Isahluko 11
Indlela Ekwenzeka Ngayo Ukuba Saziwe NjengamaNgqina KaYehova
EBUDENI bamashumi eminyaka okuqala embali yabo yanamhlanje, ngokufuthi kwakubhekiselwa kubo kuphela ngokuthi aBafundi beBhayibhile. Xa abanye babebuza igama lale ntlangano, ngokufuthi abazalwana bethu babephendula bathi, “SingamaKristu.” UMzalwan’ uRussell, kwiMboniselo, wawuphendula umbuzo onjalo ngokuthi: “Asizahluli kwamanye amaKristu ngokuthabatha igama elahlukileyo okanye elingaqhelekanga. Sanelisekile ligama elithi, umKristu, ezazisaziwa ngalo iingcwele zokuqala.”—Inkupho (yesiNgesi) kaSeptemba 1888.
Ngoko, kwenzeka njani ukuba sibe namhlanje saziwa njengamaNgqina kaYehova?
Igama Elithi UmKristu
Abalandeli bokwenyaniso bakaYesu Kristu, ngenkulungwane yokuqala nakumaxesha anamhlanje, bebezibiza bona namanye amakholwa ngokuthi “abazalwana,” “izihlobo,” nangokuthi “ibandla likaThixo.” (IZe. 11:29; 3 Yoh. 15; 1 Kor. 1:2) Kwakhona bebebhekisela kuKristu ngokuthi ‘iNkosi’ yaye bona bezibiza ngokuthi “abakhonzi bakaYesu Kristu” nangokuthi “abakhonzi bakaThixo.” (Kol. 3:24; Fil. 1:1; 1 Pet. 2:16) Izibizo ezinjalo bezisetyenziswa ngokukhululekileyo ebandleni, yaye beziqondwa kakuhle.
Ngenkulungwane yokuqala, indlela yobomi eyayisekelwe ekukholweni kuYesu Kristu (yaye, sinokongeza sithi, ibandla) kwakubhekiselwa kuyo ngokuthi “iNdlela.” (IZe. 9:2; 19:9) Iinguqulelo eziliqela kwiZenzo 18:25 zibonisa ukuba yayikwabizwa ngokuthi “indlela kaYehova.”a Kwelinye icala, abanye ababengaphandle kwebandla begculela babebhekisela kuyo ngokuthi “ihlelo lamaNazarete.”—IZe. 24:5.
Ngowama-44 C.E. okanye kungekudala emva koko, abalandeli abathembekileyo bakaYesu Kristu baqalisa ukwaziwa njengamaKristu. Bambi bathi ngabantu bangaphandle ababathiya igama lokuba ngamaKristu, bekwenza oko ngendlela egculelayo. Noko ke, abahleli nabaphengululi beBhayibhile abaliqela bathi isenzi esisetyenziswe kwiZenzo 11:26 sibonisa ulwalathiso okanye isityhilelo sikaThixo. Ngaloo ndlela, kwiNew World Translation, eso sibhalo sifundeka ngale ndlela: “Kwaqala kwa-Antiyokwe ukuba abafundi ngolwalathiso lukaThixo babizwe ngokuthi amaKristu.” (Inguqulelo efanayo iyafumaneka kwiLiteral Translation of the Holy Bible kaRobert Young, uHlelo oluHlaziyiweyo, lowe-1898; iThe Simple English Bible, yowe-1981; neNew Testament kaHugo McCord, yowe-1988.) Malunga nowama-58 C.E., igama elithi umKristu lalisaziwa gqitha kwanangamagosa aseRoma.—IZe. 26:28.
Ngoxa abapostile bakaKristu babesaphila, igama elithi umKristu lalahlukile yaye lingqalile. (1 Pet. 4:16) Bonke ababesithi bangamaKristu kodwa iinkolelo okanye ihambo yabo iliphikisa ibango labo babegxothwa phakathi kwamaKristu. Noko ke, njengokuba uYesu wayexele kwangaphambili, emva kokufa kwabapostile uSathana wahlwayela imbewu eyavelisa amaKristu obuxoki. Aba bakhohlisi nabo babezibanga bengamaKristu. (Mat. 13:24, 25, 37-39) Xa ubuKristu bowexuko babhenela ekunyanzeleni abantu ukuba baguquke, bambi bathi bangamaKristu kuphela nje ukuze baphephe ukutshutshiswa. Ekuhambeni kwexesha, namphi na ummi waseYurophu owayengathi ungumYuda, umSilamsi, okanye akakholelwa kuThixo ngokufuthi wayegqalwa njengomKristu, kungakhathaliseki oko akholelwa kuko okanye ubunjani behambo yakhe.
