IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 25
  • Imfesane Koneqhenqa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfesane Koneqhenqa
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Imfesane Koneqhenqa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Ucingela Aze Aphilise Umntu Oneqhenqa
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • ‘Ukwazi Uthando LukaKristu’
    Sondela KuYehova
  • Ngaba Akulibali Ukuthi Enkosi?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 25

Isahluko 25

Imfesane Koneqhenqa

NJENGOKO uYesu nabafundi bakhe abane betyelela imizi yelaseGalili, iindaba ezingezinto ezingummangaliso azenzayo zisasazeka kuso sonke esi sithili. Izenzo zakhe zivakala komnye umzi apho kukho indoda enesifo seqhenqa. Ugqirha uLuka uyichaza le ndoda ‘njengezele liqhenqa.’ Esi sifo soyikekayo, xa sele sithabath’ unyawo, ngokuthe ngcembe sonakalisa amalungu awahlukahlukeneyo omzimba. Ngoko lo uneqhenqa ukwimeko elusizi.

Xa uYesu efika kulo mzi, lo uneqhenqa usondela kuye. NgokoMthetho kaThixo, oneqhenqa umele adanduluke elumkisa, “Ndiyinqambi, ndiyinqambi!” ukukhusela abanye ekusondeleni kakhulu baze babe sengozini yokwasulelwa. Ngoku oneqhenqa uwa ngobuso bakhe yaye ukhunga uYesu athi: “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.”

Olunjani ukholo le ndoda enalo kuYesu! Kanti, hayi indlela isifo sayo esiyenza ibonakale ilusizi ngayo! Uza kwenza ntoni uYesu? Ubuya kwenza ntoni wena? Eqhutywa yimfesane, uYesu wolula isandla sakhe ayichukumise le ndoda, esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Ngokukhawuleza iqhenqa lithi shwaka kuyo.

Ubungamthanda na ukuba ubani onovelwano ngolu hlobo abe ngukumkani wakho? Indlela uYesu aphatha ngayo lo uneqhenqa isinika intembelo yokuba ebudeni bolawulo Lwakhe loBukumkani kuya kuzaliseka esi siprofeto seBhayibhile: “Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu.” Ewe, ngelo xesha uYesu uya kuwuphumeza umnqweno wentliziyo yakhe wokunceda bonke abanobulwelwe.

Kwanangaphambi kokuphilisa oneqhenqa, ubulungiseleli bukaYesu bebubangela umdla omkhulu phakathi kwabantu. Ekuzalisekiseni isiprofeto sikaIsaya, uYesu ngoku uyalela indoda ephilisiweyo: “Lumka ungaxeleli bani nento le.” Wandula amyalele athi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.”

Kodwa le ndoda yonwabe kangangokuba ayinako ukuwugcina kuyo lo mmangaliso. Iyahamba ize iqalise ukusasaza ezi ndaba kuyo yonke indawo, kubonakala ukuba ibangela umdla nokufuna ukwazi kubantu ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena emzini ekuhleni. Ngaloo ndlela, uYesu uhlala ezindaweni ezingenabantu, yaye abantu abaphuma kulo lonke beza apho ukuza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kubulwelwe babo. Luka 5:12-16; Marko 1:40-45; Mateyu 8:2-4; Levitikus 13:45; 14:10-13; INdumiso 72:13; Isaya 42:1, 2.

▪ Iqhenqa linokuba nawuphi umphumo, yaye sasiyintoni isilumkiso esasimele kukunikelwa ngoneqhenqa?

▪ Oneqhenqa umbongoza njani uYesu, yaye sinokufunda ntoni kwindlela uYesu asabela ngayo?

▪ Isilela njani indoda ephilisiweyo ukuthobela uYesu, ibe iba yintoni imiphumo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share