Incwadi YeBhayibhile 20—IMizekeliso
Izithethi: NguSolomon, nguAgure noLemuweli
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: EYerusalem
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-717 B.C.E.
1. Bubuphi ubulumko obufunyanwa kwincwadi yeMizekeliso?
XA USOLOMON, unyana kaDavide, waba ngukumkani kwaSirayeli ngowe-1037 B.C.E., wathandaza kuYehova ecela “ubulumko nokwazi” ukuze ‘alawule aba bantu baninzi.’ Ekusabeleni kwakhe koko, uYehova wamnika ‘ukwazi nobulumko nentliziyo enokuqonda.’ (2 Kron. 1:10-12; 1 Kum. 3:12; 4:30, 31) Ngenxa yoko, uSolomon “wathetha amawaka amathathu emizekeliso.” (1 Kum. 4:32) Obunye bobu bulumko wabuthethayo babhalwa kwincwadi yeBhayibhile yeMizekeliso. Ekubeni ngenene ubulumko bakhe yayibobo “wayebubeke entliziyweni yakhe uThixo,” ngoko ngokufundisisa IMizekeliso enyanisweni sifundisisa ubulumko bukaYehova uThixo. (1 Kum. 10:23, 24) Le mizekeliso ishwankathela iinyaniso ezingunaphakade. Zisasebenza njengenkcazelo esexesheni kanye njengokuba zazinjalo xa zavakaliswa okokuqala.
2. Kutheni ixesha likaSolomon yayilixesha elifanelekileyo lokudlulisela ukhokelo lukaThixo ngeMizekeliso?
2 Ulawulo lukaSolomon lwalusisihlandlo esifanelekileyo sokudlulisela olu khokelo lobuthixo. Kuthiwa uSolomon “wahlala ke . . . etroneni kaYehova.” Ubukumkani bakwaSirayeli obungokolawulo lobuthixo babusemagqabini, kwaye uSolomon wababalwa ‘ngendili yobukumkani’ egqwesileyo. (1 Kron. 29:23, 25) Yayilixesha loxolo nelendyebo, ixesha lonqabiseko. (1 Kum. 4:20-25) Phofu ke, kwanaphantsi kolawulo lobuthixo olunjalo, abantu babesenazo iingxaki nobunzima ngenxa yokungafezeki kobuntu. Kuyaqondakala ukuba abantu babeya kukhangela kuKumkani uSolomon osisilumko ukuba abancede bacombulule iingxaki zabo. (1 Kum. 3:16-28) Ekuwiseni isigwebo kula matyala maninzi, wayesenza imizekeliso eyayifanelekela iimeko ezininzi zobomi bemihla ngemihla. Le mizekeliso mifutshane nechukumisayo yayixatyiswa kunene ngabo babenqwenela ukuvisisanisa ubomi babo nokuthanda kukaThixo.
3. Yahlanganiswa njani IMizekeliso?
3 Ingxelo ayitsho ukuba nguSolomon owabhala IMizekeliso. Noko ke, ithi ‘wayithetha’ imizekeliso, kwakhona ithi ‘wagocagoca, wayila imizekeliso emininzi,’ ngaloo ndlela ibonisa ukuba wayenomdla wokuyilondolozela ukuba isetyenziswe kamva. (1 Kum. 4:32; INtshu. 12:9) Ngexesha likaDavide noSolomon, kwakukho ababhali basemthethweni kuludwe lwamagosa asentendelezweni. (2 Sam. 20:25; 2 Kum. 12:10) Enoba aba babhali basentendelezweni yakhe bayibhala baza bayiqokelela imizekeliso yakhe, asazi, kodwa amazwi awathethwa nguye nawuphi na umlawuli onjengaye ayeya kuxatyiswa gqitha kwaye ngokuqhelekileyo ayeya kubhalwa. Yamkelwa ngokubanzi into yokuba le ncwadi iyingqokelela ehlanganiswe ngokuphuma kwezinye iingqokelela.
4. (a) Ngokuqhelekileyo yahlulahlulwe njani incwadi yeMizekeliso? (b) Ngubani owaqamba eyona mizekeliso mininzi?
4 Incwadi yeMizekeliso isenokwahlulahlulwa ibe ngamacandelo amahlanu. La macandelo ngala: (1) Izahluko 1-9, eziqala ngamazwi athi “Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide”; (2) Izahluko 10-24, ezichazwa ‘njengeMizekeliso kaSolomon’; (3) Izahluko 25-29, inxalenye eqala ngokuthi: “Nale yimizekeliso kaSolomon, awayihlanganisayo amadoda kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda”; (4) Isahluko 30, esitshayelelwa ngokuthi “Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe”; (5) neSahluko 31, esiqulethe “Amazwi kaLemuweli, ukumkani waseMasa, awamqeqesha ngawo unina.” Ngaloo ndlela uSolomon waba ngumqambi weyona mizekeliso mininzi. Ngokuphathelele uAgure noLemuweli, akukho nto ibambekayo yaziwayo ngabo. Bambi abahlalutyi bathi kusenokuba uLemuweli yayilelinye igama likaSolomon.
