IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jv isahl. 7 iphe. 72-89
  • Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani! (1919-1941)

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani! (1919-1941)
  • AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ndazi Okuthile Ngomthetho Wabanyanisekileyo”
  • ‘Ukuvuk’ Umnyele Kwelizwe Lonke’ Ngenxa Yamabanjwa
  • “Namkelekile Ekhaya, Bazalwana”
  • Uvavanyo ELos Angeles
  • Ukuqhubeka Nomsebenzi!
  • ‘Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani’
  • “Ukungazaliseki Kwamathemba Akunto Iqala Kumhla Wethu”
  • Ukhetha Yiphi Intlangano—EkaYehova Okanye EkaSathana?
  • “NingamaNgqina Am”
  • “Umoya KaYehova Wasenza Asoyika”
  • Kuthekani NgamaYonadabhi?
  • ‘Ukusuka Isikhumba Sexhegwazana’
  • “Igquba Labakhuthuzi”
  • “Wonk’ Umntu Wayefuna Ukuya ESt. Louis”
  • Iintsuku Zokugqibela ZikaJ. F. Rutherford
  • 1919—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Ubomi Bam Kwintlangano Eyalathiswa Ngumoya KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ixesha Lokuvavanywa (1914-1918)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • 1922—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
jv isahl. 7 iphe. 72-89

Isahluko 7

Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani! (1919-1941)

“Ngaba niyakholwa ukuba uKumkani wozuko uluqalisile ulawulo lwakhe? Ngoko buyelani entsimini, Nina boonyana boThixo osenyangweni! Bhinqani izikrweqe zenu! Zimiseleni, khaliphani, khuthalani, yibani ngamakroti. Yibani ngamangqina athembekileyo nayinyaniso eNkosi. Tyhalelani phambili edabini de niyiphanzise yonke imizila yeBhabhiloni. Vakalisani isigidimi kufuphi nasekudeni. Ihlabathi limele lazi ukuba uYehova unguThixo nokuba uYesu Kristu unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi. Le yimini yeemini. Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.”

ESO sindululo sinamandla esasiphuma kuJ. F. Rutherford kwindibano yezizwe ngezizwe eCedar Point, eOhio, ngowe-1922, saba nempembelelo engathethekiyo kwabo babekho. ABafundi beBhayibhile bemka kuloo ndibano benomqweno ovuthayo wokubhengeza uBukumkani. Kodwa kwiminyakana engephi ngaphambilana, ithemba lokuba ngabavakalisi boBukumkani lalibonakala limfiliba ngokwenene. UJ. F. Rutherford nezinxulumani zakhe ezisixhenxe babesentolongweni, yaye indima ababemele babe nayo entlanganweni yabonakala ingaqinisekanga. Zazoyiswe njani ezi nzima?

“Ndazi Okuthile Ngomthetho Wabanyanisekileyo”

Kwakucetywe indibano ePittsburgh, ePennsylvania, ngoJanuwari 2-5, 1919, ngexesha uMzalwan’ uRutherford nezinxulumani zakhe babesentolongweni. Kodwa le yayingeyondibano eqhelekileyo—yayihlanganiswe nentlanganiso yonyaka yeWatch Tower Society, ngoMgqibelo, ngoJanuwari 4, 1919. UMzalwan’ uRutherford wayekuqonda kakuhle ukubaluleka kwale ntlanganiso. Ngaloo mva kwemini yangoMgqibelo wafuna uMzalwan’ uMacmillan waza wamfumana kwibala lentenetya lasentolongweni. Ngokutsho kukaMacmillan, naku okwenzekayo:

“URutherford wathi, ‘Mac, ndifuna ukuthetha nawe.’

“‘Ufuna ukuthetha nam ngantoni?’

“‘Ndifuna ukuthetha nawe ngoko kuqhubekayo ePittsburgh.’

“‘Ndifuna ukugqiba lo mdlalo kuqala.’

“‘Akunamdla koko kuqhubekayo? Akwazi ukuba lunyulo lwamagosa namhlanje? Usenokungasiwa so uze ukhutshelwe ecaleni size sihlale apha ngonaphakade.’

“‘Mzalwan’ uRutherford,’ kutsho mna, ‘makhe ndikuxelele into mhlawumbi ongakhange uyicinge. Esi sisihlandlo sokuqala ukususela oko uMbutho wamiselwa njengentlangano anokucaca ngaso lowo uYehova uThixo afuna abe ngumongameli.’

“‘Uthetha ukuthini?’

“‘Ndithetha ukuthi uMzalwan’ uRussell wayenevoti yokulawula yaye nguye owayenyula amagosa awahlukahlukeneyo. Ngoku ekubeni kubonakala ngathi thina asinakuba nanxaxheba imeko yahlukile. Kodwa, ukuba sinokuphuma apha kwangethuba size sikwazi ukuya kula ndibano kula ntlanganiso, siya kufika phaya sivunyelwe ukuze sithabathe indawo kaMzalwan’ uRussell ngala mbeko wayeyifumana. Kunokwandula ke oku kukhangeleke ngokungathi ngumsebenzi womntu, kungekhona okaThixo.’

“URutherford wasuka wabonakala nje ecinga waza wandishiya.”

Ngaloo mini kwakuqhubeka eshushu yona intlanganiso ePittsburgh. “Okwethutyana elithile kwakukho ukudideka, iiyantlukwano, neempikiswano,” ukhumbula oko uSara C. Kaelin, owakhulela kummandla wasePittsburgh. “Bambi babefuna loo ntlanganiso irhoxiselwe iinyanga ezintandathu; abanye babethandabuza enoba yayamkelekile ngokwasemthethweni into yokunyula amagosa asentolongweni; abanye babecebisa amagosa amatsha nje kwaphela.”

Emva kwengxubusho eyathabath’ ixesha elide, uW. F. Hudgings, umalathisi wePeoples Pulpit Association,a wafundela ababekho ileta evela kuMzalwan’ uRutherford. Kuyo wayethumela uthando nemibuliso kwabo babekho. Walumkisa wathi, “Izixhobo eziyintloko zikaSathana liKRATSHI, AMABHONGO noLOYIKO.” Ebonisa umnqweno wokuzithoba ekuthandeni kukaYehova, wade ngokuzithoba wacebisa amadoda afanelekayo ukuba abo babenezabelo babegqiba kwelokuba banyule amagosa amatsha uMbutho.

Ingxubusho yaqhubeka ithuba elidana, waza emva koko uE. D. Sexton, owayemiselwe ukuba abe ngusihlalo wekomiti yonyulo, wathetha, esithi:

“Ndisandul’ ukufika. Uloliwe endiza ngaye ufike emva kwexesha ngeeyure ezingamashumi amane anesibhozo, ekubeni ebebanjezelwe likhephu. Kukho into endifuna ukuyithetha kwaye ukuze ndonwabe kuhle ndiyithethe ngoku. Bazalwana bam abathandekayo, ndize apha, njengani nonke, ndinezimvo ezithile engqondweni—ezikuxhasayo oku nezikuchasayo. . . . Akukho mqobo ungokwasemthethweni ukuthintelayo oku. Ukuba sinqwenela ukuphinda sibanyulele kuzo naziphi na izikhundla abazalwana abaseMzantsi, ngokwamacebiso [angokwasemthethweni] endiwafumeneyo, andiboni, okanye andifumani ukuba, nangayiphi na indlela, oku kungaphazamisana nayo nantoni na kwityala labo phambi kweNkundla okanye kubantu ngokubanzi.

“Ndikholelwa kwelokuba eyona ndlela sinokumbulela ngayo umzalwana wethu othandekayo uRutherford kukuphinda simnyule njengomongameli weW[atch] T[ower] B[ible] & T[ract] Society. Andiqondi ukuba kukho namnye kubantu ngokubanzi okuthandabuzayo ukuma kwethu kwesi sindululo. Ukuba ngandlel’ ithile abazalwana bethu baphule nawuphi na umthetho ebebengawuqondi, siyazi ukuba intsusa-senzo yabo ilungile. Yaye phambi koSomandla [uThixo] abaphulanga namnye umthetho kaThixo okanye wabantu. Siya kuba sibonisa eyona ntembelo inkulu ukuba siphinda simnyule uMzalwan’ uRutherford njengomongameli wolu Manyano.