Izibizo Zokugculela
Ukususela ngenkulungwane ye-16 ukusa phambili, le meko yayiyingxaki kubaHlaziyi. Ekubeni igama elithi umKristu lalisetyenziswa ngokukhululeka kangako, babenokuzahlula njani kwabanye ababesithi bangamaKristu?
Ngokufuthi babesuka nje bamkele igama lokugculela ababelinikwa ziintshaba zabo. Ngaloo ndlela abezakwalizwi ababephikisana noMartin Luther, eJamani, babengabokuqala ukubiza abalandeli bakhe ngegama lakhe, bebabiza ngokuthi ngamaLuthere. Abo babenxulumene noJohn Wesley, eNgilani, babebizwa ngokuba ngamaMethodist ngenxa yokuba imisebenzi yonqulo babeyenza ngendlela yayo kanye ngokunga balandela umgca wempuku (methodical) ngokungaqhelekanga. Ekuqaleni amaBhaptizi ayengalifuni igama elithi Anabaptist (elithetha, “Lowo uBhaptiza okwesibini”) kodwa ngokuthe ngcembe aqwabaz’ iliso aza amkela elithi umBhaptizi.
Kuthekani ngaBafundi beBhayibhile? Abefundisi babebabiza ngokuba ngabalandeli bakaRussell (Russellites) nangokuthi ngabalandeli bakaRutherford (Rutherfordites). Kodwa ukwamkela igama elinjalo ngekwakukhulise umoya wehlelo. Ngekwakungavisisananga nesiluleko esasinikelwe kumaKristu okuqala ngumpostile uPawulos, owabhala oku: “Xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke [oko kukuthi, izinto anizijongi ngeliso lenyama kunokuzijonga ngelokomoya]?” (1 Kor. 3:4) Bambi abantu babebabiza ngokuthi “Millennial Dawnists” (abaVakalisi Bokuza Kwewaka Leminyaka); kodwa uLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu lwaluyenye yeemfundiso zabo kuphela. Abanye babebabiza ngokuthi “amaWatch Tower”; kodwa noko kwakungafanelekanga, kuba iWatch Tower yayiyenye yeempapasho ababezisebenzisa ukusasaza inyaniso yeBhayibhile kuphela.
Imfuneko Yegama Elahlukileyo
Ekuhambeni kwexesha, kwacaca ngakumbi ukuba ukongezelela kwisibizo esithi umKristu, ngokwenene ibandla labakhonzi bakaYehova kwakufuneka libe nalo igama elahlukileyo. Intsingiselo yegama umKristu yayigqwethekile ezingqondweni zabantu ngenxa yokuba abantu ababesithi bangamaKristu ngokufuthi babengenalwazi lungako okanye bengenalwazi tu kwaphela ngokuba wayengubani uYesu Kristu, efundisa ntoni, nokuba babefanele benze ntoni ukuba babengabalandeli bakhe ngokwenene. Ukongezelela, njengokuba abazalwana bethu babesenza inkqubela ekuliqondeni kwabo iLizwi likaThixo, bayibona ngokucacileyo imfuneko yokuzahlula nokwahluka kwezo nkqubo zonqulo ezazisithi zingamaKristu zixoka.
Kuyinyaniso ukuba abazalwana bethu ngokufuthi babezibiza ngokuba bangaBafundi beBhayibhile, yaye ukususela ngowe-1910, babesebenzisa igama elithi International Bible Students’ Association (iMbutho yaBafundi beBhayibhile Bezizwe Ngezizwe) xa bebhekisela kwiintlanganiso zabo. Ngowe-1914, ukuze oku kungabhidaniswa nombutho wabo ongokwasemthethweni owawusandul’ ukusekwa obizwa ngokuba yi-International Bible Students Association (uMbutho waBafundi beBhayibhile Bezizwe Ngezizwe), bamkela igama elithi Associated Bible Students (aBafundi beBhayibhile Ababutheneyo) kumaqela abo asekuhlaleni. Kodwa unqulo lwabo lwalubandakanya okungakumbi kunokufundisisa iBhayibhile. Ngaphezu koko, kwakukho nabanye ababeyifundisisa iBhayibhile—bambi ngokuzinikela; abanye, ngenjongo yokuyihlalutya; yaye abaninzi, ingabantu ababeyijonga njengoncwadi olubalaseleyo. Kwathi, emva kokufa kukaMzalwan’ uRussell, ezinye zezinxulumani zakhe zangaphambili zala ukusebenzisana neWatch Tower Society kunye neInternational Bible Students Association, zawuchasa nokuwuchasa umsebenzi wale mibutho. Lo maqela aqhekekileyo ayesebenzisa amagama awahlukahlukeneyo, amanye ebambelele kwisibizo esithi Associated Bible Students. Oku kwabangela ukudideka okungakumbi.