5. Yabhalwa yaza yahlanganiswa nini IMizekeliso?
5 Yabhalwa yaza yahlanganiswa nini IMizekeliso? Alithandabuzeki elokuba eyona nxalenye inkulu yabhalwa ebudeni bolawulo lukaSolomon (ngowe-1037-998 B.C.E.) ngaphambi kokukreqa kwakhe. Ngenxa yokungacaci kwento yokuba ungubani na uAgure noLemuweli, akunakwenzeka ukuba kufunyanwe ixesha eyabhalwa ngalo ingxelo yabo. Ekubeni enye ingqokelela yahlanganiswa ebudeni bolawulo lukaHezekiya (ngowama-745-717 B.C.E.), bekungenakwenzeka ukuba ingqokelela yokugqibela yahlanganiswa ngaphambi kolawulo lwakhe. Ngaba amacandelo amabini okugqibela nawo aqokelelwa ngaphantsi kolwalathiso lukaKumkani uHezekiya? Ekuphenduleni oku umbhalo osemazantsi weMizekeliso 31:31 kwiNew World Translation of the Holy Scriptures—With References unikela le nkcazelo icacileyo: “Lumbi [uhlelo] lwemibhalo yesiHeb[here] lubonisa itrigrammaton, okanye oonobumba abathathu, uChehth, uZaʹyin, uQohph (חזק) abamele utyobelo lwegama likaKumkani uHezekiya kwincwadi eyakhutshelwa ngababhali bakhe ukuze kuboniswe ukuba loo ncwadi yayigqityiwe.”
6. Uyintoni umzekeliso, kwaye kutheni igama lesiHebhere lale ncwadi lifanelekile nje?
6 KwiiBhayibhile zesiHebhere le ncwadi mandulo yayibizwa ngegama elisekuqaleni kuyo elithi, mish·lehʹ, elithetha “imizekeliso.” Igama elithi mish·lehʹ lisisininzi, imo eyakhiwe kwisibizo sesiHebhere esithi ma·shalʹ, sibizo eso ngokuqhelekileyo ekucingwa ukuba sivela kwingcambu yegama elithetha “ukufanisa” okanye “ukuthelekisa.” La magama akucacisa kakuhle okuqulethwe yile ncwadi, kuba imizekeliso iziintetho ezimfutshane nezingqalileyo ekuthi ngokufuthi kuzo kufaniswe okanye kuthelekiswe izinto kwaye iyilelwe ukunceda umphulaphuli ukuba acinge. Ukuba kwimo emfutshane kwale mizekeliso kwenza kube lula ukuyiqonda nokuba ibe yeyomdla, kwaye ekubeni ikule mo kulula ukufundisa ngayo, ukuyifunda nokuyikhumbula. Ingcamango iyahlala.
7. Yintoni efanele iphawulwe ngesimbo sokubhalwa kweMizekeliso?
7 Isakhono sokubhala esisetyenzisiweyo kule ncwadi naso sibangel’ umdla gqitha. Ibhalwe ngokwesimbo semibongo yesiHebhere. Elona candelo likhulu kule ncwadi likwimo engumbongo onxuseneyo. Oku akwenzi ukuba imiqolo okanye iindinyana zibe nemvano-siphelo, okanye zivakale ngendlela efanayo. Kubangela ukuba imiqolo enemvano-siphelo idlulisele iingcinga okanye iingcamango ezifanayo. Ukusulungeka namandla emfundiso yayo bukwezi ngcamango zinemvano-siphelo. Iingcamango zisenokuba zizifanokuthi okanye zahlukane, kodwa kuthelekiswa izinto ukuze kuphuhliswe ingcamango, kunabise ingcinga, nokuqinisekisa ukuba kudluliselwa intsingiselo yengcamango. Imizekelo yeengcamango ezifanayo ifumaneka kwiMizekeliso 11:25; 16:18; nakwese-18:15, kwaye imizekelo eliqela yeengcamango ezahlukeneyo ikwiMizekeliso 10:7, 30; 12:25; 13:25; nakwese-15:8. Esinye isimbo sokubhala sifumaneka kanye ekupheleni kwale ncwadi. (IMize. 31:10-31) Iindinyana ezingama-22 apho zihlanganiswe ngendlela yokuba ngesiHebhere ndinyana nganye iqalise ngonobumba olandelayo koonobumba besiHebhere, hlobo olo lokubhala olukwasetyenziswe nakwiindumiso eziliqela. Olu hlobo lokubhala alunakuthelekiswa nayo nayiphi na imibhalo yamandulo ngokusulungeka.
8. Ukusetyenziswa kweMizekeliso ngamaKristu enkulungwane yokuqala kubungqinela njani ubunyaniso bayo?
8 Ubunyaniso bencwadi yeMizekeliso bukwaboniswa ekusetyenzisweni okuphangaleleyo kwale ncwadi ngamaKristu okuqala ekumiseleni imiyalelo yokuziphatha. Kubonakala ukuba uYakobi wayeqhelene gqitha neMizekeliso kwaye wasebenzisa imigaqo yayo esisiseko kwisiluleko esihle awasinikelayo esingokuziphatha kwamaKristu. (Thelekisa IMizekeliso 14:29; 17:27 noYakobi 1:19, 20; IMizekeliso 3:34 noYakobi 4:6; IMizekeliso 27:1 noYakobi 4:13, 14.) Ukucatshulwa okuthe ngqo kweMizekeliso kukwanokufunyanwa kwezi ndinyana zilandelayo: Roma 12:20—IMizekeliso 25:21, 22; Hebhere 12:5, 6—IMizekeliso 3:11, 12; 2 Petros 2:22—IMizekeliso 26:11.