“Andilogqwetha, kodwa xa kufikelelwa kukwamkeleka kwale meko ngokwasemthethweni ndinanto ithile endiyaziyo ngomthetho wabanyanisekileyo. UThixo ufuna ukunyaniseka. Andiboni ntembelo ingakumbi esinokuyibonakalisa kunokuba siqhubeke nonyulo SIZE SIPHINDE SIMNYULE UMZALWAN’ URUTHERFORD NJENGOMONGAMELI.”

Ewe, kubonakala kucacile ukuba uMzalwan’ uSexton wavakalisa izimvo zenkoliso yabo babekho. Kwaphakanyiswa amagama; kwavotwa; waza uJ. F. Rutherford wanyulwa njengomongameli, uC. A. Wise njengosekela-mongameli, waza uW. E. Van Amburgh njengososiba okwangunondyebo.

Ngosuku olulandelayo uMzalwan’ uRutherford wankqonkqoza eludongeni lwesisele sikaMacmillan waza wathi: “Ethe isandla sakho.” Waza ke wanika uMacmillan ucingo olwalusithi uRutherford uphinde wanyulwa njengomongameli. UMacmillan kamva wakhumbula oku: “Wayevuya gqitha, kukubona oko okwakuyimbonakaliso esisiqinisekiso sokuba yayinguYehova owayesalathisa uMbutho.”

Lwadlula unyulo, kodwa uMzalwan’ uRutherford nabanye abasixhenxe babesesentolongweni.

‘Ukuvuk’ Umnyele Kwelizwe Lonke’ Ngenxa Yamabanjwa

IMboniselo (yesiNgesi) ka-Aprili 1, 1919 yathi: “Kwezi veki zimbalwa zidluleyo ilizwe lonke belivuk’ umnyele ngenxa yaba bazalwana.” Amaphephandaba athile ayeyalela ukuba kukhululwe uJ. F. Rutherford nezinxulumani zakhe. ABafundi beBhayibhile kulo lonke elaseUnited States babonisa inkxaso yabo ngokubhalela abahleli bamaphephandaba, amalungu endlu yowiso-mthetho, amalungu ebhunga likarhulumente neerhuluneli, bebabongoza ukuba benze okuthile ngenxa yamabanjwa asibhozo. Kucacile ukuba, aBafundi beBhayibhile babengayi kuphumla de abazalwana babo abasibhozo bakhululwe.

NgoMatshi 1919, aBafundi beBhayibhile eUnited States babejikelezisa isicelo ababecela kuso uMongameli Woodrow Wilson ukuba asebenzise impembelelo yakhe ukuze enzele abazalwana abavalelwe entolongweni enye yezi zinto zilandelayo:

“OKOKUQALA: Ukuxolelwa ngokupheleleyo, ukuba oko kunokwenzeka ngoku, OKANYE

“OKWESIBINI: Uyalele iSebe Lezobulungisa ukuba lizirhoxise izityholo ababekwe zona, baze bakhululwe ngokupheleleyo, OKANYE

“OKWESITHATHU: Bamiselwe ibheyile ngokukhawuleza de kuwiswe isigqibo kwityala labo ziinkundla eziphakamileyo.”

Zingaphelanga iiveki ezimbini aBafundi beBhayibhile babesele befumene abantu abangama-700 000 abatyobeleyo. Noko ke, esi sicelo asizange sisiwe kumongameli okanye kurhulumente. Ngoba? Kuba ngaphambi kokuba oko kwenziwe, la madoda asibhozo akhululwa ngebheyile. Ngoko, safeza ntoni esi sicelo? IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 1, 1919, yathi: “Kukho ubungqina obuyintabalala bokuba iNkosi ibifuna ukuba lo msebenzi wenziwe, injongo ephambili ibingekokuba kukhululwe abazalwana, kodwa ibikukuba kungqinelwe inyaniso.”

“Namkelekile Ekhaya, Bazalwana”

NgoLwesibini, ngoMatshi 25, aba bazalwana basibhozo banduluka eAtlanta besinge eBrooklyn. Iindaba zokukhululwa kwabo zanwenwa okomlilo wedobo. Kwakungumbono ochukumisayo ngokwenene—aBafundi beBhayibhile babebuthelene kwizikhululo zoololiwe kuyo yonke loo ndlela ngethemba lokubabona nokuvakalisa uvuyo ngokukhululwa kwabo. Abanye bagxalathelana ukuya kwiKhaya laseBheteli eBrooklyn, elalivaliwe, ukuze balungiselele isidlo solwamkelo. Emva eBrooklyn, ngoMatshi 26, ibheyile yabazalwana yayili-10 000 leedola emnye, baza bakhululwa.

IMboniselo (yesiNgesi) ka-Aprili 15, 1919 yanikela le ngxelo: “Ngoko nangoko bakhatshwa liqela lezihlobo ukuya kwiKhaya laseBheteli, apho kwakuhlanganisene izihlobo ezimalunga namakhulu amahlanu ukuya kwamathandathu zize kubamkela.” Kwigumbi lokudlela, kwakuxhonywe umbhalo omkhulu othi, “Namkelekille Ekhaya, Bazalwana.” Phantse kwiminyaka engama-50 kamva, uMabel Haslett, owayekho kweso sidlo, wakhumbula oku: “Ndikhumbula ndisenza amaqebengwane aziidoughnuts alikhulu, ababonakala bewanandipha abazalwana emva kweenyanga ezisithoba besitya ukutya kwasentolongweni. Ndisamkhumbula nangoku uMzalwan’ uRutherford esolulela isandla sakhe kuzo. Kwakusisihlandlo esingalibalekiyo njengoko yena nabanye babebalisa amava abo. Kwakhona ndikhumbula uMzalwan’ uDeCecca omfutshane ekhwele phezu kwesitulo ukuze sonke simbone yaye simve.”

Ngentsasa yangoLwesibini, ngoAprili 1, uMzalwan’ uRutherford wafika ePittsburgh, kwindawo ezazikuyo ngoku iiofisi zekomkhulu. Nalapha, abazalwana, besakuva ukuba uyeza, balungiselela isidlo, esasingaloo ngokuhlwa kwiHotele iChatham. Noko ke, iimeko zasentolongweni zazingabanga nanceba kuMzalwan’ uRutherford. Wayenengxaki yemiphunga ebuthathaka, yaye ngenxa yoko, emva kokukhululwa kwakhe wahlaselwa ngamandla kukukrala kwemiphunga. Ngoko, kungekudala emva koko ngenxa yempilo yakhe enkenenkene kwafuneka aye eKhalifoniya, apho wayenezalamane khona.

Uvavanyo ELos Angeles

Ngoku ekubeni uMzalwan’ uRutherford nabanye babekhululwe, kwaphakama umbuzo, Kuthekani ngomsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo? Ngexesha aba bazalwana bebesentolongweni, ubukhulu becala ukuvelelwa komsebenzi wokunikela ubungqina yintlangano kwakusemile. IBrooklyn Tabernacle yayithengisiwe yaye neKhaya laseBheteli livaliwe. Iiofisi zekomkhulu ePittsburgh zazincinane, yaye imali eyayikho yayingeninzi. Ngapha koko, enyanisweni wawungakanani umdla kwisigidimi soBukumkani? EseKhalifoniya, uMzalwan’ uRutherford wagqiba kwelokuba akhe akuvavanye oku.

Kwalungiselelwa intlanganiso kwiClune’s Auditorium eLos Angeles, ngeCawa, ngoMeyi 4, 1919. Umxholo wentetho abantu ababemenyelwa kuyo wawusithi. “Ithemba Kuluntu Olunxungupheleyo” Kodwa intetho yayiza kunikelwa nguJ. F. Rutherford—indoda eyayisandul’ uphuma entolongweni. Ekubhengeze ngokubanzi oku ngamaphephandaba, uRutherford wathembisa ukuzibeka njengokuba zinjalo izibakala, equka ingcaciso yezizathu zokugwetywa ngokungekho mthethweni kwamagosa oMbutho. Ngaba kwakuza kubakho nabani na onomdla ngokwaneleyo ukuba eze?