Kodwa kwathi, ngowe-1931, samkela igama elahlukileyo ngokwenene elithi amaNgqina kaYehova. Umbhali uChandler W. Sterling ubhekisela koku ngokuthi “yeyona ngcamango ibalaseleyo” aweza nayo uJ. F. Rutherford, owayengumongameli weWatch Tower Society. Ngokwendlela loo mbhali awawujonga ngayo lo mbandela, eli yayilinyathelo lobulumko elingazange liphelele nje ngokunika eli qela igama elingokwasemthethweni kodwa kwakhona elenza kwaba lula ngalo ukuchaza zonke iindawo eziseBhayibhileni ezithi “ukungqina” nezithi “ukunikela ubungqina” njengezibhekisela ngokukhethekileyo kumaNgqina kaYehova. Ngokwahlukileyo koko, uA. H. Macmillan, isinxulumani esasebenza nabongameli abathathu beWatch Tower Society, ngokuphathelele isaziso esenziwa nguMzalwan’ uRutherford wathi: “Engqondweni yam andinamathandabuzo—ndandingenawo ngaphambili andinawo nangoku—okuba yiNkosi eyamalathisayo koko, yaye elo ligama uYehova afuna silithwale, yaye sichwayite gqitha kwaye sivuya gqitha ngokuba nalo.” Yiyiphi imbono izibakala eziyixhasayo? Ngaba eli gama ‘yayiyingcamango ebalaseleyo’ eyeza noMzalwan’ uRutherford, okanye ngaba lalingumphumo wokhokelo lukaThixo?
Izinto Ezenzekayo Ezalatha Kwelo Gama
Kwakungenkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo awathi uYehova wabangela ukuba uIsaya abhale oku: “Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga Thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye. . . . Ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.” (Isa. 43:10, 12) Njengokuba iZibhalo zamaKristu zesiGrike zibonisa, iziprofeto ezininzi ezabhalwa nguIsaya zizaliseka ngokunxulumene nebandla lamaKristu. (Thelekisa uIsaya 8:18 namaHebhere 2:10-13; uIsaya 66:22 neSityhilelo 21:1, 2.) Sekunjalo, uIsaya 43:10, 12 akazange axutyushwe ngokweenkcukacha kwiMboniselo kwiminyaka yokuqala engama-40 yokupapashwa kwayo.
Noko ke, emva koko ufundisiso lwabo lweZibhalo lwalathisela ingqalelo yabakhonzi bakaYehova kwiziganeko ezitsha eziphawulekayo. UBukumkani bukaThixo uYesu anguKumkani wabo onguMesiya bazalwa ezulwini ngowe-1914. Owe-1925, ngunyaka owacaciswa ngawo kwiMboniselo (yesiNgesi), umyalelo obuprofeti okuIsaya isahluko sama-43, wokuba ngamangqina kaYehova yaye oku kwaxutyushwa kwiinkupho ezahlukahlukeneyo ezili-11 zeli phephancwadi.
KwiMboniselo (yesiNgesi) kaJanuwari 1, 1926, inqaku eliphambili lalinomxholo ongumbuzo ocelumngeni othi: “Ngubani Oya Kuzukisa UYehova?” Kwiminyaka emihlanu elandelayo, IMboniselo yaxubusha iinxalenye ezithile zikaIsaya 43:10-12 kwiinkupho ezahlukahlukeneyo ezingama-46 yaye kuyo nganye ibonisa ukuba isebenza kumaKristu okwenyaniso.b Ngowe-1929 kwaboniswa ukuba imbambano esaseleyo zonke izidalwa ezinengqondo ezijamelene nayo ibandakanya ukuzukiswa kwegama likaYehova. Yaye ngokuphathelele imbopheleleko abakhonzi bakaYehova abanayo ngokubhekisele kule mbambano, kwakusoloko kuxutyushwa uIsaya 43:10-12.
Ngaloo ndlela izibakala zibonisa ukuba ngenxa yofundisiso lweBhayibhile, ngokuphindaphindiweyo kwakutsalelwa ingqalelo kwimbopheleleko abanayo yokuba ngamangqina kaYehova. Eyona nto yayiqwalaselwa yayingelilo igama leqela kodwa ngumsebenzi elalimele liwenze.
Kodwa loo mangqina afanele aziwe ngaliphi igama? Yintoni eyayinokufaneleka xa siqwalasela umsebenzi awayewenza? ILizwi likaThixo lalisalatha kwesiphi isigqibo? Lo mbandela waxutyushwa kwindibano eyayiseColumbus, eOhio, eUnited States, ngoJulayi 24-30, 1931.
