 2.a

18. Isigidimi somgwebo kaYehova savakaliswa njani kwindibano yowe-1922 eyayiseCedar Point?

18 Sinikelwa njani esi sigidimi somgwebo? Ngokuqhelekileyo, asinikelwa ngamaziko eendaba ehlabathi, ayinxalenye yehlabathi nadla ngokugculela ‘ikhoboka’ likaThixo. (Mateyu 24:45) Savakaliswa ngendlela ephawulekayo kwindibano yesibini engenakulibaleka embalini yabantu bakaThixo eCedar Point, eOhio, ngoSeptemba 10, 1922. Ngamxhelo mnye nangehlombe bamkela isigqibo esithi “Ucelomngeni Kwiinkokeli Zehlabathi.” Ngokuphandle, salumkisa umhlaba wanamhla wokomfuziselo, ngokuthi: “Ngoko ke, sihlab’ ikhwelo kwiintlanga zomhlaba, kubalawuli neenkokeli zazo, nakubefundisi bazo zonke iicawa zeemvaba zomhlaba, abalandeli nabanxulumene nazo, oosomashishini abaphambili nabapolitiki abaphambili, ukuba banikele ubungqina bokuba banokuluzisa uxolo nempumelelo emhlabeni baze bazise nolonwabo ebantwini; yaye ukuba bayasilela koku, sihlab’ ikhwelo kubo ukuba baphulaphule ubungqina esibunikelayo njengamangqina eNkosi, yaye mabachaze enoba ubungqina bethu buyinyaniso okanye abunjalo kusini na.”

19. Bubuphi ubungqina obanikelwa ngabantu bakaThixo kwiNgqobhoko mayela noBukumkani bukaThixo?

19 Bubuphi ubungqina obanikelwa ngala maKristu? Bobu: “Sivakalisa ukuba ubukumkani bukaMesiya busisicombululo esipheleleyo kuzo zonke izifo zoluntu ibe buya kuzisa uxolo emhlabeni nenkoloseko ebantwini, nto leyo enqwenelwa zizo zonke iintlanga; yaye abo bazithoba ngokuvumayo kulawulo lwakhe lobulungisa oluqalisileyo ngoku baya kusikelelwa ngoxolo, ngobomi, ngenkululeko ehlal’ ihleli nangolonwabo olungapheliyo.” Kula maxesha onakeleyo, xa oorhulumente babantu, ingakumbi abo bayinxalenye yeNgqobhoko, besilela ngokupheleleyo ukucombulula iingxaki zehlabathi, olo celomngeni luvakaliswa lixilongo luhlokonyiswa ngamandla amakhulu ngakumbi kunokuba kwakunjalo ngowe-1922. Hayi indlela ekuyinyaniso ngayo ukuba uBukumkani bukaThixo obuphantsi kukaKristu wakhe owoyisayo bubo bodwa obulithemba loluntu!

20. (a) Izigidimi zomgwebo ezakhutshwa ngowe-1922 nasemva koko zavakaliswa ngaziphi iindlela libandla lamaKristu athanjisiweyo? (b) Waba yintoni umphumo kwiNgqobhoko xa kwavuthelwa ixilongo lokuqala?

20 Ngokwenziwa kwezibhengezo, ngokukhutshwa kwamaphecana, iincwadana, iincwadi, amaphephancwadi nokunikelwa kweentetho, esi sibhengezo kwanezinye ezakhutshwa kamva zavakaliswa ngokusetyenziswa kwebandla lamaKristu athanjisiweyo. Ukuvuthelwa kwexilongo lokuqala kwaphumela ekubethweni kweNgqobhoko ngokungathi sisichotho esinamandla. Ityala legazi enalo, ngenxa yokubandakanyeka kwayo kwiimfazwe zenkulungwane yama-20, liye labhencwa, ibe iye yaboniswa njengefanele ukuba uYehova abonakalise kuyo ingqumbo yakhe eshushu. Udidi lukaYohane, olwathi kamva lwaxhaswa sisihlwele esikhulu, luqhubekile luphindaphinda ukuvuthela ixilongo lokuqala, lubonisa indlela uYehova ayijonga ngayo iNgqobhoko, njengefanelwe kukutshatyalaliswa.—ISityhilelo 7:9, 15.

Njengentaba Evuthayo

21. Kwenzeka ntoni xa ingelosi yesibini ivuthela ixilongo layo?

21 “Neyesibini ingelosi yavuthela ixilongo layo. Yaye okuthile okunjengentaba enkulu evutha ngumlilo kwaphoswa elwandle. Saza isinye kwisithathu solwandle saba ligazi; nesinye kwisithathu sezidalwa eziselwandle ezinemiphefumlo safa, yaye isinye kwisithathu sezikhephe saphuka.” (ISityhilelo 8:8, 9) Ufanekisela ntoni lo mbono woyikekayo?

