INtlawulelo
Ingcaciso: Lixabiso elihlawulwayo ukuthenga kubuyiswa okanye ukukhulula kwisinyanzelo esithile okanye kwimeko ethile enganqwenelekiyo. Ixabiso elilelona likhulu lentlawulelo lelo legazi elaphalalayo likaYesu Kristu. Ngokuhlawula ixabiso laloo ntlawulelo ezulwini, uYesu wayivulela indlela inzala ka-Adam ukuba ihlangulwe esonweni nasekufeni nto ezo zizuzw’ ilifa ngenxa yesono sokhokho wethu uAdam.
Kwakwahluke njani ukufa kukaYesu Kristu koko kwabanye abaye baba ngabafelinkolo?
UYesu wayengumntu ofezekileyo. Wazalwa engenakusoleka ngenxa yesono ibe wahlala efezekile kubo bonke ubomi bakhe. “Ongenzanga sono.” “Ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni.”—1 Pet. 2:22; Heb. 7:26.
WayenguNyana okhethekileyo kaThixo. UThixo wakungqina oku ngokuvakalayo esemazulwini. (Mat. 3:17; 17:5) Lo Nyana ngaphambili wayehlala ezulwini; ngaye uThixo wabangela bonke abanye abantu abadaliweyo babakho nezinto ezikwindalo iphela. Ukuze aphumeze ukuthanda Kwakhe, uThixo wathi ngokungummangaliso wafudusa ubomi balo Nyana wabusa kwisibeleko sentombi enyulu ukuze azalwe njengomntu. Ukugxininisa ukuba ngokwenyaniso wayengumntu, uYesu wabhekisela kuye njengoNyana womntu.—Kol. 1:15-20; Yoh. 1:14; Luka 5:24.
Wayengenguye ongenamandla phambi kwabantu ababembulala. Wathi: “Mna [ndiyabuncama] ubomi bam . . . Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam.” (Yoh. 10:17, 18) Wakugatya ukubhenela kwimikhosi yezithunywa zezulu ukuze ingenelele ngenxa yakhe. (Mat. 26:53, 54) Nangona abantu abangendawo babevunyelwe ukuphumeza amacebo abo ekumbulaleni, ukufa kwakhe ngokwenyaniso kwakulidini.
Igazi lakhe elaphalalayo linexabiso lokulungiselela intlawulelo kwabanye. “Kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” (Marko 10:45) Ngoko ukufa kwakhe kwakuthetha okungakumbi gqitha kunokufela ukholo ngenxa yokungavumi ukulahla iinkolelo zakhe.
Bona kwanephepha 329, 330, phantsi komxholo othi “ISikhumbuzo.”
Kutheni kwakufuneka ukuba intlawulelo ilungiselelwe ngendlela eyalungiselelwa ngayo ukuze sifumane ubomi obungunaphakade?
Roma 5:12: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.” (Kungakhathaliseki ukuba sinokuphila ngokuthe tye kangakanani na, thina sonke singaboni ngokuzalwa. [INdu. 51:5] Ayikho indlela esinokuzenza ngayo sikufanelekele ukuphila ngonaphakade.)
Roma 6:23: “Umvuzo wesono kukufa.”
INdu. 49:6-9: “Abo bakholose ngemfuyo yabo, baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo. Akukho bani unokukhulula umzalwana; akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye (sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, masincanywe ngonaphakade), sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, angasiboni isihogo.” (Akakho umntu ongafezekanga onokulungiselela indlela yokuhlangula uthile ongomnye esonweni nasekufeni. Imali yakhe ayinakubuthenga ubomi obungunaphakade, ibe umphefumlo wakhe ofileyo, ekubeni kungumvuzo omele awufumane ngenxa yesono, awunaxabiso ekuhlanguleni nabani na.)
Kutheni le nto uThixo engasukanga nje wamisela ukuba, nangona uAdam noEva babemele bafe ngenxa yokuvukela kwabo, yonke inzala yabo eyayiya kuthobela uThixo yayinokuphila ngonaphakade?
Kungenxa yokuba uYehova ‘ungumthandi wobulungisa nokusesikweni.’ (INdu. 33:5; Dut. 32:4; Yer. 9:24) Ngoko, indlela awayicombulula ngayo le meko yaphakamisa ubulungisa bakhe, yahlangabezana neemfuneko zokusesikweni okupheleleyo, ibe, kwangaxeshanye, yazukisa uthando nenceba yakhe. Kwenzeka njani oko?