Intsabelo yayimangalisa. Enyanisweni, kweza abangama-3 500 ukuza kuphulaphula loo ntetho, yaye abanye abangama-600 kwafuneka bejikisiwe. UMzalwan’ uRutherford wayevuya gqitha! Wavuma ukuthetha kwabo babengazange bafumane ndawo ngokuhlwa ngoMvulo, yaye kweza abali-1 500. Noko ke, wayegula kangangokuba akazange akwazi ukuyigqiba loo ntetho. Emva kweyure kwafuneka athatyathelw’ indawo sisinxulumani sakhe. Sekunjalo, olu vavanyo lwaseLos Angeles lwalube yimpumelelo. UMzalwan’ uRutherford wayeqinisekile ukuba kwakukho umdla omkhulu kwisigidimi soBukumkani, yaye wayezimisele ukuqinisekisa ukuba siyavakaliswa.

Ukuqhubeka Nomsebenzi!

NgoJulayi 1919, uMzalwan’ uRutherford wayebuyele emsebenzini kwikomkhulu ePittsburgh. Izinto zenzeka ngokukhawuleza kwiinyanga ezimbalwa ezilandelayo. Kwenziwa amalungiselelo okuqhuba indibano yaBafundi beBhayibhile eCedar Point, eOhio, ngoSeptemba 1-8, 1919. Iiofisi zoMbutho zabuyiselwa eBrooklyn yaye kwakusele kusetyenzelwa kuzo ngo-Oktobha 1.

Babemele benze ntoni ngoku? Uthumo lwabo lwagxininiswa ngokucacileyo kwindibano eyayiseCedar Point. NgoLwesibini, ngoSeptemba 2, uMzalwan’ uRutherford wacacisa: “Uthumo lomKristu emhlabeni . . . kukuvakalisa isigidimi sobukumkani beNkosi bobulungisa, obuya kuzisa iintsikelelo kuyo yonke indalo encwinayo.” Kwiintsuku ezintathu kamva, ngoLwesihlanu, ngoSeptemba 5, owayebizwa ngokuba yiCo-Laborers’ Day (uSuku Lwabasebenzi), uMzalwan’ uRutherford wahlabela mgama wathi: “Ngamaxesha okucinga nzulu umKristu ngokuzenzekelayo uyazibuza, Ndizokwenzani emhlabeni? Yaye impendulo imele ibe nye, INkosi ngenceba yayo indenze ummeli wayo wokuthwala isigidimi sikaThixo soxolelaniso ehlabathini, yaye ilungelo lam nomsebenzi wam kukuvakalisa eso sigidimi.”

Ewe, yayilixesha lokutyhalela phambili nomsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo! Yaye ukuze anikele uncedo ekuphumezeni olu thumo, uMzalwan’ uRutherford wenza esi saziso: “Ngaphantsi kokhokelo lweNkosi silungiselele ukupapashwa kwephephancwadi elitsha elinegama nomxholo othi THE GOLDEN AGE.” Abo babekuloo ndibano babengazi indlela iThe Golden Age eyayiya kuba ngulindixesha onenkalipho ngayo.

“Loo ndibano yokuqala emva kweMfazwe Yehlabathi I yasikhuthaza ngokwenene xa sisonke,” wakhumbula oko uHerman L. Philbrick, owaya kuloo ndibano esuka kowabo eBoston, eMassachusetts. Ngokwenene, loo ndibano yayiseCedar Point yabashukumisela esenzweni aBafundi beBhayibhile. Babelungele ukuqhubeka nomsebenzi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo. Kwakungathi bavuswe ekufeni.—Thelekisa uHezekile 37:1-14; ISityhilelo 11:11, 12.

Kwangaxeshanye, kwakusenzeka izinto ezibalulekileyo ehlabathini. NgoJuni 28, 1919, kwatyikitywa isiVumelwano soXolo saseVersailles, saza saqalisa ukusebenza ngoJanuwari 10, 1920. Siyiphelisa ngokusemthethweni imfazwe nxamnye neJamani kwiMfazwe Yehlabathi I, kwakhona esi sivumelwano sabangela kwasekwa uManyano Lwezizwe—intlangano yezizwe ngezizwe eyasekwa ukuze igcine uxolo ehlabathini.

‘Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani’

Ngowe-1922 aBafundi beBhayibhile babuyela eCedar Point apho kwakukho ucwangciso lweentsuku ezisithoba, ukususela ngomhla wesi-5 ukusa kowe-13 kuSeptemba. Kwakukho uchulumanco olungathethekiyo njengoko iindwendwe zazifika kule ndibano yezizwe ngezizwe. Incopho yale ndibano yayingoLwesihlanu, ngoSeptemba 8, xa uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho ethi “UBukumkani.”

UThomas J. Sullivan kamva wakhumbula oku: “Abo babenelungelo lokubakho kuloo ntlanganiso nangoku basenombono wendlela uMzalwan’ uRutherford awayenyaniseke ngayo xa wayexelela imbinana yabantu ababengazinzanga ngenxa yobushushu ukuba ‘BAHLALE PHANTSI’ baze ‘BAPHULAPHULE’ intetho nokuba iimeko zinjani.” Abo bakwenzayo oko abazange baphoxeke, kuba leyo yayiyintetho engasokuze ilibaleke awababongoza kuyo uMzalwan’ uRutherford abaphulaphuli bakhe esithi ‘mbhengezeni uKumkani noBukumkani.’

Abaphulaphuli basabela ngehlombe elikhulu. IMboniselo (yesiNgesi) yabika oku: “Ngamnye kwababekho wayechukumiseke ngokwenene sisibakala sokuba ngamnye ozinikeleyo wayenembopheleleko ukususela ngoko ukuya phambili yokuba ngumvakalisi woKumkani nobukumkani.” ABafundi beBhayibhile bayishiya loo ndibano bevutha yinzondelelo ngomsebenzi wokushumayela. Kunjengokuba uDade Ethel Bennecoff, umsasazi weencwadi zonqulo owayesele eyigabhule iminyaka yakhe yama-20 ubudala ngoko, wathi: “sashukunyiselwa ukuba ‘simbhengeze, simbhengeze, simbhengeze uKumkani nobukumkani bakhe’—Ewe, ngenzondelelo nothando olungakumbi ezintliziyweni zethu kunanini na ngaphambili.”

Njengokuba ukukhanya kokomoya kokuqonda kwakuya kukhanya ngakumbi, aBafundi beBhayibhile baqalisa ukuqonda iinyaniso ezithile zeBhayibhile ezichulumancisayo. (IMize. 4:18) Ukuqonda ezi nyaniso zixabisekileyo kwabakhuthaza ngakumbi kumsebenzi ababewenza wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Kwangaxeshanye, kwafuneka balungelelanise ukucinga kwabo—yaye kwabanye olu yayiluvavanyo lokwenene.

“Ukungazaliseki Kwamathemba Akunto Iqala Kumhla Wethu”

Emva phaya ngowe-1920, incwadana ethi Millions Now Living Will Never Die yathi: “Ngentembelo sinokulindela ukuba owe-1925 uya kuba ngunyaka wokubuya [kwelabafileyo] kuka-Abraham, uIsake, uYakobi nabaprofeti abathembekileyo bamandulo . . . bebuyela kwimfezeko yobuntu.” Kwakungalindelwanga nje kuphela uvuko lwabantu abathembekileyo bamandulo ngowe-1925 kodwa abanye babenethemba lokuba amaKristu athanjisiweyo ayeya kufumana umvuzo wawo wasezulwini ngaloo nyaka.b

Unyaka we-1925 wafika wadlula. Abanye balilahla ithemba ababenalo. Kodwa inkoliso yaBafundi beBhayibhile yahlala ithembekile. UHerald Toutjian, uyisemkhulu noninakhulu ababa ngaBafundi beBhayibhile ekuqaleni kwale nkulungwane, wacacisa: “Intsapho yakowethu yaqonda ukuba ukungazaliseki kwamathemba akunto iqala kumhla wethu. Nabapostile babenolindelo oluphosakeleyo olufanayo. . . . UYehova ufanelwe kukukhonzwa nokudunyiswa ngokunyaniseka enoba kukho umvuzo okanye awukho.”—Thelekisa IZenzo 1:6, 7.

Ukhetha Yiphi Intlangano—EkaYehova Okanye EkaSathana?

“Ukuzalwa Kohlanga”—lowo yayingumxholo wenqaku elichukumisayo elalikwinkupho kaMatshi 1, 1925, yeMboniselo (yesiNgesi). Yanikela ukuqonda okukhanya ngakumbi kweSityhilelo isahluko 12 abanye abafumanisa kunzima ukukwamkela.