22, 23. (a) Sisiphi isigqibo ngokungathandabuzekiyo esabangelwa kukuvuthelwa kwexilongo lesibini? (b) “Isinye kwisithathu solwandle” sifuzisela ntoni?

22 Mhlawumbi sinokuwuqonda kakuhle xa siqwalasela indibano yabantu bakaYehova eyaqhutyelwa eLos Angeles, eCalifornia, eUnited States, ngoAgasti 18-26, 1923. Intetho eyanikelwa nguJ. F. Rutherford ngenjikalanga yangoMgqibelo yayinomxholo othi “Izimvu Neebhokhwe.” “Izimvu” ngokucacileyo zafaniswa njengabo bantu bathanda ubulungisa ababeya kuwudla ilifa ummandla wasemhlabeni woBukumkani bukaThixo. Isigqibo esamkelwayo emva koku satsalel’ ingqalelo kuhanahaniso “lwabefundisi abawexukileyo ‘neenkokeli zemihlambi yabo,’ ezingabantu behlabathi abanempembelelo enamandla yemali neyobupolitika.” Sahlab’ ikhwelo “kwinkitha yabantu abathand’ uxolo nocwangco abakwiimvaba zeecawa . . . ukuba barhoxe kwiinkqubo zabefundisi ezingezizo ezobulungisa nezichazwe yiNkosi ‘njengeBhabhiloni’” nokuba bazilungiselele “ukufumana iintsikelelo zobukumkani bukaThixo.”

23 Ngokungathandabuzekiyo, esi sigqibo senziwa ngenxa yokuvuthelwa kwexilongo lesibini. Abo babeya kuthi ngexesha elifanelekileyo basabele kweso sigidimi babeya kuzahlula kwabo bachazwa nguIsaya ngala mazwi: “Kodwa abangendawo banjengolwandle olulatyuzayo, xa lungakwazi ukuzola, namanzi alo emana evumbulula ukhula lwaselwandle nodaka.” (Isaya 57:20; 17:12, 13) Ngaloo ndlela, ‘ulwandle’ lufanekisela abantu abangazolanga, abangazinzanga nabanemvukelo abathi baphembe udushe nemvukelo. (Thelekisa iSityhilelo 13:1.) Liya kufika ixesha laxa olo ‘lwandle’ lungayi kubakho. (ISityhilelo 21:1) Okwangoku, njengoko kuvuthelwa ixilongo lesibini, uYehova uvakalisa umgwebo kwisinye kwisithathu salo—inxalenye engalawulekiyo ekummandla weNgqobhoko.

24. Imfumba enkulu enjengentaba evuthayo eyaphoswa elwandle ifanekisela ntoni?

24 Imfumba enkulu enjengentaba evuthayo iphoswa kolu ‘lwandle.’ EBhayibhileni, iintaba ngokufuthi zifuzisela oorhulumente. Ngokomzekelo, uBukumkani bukaThixo buchazwa njengentaba. (Daniyeli 2:35, 44) IBhabhiloni engamabhodlo yaba ‘yintaba etshisiweyo.’ (Yeremiya 51:25) Kodwa imfumba enjengentaba ebonwa nguYohane isatsha. Ukuphoswa kwayo elwandle kufanekisela indlela eyathi, imbambano yoburhulumente yaba yinto eshushu ngayo phakathi koluntu ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala nasemva kwayo, ingakumbi emazweni eNgqobhoko. EItali, uMussolini wangenisa ubuFasi. IJamani yamkela ubuNazi bukaHitler, ngoxa amanye amazwe ayezama iintlobo ezahlukeneyo zobusoshiyali. Kwenzeka inguqulelo enkulu eRashiya, apho imvukelo yamaBolshevik yavelisa urhulumente wokuqala wamaKomanisi, ekwathi ngenxa yoko iinkokeli zonqulo zeNgqobhoko zaphelelwa ligunya nempembelelo koko kwakukade kuliziko lazo eliphambili.

25. Uburhulumente baqhubeka njani buyimbambano eshushu emva kweMfazwe Yehlabathi II?

25 Inkqubo yolawulo lolingelo lobuFasi nobuNazi yatshayelwa yimfazwe yehlabathi yesibini, kodwa uburhulumente baqhubeka buyimbambano eshushu, yaye ulwandle olungabantu lwaqhubeka luvelisa oorhulumente abatsha bemvukelo. Kumashumi eminyaka eyalandela owe-1945, aba rhulumente bamiselwa kwiindawo ezininzi, ezinjengeTshayina, iVietnam, iCuba neNicaragua. EGrisi ukulingwa kolawulo lobuzwilakhe lomkhosi kwasilela. Ingxelo ithi ukwamkelwa kobuKomanisi obusisiseko eKampuchea (eKhambodiya) kwaphumela ekufeni kwabantu abangaphezu kwezigidi ezibini.