Igama Elitsha
Oonobumba abakhulu abathi J W babebhalwe ngokucacileyo kwiphepha elingaphandle locwangciso lwendibano. Babethetha ukuthini? Intsingiselo yabo ayizange ichazwe de kwaba ngeCawa, Julayi 26. Ngolo suku uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho yesidlangalala ethi “UBukumkani, Ithemba Lehlabathi.” Kuloo ntetho, xa isithethi sasichaza abo bangabavakalisi boBukumkani bukaThixo, sabhekisela ngokukhethekileyo kwigama elithi Jehovah’s Witnesses (amaNgqina kaYehova).
Kamva ngolo suku uMzalwan’ uRutherford walandelisa ngenye intetho, awathi kuyo waxubusha ngezizathu zokuba kufuneke igama elahlukileyo.c IZibhalo zona zazibonisa liphi igama? Isithethi sacaphula IZenzo 15:14, ezitsalel’ ingqalelo kwinjongo kaThixo yokuzinyulela kuzo zonke iintlanga ‘abantu belakhe igama.’ Kule ntetho yakhe wabalaselisa isibakala sokuba njengokuba kusitshiwo kwiSityhilelo 3:14, uYesu Kristu ‘ulingqina elithembekileyo nelinyanisileyo.’ Wabhekisela kuYohane 18:37, apho uYesu wavakalisa oku: “Ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” Walathisela ingqalelo kweyoku-1 kaPetros 2:9, 10, ethi abakhonzi bakaThixo bamele ‘bavakalise isidima salowo wababizayo ukuba baphume ebumnyameni, bangene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.’ Waqiqa ngeendinyana eziliqela ezikuIsaya, ezazingaqondwa kakuhle zonke ngelo xesha, wandula ke wafikelela incopho yentetho yakhe ngoIsaya 43:8-12, oquka olu thumo luvela kuThixo: “Ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.” Ngoko, iLizwi likaYehova lona lalibalathisela kwesiphi isigqibo? Liliphi igama elaliya kuvisisana nendlela uThixo awayebasebenzisa ngayo?
Impendulo ezicaceleyo yayiqulethwe sisigqibo esamkelwa ngehlombe ngeso sihlandlo.d Eso sigqibo sasisithi, ngokuyinxenye:
“Ukuze ukuma kwethu kokwenene kwaziwe, yaye sikholelwa kwelokuba oku kuyavisisana nokuthanda kukaThixo, okuvakaliswe eLizwini lakhe, MASENZE ESI SIGQIBO, silandelayo, sithi:
“SIMTHANDA gqitha uMzalwan’ uCharles T. Russell, ngenxa yomsebenzi wakhe, yaye ngovuyo siyavuma ukuba iNkosi yamsebenzisa kakhulu yaza yawusikelela umsebenzi wakhe, kodwa ngokuvisisana neLizwi likaThixo asinakuvuma ukubizwa ngegama elithi ‘Russellites’; yaye iWatch Tower Bible and Tract Society neInternational Bible Students Association nePeoples Pulpit Association kuphela nje ngamagama emibutho thina njengabantu abangamaKristu esinayo, esiyilawulayo nesiyisebenzisela ukuhambisela phambili umsebenzi wethu sithobela imithetho kaThixo, kodwa akukho nalinye kula magama elisifanelekela kakuhle okanye elisebenzayo kuthi njengeqela lamaKristu alandela emanyathelweni eNkosi yethu, uKristu Yesu; ewe singabo abafundi beBhayibhile, kodwa, njengeqela lamaKristu abumba umbutho, siyala ukwamkela okanye ukubizwa ngegama elithi ‘aBafundi beBhayibhile’ okanye amagama anjengelo njengendlela yokuchaza ukuma kwethu okufanelekileyo phambi keNkosi; siyala ukuba negama okanye ukubizwa ngegama lakhe nawuphi na umntu;
“YAYE, ekubeni sithengwe ngegazi elixabisekileyo likaYesu Kristu iNkosi noMkhululi wethu, senziwa safaneleka saza sazalwa nguYehova uThixo saza sabizelwa kubukumkani bakhe, ngaphandle kokulibazisa ukunyaniseka nokuzinikela kwethu konke sikubhekisa kuYehova uThixo nakubukumkani bakhe; yaye singabakhonzi bakaYehova uThixo abathunywe ukwenza umsebenzi egameni lakhe, yaye, sithobela umthetho wakhe, wokunikela ubungqina bukaYesu Kristu, nokwazisa abantu ukuba uYehova unguThixo oyinyaniso nonguSomandla; ngoko ke ngovuyo samkela yaye sithabatha igama elichazwe yiNkosi uThixo, yaye sinqwenela ukwaziwa nokubizwa ngeli gama, lithi, amangqina kaYehova.—Isa. 43:10-12.”e
Emva kokufundwa kwaso sonke isigqibo, intswahla engapheliyo yezandla yabonisa ukuvumelana ngokupheleleyo kwabo babekho noko kwakuthethiwe.