Abalinganiswa bokomfuziselo abakhankanywe kwesi sahluko seSityhilelo bachazwa ngale ndlela: “umfazi” ozalayo (indi. 1, 2) wachazwa “njengentlangano kaThixo [yasezulwini]”; “inamba” (indi. 3) “njengentlangano kaMtyholi”; yaye “umntwana oyinkwenkwe” (indi. 5) “njengobukumkani obutsha, okanye urhulumente omtsha.” Ngokusekelwe koku, kwachazwa okuthile ngokucacileyo okwesihlandlo sokuqala: Kukho iintlangano ezimbini ezahlukileyo neziphikisanayo—ekaYehova nekaSathana. Yaye emva ‘kwemfazwe ezulwini’ (ind. 7), uSathana nabaxhasi bakhe abaziidemon bakhutshwa ezulwini baza balahlelwa phantsi emhlabeni.

UEarl E. Newell, owathi kamva wangummeli ohambahambayo weWatch Tower Society, wabhala: “Sahlala phantsi saza sayifundisisa ubusuku bonke de ndayiqonda kakuhle. Saya kwindibano eyayisePortland, eOregon, saza apho safumana zonke izihlobo zicaphukile yaye ezinye zilungele ukuyilahla IMboniselo ngenxa yeli nqaku.” Kutheni kwakunzima kangaka ukuba abanye bayamkele le ngcaciso yeSityhilelo isahluko 12?

Phakathi kwezinye izinto, kwakwahluke ngokuphawulekayo koko kwakupapashwe kwincwadi ethi The Finished Mystery, ubukhulu becala eyayikukuhlanganiswa koko kwakubhalwe nguMzalwan’ uRussell kwaza kwapapashwa emva kokufa kwakhe.c UWalter J. Thorn, owayehambahamba ngezonqulo, wacacisa: “Inqaku elalisithi ‘Ukuzalwa Kohlanga’ . . . kwakunzima ukulamkela ngenxa yengcaciso yangaphambili kaMzalwan’ uRussell othandekayo, esasikholelwa kukuba ayinakujikwa ngeSityhilelo.” Akumangalisi ke ngoko, ukuba abanye bakhutyekiswayo yile nkcazelo. UJ. A. Bohnet, omnye umhambi ngezonqulo, wathi: “Ngokungathandabuzekiyo le ngcaciso inokungqineka iyindlela yokuhluza, kodwa abo banyaniseke ngokwenene elukholweni baya kuma beqinile yaye bavuye.”

Ngokwenene, abo banyaniseke ngokwenene bayivuyela le ngcaciso intsha. Ngoku kwakucace gca kubo ukuba: mntu ngamnye ukwintlangano kaYehova okanye ukwekaSathana. Inqaku elithi “Ukuzalwa Kohlanga” lacacisa: “Khumbula ukuba kuya kuba lilungelo lethu . . . ukuyilwela ngenkalipho injongo yoKumkani wethu ngokuvakalisa isigidimi sakhe, asinike sona ukuba sisivakalise.”

Ekuhambeni kweminyaka yee-1920 neyee-1930 eyalandelayo, ulwazi ngeBhayibhile lwaluya lukhanya ngakumbi. Yayekwa imibhiyozo neeholide zehlabathi, ezinjengeKrismesi. Ezinye izinto ezazisenziwa neenkolelo zalahlwa xa kwafunyaniswa ukuba zazinemvelaphi yokungahloneli Thixo.d Noko ke, ngaphezu kokulahla izenzo neenkolelo eziphosakeleyo aBafundi beBhayibhile baqhubeka belindele kuYehova ukuba abatyhilele inyaniso ngokuqhubekayo.

“NingamaNgqina Am”

“Ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.” (Isa. 43:12) Ukususela ngeminyaka yee-1920, aBafundi beBhayibhile bayiqonda ngakumbi intsingiselo enzulu yala mazwi omprofeti uIsaya. Kumaphepha eMboniselo, ngokuphindaphindiweyo kwakutsalelw’ ingqalelo kwimbopheleleko yethu yokungqinela igama likaYehova noBukumkani bakhe. Noko ke, kwindibano eyasiseColumbus, eOhio, ngowe-1931 kwenzeka isiganeko esibalulekileyo.

NgeCawa, ngoJulayi 26, emin’ emaqanda, uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho yesidlangalala ethi “UBukumkani, Ithemba Lehlabathi,” eyasasazwa ngothungelwano olukhulu lukanomathotholo, kumajelo angakumbi angaphezu kwama-300. Ekuqukumbeleni le ntetho, uMzalwan’ uRutherford walumkisa iNgqobhoko ngokufunda isigqibo esibukhali esasinomxholo othi “Isilumkiso Esivela KuYehova,” esasibhekiswe “Kubalawuli Nakubantu.” Kwisimemo sakhe sokuba basamkele esi sigqibo, bonke abaphulaphuli ababebonakala baphakama baza badanduluka bathi, “Aye!” (Ewe!) Kamva kwafika neengcingo ezibonisa ukuba abaninzi babo babephulaphule kunomathotholo bawaphakamisa amazwi abo bevuma.

Ukususela ngentsimbi yokuqala, ukugqitywa kwentetho yesidlangalala, de kwayintsimbi yesine, xa uMzalwan’ uRutherford waphinda wangena kule holo, kwakukho umoya wochulumanco. UMzalwan’ uRutherford wayecele ngokukhethekileyo ukuba wonk’ ubani owayenomdla ngokwenene kwisilumkiso sasemva kwemini kwiNgqobhoko abe sesihlalweni sakhe ngentsimbi yesine.

Ngeyesine entloko, uMzalwan’ uRutherford waqalisa ngokuthi oko wayeza kukuthetha wayekugqala kubaluleke gqitha kuye wonk’ ubani owayenokuliva ilizwi lakhe. Abaphulaphuli bakhe babenomdla gqitha. Ebudeni bentetho yakhe wanikela esinye isigqibo, esi sinomxholo othi “Igama Elitsha,” esathi safikelela incopho ngesi sigqibo: “Sinqwenela ukwaziwa nokubizwa ngeli gama, lithi, amangqina kaYehova.” Abo babekho endibanweni bevuya gqitha baphinda baxhuma bema ngeenyawo batsho ngentswahlakazi besithi “Aye!” Ukususela ngoko babeza kwaziwa njengamaNgqina kaYehova!

“Umoya KaYehova Wasenza Asoyika”

Ebudeni bowe-1927, abantu bakaYehova bakhuthazwa ukuba bachithe ixesha elithile ngeCawa nganye benikela ubungqina njengeqela. Kwangoko kwaphakama inkcaso engokwasemthethweni. Kwiminyaka nje embalwa, landa inani lababanjwayo—eUnited States kuphela bangama-268 ababanjwayo ngowe-1933, baba ngama-340 ngowe-1934, bangama-478 ngowe-1935 baza bali-1 149 ngowe-1936. Babemangalelwa ngantoni? Eneneni, ngezinto ezahlukahlukeneyo, kuquka ukuthengisa ngaphandle kwephepha-mvume, ukuphazamisana noxolo nokungathobeli imithetho yesabatha yangeCawa. Amaqela amaNgqina eendawo ngeendawo ayengenabuchule bakuqhubana namapolisa neenkundla. Ukufumana uncedo olungokwasemthethweni ekuhlaleni kwakuziindleko kakhulu okanye lungafumaneki ngenxa yekhethe. Ngoko iWatch Tower Society ngobulumko yamisela isebe lezomthetho eBrooklyn ukuze linikele amacebiso.

Noko ke, ukuzimela ngokuqinileyo ngokomthetho kwakunganele. La maNgqina kaYehova anyanisekileyo ayezimisele ukuphila ngokuvisisana negama awayelamkele. Ngoko, ekuqaleni kweminyaka yee-1930, aziphindezela ngokuhlasela nawo. Njani? Ngephulo lokushumayela elalisaziwa ngokuba liphulo lamaqela. Amawaka amatshantliziyo aphuma kulo lonke elaseUnited States alungelelaniswa angamaqela. Xa amaNgqina kwenye idolophu ayebanjelwe ukushumayela kwindlu ngendlu, iqela lamatshantliziyo elivela komnye ummandla ngokukhawuleza lalifika lize “liyihlasele” loo dolophu, linikela ubungqina ngokucokisekileyo.e

Loo maphulo amaqela enza lukhulu ukomeleza amaNgqina asekuhlaleni. Kwiqela ngalinye, kwakukho abazalwana abafanelekayo ababeqeqeshelwe ukuhlangabezana nabasemagunyeni. Kwakukhuthaza kakhulu kubazalwana abahlala kummandla onenkathazo, mhlawumbi kwidolophu encinane, ukwazi ukuba babengebodwa ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo.