26. ‘Intaba evutha ngumlilo’ iqhubeke njani isenza amaza kulwandle loluntu?

26 Loo ‘ntaba ivutha ngumlilo’ yaqhubeka isenza amaza kulwandle loluntu. KwelaseAfrika, eAsia, eMerika, nakwiziqithi zePasifiki kwaye kwabikwa imilo engoburhulumente. Uninzi lwale milo belukumazwe eNgqobhoko okanye apho abavangeli beNgqobhoko bebebandakanyeke ngokupheleleyo. Abefundisi bamaRoma Katolika bade bathelela amalungu amaqela abanqolobi bamaKomanisi baza babancedisa ekulweni. Kwangaxeshanye, amaqela abashumayeli bamaProtestanti ayesebenza kuMbindi Merika ukuze alwe oko ayekubiza ngokuba ‘kukunxanelwa kwamaKomanisi igunya ngendlela eyoyikekayo nengayekeleliyo.’ Kodwa oku kuzamazama kolwandle loluntu akukhange kuluzise uxolo nonqabiseko.—Thelekisa uIsaya 25:10-12; 1 Tesalonika 5:3.

27. (a) “Isinye kwisithathu solwandle” siye safana njani negazi? (b) ‘Isithathu sezidalwa eziselwandle’ sife njani yaye kuqhubeka ntoni ‘kwisinye kwisithathu sezikhephe’?

27 Ukuvuthelwa kwexilongo lesibini kutyhila ukuba uluntu olubandakanyeka kwiimfazwe zemvukelo zokufuna ukulawula kunokuzithoba kuBukumkani bukaThixo lunetyala legazi. “Isinye kwisithathu solwandle” esiseseNgqobhoko ngokukhethekileyo siso esiye safana negazi. Zonke izinto eziphilileyo ezilapho zifile emehlweni kaThixo. Azikho iintlangano ezinemvukelo ezidada okwezikhephe kweso sinye kwisithathu solwandle ezinokukuphepha ukuqhekekelwa yimikhombe ekugqibeleni. Hayi indlela esivuya ngayo kuba izigidi zabantu ababumvu ngoku ziye zasabela kubizo oluvakala njengexilongo lokuba bazahlule kwabo basayoliswa bubuhlanga bokuzingca nalityala legazi lolo lwandle!

Ukuwa Kwenkwenkwezi Ezulwini

28. Kwenzeka ntoni xa ingelosi yesithathu ivuthela ixilongo layo?

28 “Neyesithathu ingelosi yavuthela ixilongo layo. Yaye inkwenkwezi enkulu evutha njengesibane yawa ezulwini, yawela phezu kwesinye kwisithathu semilambo naphezu kwemithombo yamanzi. Igama lenkwenkwezi leyo libizwa ngokuba nguMhlonyane. Saza isinye kwisithathu samanzi sajika sangumhlonyane, yaye abaninzi ebantwini bafa ngamanzi lawo, ngenxa yokuba ayenziwe akrakra.” (ISityhilelo 8:10, 11) Kwakhona, ezinye iinxalenye zeBhayibhile ziyasinceda ukuba sibone indlela esi sibhalo esisebenza ngayo kwimini yeNkosi.

29. Yintoni efanekiselwa ‘yinkwenkwezi enkulu evutha njengesibane,’ yaye ngoba?

29 Sele sichazelwe ngoko kufuziselwa yinkwenkwezi kwizigidimi zikaYesu eziya kumabandla asixhenxe, esithe kuzo sachazelwa ukuba iinkwenkwezi ezisixhenxe zifuzisela abadala abasemabandleni.b (ISityhilelo 1:20) ‘Iinkwenkwezi’ ezingabathanjiswa, kunye nabo bonke abanye abangabathanjiswa, bahlala kwiindawo zasezulwini ngengqiqo yokomoya ukususela kwixesha lokutywinwa kwabo ngomoya oyingcwele njengomqondiso wokufumana kwabo ilifa lasezulwini. (Efese 2:6, 7) Noko ke, umpostile uPawulos walumkisa ngelokuba phakathi kwabanjalo abafana neenkwenkwezi kwakuya kuvela abawexuki, abantu abathanda amahlelo, ababeya kuwulahlekisa umhlambi. (IZenzo 20:29, 30) Ukungathembeki okunjalo kwakuya kuphumela kuwexuko olukhulu, yaye aba badala bawileyo babeya kuyila umchasi-mthetho owayeya kuziphakamisa abe kwisigxina esifana nesikaThixo phakathi koluntu. (2 Tesalonika 2:3, 4) Izilumkiso zikaPawulos zazaliseka xa kwavela abefundisi beNgqobhoko ehlabathini. Eli qela lifanekiselwa kakuhle ‘yinkwenkwezi enkulu evutha njengesibane.’