Ukwamkela Imbopheleleko
Hayi ilungelo ekulilo ukuthwala igama lokuphela koThixo oyinyaniso, uMongami wendalo iphela! Kodwa elo gama liphelekwa yimbopheleleko. Yimbopheleleko amanye amaqela onqulo angayifuniyo. Kunjengokuba uMzalwan’ uRutherford wathi kwintetho yakhe: “Banoyolo abo bamkela igama ekungekho mntu ulifunayo emhlabeni ngaphandle kwabo bazinikele ngokupheleleyo nangokungagogotye lutho kuYehova.” Sekunjalo, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba abakhonzi bakaYehova bathwale igama likaThixo lobuqu, ukuba balenze laziwe, yaye linxulunyaniswe ngokubalaseleyo nokuvakaliswa kwenjongo yakhe!
Naliphi na iqela okanye abantu abathetha egameni likaYehova bazibeka ngaphantsi kwembopheleleko yokudlulisela ilizwi lakhe ngokunyanisekileyo. (Yer. 23:26-28) Bamele bazise kungekuphela nje amalungiselelo kaYehova okusikelela abathandi bobulungisa kodwa kwanemigwebo yakhe kwabo benza ukungalungisi. Njengokuba uYehova wabayalelayo abaprofeti bakhe kumaxesha adluleyo, nanamhlanje, amangqina akhe awamele anciphise nantoni na elizwini likaThixo ngokungayazisi kwabanye. (Yer. 1:17; 26:2; Hez. 3:1-11) Amele avakalise “umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu.” (Isa. 61:1, 2) Abo bamkela isigqibo esingasentla bayiqonda loo mbopheleleko, yaye kwinxalenye yokugqibela yeso sigqibo, bathi:
“Njengamangqina kaYehova ekuphela kwenjongo yethu kukuyithobela ngokupheleleyo imithetho yakhe; sazise ukuba ungokuphela koThixo oyinyaniso nonguSomandla; ukuba iLizwi lakhe liyinyaniso yaye kufanele kunikelwe imbeko nozuko olupheleleyo nozuko kwigama lakhe; ukuba uKristu unguKumkani kaThixo, lowo ammise etroneni yakhe yegunya; ukuba ngoku ubukumkani bakhe bufikile, yaye sithobela imithetho yeNkosi ngoku simele sizivakalise ezi ndaba zilungileyo njengobungqina ezintlangeni yaye sazise abalawuli nabantu ngentlangano kaSathana ekhohlakeleyo necinezelayo, yaye ngokukodwa ngokubhekisele ‘kwiNgqobhoko’, eyeyona nxalenye ingendawo yaloo ntlangano ibonakalayo, nangenjongo kaThixo yokuyitshabalalisa kamsinya intlangano kaSathana, senzo eso siphawulekayo esiya kulandelwa kukuzisa kukaKristu uKumkani uxolo nempumelelo kubantu bomhlaba, inkululeko nempilo, ulonwabo nobomi obungunaphakade; ukuba ubukumkani bukaThixo bulithemba lehlabathi, yaye alikho elinye, yaye esi sigidimi simele sivakaliswe ngabo baziwa njengamangqina kaYehova.
“Ngokuthobekileyo simema bonke abantu abazinikele ngokupheleleyo kuYehova nakubukumkani bakhe ukuba bathelele ekuvakalisweni kwezi ndaba zilungileyo kwabanye, ukuze imilinganiselo yobulungisa yeNkosi iphakanyiswe, ukuze abantu beli hlabathi bazi apho bangayifumana khona inyaniso nethemba lokukhululwa; yaye, ngaphezu koko, ukuze igama elikhulu nelingcwele likaYehova uThixo lithethelelwe lize liphakanyiswe.”
