UWexuko
Ingcaciso: Uwexuko kukulahla okanye kukushiya unqulo nenkonzo kaThixo, eneneni lukukuvukela uYehova uThixo. Bambi abawexuki bazibabaza bemazi yaye bemkhonza uThixo kodwa bayazigatya iimfundiso okanye izinto ezifunekayo ezandlalwe eLizwini lakhe. Abanye bathi bayayikholelwa iBhayibhile kodwa bayayigatya intlangano kaYehova.
Ngaba sifanele silindele ukuba abawexuki baya kuvela phakathi kwebandla lamaKristu?
1 Tim. 4:1: “Umoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.”
2 Tes. 2:3: “Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba [imini kaYehova] ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo [uwexuko, NW] kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo.”
Iimpawu ezithile ezifanisa abawexuki—
Bafuna ukubenza abanye babe ngabalandeli babo, ngaloo ndlela bebangela iiyantlukwano zamahlelo
Ize. 20:30: “Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo.”
2 Pet. 2:1, 3: “Naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, . . . Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo.”
Basenokuzibabaza bekholwa kuKristu kodwa bawusingele phantsi umsebenzi wokushumayela nokufundisa awabele abalandeli bakhe
Luka 6:46: “Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?”
Mat. 28:19, 20: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, [nibabhaptiza] . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”
Mat. 24:14: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”
Basenokuzibanga bemkhonza uThixo kodwa bacekise abameli bakhe, intlangano yakhe ebonakalayo
Yuda 8, 11: “Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela. Yeha ke bona! Ngokuba . . . batshabalala ephikeni likaKora.”
Num. 16:1-3, 11, 19-21: “UKora . . . bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla . . . Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova? . . . [UMoses wathi:] Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele? UKora walibizela ndawonye ngabo ibandla lonke emnyango wentente yokuhlangana. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kwibandla lonke. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, Zahluleni kweli bandla; ndiya kubagqibela ngephanyazo.”
Abaneli nje ngokulahla ukholo lokwenyaniso koko bandula ke “babethe” ababefudula bezizinxulumani zabo, bebagxeka ekuhleni yaye besebenzisa nezinye iindlela ukuthintela umsebenzi wabo; imigudu yabawexuki abanjalo yeyokuchitha, asiyoyakwakha
Mat. 24:45-51: “Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? . . . Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, iNkosi yam ilibele, ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo, imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi.”
2 Tim. 2:16-18: “Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.”
Ngaba amaKristu athembekileyo ebeya kubamkelela kuwo abawexuki, enoba kungokobuqu okanye kungokufunda uncwadi lwabo?
2 Yoh. 9, 10: “Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; . . . Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa.”
Roma 16:17, 18: “Ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo. . . . baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.”
Ngaba bekuya kubakho nayiphi na ingozi embi ngokwanelisa ukufun’ ukuqonda kukabani ngendlela abacinga ngayo abawexuki?
IMize. 11:9: “Intshembenxa [umwexuki, NW] iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo.”
Isa. 32:6: “Isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi [siwexuke, NW]; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.” (Thelekisa uIsaya 65:13, 14.)
Lubi kangakanani uwexuko?
2 Pet. 2:1: “Bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya.”
Yobhi 13:16: “Intshembenxa [umwexuki, NW], [ayiyi] kuza ebusweni bakhe [uThixo].”
Heb. 6:4-6: “Abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelane ngoMoya oyiNgcwele, bayiva inkcasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, baza babuya bakreqa [“ukuba ngoko bathe bawexuka,” RS]: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela . . . uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.”