30. (a) Xa kwathiwa kukumkani waseBhabhiloni unjengalowo uwe ezulwini, kwakusingiselwe entwenini? (b) Ukuwa ezulwini kunokubhekisela entwenini?

30 UYohane ubona le nkwenkwezi ikhethekileyo isiwa ivela ezulwini. Iwa njani? Amava okumkani wamandulo ayasinceda ukuba sikuqonde oku. Ethetha nokumkani waseBhabhiloni, uIsaya wathi: “Hayi indlela owe ngayo ezulwini, wena ukhanyayo, nyana wesifingo! Hayi indlela ogawulwe ngayo wawela emhlabeni, wena owalimaza iintlanga!” (Isaya 14:12) Esi siprofeto sazaliseka xa iBhabhiloni yabhukuqwayo yimikhosi kaKoreshi, yaye ukumkani wayo wathotywa ngequbuliso kulawulo lwehlabathi waza woyiswa ngokulihlazo. Ngaloo ndlela, ukuwa ezulwini kunokubhekisela ekuphulukaneni nesigxina esiphakamileyo nokuba sehlazweni.

31. (a) Abefundisi beNgqobhoko bawa nini kwisigxina ‘sasezulwini’? (b) Amanzi abedluliswa ngabefundisi abe nguwo njani ‘umhlonyane,’ yaye oku kuphumele entwenini kwabaninzi?

31 Xa abefundisi beNgqobhoko bawexukayo kubuKristu bokwenyaniso, bawa kwisigxina esiphakamileyo ‘sasezulwini’ esachazwa nguPawulos kumaEfese 2:6, 7. Endaweni yokunikela amanzi ahlaziyayo enyaniso, banikela ‘umhlonyane,’ ubuxoki obuphindaphindeneyo obunjengemfundiso yesihogo somlilo, yentlambululo-miphefumlo, kaBathathu Emnye, neyokumiselwa kwangaphambili kwekamva; kwakhona, bakhokelela iintlanga emfazweni, bengazakhi njengabakhonzi bakaThixo abaziphethe kakuhle. Waba yintoni umphumo? Waba kukufumana ityhefu yokomoya kwabo babekholelwa kobo buxoki. Imeko yabo yayifana naleyo yamaSirayeli awayengathembekanga omhla kaYeremiya, uYehova awathetha oku kuwo: “Yabona, ndibadlisa umhlonyane, kwaye ndiza kubaseza amanzi anetyhefu. Kuba kubaprofeti baseYerusalem kuphume uwexuko lwaya kulo lonke ilizwe.”—Yeremiya 9:15; 23:15.

32. Kwabonakala nini ukuwa kweNgqobhoko kumazulu okomoya, yaye kwaphawuleka njani?

32 Oku kuwa kumazulu okomoya kwabonakala kunyaka we-1919, xa kwamiselwa intsalela encinane yamaKristu athanjisiweyo ukuba yongamele izilangazelelo zoBukumkani, kunokuba kumiselwe abefundisi beNgqobhoko. (Mateyu 24:45-47) Yaye ukususela ngowe-1922 oko kuwa kwaphawuleka xa eli qela lamaKristu lahlaziya iphulo lalo lokukubhenca ngokuphandle ukusilela kwabefundisi beNgqobhoko.

33. Abefundisi beNgqobhoko babhencwa njani kwindibano yowe-1924 eyayiseColumbus, eOhio, eUnited States?

33 Into eyayibalasele koku yayisisibhengezo esenziwa “kweyona ndibano inkulu yaBafundi BeBhayibhile kwezakha zaqhutywa ukutyhubela iminyaka,” njengoko iphephancwadi iThe Golden Age layichaza njalo. Le ndibano yayiseColumbus, eOhio, ngoJulayi 20-27, 1924. Ngokungathandabuzekiyo ngokwalathiswa yingelosi eyakhalisa ixilongo lesithathu, apho kwamkelwa isigqibo esinamandla kwaza kamva kwasasazwa amaphecana angama-50 ezigidi. Sasinomxholo othi, Abefundisi Babekw’ Ityala. Umxholwana wawuvakalisa le mbambano: “IMbewu Yesithembiso Nxamnye NeMbewu YeNyoka.” Esi sigqibo sababhenca ngokupheleleyo abefundisi beNgqobhoko kwimicimbi enjengokwamkela kwabo izibizo zonqulo eziphakamileyo, ukumisela kwabo izinhanha kwezorhwebo nabo baphambili kwezobupolitika babe ngabaphambili kumhlambi wabo, ukunqwenela kwabo ukubalasela ebantwini, nokungavumi kwabo ukushumayela ebantwini isigidimi soBukumkani bukaMesiya. Sabethelela ukuba wonke umKristu ozahluleleyo uthunywe nguThixo ukuba avakalise ‘umhla wempindezelo kaThixo wethu; ukuthuthuzela bonke abazilileyo.’—Isaya 61:2.