9. IMizekeliso ivisisana njani nayo yonke iBhayibhile?
9 Ukongezelela koku, IMizekeliso ibonisa ukuba iyavisisana nayo yonke iBhayibhile, ngaloo ndlela izingqina ukuba iyinxalenye yaso “sonke iSibhalo.” Inikela ingcamango evisisana ngqo noMthetho kaMoses, nemfundiso kaYesu, kwakunye nemibhalo yabafundi nabapostile bakaYesu. (Bona IMizekeliso 10:16—1 Korinte 15:58 namaGalati 6:8, 9; IMizekeliso 12:25—Mateyu 6:25; IMizekeliso 20:20—Eksodus 20:12 noMateyu 15:4.) Naxa kuchatshazelwa iingongoma ezinjengokulungiswa komhlaba ukuze umiwe ngabantu, kukho ukuvumelana kweengcinga nabanye ababhali beBhayibhile.—IMize. 3:19, 20; Gen. 1:6, 7; Yobhi 38:4-11; INdu. 104:5-9.
10, 11. Yintoni enye eyongezelelekileyo engqinela ukuba le ncwadi iphefumlelwe nguThixo?
10 Okukwangqinela ukuphefumlelwa kwale ncwadi nguThixo kukuchana kwayo ngokwenzululwazi, enoba umzekeliso ubandakanya imigaqo yemichiza, yonyango okanye yempilo. Kubonakala ukuba IMizekeliso 25:20 ithetha ngomxube weasidi nealkali. IMizekeliso 31:4, 5 iyavumelana noko kufunyaniswe kwinzululwazi yezi mini yokuba utywala buyawadodobalisa amandla okucinga. Oogqirha neengcali ezininzi zezondlo ziyavuma ukuba ubusi bukukutya okunempilo, nto leyo esikhumbuza umzekeliso othi: “Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile.” (IMize. 24:13) Izinto eziye zaphawulwa ngomzimba nengqondo namhlanje azikho ntsha kwiMizekeliso. “Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise.”—17:22; 15:17.
11 Eneneni, incwadi yeMizekeliso izigubungela ngokupheleleyo zonke iintswelo neemeko zoluntu kangangokuba enye incwadi yathi: “Akukho nkalo ebomini engachatshazelwayo yimfundiso yayo efanelekileyo, alukho utyekelo lobulungisa okanye lobubi olungachatshazelwayo sisiluleko sayo esifanelekileyo. Kuzo zonke iinkalo ingqalelo yabantu isoloko itsalelwa ekwakheni ubuhlobo obusenyongweni noThixo, . . . kwaye umntu ukhuthazelwa ukuziphatha njengokungathi uphambi koMenzi noMgwebi wakhe . . . Zonke iintlobo zobuntu zikhankanyiwe kule ncwadi yamandulo; kwaye nangona yabhalwa kwiminyaka engamawaka amathathu eyadlulayo, isavisisana kakuhle nendalo ngokungathi ngumbhalo wale mihla okhutshelweyo ngokusuka kuyo ngokungqalileyo.”—IDictionary of the Bible kaSmith, yowe-1890, Umqu. III, iphepha 2616.
OKUQULETHWE YIMIZEKELISO
12. (a) Yiyiphi imibongo esuka komnye umbongo ukuya komnye eyila icandelo lokuqala leMizekeliso? (b) Ifundisa ntoni ngokuphathelele ubulumko nehambo yabantu? (c) IMizekeliso 1:7 iwubonisa njani ngokucacileyo umongo wayo yonke le ncwadi?
12 Icandelo Lokuqala (1:1–9:18). Eli candelo lingumbongo osuka komnye umbongo ukuya komnye owakhiwe ziintetho ezimfutshane ngokungathi ngubawo ethetha nonyana, elithetha ngokufuneka kobulumko bokulondoloza intliziyo, okanye zonke iimvakalelo zangaphakathi nokulawula iminqweno. Lifundisa ngokuxabiseka kobulumko neentsikelelo zabo: ulonwabo, uvuyo, uxolo nobomi. (1:33; 3:13-18; 8:32-35) Lithelekisa oku nokuswela ubulumko nemiphumo yako: ukubandezeleka nokufa ekugqibeleni. (1:28-32; 7:24-27; 8:36) Ngokuqwalasela iimeko ezininzi nezinto ezenzekayo ebomini, inika umntu imfundiso esisiseko ngehambo yomntu nemiphumo yangoku neyexesha elizayo yehambo enjalo. Amazwi akwiMizekeliso 1:7 awubonisa ngokucacileyo umongo wayo yonke le ncwadi ongulo: “Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi.” Zonke izenzo zimele zibonise ukuba kuyacingwa ngoYehova. Isoloko iphindaphindwa imfuneko yokungaze ilityalwe imiyalelo kaThixo, ukuyilandela ngenyameko imithetho yakhe, nokungayityesheli.