Kwakufuneka inkalipho ngokwenene ukuze ubani abe nesabelo kwiphulo lamaqela ngeminyaka yee-1930. Ebudeni bexesha lokuDodobala Kwezoqoqosho, imisebenzi yayinqabile. Sekunjalo, uNicholas Kovalak, Omnci., umveleli ohambahambayo kangangeminyaka enokuba ngama-40, ukhumbula oku: “Xa kwakuhlatyw’ ikhwelo lokugubungela ummandla onenkathazo, ‘umalathisi wenkonzo’ wayecela amatshantliziyo. Abantu babexelelwa ukuba bakuphephe ukuba ngamatshantliziyo ukuba babenexhala lokuphulukana nemisebenzi yabo. . . . Kodwa kwakusoloko kusivuyisa ukubona bonke bevuma!” UJohn Dulchinos, umveleli waseSpringfield, eMassachusetts, wathi: “Eneneni, leyo yayiyiminyaka echulumancisayo yaye iinkumbulo zayo zixabisekile. Umoya kaYehova wasenza asoyika.”

Kwangaxeshanye, ukukhanya kokuqonda iBhayibhile okwakuza kuba nempembelelo engathethekiyo emsebenzini kwakuvela.

Kuthekani NgamaYonadabhi?

Ngowe-1932 kwacaciswa ukuba uYehonadabhi (uYonadabhi), isinxulumani sikaKumkani uYehu, wayefanekisela udidi lwabantu ababeza kunandipha ubomi obungunaphakade emhlabeni.f (2 Kum. 10:15-28) AmaYonadabhi, njengokuba babizwa njalo, ayekugqala kulilungelo ukunxulumana nabakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo nokuncedisana nabo ekubhengezeni uBukumkani. Kodwa ngelo xesha, kwakungekho mgudu ukhethekileyo wokuhlanganisa nokulungelelanisa aba bantu banethemba lasemhlabeni.

Noko ke, amaYonadabhi akhuthazwa ngokwenene kwiMboniselo (yesiNgesi) ka-Agasti 15, 1934. Inqaku elithi “Ububele Bakhe” lathi: “Ngaba umYonadabhi ufanele azinikele eNkosini aze abhaptizwe? Impendulo: Ngokuqinisekileyo kufanelekile ukuba umYonadabhi azinikele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Akukho namnye oya kuzuza ubomi engakwenzanga oko. Ukuntywiliselwa emanzini kungumqondiso nje wokuba uzinikele [okanye, njengokuba sisitsho ngoku, uzahlulele] ukwenza ukuthanda kukaThixo, yaye oko akuyi kuba yinto engafanelekanga.” AmaYonadabhi avuya gqitha!

Kanti, ayeseza kuvuya ngakumbi kungekudala. Kwintwasahlobo elandelayo, iinkupho eziliqela zeMboniselo (yesiNgesi), ukususela kweka-Aprili 1, 1935, zazinesi saziso: “Kwakhona IMboniselo ikhumbuza abo bayifundayo ukuba kuza kubakho indibano yamangqina kaYehova namaYonadabhig eWashington, D.C., eya kuqalisa ngoMeyi 30 iphele ngoJuni 3, 1935.” AmaYonadabhi ayilinda ngolangazelelo le ndibano.

Ingongoma ephambili kwintetho kaMzalwan’ uRutherford awayinikela ngemva kwemini yesibini kuloo ndibano yayiphathelele “indimbane enkulu,” eyaxelwa kwangaphambili kwiSityhilelo 7:9-17. Kuloo ntetho wacacisa ukuba indimbane enkulu yayiquka amaYonadabhi anamhlanje nokuba la maYonadabhi ayemele abonise umlinganiselo ofanayo nowabathanjiswa wokuthembeka kuYehova. Kaloku, abaphulaphuli babechulumance gqitha! Esabela kwisicelo sesithethi, amaYonadabhi aphakama. UMildred Cobb, owayebhaptizwe kwihlobo lowe-1908, wakhumbula oku: “Kwakhe kwathi nzwanga, kwaza emva koko kwavakala intsholo eyayibangelwa yimincili nentswahla eyavakala ngamandla neyathabatha ithuba elide.”

Oku kukhanya kokuqonda iBhayibhile kwaba nomphumo onamandla kumsebenzi wamaNgqina kaYehova. USadie Carpenter, umshumayeli wexesha elizeleyo iminyaka engaphezu kwama-60, wathi, “Sinehlombe gqitha, sabuyela kwiindawo esihlala kuzo ukuze sifune aba bantu babumvu ababesamele bahlanganiswe.” Kamva iYearbook of Jehovah’s Witnesses for 1936 yanikela le ngxelo: “Ukutyhilwa kwale nkcazelo kubakhuthazile abazalwana kwaza kwabashukumisela kumsebenzi ohlaziyiweyo, yaye kufika iingxelo ezivela kuwo wonke umhlaba ezibonisa ukuvuyiswa sisibakala sokuba intsalela ngoku inelungelo lokuthwalela isigidimi kwisihlwele esikhulu, yaye aba basebenza kunye ekuzukiseni igama leNkosi.” Ukubanceda kulo msebenzi, incwadi eyapapashwa ngowe-1936 ethi, Ubutyebi, yayiwaxubusha ngokweenkcukacha amathemba aseZibhalweni endimbane enkulu.

Ekugqibeleni, amalungu azahluleleyo aza abhaptizwa esihlwele esikhulu ayeyibona indawo ewafaneleyo ecaleni kwabathanjiswa ekubhengezeni uBukumkani bukaThixo!

‘Ukusuka Isikhumba Sexhegwazana’

Ngeminyaka yee-1930, isigidimi la maNgqina anenzondelelo ayesivakalisa sasiquka ukulubhenca kabuhlungu unqulo lobuxoki. Isixhobo esiluncedo ekwenzeni oku sakhutshwa kwindibano yamaNgqina kaYehova, ngoSeptemba 15-20, 1937, eColumbus, eOhio.

NgoMgqibelo, ngoSeptemba 18, emva kwentetho yakhe yakusasa, uMzalwan’ uRutherford wakhupha incwadi emthubi ethi Enemies. Yalugxeka unqulo lobuxoki “njengotshaba olukhulu, olusoloko lusenzakalisa uluntu.” Abantu bonqulo lobuxoki bachazwa “njengabameli bakaMtyholi, enoba bayakuqonda oko okanye abakuqondi.” Xa wayenikela le ncwadi kubaphulaphuli, uMzalwan’ uRutherford wathi: “Siza kuyisebenzisela ukusuka isikhumba sexhegwazanah.” Esakutsho abaphulaphuli bavumelana naye ngokuvakalayo nangehlombe.

Kangangeminyaka ethile igramafoni yayibe nendima ‘ekusukeni ixhegwazana.’ Kodwa ngokubhekisele ekusetyenzisweni kwegramafoni, kwachazwa into ebingalindelekanga kwindibano yowe-1937. “Kule ndibano kwaqaliswa umsebenzi wokusebenzisa igramafoni ephathekayo emnyango. Ngaphambili sasiyiphatha igramafoni xa sisiya enkonzweni, kodwa sasiyidlala kuphela xa simenyelwe ngaphakathi. . . . Kule ndibano yayiseColumbus kwachazwa indlela abalungelelaniswe ngayo ‘ooVulindlela Abakhethekileyo’ bokukhokela ekusebenziseni igramafoni kwiminyango nakumsebenzi wokulandela abantu abanomdla (ekuqaleni ngelo xesha babebizwa ngokuthi ‘amabuyelo’) nezifundo zeBhayibhile ngelungiselelo elibizwa ngokuthi ‘isifundo esingumzekelo,’” ukhumbula oko uElwood Lunstrum, owayeneminyaka eli-12 kuphela ngelo xesha.