(1) UAdam noEva babengenabantwana ngaphambi kokuba bone, ke ngoko akukho namnye owazalwa efezekile. Yonke inzala ka-Adam yazalelwa esonweni, ibe isono sikhokelela ekufeni. Ukuba uYehova wayesuke wakutyeshela oku, oko ngekwakhanyela imilinganiselo yakhe yobulungisa. UThixo wayengenakukwenza oko aze ke abe lidlelane kwinto engebobulungisa. Akazange azityeshele iimfuneko zokusesikweni okupheleleyo; ngoko akukho sidalwa sinengqondo esasinokuthi ngokufanelekileyo sifumane imposiso kule nkalo.—Roma 3:21-26.
(2) Ngaphandle kokutyeshela iimfuneko zokusesikweni, lalinokwenziwa njani ilungiselelo lokuhlangula abo benzala ka-Adam ababeya kubonakalisa intobelo enothando kuYehova? Ukuba umntu ofezekileyo wayeza kufa njengedini, okusesikweni kwakuza kuvumela obo bomi bufezekileyo bulungiselele ukugutyungelwa kwezono zabo babeya kuthi ngokholo bamkele ilungiselelo. Ekubeni isono somntu omnye (eso sika-Adam) yayisiso esabangela ukuba yonke intsapho yabantu ibe ngaboni, igazi eliphaleleyo lomnye umntu ofezekileyo (lika-Adam wesibini), ekubeni lalilingana ngexabiso, lalinokwenza okusesikweni kulungelelane. Ngenxa yokuba uAdam wayengumoni wangabom, wayengenakufumana ngenelo; kodwa ngenxa yokuba isohlwayo lonke uluntu olwalufanele lusihlawule ngenxa yesono sasiya kuthi ngale ndlela sihlawulwe ngomnye umntu, inzala ka-Adam yayinokuhlangulwa. Kodwa wayengekho umntu ofezeke ngolo hlobo. Uluntu lwalungenakuze luhlangabezane nezo mfuneko zokusesikweni okupheleleyo. Ngoko, njengembonakaliso yothando olumangalisayo nangelahleko enkulu engokobuqu, uYehova wenza eli lungiselelo. (1 Kor. 15:45; 1 Tim. 2:5, 6; Yoh. 3:16; Roma 5:8) UNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo wakuvuma ukwenza indima yakhe. Elushiya ngokuthobekileyo uzuko lwakhe lwasezulwini yaye esiba ngumntu ofezekileyo, uYesu wafela uluntu.—Fil. 2:7, 8.
Umzekeliso: Intloko yentsapho isenokuba sisaphuli-mthetho ize igwetyelwe ukufa. Abantwana bayo basenokushiywa bengamahlwempu, benamatyala ngokunganiki themba. Mhlawumbi utatomkhulu wabo onobubele uyabalamlela, esenza ilungiselelo ngonyana ahlala naye ukuba abahlawulele amatyala abo aze abavulele nendlela yobomi obutsha. Kakade ke, ukuze bangenelwe, aba bantwana bamele balamkele eli lungiselelo ibe utatomkhulu ngokusengqiqweni usenokufuna izinto ezithile njengesiqinisekiso sokuba abantwana abayi kulixelisa ikhondo likayise.
Ixabiso ledini likaYesu lasetyenziswa koobani okokuqala, ibe ngayiphi injongo?
Roma 1:16: “Iindaba ezilungileyo [ezingoYesu Kristu nendima yakhe kwinjongo kaYehova] . . . zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.” (Isimemo sokungenelwa kwilungiselelo losindiso ngoKristu okokuqala sadluliselwa kumaYuda, saza ke sadluliselwa kwabangemaYuda.)
Efe. 1:11-14: “Kuye lo [uKristu] sithe [maYuda, kuquka nompostile uPawulos] sikuye sadla ilifa [Ilifa lantoni? LoBukumkani basezulwini] . . . ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu; enithe, nikuye nani [maKristu awayethatyathwe eziNtlangeni, njengoko ayemaninzi e-Efese], nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu—enithe, nakukholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.” (Elo lifa, njengoko liboniswe kweyoku-1 kaPetros 1:4, lilondolozwe emazulwini. ISityhilelo 14:1-4 sibonisa ukuba abo banesabelo kulo bali-144 000. Bekunye noKristu, aba baya kukhonza njengookumkani nababingeleli kuluntu iminyaka eli-1 000, ekuya kuthi ebudeni boko izaliseke injongo kaThixo yokuba umhlaba ube yiparadisi emiwe yinzala efezekileyo yesibini sokuqala esingabantu.)