13. Chaza izinto ezibalaseleyo ezifumaneka kulo lonke icandelo lokuqala leMizekeliso.
13 Ezona zinto zibalaseleyo kweli candelo lokuqala kukuhlakulela ubulumko, ukwazi, ukoyika uYehova, uqeqesho nokuqonda. Kunikelwa izilumkiso nxamnye nonxulumano olubi, ukugatya uqeqesho lukaYehova nokuba neentlobano ezingafanelekanga nomfazi ongengowakho. (1:10-19; 3:11, 12; 5:3-14; 7:1-27) Kangangezihlandlo ezibini, ubulumko buchazwa njengobumi kwiindawo zikawonke wonke, ngaloo ndlela bukho, buyafumaneka. (1:20, 21; 8:1-11) Bumntwisiwe kwaye buyababongoza abo bangenakwazi, bude busikhanyisele nangokudalwa komhlaba. (1:22-33; 8:4-36) Enjani yona ukumangalisa incwadi! Eli candelo liqukumbela ngomxholo ebeliqale ngawo, othi “yingqalo yokulumka ukoyika uYehova.” (9:10) Kulo lonke, lithi ukwazi uYehova kuzo zonke iindlela zethu, nokunamathela kwethu kubulungisa bakhe, kuyindlela yobomi kwaye kunokusilondoloza kwizinto ezininzi gqitha ezinganqwenelekiyo.
14. Kukuthelekiswa kwaziphi iimeko zobomi okwenza ukuba iimfundiso eziluncedo zeMizekeliso zicace?
14 Icandelo Lesibini (10:1–24:34). Apha sifumana imigaqo emininzi esisiseko nekhethwe kakuhle, enganxibelelananga nebonisa indlela esinokusebenzisa ngayo ubulumko kwiimeko ezintsonkothileyo zobomi. Injongo yayo yokusifundisa indlela efanelekileyo yokubusebenzisa, kukukhuthaza ulonwabo olungakumbi nokuphila ubomi obuyolisayo. Ukuthelekiswa kweemeko zobomi kwenza ukuba ezi mfundiso zicace ezingqondweni zethu. Nantsi inxalenye yoludwe lwemibandela eqwalaselwa kwisahluko nje 10, 11, nese-12:
uthando nxamnye nentiyo
ubulumko nxamnye nobuyatha
ukunyaniseka nxamnye nokukhohlisa
ukuthembeka nxamnye nokunginiza
inyaniso nxamnye nobuxoki
ububele nxamnye nokuvimba
ukukhuthala nxamnye nobuvila
ingqibelelo nxamnye nobugwenxa
isiluleko esihle nxamnye nokhokelo lobudenge
umfazi onesidima nxamnye nomfazi oziintloni
ubulungisa nxamnye nobungendawo
ukuthozama nxamnye nokukhukhumala
Ukuqwalasela olu ludwe sithelekisa nobomi bamihla le kumele kusiqinisekise ukuba ngenene IMizekeliso yincwadi eluncedo!
15. Nikela eminye yemizekelo yeemeko zabantu ezahlukahlukeneyo ekuthethwa ngazo kwiMizekeliso.
15 Inxalenye elandelayo yeli candelo (13:1–24:34) iyaqhubeka isikhumbuza ngemilinganiselo kaYehova khon’ ukuze sibe nokuqiqa nokuqonda. Uludwe lweemeko ezahlukahlukene gqitha zabantu ekuthethwe ngazo luya kubonisa umbandela obanzi ogutyungelwa yile ncwadi. Kuyeyona ngenelo inkulu ukuthobela esi siluleko seBhayibhile esimayela nokuhanahanisa, ukuzikhukhumalisa, ukuzalisekisa isibhambathiso sakho, ubuqili, unxulumano, ukohlwaya nokuqeqesha umntwana, imbono yomntu ngoko kulungileyo, ukuzeka kade umsindo, ukubabala abaziintsizana, ukukhohlisa, umthandazo, ukugculela, ukwaneliseka zizinto eziyimfuneko ebomini, ikratshi, inzuzo embi, ukunyoba, ulunya, ukuzeyisa, ukuzahlula, ukuthula, ukuba nomkhethe, ukuxambulisana, ukuthobeka, ukuphila tofotofo, ukunyamekela ubawo nomama, iziselo ezinxilisayo, ukuqhatha, iimpawu zomfazi, izipho, ukuboleka, ukubolekisa, ububele, intembelo, umlinganiselo wobuncwane, ukomeleza amaqhina entsapho, umona, ukuziphindezelela, amampunge, impendulo ethambileyo, ukucamngca nobuhlobo bokwenyaniso. Onjani yena ukutyeba uvimba wesiluleko onokudimbaza kuye ukuze ufumane ukhokelo olusengqiqweni kwimicimbi yemihla ngemihla! Kwabanye, ezininzi zezi zinto zisenokubonakala zingabalulekanga, kodwa apha siphawula ukuba iBhayibhile ayizibethi ngoyaba iintswelo zethu kungakhathaliseki ukuba zibonakala zincinane kangakanani na. Kule nkalo, IMizekeliso yeyexabiso elingenakuthelekiswa nanto.