34, 35. (a) Kwenzeke ntoni kumandla nempembelelo yabefundisi ukususela ekuqaliseni kwengelosi yesithathu ukuvuthela ixilongo layo? (b) Linjani ikamva labefundisi beNgqobhoko?

34 Ukususela ekuqaliseni kwengelosi yesithathu ukuvuthela ixilongo layo, abefundisi bebephelelwa sisikhundla sokubalasela phakathi koluntu de, kulo mhla nakweli xesha, baba mbalwa kubo abanamandla angokobuthixo abebewanandipha kwiinkulungwane ezingaphambili. Ngenxa yokushumayela kwamaNgqina kaYehova, abantu abaninzi baye baqonda ukuba iimfundiso ezininzi ezifundiswa ngabefundisi ziyityhefu yokomoya—‘umhlonyane.’ Ngaphezu koko, amandla abefundisi kumntla Yurophu aphantse ukuba aphelile, ngoxa kwamanye amazwe, urhulumente eyithintela ngokungqongqo impembelelo yabo. Kwiindawo zaseYurophu nezaseMerika eziphantsi kobuKatolika, amanyundululu enziwa ngabefundisi kwimicimbi yemali, yobupolitika neyokuziphatha aye akuphelisa ukujongwa kwabo njengabanegama elihle. Ukususela ngoku ukusa phambili, imeko yabo inokuthi nje ibe mbi ngakumbi, ekubeni kungekudala beya kufumana ishwangusha eliya kufunyanwa ngabo bonke abanye abantu bonqulo lobuxoki.—ISityhilelo 18:21; 19:2.

35 Ukuntlitha kukaYehova iNgqobhoko ngezibetho akukapheli. Qwalasela okwenzeka emva kokuvuthelwa kwexilongo lesine.

Ubumnyama!

36. Kwenzeka ntoni emva kokuba ingelosi yesine ivuthele ixilongo layo?

36 “Neyesine ingelosi yavuthela ixilongo layo. Saza isinye kwisithathu selanga sabethwa nesinye kwisithathu senyanga nesinye kwisithathu seenkwenkwezi, ukuze isinye kwisithathu sazo senziwe mnyama nemini ingabi nalo ukhanyiso lwesinye kwisithathu sayo, nobusuku ngokunjalo.” (ISityhilelo 8:12) Isibetho sesithoba esehlela iYiputa sasibubumnyama bokoqobo. (Eksodus 10:21-29) Kodwa buyintoni obu bumnyama bokomfuziselo obuntlitha abantu?

37. Umpostile uPetros noPawulos bayichaza njani imeko yokomoya yabo bangaphandle kwebandla lamaKristu?

37 Umpostile uPetros waxelela amakholwa angoowabo ukuba ayesebumnyameni ngokomoya, ngaphambi kokuba abe ngamaKristu. (1 Petros 2:9) KwanoPawulos wasebenzisa igama elithi ‘ubumnyama’ ukuchaza imeko yokomoya yabo bangaphandle kwebandla lamaKristu. (Efese 5:8; 6:12; Kolose 1:13; 1 Tesalonika 5:4, 5) Kodwa kuthekani ngabo bakwiNgqobhoko abazibanga bekholelwa kuThixo nabathi bayamamkela uYesu njengoMsindisi wabo?

38. Sisiphi isibakala esivakaliswa yingelosi yesine ‘ngokukhanya’ kweNgqobhoko?

38 UYesu wathi amaKristu okwenyaniso ayeya kuqondwa ngeziqhamo zawo yaye abaninzi abazibanga bengabalandeli bakhe babeya kuba ‘ngabenzi bokuchasene nomthetho.’ (Mateyu 7:15-23) Akukho mntu unokuthi xa ekhangela iziqhamo zesinye kwisithathu sehlabathi elimiwe yiNgqobhoko ayikhanyele into yokuba ifathula kubumnyama obupheleleyo bokomoya. (2 Korinte 4:4) Yeyona ibekek’ ityala, kuba izibanga ingamaKristu. Ngenxa yoko, kukokufanelekileyo ukuba ingelosi yesine ivakalise isibakala sokuba, enyanisweni, ‘ukukhanya’ kweNgqobhoko kububumnyama nemithombo yayo ‘yokukhanya’ ivela eBhabhiloni—ayiyoyabuKristu.—Marko 13:22, 23; 2 Timoti 4:3, 4.