Abantu bakaYehova bemka kuloo ndibano bewuxhotyiselwe kakuhle umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Ngokuqinisekileyo babefuna naluphi na ukhuthazo ababenokulufumana. Ukwanda komoya wobuhlanga ngeminyaka yee-1930 kwazisa inkcaso, kwezinye iimeko ugonyamelo lwamahlokondiba, olwaluvela kubantu ababezimisele ukuthintela amaNgqina kaYehova ukuba angahlanganisani kunye okanye ashumayele.

“Igquba Labakhuthuzi”

Inkcaso enamandla yavela kumaqela athile eNtshukumo yamaKatolika. Ngo-Oktobha 2, 1938, uMzalwan’ uRutherford wayengagwegwelezi kwintetho awayeyinikela ethi “UbuFasi okanye Inkululeko,” kamva eyakhutshwa iyincwadana kwaza kwasasazwa izigidi zayo. Kule ntetho uMzalwan’ uRutherford wachaza iziganeko eziliqela zezenzo ezingekho mthethweni ezibonisa intsebenziswano engekho mthethweni phakathi kwamagosa athile aseburhulumentenni neCawa yamaRoma Katolika.

Emva kokwandlala izibakala, uRutherford wathi: “Xa abantu bexelelwa izibakala ngehlokondiba elisebenza ngaphantsi komthika wonqulo elizama ukuba amalungelo abo, iiNkokeli zonqulo ziyakhwaza zize zithi: ‘Bayaxoka! Bekani isiziba emilonyeni yabo bantu ningabavumeli bathethe.’” Wandula ke wabuza: “Ngaba kuphosakele ukupapasha inyaniso ngegquba labakhuthuzi elikhuthuza abantu? Nakanye! . . . Ngaba abantu abanyanisekileyo bamele banyhalwe okuthile emilonyeni benyanzelwa ukuba bathule ngoxa eli qela labakhuthuzi litshabalalisa inkululeko yabantu? Ngaphezu koko, ngaba abantu baza kuhluthwa amalungelo abo abawanikwe nguThixo okuhlanganisana ngoxolo nawenkululeko yokunqula uThixo uSomandla, nenkululeko yokuthetha ngobukumkani bakhe nangabo babuchasayo?”

Emva kwale ntetho ibukhali, inkcaso yamaqela eNtshukumo yamaKatolika kulo lonke elaseUnited States yathabath’ unyawo. AmaNgqina kaYehova alwa amadabi angokwasemthethweni esilwela inkululeko yonqulo nelungelo lawo lokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Kodwa iimeko zesuka zambi ngakumbi njengokuba ihlabathi lasuka langena emfazweni. Kwakhona umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavalwa ngokusemthethweni yaye abanjwa kumazwe ngamazwe aseYurophu, eAfrika nawaseAsia.

“Wonk’ Umntu Wayefuna Ukuya ESt. Louis”

UNorman Larson, owayesandul’ ukungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo ukhumbula oku: “Ngowe-1941, sonke sasivakalelwa kukuba sasiza kujamelana namaxesha anzima ngenxa yemfazwe eyayiqhubeka eYurophu. Ngoko wonk’ umntu wayefuna ukuya eSt. Louis.” Ukuyokwenza ntoni? Kaloku, kwakukho iNdibano Yolawulo Lobuthixo yamaNgqina kaYehova eSt. Louis, eMissouri, ngoAgasti 6-10, 1941! Yaye kweza “wonk’ umntu.” Indawo eyayikuyo indibano yayizele imi ngeembambo. Ngokutsho koqikelelo lwamapolisa, kwakuze incopho yabantu abali-115 000.

Ukususela ngosuku lokuqala, ucwangciso lwendibano lwanikela ukhuthazo olusexesheni. Intetho yokuvula kaMzalwan’ uRutherford, eyayisithi “Ingqibelelo,” yayingumxholo waloo ndibano. UHazel Burford, obengumvangeli wasemazweni iminyaka ephantse ibe ngama-40, de kwasekufeni kwakhe ngowe-1983, wakhumbula oku: “Sasiqonda ngokucace ngakumbi kunangaphambili isizathu sokuba uYehova avumele ukutshutshiswa qatha kangako kwabantu bakhe emhlabeni wonke.” Inikela ingxelo ngendibano, i-1942 Yearbook of Jehovah’s Witnesses yongezelela: “Bonke babona ngokucacileyo ukuba babelindwe ngumsebenzi omkhulu wokunikela ubungqina owawumele wenziwe, yaye ngokwenjenjalo babeya kuba bagcina ingqibelelo yabo, nangona bethiyiwe ngabantu bonke neentlangano zehlabathi.”

Kwakungumbono ochukumisayo kulo ndibano ngeCawa, ngoAgasti 10, “uSuku Lwabantwana.” Ekuqaliseni kocwangciso lwakusasa, abantwana abali-15 000—abaphakathi kweminyaka emi-5 neli-18 ubudala—babehleli phakathi ebaleni elikhulu ngqo phambi kweqonga nakwindawo ngokufanayo eyayibekelwe bucala kwindawo yeenqwelo ezirhuqwayo ekwakuhleli kuyo abantu ababephulaphule nekwathi ngenxa yokuzala baza kuhlaliswa kuyo. Njengokuba uMzalwan’ uRutherford, ngoku owayekwiminyaka yama-70 ubudala, wayekhwela eqongeni, abantwana batsho ngentswahlakazi beqhwaba izandla. Wawangawangisa ngetshefu yakhe, baza nabantwana benza okufanayo. Waza, ngelizwi elicacileyo nelinobubele, wathetha nabaphulaphuli bonke ngomxholo othi “Abantwana BoKumkani.” Emva kokuthetha nabaphulaphuli bonke ngaphezu kweyure, wathetha nabantwana ababehleli kwizihlalo ezibekelwe bucala.

Ingqalelo yakhe ikwabo bantwana babebobotheka phambi kwakhe, wathi: “Nina nonke . . . bantwana abavumileyo ukwenza ukuthanda kukaThixo nabami ngakwicala loRhulumente kaThixo olawulwa nguKristu Yesu nabavumileyo ukuthobela uThixo noKumkani wakhe, ncedani niphakame.” Abantwana bathi funqu ngamxhelo mnye. Sinehlombe, isithethi sathi, “Khanibone, amangqina amatsha oBukumkani angaphezu kwe-15 000!” Kwavakala intswahla yezandla. “Nonke nina eniya kwenza konke okusemandleni enu nixelela abanye ngobukumkani bukaThixo neentsikelelo zabo, yithini Aye.” Badanduluka kwanga kuyaduduma bathi, “Aye!”

Njengovuthondaba lwako konke oku, uMzalwan’ uRutherford wavakalisa ukukhutshwa kwencwadi entsha ethi Children, eyamkelwa ngemincili kukhwazwa yaye kuqhwatywa nezandla. Emva koko, isithethi, indoda esukileyo egadeni, sancedisa ekudluliseleni imibhalo yesisa njengoko ukrozo lwabantwana lwalusiza eqongeni yaye ludlula kuso lwenze uludwe. Abaninzi balila besakukubona oku.

Phakathi kwababekho ngaloo ntsasa yangeCawa kwakukho abantwana abaninzi abaye baphila ngokuvisisana naloo “Aye!” ULaVonne Krebs, uMerton Campbell noEugene noCamilla Rosam babephakathi kwabo baselula abafumana incwadi ethi Children ngeso sihlandlo. Njengoko besakhonza kwikomkhulu loMbutho ngowe-1992, banikele iminyaka engama-51, 49, 49, nama-48 ngokulandelelana kwabo kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Bambi babo bantwana baya kukhonza kwizabelo zobuvangeli basemazweni kwamanye amazwe, ekukho phakathi kwabo uEldon Deane (eBolivia), uRichard noPeggy Kelsey (eJamani), uRamon Templeton (eJamani) noJennie Klukowski (eBrazil). Ucwangciso lwangaloo ntsasa yangeCawa eSt. Louis lwaba nempembelelo engapheliyo kwiintliziyo eziselula ezininzi!