16. Sisiphi isiluleko esakhayo esinikelwa kwicandelo lesithathu leMizekeliso?
16 Icandelo Lesithathu (25:1–29:27). Linikela isiluleko esakhayo ngemibandela enjengembeko, umonde, iintshaba, ukuqhubana nabantu abaziziyatha, ukuzonwabisa, ukunyhwalaza, ikhwele, ukukhutyekiswa ngumhlobo, ukulamba, ukunginiza, ukunyamekela imbopheleleko, izilangazelelo, ukuvuma isono, imiphumo yolawulo olungendawo, ukuzingca, iintsikelelo zolawulo lobulungisa, ubunjubaqa babantwana, ukuphathwa kwezicaka, ukuqiqa nombono.
17. (a) Sisiphi “isigidimi esinamandla” uAgure asidluliselayo? (b) Ziziphi iintlobo zezinto ezine ezahlukahlukeneyo azichazayo?
17 Icandelo Lesine (30:1-33). Esi “sisigidimi esinamandla” (NW) esigqalwa njengesika-Agure. Emva kokuvuma ngokuzithoba ukuba akabalulekanga, umbhali ubhekisela ekungakwazini komntu ukudala umhlaba nezinto ezikuwo. Uthi iLizwi likaThixo linyityilikisiwe kwaye liyingweletshetshe. Ucela ukuba ilizwi lobuxoki lisuswe kuye nokuba anganikwa ubutyebi okanye ubuhlwempu. Uchaza isizukulwana esingcolileyo, esinekratshi nesibawayo esizisela abazali baso ububi. Uchaza izinto ezine ezingatshoyo ukuthi “Kwanele,” nezinto ezine ekunzima gqitha ukuziqonda. (30:15, 16) Usixelela ngomfazi okrexezayo ongenazintloni zakuthi akenzanga bubi. Kwandula ke kuchazwe izinto ezine umhlaba owoyiswayo zizo, izinto ezine ezincinane ezinethuku, nezinto ezine ezihamba ngokunyalasa. Ngokuthelekisa izinto ngobuciko, umbhali ulumkisa ngelithi “ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.”—30:33.
18. Uthini uKumkani uLemuweli (a) ngomfazi onobubi (b) nangomfazi onesidima?
18 Icandelo Lesihlanu (31:1-31). Nasi esinye “isigidimi esinamandla,” (NW) eso sokumkani uLemuweli. Esi sidluliselwa ngezimbo ezimbini zokubhala. Inxalenye yokuqala ithetha ngomonakalo umntu anokufikelela kuwo ngenxa yomfazi onobubi, ilumkisa ngendlela isiselo esinxilisayo esinokubangela ngayo ukugqwethwa kwesigwebo, kwaye ikhuthaza ugwebo lobulungisa. Kwinxalenye yokugqibela kusetyenziswe umbongo oluhlobo lweacrostic ekuchazeni ngobuchule umfazi onesidima. Ngokweenkcukacha iqwalasela ixabiso lakhe, ibonisa ukuba kuthenjelwa ngaye nokuba uyayizuzisa indoda yakhe. Iimpawu zakhe ziquka ukuba ngonemveliso, ovuka kwangonyezi, othenga ngobulumko, onobubele kwabasweleyo, kwanozibona kusengaphambili izinto nothetha ngobulumko. Kwakhona uphaphile, uyahlonelwa ngabantwana bakhe kwaye indoda yakhe iyamdumisa. Ngaphezu kwako konke, woyika uYehova.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
19. IMizekeliso iyicacisa njani ngakumbi injongo yayo eyingenelo?
19 Injongo eyingenelo yeMizekeliso ichazwe kwiindinyana zokuqala ngokuthi: “Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; yokuba izidenge zinikwe ubuqili; ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela.” (1:2-4) Ngokuvisisana naloo njongo ichaziweyo, le ncwadi ibalaselisa ukwazi, ubulumko nokuqonda, nto nganye kwezi eyingenelo ngendlela yayo ekhethekileyo.
20. Ithini IMizekeliso ngokwazi?
20 (1) Ulwazi yeyona nto kufuneka umntu abe nayo, kuba akulungile ngomntu ukuba angabi nalwazi. Umntu akanakuze aluzuze ulwazi oluchanileyo ngaphandle kokoyika uYehova, kuba ukwazi kuqala ngoloyiko olunjalo. Kumelwe kukhethwe ulwazi kunokukhetha igolide esulungekileyo. Ngoba? Ngolwazi amalungisa ayahlangulwa; luyasihlangula ekuweleni esonweni. Hayi indlela ekufuneka siluphande ngayo, silungenise! Luxabiseke kunene. Ngoko “thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko, uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.”—22:17; 1:7; 8:10; 11:9; 18:15; 19:2; 20:15.