39. (a) Isigqibo esamkelwa kwindibano yowe-1925 sakuchaza njani ukukhanya kobuxoki kweNgqobhoko? (b) Yabhencwa njani ngokungakumbi ngowe-1955?

39 Ngokuvisisana neso sibhengezo sasezulwini, isihlwele esikhulu sabantu bakaThixo sahlanganisana kwindibano yaseIndianapolis, eIndiana, eUnited States, ngoAgasti 29, 1925, saza samkela ukubhengezwa kwesigqibo esinomxholo othi “Isigidimi Sethemba.” Kwakhona, imibhalo yaso enokuba ngama-50 ezigidi yasasazwa ngeelwimi eziliqela. Sachaza ukukhanya kobuxoki okubonakaliswa ngabezorhwebo, ziinkokeli zobupolitika nabefundisi bonqulo, ekuthe ngenxa yoko “izizwe zaba sebumnyameni.” Yaye sabonisa ukuba uBukumkani bukaThixo bulithemba lokwenene lokuzuzwa “kweentsikelelo zoxolo, zempumelelo, zempilo, zobomi, zenkululeko nolonwabo olungunaphakade.” Kwafuna inkalipho kwibathwana lamaKristu athanjisiweyo ukuvakalisa izigidimi ezinjalo kwintlangano enkulu yeNgqobhoko. Kodwa ngalo lonke ixesha, ukususela ekuqalekeni kweminyaka yee-1920 ukuza kuthi ga ngoku, aye enjenjalo. Kumaxesha akutshanje, ngowe-1955, udidi lwabefundisi lwabhencwa ngokungakumbi ngokusasazwa ehlabathini lonke nangeelwimi ezininzi kwencwadana enomxholo othi Christendom or Christianity—Which One Is “the Light of the World”? Namhlanje, uhanahaniso lweNgqobhoko luye lwabonakala ngokucace gqitha kangangokuba uninzi lwabantu abasehlabathini lunokuzibonela ngokwalo. Kodwa abantu bakaYehova abakhange bayekelele ekuyibhenceni into eyiyo: ubukumkani bobumnyama.

Ukhozi Olubhabhayo

40. Ukuvuthelwa kwamaxilongo amane kwabonisa ukuba iNgqobhoko iyintoni?

40 Oku kuvuthelwa kwamaxilongo okuqala amane ngokwenyaniso kuphumele ekutyhilweni kwemeko yeNgqobhoko embi nebulalayo. Inxalenye yayo ‘yomhlaba’ yabhencwa njengefanelwe ngumgwebo kaYehova. Oorhulumente bemvukelo abaphuma kumazwe ewalawulayo nakwezinye iindawo baboniswa belutshaba lobomi bokomoya. Imeko ewohlokileyo yabefundisi bayo yabhencwa, yaye ubumnyama obukuyo yonke imeko yayo yokomoya babhencwa ukuze bonke babone. Ngokwenyaniso iNgqobhoko yeyona nxalenye imangalelekayo yenkqubo yezinto kaSathana.

41. Ebudeni bethuba lokunqumama ekuvuthelweni kwamaxilongo ngokulandelelanayo, yintoni ebonwa neviwa nguYohane?

41 Yiyiphi enye into engakumbi eseza kutyhilwa? Ngaphambi kokuba sifumane impendulo kulo mbuzo, ukuvuthelwa kwamaxilongo ngokulandelelanayo kunqumama ngokufutshane. UYohane uchaza akubonayo emva koku: “Ndaza ndabona, ndeva ukhozi luphaphazela esazulwini sezulu lusithi ngelizwi elikhulu: ‘Yeha, yeha, yeha abo bemiyo phezu komhlaba ngenxa yezinye izandi zamaxilongo eengelosi ezintathu ezisele ziza kuvuthela amaxilongo azo!’”—ISityhilelo 8:13.

42. Yintoni esenokufanekiselwa lukhozi oluphaphazelayo, yaye sisiphi isigidimi esiluphetheyo?

42 Ukhozi luphaphazela phezulu esibhakabhakeni, khon’ ukuze abantu abakummandla ophangaleleyo balubone. Amehlo alo abukhali ngokugqithiseleyo yaye lunokubona kude ngaphambi kwalo. (Yobhi 39:29) Esinye sezidalwa ezine eziphilayo eziziikerubhi ezijikeleze itrone kaThixo safaniswa nokhozi oluphaphazelayo. (ISityhilelo 4:6, 7) Enoba luyile kerubhi okanye omnye umkhonzi kaThixo obona kude, lusivakalisa ngokucacileyo isigidimi esinamandla esithi: “Yeha, yeha, yeha”! Abemi bomhlaba mabanikele ingqalelo, njengoko ukuvuthelwa kwamaxilongo amathathu asaseleyo kuvakala, ngalinye lihlanganiswa nomnye waba yeha.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngokwahlukileyo koko, iSityhilelo 7:16 sibonisa ukuba isihlwele esikhulu asitshiswa bubushushu bengqumbo kaYehova.