Kwakungekho seColumbus, eOhio, eMerika kuphela, apho abaphulaphuli bathi bakusiva esi saziso segama elitsha batsho ngentswahla yezandla, kodwa nakwiindawo ezikude ezinjengeOstreliya. Emva komgudu owathabatha ixesha elide, eJapan, kwafunyanwa nje inxalenye encinane yocwangciso kunomathotholo ezinzulwini zobusuku. Yaguqulelwa ngoko nangoko. Ngaloo ndlela elo qela lincinane apho lasiva isigqibo nentswahla yezandla. UMatsue Ishii naye wayelapho, yaye njengokuba kamva wabhalayo, ‘badanduluka ngovuyo behambisana nabazalwana babo eMerika.’ Emva kwendibano eyayiseColumbus, kwiindibano nakumabandla amaNgqina kaYehova kuwo onke amazwe awayeqhubeka kuwo nobulungiseleli bawo avakalisa ukuba ayevumelana ngokupheleleyo neso sigqibo. Nanku omnye umzekelo osuka eNorway, wengxelo eyafumanekayo: “Kwindibano yethu yonyaka . . . eOslo sonke siphakame sema ngeenyawo saza ngehlombe sakhwaza sathi ‘Ja’ (Ewe), xa besisamkela igama lethu elitsha elithi ‘amangqina kaYehova’.”
Lingaphezu Kwesifaniso Nje
Ngaba ihlabathi lonke laliza kwazi ukuba abazalwana bethu babamkele elo gama litsha? Kakade, laliza kwazi! Eso saziso siphathelele eli gama senziwa okokuqala kwintetho eyasasazwa ngolona thungelwano lukhulu loonomathotholo lwakha lwasetyenziswa de kwangoko. Ukongezelela, isigqibo esasiqulethe igama elitsha saqukwa kwincwadana ethi The Kingdom, the Hope of the World. Emva kwendibano, amaNgqina kaYehova asasaza izigidi zaloo ncwadana ngeelwimi ezininzi eMntla naseMzantsi Merika, eYurophu, eAfrika, eAsia, nakwiziqithi zolwandle. Ukongezelela ekuhambiseni imibhalo yayo kwindlu ngendlu, enza umgudu okhethekileyo wokuyihambisa kuwo onke amagosa aseburhulumenteni, oosomashishini ababalaseleyo nabefundisi. Bambi abebesaphila ngowe-1992 bebesasikhumbula kakuhle isabelo sabo kolo hlaselo lukhethekileyo.
Asingabo bonke abayamkela ngovuyo loo ncwadana. UEva Abbott ukhumbula ukuba njengokuba wayephuma kwindlu yomfundisi eUnited States, le ncwadana yagqitha kuye ngomtshokotsho yayokuwa phantsi. Akazange afune ukuyishiya apho, ngoko wayichola; kodwa inja enkulu yavungama, yayithi hluthu esandleni sakhe, yaza yayisa kumniniyo, owayengumshumayeli. Wathi: “Oko ndandingenakukuhambisa, yona inja yakuhambisa!”
UMartin Poetzinger, kamva owakhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ukhumbula oku: “Abantu babemangaliswa kuzo zonke izindlu xa sizazisa ngala mazwi: ‘Ndize kuwe namhlanje njengomnye wamangqina kaYehova.’ Abantu babenikin’ iintloko okanye babuze: ‘Kodwa nisengabo abafundi beBhayibhile, andithi kunjalo? Okanye ngaba ungene kwihlelo elitsha?’” Ngokuthe ngcembe loo meko yaguquka. Emva kwamashumi aliqela eminyaka ukususela ekuqaliseni kwabo ukusebenzisa igama labo elahlukileyo, uMzalwan’ uPoetzinger wabhala: “Olunjani lona utshintsho! Ndithi ndingekavuli nomlomo abantu bathi: ‘Umele ukuba ungomnye wamangqina kaYehova.’” Ewe, bayalazi eli gama ngoku.
Elo gama alisosifaniso nje. Enokuba aselula okanye akhulile, ngamadoda okanye ngabafazi, onke amaNgqina kaYehova anesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina ngoYehova nangenjongo yakhe ezukileyo. Ngenxa yoko, uC. S. Braden, unjingalwazi wembali yonqulo, wabhala: “AmaNgqina kaYehova awugubungele ngokoqobo umhlaba ngokunikela kwawo ubungqina.”—These Also Believe.
Nangona umsebenzi wokunikela ubungqina owenziwa ngabazalwana bethu ngaphambi kokuba bamkele igama elithi amaNgqina kaYehova wawugubungela ihlabathi lonke, kubonakala ukuba uYehova wayebalungiselela umsebenzi omkhulu ngakumbi—wokuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu esasiya kulondolozwa siphila ukutyhubela iArmagedon, size sibe nethuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi.