21. Iyintoni imfundiso kaThixo ngobulumko?
21 (2) Ubulumko, ubuchule bokusebenzisa ulwazi ngokufanelekileyo ukuze kudunyiswe uYehova, ‘buyingqalo.’ Burhwebe. UMthombo wabo nguYehova. Ubulumko obuphilisayo buqala ekwazini nasekoyikeni uYehova uThixo—leyo yimfihlelo enkulu yobulumko. Ngoko yoyika uThixo, kungekhona umntu. Ubulumko obumntwisiweyo bukhupha izibhengezo, bubongoza bonke ukuba balungise iindlela zabo. Ubulumko budanduluka ezitratweni. UYehova umema bonke abangenalwazi nabo baswele intliziyo ukuba baguquke baze bazondle ngesonka sobulumko. Ngoko, ngokoyika uYehova, baya kuba noyolo kwanokuba abanazinto zininzi. Zininzi iintsikelelo zobulumko; imiphumo yabo iyingenelo gqitha. Ubulumko nokwazi—zizinto ezisisiseko ezifunekayo ukuze sibe namandla okucinga, nto leyo eya kusilondoloza. Njengoko ubusi buluncedo kwaye bunencasa, bunjalo ke nobulumko. Buxabiseke ngaphezu kwegolide; bungumthi wobomi. Abantu bayatshabalala ukuba abanabulumko, kuba ubulumko bulondoloza ubomi; buthetha ubomi.—4:7; 1:7, 20-23; 2:6, 7, 10, 11; 3:13-18, 21-26; 8:1-36; 9:1-6, 10; 10:8; 13:14; 15:16, 24; 16:16, 20-24; 24:13, 14.
22. Ukuqonda kumlondoloza njani umntu?
22 (3) Ngaphandle kolwazi nobulumko, ukuqonda kubalulekile; ngenxa yoko, “ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.” Ukuqonda kukukwazi ukubona into ngeliso elinzulu; kuthetha ukuba nengqiqo, ukusoloko ucinga ngoThixo, kuba umntu akanakukholosa ngokwakhe ukuqonda. Hayi indlela ekungenakwenzeka ngokupheleleyo ngayo ukuba umntu abe nokuqonda okanye ingqiqo ukuba wenza oko kuchaseneyo noYehova! Ukuze sikwenze kube kokwethu, simele sikufune ngenkuthalo ukuqonda njengobutyebi obuselelweyo. Ukuze sizuze ukuqonda, simele sibe nolwazi. Ukuphanda ulwazi komntu onokuqonda kunomvuzo, kwaye ubulumko buphambi kwakhe. Uyalondolozwa kwimigibe emininzi yeli hlabathi, njengaleyo ivela kwinyambalala yabantu ababi abasenokuzama ukurhintyela ubani ukuba ahambe nabo kwiindlela zobumnyama. Makabulelwe uYehova uThixo—uMthombo wolwazi, wobulumko nokuqonda okunik’ ubomi!—4:7; 2:3, 4; 3:5; 15:14; 17:24; 19:8; 21:30.
23. Luluphi olunye uhlobo lwesiluleko sobulumko oluya kuxutyushwa ngokulandelayo?
23 Ngokuvisisana nenjongo eyingenelo yeMizekeliso, le ncwadi inikela isiluleko esaneleyo sobulumko nesiphefumlelweyo sokusinceda sizuze ukuqonda size silondoloze intliziyo, “kuba aphuma kuyo amathende obomi.” (4:23) Okulandelayo yinxalenye yesiluleko sobulumko esibalaseliswa kuyo yonke le ncwadi.
24. Kuthiwani ngabangendawo namalungisa?
24 Kuboniswa umahluko phakathi kongendawo nolungileyo: Ongendawo uya kubanjiswa kwiindlela zakhe ezigoso, kwaye ubutyebi bakhe abuyi kumsindisa ngomhla wengqumbo. Olungileyo ukumendo wobomi kwaye uya kuvuzwa nguYehova.—2:21, 22; 10:6, 7, 9, 24, 25, 27-32; 11:3-7, 18-21, 23, 30, 31; 12:2, 3, 7, 28; 13:6, 9; 14:2, 11; 15:3, 8, 29; 29:16.
25. IMizekeliso ilumkisa njani ngokuchasene nokuziphatha okubi?
25 Kufuneka imilinganiselo ecocekileyo yokuziphatha: Ngokuqhubekayo uSolomon ulumkisa nxamnye nokuziphatha okubi. Abantu abakrexezayo baya kufumana isibetho kwaye baya kuhlaziswa, nogculelo lwabo aluyi kususwa. “Amanzi abiweyo” asenokuvakala enencasa koselula, kodwa ihenyukazi lehlela kwelabafileyo kwaye lihamba namaxhoba alo angenamava. Abo bawela kumngxuma onzulu wokuziphatha okubi balisikizi kuYehova.—2:16-19; 5:1-23; 6:20-35; 7:4-27; 9:13-18; 22:14; 23:27, 28.