Emva kwemini ngeCawa uMzalwan’ uRutherford wathetha amazwi okwahlukana nabo babeze endibanweni. Wabakhuthaza ukuba baqhubele phambili nomsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Wathi kubo: “Ndiqinisekile ukuba ukususela ngoku ukusa phambili . . . abo baya kubumba isihlwele esikhulu baya kwanda ngokungathethekiyo.” Wababongoza ukuba babuyele kwimimandla eyahlukahlukeneyo yabo baze ‘bazibhokoxe ngakumbi . . . bachithele lonke ixesha abanako ukulichithela enkonzweni.’ Waza ke wathetha amazwi akhe okugqibela kwabo baphulaphuli: “Ngoku, bazalwana bam abathandekayo, yanga iNkosi inganisikelela. Andisayi kuthi ndlela-ntle ngoku, kuba ndilindele ukunibona kwakhona ngelinye ixesha.”

Kodwa abaninzi babembone bamgqibelisa uMzalwan’ uRutherford.

Iintsuku Zokugqibela ZikaJ. F. Rutherford

UMzalwan’ uRutherford wayefunyenwe ngumhlaza kubholobholo ibe impilo yakhe yayisele inkenenkene kwindibano yaseSt. Louis. Sekunjalo, wakwazi ukunikela iintetho ezintlanu ezinamandla. Noko ke, emva kwendibano imeko yakhe yaba mandundu ngakumbi, yaye kwanyanzeleka ukuba aye kwenziwa utyando lwecolostomy. UArthur Worsley ukhumbula umhla uMzalwan’ uRutherford awayebulisa ngawo intsapho yaseBheteli. “Wasihlebela ukuba wayeza kwenziwa utyando olukhulu yaye nokuba wayephilile emva kwalo okanye kwakungenjalo, wayeqinisekile ukuba wayeya kuqhubeka evakalisa igama likaYehova. Waza . . . waqukumbela ngokuthi, ‘Ngoko, ukuba uThixo uthandile, ndiya kunibona kwakhona. Ukuba akubanga njalo, qhubekani nomlo.’ Intsapho yonke yayinyembezana.”

UMzalwan’ uRutherford, eneminyaka engama-72 ubudala, waphila emva kolo tyando. Kungekudala emva koko wasiwa kwindlu eyayiseKhalifoniya awayeyithiye ngokuthi yiBeth-Sarim. Kwakucacile kwababemthanda, nakwiingcali zezonyango, ukuba wayengayi kuphila. Enyanisweni, kwafuneka enziwe olunye utyando.

Malunga naphakathi kuDisemba, kwafika uNathan H. Knorr, uFrederick W. Franz noHayden C. Covington bevela eBrooklyn. UHazel Burford, owayenyamekela uMzalwan’ uRutherford ebudeni bezi ntsuku zilusizi nezaziluvavanyo, kamva wakhumbula oku: “Bachitha iintsuku eziliqela kunye naye behlolisisa ingxelo yonyaka yeYearbook neminye imibandela yentlangano. Emva kokuhamba kwabo, uMzalwan’ uRutherford waya esiba buthathaka yaye malunga neeveki ezintathu kamva, ngoLwesine, ngoJanuwari 8, 1942, ethembekile waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni.”i

Zamkelwa njani iindaba zokufa kukaMzalwan’ uRutherford eBheteli? UWilliam A. Elrod, owayelilungu lentsapho yaseBheteli iminyaka esithoba, wakhumbula oku: “Andisokuze ndiwulibale umhla eseva ngawo ngokushiywa kwethu nguMzalwan’ uRutherford. Kwakusemini emaqanda intsapho ihlanganisene ilungele isidlo sasemini. Isaziso sasisifutshane. Kwathi cwaka. Akukho nomnye owacela emsebenzini esithi uyokuzila. Kunoko, sabuyela kumzi-mveliso saza sasebenza ngamandla kunanini na ngaphambili.”

Lawo yayingamaxesha ovavanyo ngokwenene kumaNgqina kaYehova. Imfazwe Yayinwenwele ehlabathini lonke. Umlo wawunwenwela ukususela eYurophu ukuya kutsho eAfrika nakuloo mmandla owawusaziwa ngokuba yiSoviet Union. NgoDisemba 7, 1941, kwisithuba nje senyanga ngaphambi kokufa kukaMzalwan’ uRutherford, ukuhlasela kweJapan iZibuko lasePearl kwakutsalele iUnited States emfazweni. Kwiindawo ezininzi amaNgqina ayehlaselwa ngamahlokondiba etshutshiswa nangezinye iindlela ezimbi.

Kwakuza kwenzeka ntoni ngoku?

[Imibhalo esemazantsi]

a Umbutho waseNew York owasekwa ngowe-1909 owawunokuthanani nokufudukela kweeofisi eziphambili zoMbutho eBrooklyn, eNew York.

b Bona iSahluko 28 esithi, “Ukuvavanywa Nokuhluzwa Ngaphakathi.”

c Ngokutsho kwengcaciso eyayikwincwadi ethi The Finished Mystery, umfazi okwiSityhilelo isahluko 12 “yayiliBandla lokuqala,” inamba “yayiBubukhosi Bobuhedeni BamaRoma,” yaye umntwana oyinkwenkwe “yayiyinkqubo yoopopu.”

d Bona iSahluko 14, “Abangabo Abehlabathi.”

e Bona iSahluko 30, esithi “Ukukhusela Nokumisela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo.”

f Incwadi ethi Vindication, iNcwadi yesiThathu, iphepha 77. Bona kwaneSahluko 12 esithi, “Isihlwele Esikhulu—Siza Kuphila Ezulwini? Okanye Emhlabeni?”

g Ngelo xesha amaYonadabhi ayengagqalwa ‘njengamangqina kaYehova.’ (Bona IMboniselo [yesiNgesi] ka-Agasti 15, 1934, iphepha 249.) Noko ke, emva kweminyaka embalwa, IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 1, 1942, yathi: “Aba ‘bezinye izimvu’ [amaYonadabhi] bangamangqina Akhe, ngendlela efanayo nokuba amadoda athembekileyo angaphambi kokufa kukaKristu, ukususela kuYohane uMbhaptizi ukubuyela umva ukuya kuAbheli, babengamangqina anganikezeliyo kaYehova.”

h Oku kubhekisela ‘kwihenyukazi elikhulu,’ elikhankanywe kwiSityhilelo isahluko 17. Incwadi ethi Enemies yathi: “Zonke iintlangano ezisemhlabeni eziphikisanayo noThixo nobukumkani bakhe . . . zinegama elithi ‘iBhabhiloni’ nelithi ‘ihenyukazi,’ yaye loo magama ngokukhethekileyo abhekisela kwintlangano yonqulo ephambili, icawa yamaRoma Katolika.” (Iphepha 198) Kwiminyaka ethile kamva kwabonwa ukuba ihenyukazi limela ubukhosi behlabathi balo lonke unqulo lobuxoki.

i UMzalwan’ uRutherford washiya inkosikazi yakhe, uMary, nonyana wabo, uMalcolm. Ngenxa yokuba uDade Rutherford wayenempilo enkenenkene yaye wayebufumanisa bubanda ngendlela enganyamezelekiyo ubusika baseNew York (apho lalikhoyo ikomkhulu leWatch Tower Society), yena noMalcolm babehlala kumazantsi eKhalifoniya, apho imozulu yayivumelana nempilo yakhe. UDade Rutherford wafa ngoDisemba 17, 1962, eneminyaka engama-93 ubudala. Isaziso sokufa kwakhe, esaphuma kwiDaily News-Post yaseMonrovia, eKhalifoniya, sasisithi: “De impilo enkenenkene yamenza akabi nakuphuma ekhayeni lakhe, ebekhuthele kumsebenzi wobulungiseleli wamaNgqina kaYehova.”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 73]

“Izixhobo eziyintloko zikaSathana liKRATSHI, AMABHONGO noLOYIKO”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 74]

“Isiqinisekiso sokuba yayinguYehova owayesalathisa uMbutho”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 75]

‘Ukuphuma kwabo entolongweni, kwakungengenxa yokulungelwa kwabo, kodwa kwakungenjongo yokungqinela inyaniso’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 77]

“Uthumo lomKristu emhlabeni . . . kukuvakalisa isigidimi sobukumkani beNkosi”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 78]

‘Bhengezani uBukumkani ngenzondelelo nothando kunanini na ngaphambili’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 82]

‘Sinqwenela ukwaziwa njengamangqina kaYehova’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 83]

Ewe! amaYonadabhi afanele abhaptizwe

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 84]

‘Ukufunwa kwabantu ababumvu ababesamele bahlanganiswe’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 85]

URutherford wayengagwegwelezi ekukhalimeleni abachasi bezonqulo

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 86]

