Isahluko 71
Ukungakholwa KwabaFarisi Ngenxa Yobuntamo-lukhuni
ABAZALI balowo wayesakuba yimfama engqibayo bayoyika xa bebizelwa phambi kwabaFarisi. Bayayazi into yokuba kugqitywe ekubeni kugxothwe nabani na endlwini yesikhungu othi avakalise ukuba unokholo kuYesu. Ukupheliswa okunjalo kobudlelane nabanye ebuthweni kunokubangela ubunzima obukhulu, ingakumbi kwintsapho engamahlwempu. Ngoko aba bazali bakulumkele oko.
AbaFarisi bayababuza besithi: “Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku?”
Abazali bayabaqinisekisa besithi: “Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina.” Ngokuqinisekileyo unyana wabo umele ukuba wayesele ebaxelele konke okwenzekileyo, kodwa ngobulumko abazali bathi: “Uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.”
Ngoko ke, kwakhona abaFarisi bayambiza lo mfana. Ngeli xesha bazama ukumoyikisa ngokubonisa ukuba bafumene ubungqina obummangalelayo uYesu. Bathi kuye: “Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.”
Lo wayesakuba yimfama akasikhanyeli isimangalo sabo, kuba uthi: “Ukuba ungomoni, andazi.” Kodwa wongezelela athi: “Ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.”
Bezama ukufumana igxeke kubungqina bakhe, abaFarisi bayambuza kwakhona besithi: “Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?”
Lo mfana ukhalaza ngelithi: “Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive.” Ngelibaphoxayo uyababuza esithi: “Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?”
Le mpendulo iyabacaphukisa abaFarisi. Bamgwexa ngokuthi: “Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.”
Ekhwankqisiwe lo mngqibi uthobekileyo uyaphendula esithi: “Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.” Kumele kufikelelwe kwesiphi isigqibo ngokuphuma koku? Umngqibi walathisela kwisigqibo esamkelekileyo nesingokwemvelo sengxubusho ngokuthi: “Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.” Ngaloo ndlela, simele ukuba sicacile isigqibo esikukuba: “Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.”
AbaFarisi liyabakhohla xa bephendulwa ngokungqalileyo nangokucacileyo. Abakwazi ukumelana nenyaniso, yaye ngoko bayayinyelisa le ndoda ngokuthi: “Wena wazalelwa ezonweni kanye; ufundisa thina na wena?” Emva koku, bayikhuphela ngaphandle le ndoda, kubonakala ukuba bayayigxotha ngokupheleleyo kwindlu yesikhungu.
Akuba uYesu evile ngento abayenzileyo, udibana nalo mfana aze athi kuye: “Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?”
Lo wayesakuba yimfama engqibayo uyaphendula esithi, “Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?”
UYesu uyaphendula esithi: “Nguye lo uthetha nawe.”
Kwangoko, uqubuda kuYesu aze athi: “Ndiyakholwa, Nkosi.”
Emva koko uYesu ucacisa esithi: “Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama.”
Ngelo xesha, abaFarisi abaphulaphuleyo bayabuza: “Singaba siziimfama nathi na?” Ukuba babeya kuqonda ukuba babeziimfama engqondweni, kwakuya kubakho isingxengxezo ngokumchasa kwabo uYesu. Kunjengokuba uYesu ebaxelela esithi: “Ukuba beniziimfama, ngeningenasono.” Kanti, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, bazingisa ngokuthi abazizo iimfama yaye abafuni kukhanyiselwa ngokomoya. Ngoko uYesu uthi: “Kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.” Yohane 9:19-41.
▪ Kutheni abazali bowayesakuba yimfama engqibayo besoyika xa bebizelwa phambi kwabaFarisi, ibe ngoko baphendula njani ngobulumko?
▪ Bazama njani abaFarisi ukuyoyikisa indoda eyayisakuba yimfama?
▪ Ngawaphi amazwi asengqiqweni ale ndoda athi abacaphukise abaFarisi?
▪ Kutheni abaFarisi benganasingxengxezo ngokumchasa kwabo uYesu?