26. Kuthiwani ngokuzeyisa?
26 Kufuneka ukuzeyisa: Ubunxila nobudlakudla buyagwetywa. Bonke aya kukholiswa ngabo uThixo bamele baqhelisele ubungcathu ekutyeni nasekuseleni. (20:1; 21:17; 23:21, 29-35; 25:16; 31:4, 5) Abo bazeka kade umsindo banengqondo ephangaleleyo kwaye bomelele kunegorha elithimba isixeko. (14:17, 29; 15:1, 18; 16:32; 19:11; 25:15, 28; 29:11, 22) Kwakhona kufuneka ukuzeyisa ukuze kuphetshwe umona nekhwele, zinto ezo eziyimpehla emathanjeni.—14:30; 24:1; 27:4; 28:22.
27. (a) Yiyiphi indlela yobuyatha yokusebenzisa intetho? (b) Kutheni kubaluleke kangaka nje ukuyisebenzisa ngobulumko imilebe nolwimi lwethu?
27 Ukusebenzisa intetho ngobulumko nangobuyatha: Intetho egwenxa, umntu onginizayo, ingqina elixokayo nomntu okhohlisayo baya kubhencwa, kuba balisikizi kuYehova. (4:24; 6:16-19; 11:13; 12:17, 22; 14:5, 25; 17:4; 19:5, 9; 20:17; 24:28; 25:18) Ukuba umlomo womntu uthetha izinto ezilungileyo, ungumthombo wobomi; kodwa umlomo wesiyatha umpompoza ukonakala kwaso. “Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi; abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.” (18:21) Ukunginiza, intetho yenkohliso, ukunyhwalaza namazwi arhabaxa ayagwetywa. Kulikhondo lobulumko ukuthetha inyaniso, ukuhlonela uThixo.—10:11, 13, 14; 12:13, 14, 18, 19; 13:3; 14:3; 16:27-30; 17:27, 28; 18:6-8, 20; 26:28; 29:20; 31:26.
28. Ikratshi lizisa wuphi umonakalo, kodwa ziziphi iingenelo ezibakho ngenxa yokuthobeka?
28 Ubuyatha bokuba nekratshi nemfuneko yokuthobeka: Umntu onekratshi uziphakamisela kubukhulu eneneni angabufikeleliyo, kangangokuba ade awe. Abantu abanentliziyo ekhukhumeleyo balisikizi kuYehova, kodwa abantu abathobekileyo ubanika ubulumko, uzuko, ubutyebi nobomi.—3:7; 11:2; 12:9; 13:10; 15:33; 16:5, 18, 19; 18:12; 21:4; 22:4; 26:12; 28:25, 26; 29:23.
29. Ubuvila bumele bujongwe njani, kwaye kubaluleke ngantoni ukukhuthala?
29 Ukukhuthala, ungabi lovila: Zininzi iindlela achazwe ngazo umntu olivila. Ufanele aye embovaneni ukuze afunde isifundo aze alumke. Kodwa okhutheleyo—uya kuba nentabalala!—1:32; 6:6-11; 10:4, 5, 26; 12:24; 13:4; 15:19; 18:9; 19:15, 24; 20:4, 13; 21:25, 26; 22:13; 24:30-34; 26:13-16; 31:24, 25.
30. IMizekeliso ilubethelela njani unxulumano olufanelekileyo?
30 Unxulumano olufanelekileyo: Kububuyatha ukunxulumana nabantu abangamoyikiyo uYehova, abangendawo okanye abazizinyabi, abantu abanobushushu obukhulu, amapholopholo, okanye amadlakudla. Kunoko, nxulumana nabantu abalumkileyo, kwaye uya kuba sisilumko nawe.—1:10-19; 4:14-19; 13:20; 14:7; 20:19; 22:24, 25; 28:7.
31. Sithini isiluleko sobulumko ngesohlwayo?
31 Siyafuneka isohlwayo noqeqesho: “[Lowo] amthandayo uYehova uyamohlwaya,” kwaye abo baluthobelayo olu qeqesho baya kufumana uzuko nobomi. Othiye isohlwayo uya kuhlazeka.—3:11, 12; 10:17; 12:1; 13:18; 15:5, 31-33; 17:10; 19:25; 29:1.
32. Sisiphi isiluleko esihle esinikelwayo ngokuba ngumfazi olungileyo?
32 Isiluleko sokuba ngumfazi olungileyo: Ngokuphindaphindiweyo IMizekeliso ilumkisa ngokuchasene nomfazi onengxabano nowenza okuziintloni. Umfazi olumkileyo, onesidima nowoyika uThixo unomthetho wenceba elulwimini lwakhe; nabani na ofumana umfazi onjalo uzuza okulikholo kuYehova.—12:4; 18:22; 19:13, 14; 21:9, 19; 27:15, 16; 31:10-31.
33. Liliphi icebiso eliyingenelo elinikelwayo ngokuqeqesha umntwana?
33 Ukukhulisa abantwana: Bafundise rhoqo imiyalelo kaThixo khon’ ukuze ‘bangayilibali.’ Bakhulise ukususela ebusaneni ngoqeqesho lukaYehova. Yisebenzise intonga xa kuyimfuneko; njengendlela yokubonakalisa uthando, intonga nesohlwayo ziya kumlumkisa umntwana. Abo bakhulisa abantwana ngendlela kaThixo baya kuba nabantwana abazizilumko abaya kuba ngunobangela wokugcoba nokuvuya okukhulu kooyise nakoonina.—4:1-9; 13:24; 17:21; 22:6, 15; 23:13, 14, 22, 24, 25; 29:15, 17.