Abantwana abangama-15 000 bazimisa ngakwicala loBukumkani

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 89]

“Ukuba uThixo uthandile, ndiya kunibona kwakhona. Ukuba akubanga njalo, qhubekani nomlo”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 76]

“Indlu Yabathetheli”

UMzalwan’ uRutherford wahlaselwa kukukrala okuqatha kwemiphunga akuba ekhululwe entolongweni emva kokuvalelwa kwakhe ngokungekho mthethweni ngowe-1919. Emva koko, wayenomphunga omnye kuphela osebenza kakuhle. Ngeminyaka yee-1920, ngaphantsi konyango lukagqirha, waya eSan Diego, eKhalifoniya, yaye loo gqirha wambongoza ukuba achithele ixesha elininzi kangangoko apho. Ukususela ngowe-1929 ukusa phambili, ebusika, uMzalwan’ uRutherford wayesebenzela kwindlu eseSan Diego awayeyithiye ngokuba yiBeth-Sarim. IBeth-Sarim yayakhiwe ngeemali ezazinikelwe ngenxa yaloo njongo. Esi sivumelwano, esapapashwa ngokupheleleyo kwi-“The Golden Age” kaMatshi 19, 1930, sadlulisela loo mzi kuJ. F. Rutherford yaye emva koko kwiWatch Tower Society.

Ngokuphathelele iBeth-Sarim, incwadi ethi “USindiso,” eyapapashwa ngowe-1939, yacacisa: “Amagama esiHebhere athi ‘Beth Sarim’ athetha ukuthi ‘Indlu Yabathetheli’; yaye injongo yokuzuza lo mhlaba nokwakha indlu yayikukuze kubekho ubungqina obubambekayo bokuba kukho namhla emhlabeni abo bakholwa ngokuzeleyo kuThixo noKristu Yesu nobukumkani Bakhe, abakholwayo ukuba amadoda anyanisekileyo akudala wona aza kuvuswa kwakamsinyane yiNkosi, abuyele emhlabeni, aze ayalele imicimbi ebonakalayo yehlabathi.”

Emva kweminyaka embalwa uMzalwan’ uRutherford efile, iqumrhu labalathisi leWatch Tower Society lagqiba ekubeni liyithengise iBeth-Sarim. Ngoba? “IMboniselo” (yesiNgesi) kaDisemba 15, 1947, yacacisa: “Iyiphumeze ngokupheleleyo injongo yayo yaye ngoku ibisisikhumbuzo esidla imali eninzi nje kuphela ukusigcina sikho; ukholo lwethu ekubuyeni kwamadoda akudala uKumkani uKristu Yesu aya kuwenza abathetheli kuwo WONKE umhlaba (kungekuphela eKhalifoniya) alusekelwanga kuloo ndlu iBeth-Sarim, kodwa kwiLizwi likaThixo lesithembiso.”j

[Umbhalo osemazantsi]

j Ngelo xesha, kwakukho inkolo yokuba amadoda okholo akudala, anjengoAbraham, uYosefu, noDavide, ayeya kuvuswa ngaphambi kwesiphelo sale nkqubo yezinto aze abe “ngabathetheli ehlabathini lonke,” ezalisekisa INdumiso 45:16. Le mbono yalungiswa ngowe-1950, xa uhlolisiso olungakumbi lweZibhalo lwabonisa ukuba abo mawokhulu basemhlabeni bakaYesu Kristu babeya kuvuswa emva kweArmagedon.—Bona “IMboniselo” (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1950, iphepha 414-17.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 80, 81]

Ukusasaza Isigidimi SoBukumkani Ngonomathotholo

Kwiminyaka emibini usasazo lukanomathotholo oluthe rhoqo luqalisile, kwasetyenziswa unomathotholo ukusasaza isigidimi soBukumkani. Ngenxa yoko ngoFebruwari 26, 1922, uMzalwan’ uRutherford wenza usasazo lwakhe lokuqala kunomathotholo, eKhalifoniya. Kwiminyaka emibini kamva, ngoFebruwari 24, 1924, iziko leWatch Tower Society likanomathotholo iWBBR, kwisiQithi iStaten, eNew York, laqalisa ukusasaza. Ekugqibeleni, uMbutho walungiselela uthungelwano losasazo ehlabathini lonke ukusasaza iinkqubo neentetho zeBhaybhile. Ngowe-1933 amajelo angama-408 ewonke ayethwalela isigidimi soBukumkani kumazwekazi amathandathu!

[Imifanekiso]

IWBBR, eNew York, yayiliziko leWatch Tower Society ukususela ngowe-1924 ukusa ngowe-1957

Iokhestra yeWBBR ngowe-1926

UJ. F. Rutherford enikela intetho ethi “Ukujamelana Nezibakala,” KwiHolo iRoyal Albert, eLondon, eNgilani, ngoSeptemba 11, 1938; kwanyakathisana ngaphezu kwe-10 000 kule holo (ngezantsi), ngoxa ezinye izigidi zaziphulaphule kunomathotholo

Ucwangciso lokuvulwa kweWBBR

Abasebenzi kwiziko elalise 2HD, eNewcastle, eNSW eOstreliya

Iziko losasazo iCHCY eEdmonton, eAlberta, lalilelinye lamaziko aliqela oMbutho ibe laliseKhanada

Ukusasazela eFinland kugqitha kwiziko likanomathotholo e-Estonia

Izixhobo zokusasaza kwiziko iWORD, kufutshane naseChicago, eIllinois; elalileloMbutho kwaye liqhutywa nguwo

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 87]

Ukushumayela Ngeegramafoni

Ngowe-1933, amaNgqina kaYehova aqalisa ukusebenzisa enye indlela entsha yokushumayela. Kwasetyenziswa umatshini ophathwayo osisidlali-macwecwe nonesandisi-lizwi ukuze kusasazwe eziholweni, ezipakini, nakwezinye iindawo zikawonke wonke iintetho zikaMzalwan’ uRutherford ezilungiselelwe kumacwecwe aluhlobo lwe-33 1/3-rpm. Kwasetyenziswa neenqwelo-mafutha namaphenyane anesandisi-lizwi ukuze kubhengezwe isigidimi soBukumkani.

Ukuphumelela kokusetyenziswa kwezidlali-macwecwe kwakhokelela kwenye into entsha—ukushumayela kwindlu ngendlu ngegramafoni elula. Ngowe-1934 uMbutho waqalisa ukuvelisa iigramafoni eziphathwayo nongcelele lwamacwecwe aluhlobo lwe-78-rpm ekwakushicilelwe kuwo iintetho zeBhayibhile ezazithabatha imizuzu emine enesiqingatha. Ekugqibeleni, kwakukho amacwecwe agubungela imibandela engama-92 eyahlukahlukeneyo awayesetyenziswa. Xa zizonke, zingaphezu kwama-47 000 iigramafoni zokubhengeza isigidimi soBukumkani ezenziwa nguMbutho. Noko ke, ekuhambeni kwexesha kwagxininiswa kakhulu ekuvakalisweni kwesigidimi soBukumkani ngomlomo, yaza ngaloo ndlela igramafoni yaphelelwa lixesha.

[Imifanekiso]

Ngenqwelo-mafutha enesandisi-lizwi encotsheni yenduli, isigidimi soBukumkani sasinokuviwa ukuya kufikelela kumgama oziikhilomitha ezininzi (ngasentla)

Ukusebenzisa isidlali macwecwe eMexico (ngasekunene)

Iphenyane elinesandisi-lizwi lisasaza kuMlambo iThames, eLondon, eNgilani (ngasentla)

Ukusebenzisa igramafoni kwinkonzo yasentsimini (ekhohlo)

Ukubonisa indlela yokusebenzisa igramafoni ethe nkqo (“vertical-style”), ngowe-1940 (ngasekunene)

[Umfanekiso okwiphepha 79]

UJ. A. Bohnet

[Umfanekiso okwiphepha 88]

Ukususela ngowe-1917, xa uJ. F. Rutherford waba ngumongameli, ukusa kowe-1941, iWatch Tower Society yavelisa uthotho lweempapasho, kuquka iincwadi ezingama-24, iincwadana ezingama-86, nee-“Yearbook” zaminyaka le, kwanamanqaku e-“Mboniselo” nawe-“The Golden Age” (kamva eyaba yi-“Consolation”)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share