[Imibhalo esemazantsi]
a INew World Translation of the Holy Scriptures; iA Literal Translation of the New Testament . . . From the Text of the Vatican Manuscript, ebhalwe nguHerman Heinfetter; neenguqulelo ezintandathu zesiHebhere. Bona kwanombhalo osemazantsi kwiZenzo 19:23 kwiNew World Translation of the Holy Scriptures.
b Phakathi kwamanqaku aphambili eMboniselo (yesiNgesi) awapapashwa ngeli xesha kwakukho elithi “UYehova Nemisebenzi Yakhe,” “Zukisa Igama Lakhe,” “Abantu Begama Lakhe,” “Igama Lakhe Liphakanyisiwe,” “Ingqina Eliyinyaniso Nelithembekileyo,” “Mdumise UYehova!” “Ziyolise NgoYehova,” “UYehova Ophakamileyo,” “Ukuthethelelwa Kwegama Lakhe,” “Igama Lakhe,” nelithi “Vumela UYehova.”
c Bona inqaku elithi “IGama Elitsha,” kwiMboniselo (yesiNgesi) kaOktobha 1, 1931.
d IMboniselo (yesiNgesi), kaSeptemba 15, 1931, iphe. 278-9.
e Nangona ubungqina bubonisa ulwalathiso lukaYehova ekukhethweni kwegama elithi amaNgqina kaYehova, IMboniselo (Februwari 1, 1944, iphe. 42-3; Oktobha 1, 1957, iphe. 607 [yesiNgesi]) nencwadi ethi “New Heavens and a New Earth” (iphe. 231-7) kamva zabonisa ukuba eli asililo “igama elitsha” ekubhekiselwe kulo kuIsaya 62:2; 65:15; nakwiSityhilelo 2:17, nangona eli gama livisisana nolwalamano olutsha ekubhekiselwa kulo kwezi ndinyana zimbini zikaIsaya.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 149]
‘Abafundi ngolwalathiso lukaThixo babizwa ngokuba bangamaKristu’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 150]
Igama elithi umKristu lagqwetheka ezingqondweni zabantu
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 151]
BabengengoBafundi beBhayibhile nje kuphela
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 157]
“Ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo”
[Ibhokisi ekwiphepha 151]
IGama elithi amaNgqina kaYehova kuMazwe aseMerika
Arabic شهود يهوه
Armenian Եհովայի Վկաներ
Chinese 耶和華見證人
English Jehovah’s Witnesses
French Témoins de Jéhovah
Greek Μάρτυρες του Ιεχωβά
Greenlandic Jehovap Nalunaajaasui
Italian Testimoni di Geova
Japanese エホバの証人
Korean 여호와의 증인
Papiamento Testigonan di Jehova
Polish Świadkowie Jehowy
Portuguese Testemunhas de Jeová
Samoan Molimau a Ieova
Spanish Testigos de Jehová
Sranantongo Jehovah Kotoigi
Tagalog Mga Saksi ni Jehova
Vietnamese Nhân-chứng Giê-hô-va
[Ibhokisi ekwiphepha 152]
Nabanye Bakubona
Asiyo-“Mboniselo” kuphela eyabonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba uYehova wayeya kuba namangqina emhlabeni. Ngokomzekelo, uH. A. Ironside, kwincwadi ethi “Lectures on Daniel the Prophet” (eyapapashwa okokuqala ngowe-1911), wabhekisela kwabo esasiya kuzaliseka kubo isithembiso esixabisekileyo esikuIsaya isahluko 43 waza wathi: “Aba baya kuba ngamangqina kaYehova, bengqinela amandla nozuko loThixo okuphela koyinyaniso, ngoxa iNgqobhoko ewexukileyo iya kube izinikele ngokupheleleyo kulahlekiso olunamandla lokukholelwa kubuxoki bomchasi-Kristu.”