34. Kunayiphi ingenelo ukwamkela imbopheleleko yokunceda abanye?
34 Imbopheleleko yokunceda abanye: Le ibethelelwa ngokufuthi kwiMizekeliso. Umntu osisilumko umele alusasaze ulwazi ukuze kungenelwe abanye. Umntu ukwamele abe nobubele ekubabaleni abo basweleyo, kwaye ngokwenjenjalo, eneneni uboleka uYehova, omqinisekisa ngokumbuyisela.—11:24-26; 15:7; 19:17; 24:11, 12; 28:27.
35. Ukuze ifikelele koyena ndoqo weengxaki zethu, IMizekeliso inikela siphi isiluleko?
35 Ukukholosa ngoYehova: IMizekeliso ifikelela koyena ndoqo weengxaki zethu ekusilulekeni ukuba sikholose ngokupheleleyo ngoThixo. Simele simgqale uYehova kuzo zonke iindlela zethu. Umntu usenokuliceba ikhondo lakhe, kodwa uYehova umele alathise amanyathelo akhe. Igama likaYehova liyinqaba ende, abalekela kuyo olungileyo aze akhuseleke. Thembela ngoYehova uze uye eLizwini lakhe ukuze ufumane ukhokelo.—3:1, 5, 6; 16:1-9; 18:10; 20:22; 28:25, 26; 30:5, 6.
36. Kungenxa yaziphi iimbono enokuthi IMizekeliso ichazwe njengeyinkcazelo esexesheni, eluncedo neyingenelo?
36 Hayi indlela eyingenelo ngayo incwadi yeMizekeliso ekusifundiseni nasekusiqeqesheni thina nabanye! Akukho nkalo yolwalamano lwabantu ekubonakala ukuba ilityelwe. Ngaba kukho mntu uthile uzahlulayo kwabanye abantu anqula nabo uThixo? (18:1) Ngaba lowo ukwisikhundla esiphakamileyo ufikelela kwizigqibo ngaphambi kokuwuvelela macal’ onke umcimbi? (18:17) Ngaba kukho mntu odlala ngeziqhulo eziyingozi? (26:18, 19) Ngaba uthile utyekele ekukhetheni ubuso? (28:21) Umrhwebi kwivenkile yakhe, umlimi emasimini, indoda nomfazi nomntwana—bonke bafumana imfundiso eyakhayo. Abazali bayancedwa khon’ ukuze babe nokubhenca imigibe emininzi egcayiselwe kwindlela yolutsha. Abalumkileyo banokufundisa abangenalwazi. Imizekeliso iluncedo enoba siphila phi; imfundiso nesiluleko sale ncwadi asize siphelelwe lixesha: Umqeqeshi waseMerika uWilliam Lyon Phelps wakhe wathi, “Incwadi yeMizekeliso inenkcazelo esexesheni ngaphezu kweli phephandaba lakusasanje.”a Incwadi yeMizekeliso inenkcazelo esexesheni, iluncedo kwaye iyingenelo ekufundiseni ngenxa yokuba iphefumlelwe nguThixo.
37. IMizekeliso ivisisana njani neemfundiso zoSolomon Omkhulu?
37 Ekubeni iyingenelo ukuze ilungise izinto, incwadi yeMizekeliso, ubukhulu becala eyathethwa nguSolomon, iguqulela abantu kuThixo onguSomandla. Ngoko, noYesu Kristu, lowo kubhekiselwa kuye kuMateyu 12:42 ‘njengomkhulu kunoSolomon’ wenjenjalo.
38. IMizekeliso ilongezelela njani ulwazi lwethu ngoBukumkani bukaThixo nangemigaqo yabo yobulungisa?
38 Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba Lowo unobulumko obubalaseleyo ukhethwe nguYehova njengeMbewu yoBukumkani! Itrone yakhe yileyo ‘iya kuzinza ngobulungisa,’ ukuze kubekho ulawulo loxolo oluzuke ngakumbi kunolo lukaKumkani uSolomon. Ngokuphathelele olo lawulo loBukumkani, kuya kuthiwa, “Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani; uyixhasa itrone yakhe ngenceba.” Oko kuya kuba kukuqalisa korhulumente wobulungisa kanaphakade olungiselelwe uluntu, lowo ekwathi ngaye IMizekeliso: “Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.” Ngaloo ndlela, siyixabisa ngovuyo into yokuba IMizekeliso ayikhanyisi nje kuphela umendo wethu wokufumana ulwazi, ubulumko nokuqonda, kwanobomi obungunaphakade, kodwa, okubaluleke ngakumbi, ibalaselisa uYehova njengoMthombo wobulumko bokwenyaniso, abudlulisela ngoKristu Yesu, iNdlalifa yoBukumkani. IMizekeliso yongezelela ulwazi lwethu ngoBukumkani bukaThixo nangemigaqo yobulungisa obulawula ngayo ngoku.—IMize. 25:5; 16:12; 20:28; 29:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a ITreasury of the Christian Faith, yowe-1949, eyahlelwa nguStuber noClark, iphepha 48.