b Ngoxa iinkwenkwezi ezisixhenxe ezikwisandla sokunene sikaYesu zifanekisela abaveleli abathanjisiweyo abakwibandla lamaKristu, abadala abakwinkoliso yamabandla amalunga ne-100 000 ehlabathini namhlanje bangabesihlwele esikhulu. (ISityhilelo 1:16; 7:9) Siyintoni isigxina sabo? Ekubeni bemiselwa ngomoya oyingcwele ngodidi oluthanjisiweyo lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, aba badala kunokuthiwa baphantsi kolawulo lwesandla sokunene sikaYesu, kuba nabo bangabalusi bakhe abangaphantsi. (Isaya 61:5, 6; IZenzo 20:28) Baxhasa ‘iinkwenkwezi ezisixhenxe’ kuba bakhonza kwiindawo apho bangafumanekiyo khona abazalwana abathanjisiweyo abafanelekileyo.

[Isicangca esikwiphepha 139]

Amanzi ENgqobhoko Atyhilwa Njengangumhlonyane

Iinkolelo Nesimo Sengqondo Oko Kuthethwa YiBhayibhile

SeNgqobhoko Ngenene

Igama likaThixo lobuqu UYesu wathandazela ukuba igama

alibalulekanga: “Ukusetyenziswa likaThixo lingcwaliswe. UPetros

kwalo naliphi na igama lokoqobo wathi: “Wonk’ ubani obiza

loThixo oyedwa nokuphela kwakhe egameni likaYehova uya

. . . kuyinto engafanelekanga kusindiswa.” (IZenzo 2:21;

ngokupheleleyo kuwo onke Yoweli 2:32; Mateyu 6:9;

amakholwa eCawa yamaKristu.” Eksodus 6:3; ISityhilelo 4:11; 15:3; 19:6)

(Intshayelelo yeRevised Standard Version)

UThixo unguBathathu Emnye: IBhayibhile ithi uYehova

“UYise unguThixo, uNyana mkhulu kunoYesu yaye unguThixo

unguThixo noMoya Oyingcwele nentloko kaKristu.

unguThixo, ukanti abangabo (Yohane 14:28; 20:17;

ooThixo abathathu kodwa 1 Korinte 11:3) Umoya

banguThixo omnye.” (The oyingcwele ungamandla kaThixo

Catholic Encyclopedia, uhlelo asebenzayo. (Mateyu 3:11;

lowe-1912) Luka 1:41; IZenzo 2:4)

Umphefumlo womntu awufi: “Xa Umntu ungumphefumlo. Ekufeni

umntu esifa umphefumlo nomzimba umphefumlo awucingi okanye

wakhe ziyahlukana. Umzimba wakhe awuvakalelwa ibe ubuyela

. . . uyabola . . . Noko ke, eluthulini owawenziwe ngalo.

umphefumlo womntu awufi.” (What (Genesis 2:7; 3:19;

Happens After Death, impapasho INdumiso 146:3, 4;

yamaRoma Katolika) INtshumayeli 3:19, 20; 9:5, 10;

Hezekile 18:4, 20)

Abangendawo bohlwaywa esihogweni Umvuzo wesono kukufa,

emva kokufa: “Ngokwendlela asikokufumana ubomi kwindawo

ebonisa ngayo inkolelo yentuthumbo. (Roma 6:23) Abafi

yamaKristu engokwesithethe, baphumle esihogweni (eHadesi,

isihogo siyindawo yentuthumbo eSheol), akukho nto bayaziyo,

neentlungu ezingenasiphelo.” balindele uvuko.

(The World Book Encyclopedia, (INdumiso 89:48;

uhlelo lowe-1987) Yohane 5:28, 29; 11:24, 25;

ISityhilelo 20:13, 14)

“Isibizo esithi Mediatrix Okuphela komlamli okhoyo

[umlamli olibhinqa] phakathi koThixo nabantu

sisetyenziswa kwiNenekazi nguYesu. (Yohane 14:6;

Lethu.” (New Catholic 1 Timoti 2:5; Hebhere 9:15; 12:24)

Encyclopedia, uhlelo lowe-1967)

Iintsana zimele zibhaptizwe: Ubhaptizo lolwabo benziwe

“Ukususela kwasekuqaleni iCawa abafundi baza bafundiswa

iye yayalela ukwenziwa ukuthobela imiyalelo kaYesu.