[Ibhokisi ekwiphepha 153]
IGama elithi amaNgqina kaYehova Kumazwe aseMpuma nakwiziQithi zePasifiki
Bengali যিহোবার সাক্ষিরা
Bicol, Cebuano, Hiligaynon,
Samar-Leyte, Tagalog Mga Saksi ni Jehova
Bislama Ol Wetnes blong Jeova
Chinese 耶和華見證人
English Jehovah’s Witnesses
Fijian Vakadinadina i Jiova
Gujarati યહોવાહના સાક્ષીઓ
Hindi यहोवा के साक्षी
Hiri Motu Iehova ena Witness Taudia
Iloko Dagiti Saksi ni Jehova
Indonesian Saksi-Saksi Yehuwa
Japanese エホバの証人
Kannada ಯೆಹೋವನ ಸಾಕ್ಷಿಗಳು
Korean 여호와의 증인
Malayalam യഹോവയുടെ സാക്ഷികൾ
Marathi यहोवाचे साक्षीदार
Marshallese Dri Kennan ro an Jeova
Myanmar ယေဟောဝါသက်သေများ
Nepali यहोवाका साक्षीहरू
New Guinea Pidgin Ol Witnes Bilong Jehova
Niuean Tau Fakamoli a Iehova
Palauan reSioning er a Jehovah
Pangasinan Saray Tasi nen Jehova
Ponapean Sounkadehde kan en Siohwa
Rarotongan Au Kite o Iehova
Russian Свидетели Иеговы
Samoan, Tuvaluan Molimau a Ieova
Sinhalese යෙහෝවාගේ සාක්ෂිකරුවෝ
Solomon Islands Pidgin all’gether Jehovah’s Witness
Tahitian Ite no Iehova
Tamil யெகோவாவின் சாட்சிகள்
Telugu యెహోవాసాక్షులు
Thai พยานพระยะโฮวา
Tongan Fakamo‘oni ‘a Sihova
Trukese Ekkewe Chon Pwarata Jiowa
Urdu
Vietnamese Nhân-chứng Giê-hô-va
Yapese Pi Mich Rok Jehovah
[Ibhokisi ekwiphepha 154]
IGama elithi amaNgqina kaYehova eAfrika
Afrikaans Jehovah se Getuies
Amharic የይሖዋ ምሥክሮች
Arabic شهود يهوه
Chicheŵa Mboni za Yehova
Cibemba Inte sha kwa Yehova
Efịk Mme Ntiense Jehovah
English Jehovah’s Witnesses
Ewe Yehowa Ðasefowo
French Témoins de Jéhovah
Ga Yehowa Odasefoi
Gun Kunnudetọ Jehovah tọn lẹ
Hausa Shaidun Jehovah
Igbo Ndịàmà Jehova
Kiluba Ba Tumoni twa Yehova
Kinyarwanda Abahamya ba Yehova
Kirundi Ivyabona vya Yehova
Kisi Seiyaa Jɛhowaa
Kwanyama Eendombwedi daJehova
Lingala Batemwe ya Jéhovah
Luganda Abajulirwa ba Yakuwa
Malagasy Vavolombelon’i Jehovah
Moore A Zeova Kaset rãmba
Ndonga Oonzapo dhaJehova
Portuguese Testemunhas de Jeová
Sango A-Témoin ti Jéhovah
Sepedi Dihlatse tša Jehofa
Sesotho Lipaki tsa Jehova
Shona Zvapupu zvaJehovha
Silozi Lipaki za Jehova
Swahili Mashahidi wa Yehova
Tigrinya ናይ የሆዋ መሰኻኽር
Tshiluba Bantemu ba Yehowa
Tsonga Timbhoni ta Yehova
Tswana Basupi ba ga Jehofa
Twi Yehowa Adansefo
Venda Ṱhanzi dza Yehova
Xhosa amaNgqina kaYehova
Yoruba Ẹlẹ́rìí Jehofa
Zulu oFakazi BakaJehova
[Ibhokisi ekwiphepha 154]
IGama elithi amaNgqina kaYehova eYurophu nakuMbindi Mpuma
Albanian Dëshmitarët e Jehovait
Arabic شهود يهوه
Armenian Եհովայի Վկաներ
Bulgarian Свидетелите на Йехова
Croatian Jehovini svjedoci
Czech svĕdkové Jehovovi
Danish Jehovas Vidner
Dutch Jehovah’s Getuigen
English Jehovah’s Witnesses
Estonian Jehoova tunnistajad
Finnish Jehovan todistajat
French Témoins de Jéhovah
German Jehovas Zeugen
Greek Μάρτυρες του Ιεχωβά
Hebrew עדי־יהוה
Hungarian Jehova Tanúi
Icelandic Vottar Jehóva
Italian Testimoni di Geova
Macedonian, Serbian Јеховини сведоци
Maltese Xhieda ta’ Jehovah
Norwegian Jehovas vitner
Polish Świadkowie Jehowy
Portuguese Testemunhas de Jeová
Romanian Martorii lui Iehova
Russian Свидетели Иеговы
Slovak Jehovovi svedkovia
Slovenian Jehovove priče
Spanish Testigos de Jehová
Swedish Jehovas vittnen
Turkish Yehova’nın Şahitleri
Ukrainian Свідки Єгови
[Imifanekiso ekwiphepha 155]
Oonobumba abathi J W (kungachazwanga nto) babebhalwe ngokucacileyo kwindibano yowe-1931. Intsingiselo yabo yatyhilwa kwintetho ehlab’ umxhelo engegama elitsha
[Imifanekiso ekwiphepha 156]
Babenelunda ngokwazisa abanye ukuba babengamaNgqina kaYehova