Ngoobani abanye kumhla wethu abafumana iingenelo kwidini likaYesu?
1 Yoh. 2:2: “Yena [uYesu Kristu] usisicamagushelo sezono zethu [ezo zompostile uYohane namaKristu athanjiswe ngomoya]; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela [abanye boluntu, abo ithemba lobomi obungunaphakade emhlabeni lithi ngaloo ndlela libe nokwenzeka].”
Yoh. 10:16: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” (Ezi ‘zimvu zizezinye’ zinyanyekelwa ngothando nguYesu Kristu ngoxa intsalela ‘yomhlambi omncinane’ yeendlalifa zoBukumkani isesemhlabeni; ngaloo ndlela “ezinye izimvu” zinokunxulunyaniswa neendlalifa zoBukumkani njengenxalenye ‘yomhlambi omnye.’ Bonke banandipha uninzi lweengenelo ezifanayo ezivela kwidini likaYesu, kodwa ezingafani ncam, ngenxa yokuba baneendidi ezahlukeneyo zekamva.)
ISityhi. 7:9, 14: “Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, . . . Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.” (Ngoko, amalungu esi sihlwele sikhulu aphila kwixesha lokuqalisa kwembandezelo enkulu, ibe ami ngokucocekileyo phambi koThixo ngenxa yokuba anokholo kwintlawulelo. Ubulungisa ekuthiwa anabo ngenxa yoku buyinto eyaneleyo ukuba alondolozwe ephila emhlabeni ukutyhubela imbandezelo enkulu.)
Ziziphi iintsikelelo zekamva eziya kunanditshwa ngenxa yentlawulelo?
ISityhi. 5:9, 10: “Avuma ingoma entsha, esithi: “Ufanele [iMvana, uYesu Kristu] ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga; wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.” (Intlawulelo yayiyinto ebalulekileyo ekuvuleni indlela yobomi basezulwini kwabo baza kulawula noKristu. Kungekudala bonke abalawuli kurhulumente omtsha womhlaba baya kuba kwiitrone zabo zasezulwini.)
ISityhi. 7:9, 10: “Ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana [uYesu Kristu, owafa okwemvana yedini], bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo, badanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana!” (Ukholo kwidini likaKristu luyinto eyintloko ekusindeni kwesi sihlwele sikhulu kwimbandezelo enkulu.)
ISityhi. 22:1, 2: “Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.” (Ngaloo ndlela, ukusetyenziswa kwexabiso ledini leMvana kaThixo, uYesu Kristu, kuyinxalenye ebalulekileyo yelungiselelo elenziwa nguThixo ukuphilisa uluntu kuyo yonke imiphumo yesono nokulwenza lunandiphe ubomi obungunaphakade.)
Roma 8:21: “Inethemba lokuba nendalo ngokwayo [uluntu] iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.”
Yintoni efunekayo kuthi ukuze singenelwe ngokusisigxina kwidini likaYesu eligqibeleleyo?
Yoh. 3:36: “Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.”
Heb. 5:9: “Waza [uYesu Kristu], egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo.”
Ilungiselelo lentlawulelo lityhila ntoni ngendlela uThixo avakalelwa ngayo ngoluntu?
1 Yoh. 4:9, 10: “Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye. Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.”
Roma 5:7, 8: “Kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.”
Eli lungiselelo limele libe nawuphi umphumo kwindlela esibusebenzisa ngayo ubomi bethu?
1 Pet. 2:24: “Owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni.” (Ngenxa yako konke oko uYehova noNyana wakhe bakwenzileyo ukusicoca esonweni, simele sizabalaze ngenkuthalo ukoyisa utyekelo lwesono. Kumele kube yinto eyinkohla ngokupheleleyo kuthi ukuthi ngabom senze nantoni na esiyaziyo ukuba isisono!)
Tito 2:13, 14: “UYesu Kristu, [wazinikela] ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.” (Ukuxabisa eli lungiselelo limangalisayo kumele kusishukumisele ukuba nesabelo esisenza ngenzondelelo kule misebenzi uKristu awayabela abalandeli bakhe bokwenyaniso.)
2 Kor. 5:14, 15: “Lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo; wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.”