koMthendeleko wokuBhaptizwa Ukuze umntu afanelekele

kweentsana. Olu qheliselo ukubhaptizwa, umele aliqonde

lwalungagqalwa kuphela iLizwi likaThixo aze

njengolusemthethweni, kodwa abonakalise ukholo.

lwalukwagqalwa njengento efuneka (Mateyu 28:19, 20;

ngokupheleleyo ukuze kuzuzwe Luka 3:21-23; IZenzo 8:35, 36)

usindiso.” (New Catholic

Encyclopedia, uhlelo lowe-1967)

Iicawa ezininzi zahlulahluliwe Onke amaKristu enkulungwane

zaba ludidi lwamarhamente yokuqala ayengabalungiseleli

nodidi lwabefundisi, abalungiselela yaye aba nesabelo

amarhamente. Abefundisi badla ekushumayeleni iindaba

ngokunikwa umvuzo ngenxa ezilungileyo. (IZenzo 2:17, 18;

yobulungiseleli ababuphumezayo Roma 10:10-13; 16:1) UmKristu

ibe bayaphakanyiswa umele ‘aphe ngesisa,’

kunamarhamente ngokunikwa engakhangelanga ekufumaneni

izibizo ezinjengokuthi umvuzo. (Mateyu 10:7, 8) UYesu

“Mfundisi,” “Father,” okanye wakwalela ngokungqongqo

“Ohloniphekileyo.” ukusetyenziswa kwezibizo

zonqulo. (Mateyu 6:2; 23:2-12;

1 Petros 5:1-3)

Imifanekiso eqingqiweyo, AmaKristu amele alubaleke

imifanekiso engcwele neminqamlezo lonke uhlobo lokunqulwa

isetyenziselwa unqulo: kwezithixo, kuquka oko kufane

“Imifanekiso eqingqiweyo . . . kubizwe ngokuba lunqulo.

kaKristu, yoMama kaThixo (Eksodus 20:4, 5;

oyiNtombi Enyulu neyezinye 1 Korinte 10:14; 1 Yohane 5:21)

iingcwele, imele . . . igcinwe Anqula uThixo kungengakubona

ezicaweni ize inikwe intlonelo kodwa ngomoya nangenyaniso.

nembeko eyifaneleyo.” (Yohane 4:23, 24;

(Isibhengezo esakhutshwa 2 Korinte 5:7)

kwiBhunga laseTrent [1545-63])

Amalungu eecawa afundiswa ukuba UYesu washumayela ngoBukumkani

iinjongo zikaThixo ziya kufezwa bukaThixo, akazange ashumayele

ngezobupolitika. UKhadinali ngenkqubo ethile yobupolitika,

Spellman ongasekhoyo wathi: njengethemba loluntu.

“Inye kuphela indlela esa (Mateyu 4:23; 6:9, 10) Akazange

ekuzuzweni koxolo . . . , avume ukubandakanyeka

yindlela elula yedemokhrasi.” kwezobupolitika.

Iindaba zithetha (Yohane 6:14, 15) Ubukumkani

ngokubandakanyeka konqulo bakhe babungebubo obeli

kwiipolitiki zehlabathi hlabathi; ngenxa yoko,

(kwanakwiimvukelo) nokuxhasa abalandeli bakhe babengayi kuba

kwalo iZizwe Ezimanyeneyo ngabeli hlabathi.

‘njengethemba lokugqibela (Yohane 18:36; 17:16) UYakobi

lemvisiswano noxolo.’ walumkisa ngokwenza ubuhlobo

neli hlabathi. (Yakobi 4:4)

[Umfanekiso okwiphepha 132]

Ukuvulwa kwamatywina asixhenxe kukhokelela ekukhalisweni kwamaxilongo asixhenxe

[Umfanekiso okwiphepha 140]

“Ucelomngeni Kwiinkokeli Zehlabathi” (1922)

Esi sigqibo sanceda ekuvakalisweni kwesibetho sikaYehova ‘emhlabeni’

[Umfanekiso okwiphepha 140]

“Isilumkiso Esiya Kuwo Onke AmaKristu” (1923)

Umgwebo kaYehova oqatha onxamnye ‘nesinye kwisithathu solwandle’ wavakaliswa ngokubanzi sesi sigqibo

[Umfanekiso okwiphepha 141]

“Abefundisi Babekw’ Ityala” (1924)

Ukusasazwa ngokubanzi kweli phecana kwanceda ekwenzeni abantu baqonde ukuba ‘inkwenkwezi’ engabefundisi beNgqobhoko yayiwile

[Umfanekiso okwiphepha 141]

“Isigidimi Sethemba” (1925)

Esi sigqibo esavakaliswa ngokuphandle sasenzelwe ukubhenca imithombo yeNgqobhoko ekwakucingwa ukuba yeyokhanyo njengaleyo ngokwenyaniso iyimithombo yobumnyama

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share