IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jv isahl. 22 iphe. 423-443
  • Icandelo 2—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 2—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
  • AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iminyaka Enzima YeMfazwe Yehlabathi I
  • Ukuhlaziywa Ngokutsha
  • Umbandela Ochulumancisayo
  • Ukusasazwa Kwezigqibo Ezinamandla
  • Ukubonisa Umbulelo Ngeempendulo Ezanelisayo
  • Ukubuyela Kumazwe Abo Okuzalwa Beneenyaniso Ezixabisekileyo
  • Abashumayeli Beendaba Ezilungileyo
  • Isivuno Sokomoya
  • Ukukhanya Kokomoya Kukhanya ENtshona Afrika
  • Ukunyusa Unxweme OlungaseMpuma LweAfrika
  • Ukulima Kwintsimi Ekuthethwa ISpanish NesiPhuthukezi Kuyo
  • Ukufikelela Abantu Abakwiindawo Ezikwanti Ngakumbi
  • Iziqithi Ziva Iindumiso ZikaYehova
  • Xa Abantu Bekwalela Oko Kungumyalelo KaThixo
  • Icandelo 4—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Icandelo 1—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Abavakalisi BoBukumkani Basebenza Ngenkuthalo Emhlabeni Wonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Icandelo 3—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
jv isahl. 22 iphe. 423-443

Isahluko 22

Icandelo 2—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba

Kwiphepha 423 ukusa kwelama-443 kuchazwa ngomsebenzi wokuvakalisa uBukumkani ukususela ngowe-1914 ukusa kowe-1935. AmaNgqina kaYehova alatha kowe-1914 njengonyaka uYesu Kristu awabekwa ngawo etroneni njengoKumkani wasezulwini onegunya phezu kweentlanga. Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu waxela kwangaphambili ukuba ukushunyayelwa emhlabeni wonke kwesigidimi soBukumkani phezu kwayo nje intshutshiso ekrakra kwakuya kuba yinxalenye yomqondiso wobukho bakhe esemandleni oBukumkani. Kwenzeka ntoni ngokwenene ebudeni beminyaka eyalandela owe-1914?

NGOKUKHAWULEZA imfazwe yehlabathi yokuqala yaligubungela lonke elaseYurophu ngowe-1914. Yandula ke yanwenwela nakwamanye amazwe aquka abemi bomhlaba abangama-90 ekhulwini. Iziganeko ezinxulumene naloo mfazwe zawuchaphazela njani umsebenzi wabakhonzi bakaYehova wokushumayela?

Iminyaka Enzima YeMfazwe Yehlabathi I

Ebudeni beminyaka yokuqala yemfazwe, ngaphandle kwaseJamani naseFransi kwakungekho miqobo ingako. Kwiindawo ezininzi amaphecana ayesasazwa ngokukhululekileyo, ibe i-“Photo-Drama” yayiqhubeka isetyenziswa, nangona yayingasetyenziswa kangako emva kowe-1914. Njengokuba umoya wemfazwe wawuthabath’ unyawo, abefundisi kwiiBritish West Indies basasaza ulwimi lokuba uE. J. Coward, owayengummeli weWatch Tower Society, wayeyintlola yaseJamani, ngoko wayalelwa ukuba alishiye elo. Xa kwaqaliswa ukusasazwa kwencwadi ethi The Finished Mystery ngowe-1917, kwabakho inkcaso kwiindawo ezininzi.

Uluntu ngokubanzi lwaluyifuna ngamandla loo ncwadi. Inani uMbutho owawulifunile ekuqaleni kubashicileli kwafuneka landiswe izihlandlo ezilishumi ngenyanga nje ezimbalwa. Kodwa abefundisi beNgqobhoko babevutha ngumsindo ngenxa yokubhencwa kweemfundiso zabo zobuxoki. Ngobuqhophololo basebenzisa impambano ebakho ngexesha lemfazwe ukuze banyelise aBafundi beBhayibhile kwabasemagunyeni. Kulo lonke elaseUnited States, amadoda nabafazi ababesasaza uncwadi lwaBafundi beBhayibhile babehlaselwa ngamahlokondiba, baqatywe itela baze bafakwe iintsiba. EKhanada, amakhaya ayegqogqwa, baze abantu abafunyenwe benoncwadi oluthile lweInternational Bible Students Association bagwetyelwe ukuhlawula imali eninzi okanye ukuvalelwa entolongweni. Noko ke, uThomas J. Sullivan, ngoko owayesePort Arthur, eOntario, wanikela ingxelo yokuba ngesinye isihlandlo, ngoxa wayevalelwe entolongweni ngobunye ubusuku, amapolisa kweso sixeko agoduka nemibhalo yolo ncwadi lungavumelekanga esenzela wona nabahlobo bawo, ngaloo ndlela esasaza lonke uncwadi olwalukho—imibhalo enokuba ngama-500 okanye ama-600.

Kwanekomkhulu leWatch Tower Society lahlaselwa, baza abo babekwizikhundla zolwalathiso bagwetywa iminyaka emininzi entolongweni. Kwintshaba zabo kwabonakala ngathi aBafundi beBhayibhile babebhangisiwe. Ukunikela kwabo ubungqina ngendlela etsala ingqalelo yoluntu ngokubanzi kwanqumama.

Sekunjalo, kwanaBafundi beBhayibhile ababevalelwe entolongweni bafumana amathuba okuthetha namanye amabanjwa ngenjongo kaThixo. Xa amagosa oMbutho nezinxulumani zawo ezisenyongweni bafikayo kwintolongo eseAtlanta, eGeorgia, ekuqaleni babengavumelekanga ukushumayela. Kodwa babeyixubusha iBhayibhile xa bebodwa, yaye abanye batsaleleka kubo ngenxa yokuziphatha kwabo, indlela ababephila ngayo. Emva kweenyanga ezimbalwa, isekela lomgcini-mabanjwa lababela ukuba bafundise amanye amabanjwa ngezonqulo. Inani lababebakho landa de kwakho malunga nama-90 kwezi klasi.

Namanye amaKristu anyanisekileyo afumana iindlela zokushumayela ngaloo minyaka yemfazwe. Maxa wambi oku kwakuphumela ekubeni isigidimi soBukumkani sisiwe kumazwe iindaba ezilungileyo ezazingekashunyayelwa kuwo. Ngaloo ndlela, ngowe-1915 omnye uMfundi weBhayibhile eNew York, waseColombia, wathumela uhlelo lweSpanish lwencwadi ethi The Divine Plan of the Ages kwindoda eseBogotá, eColombia. Emva kwethuba elimalunga neenyanga ezintandathu, impendulo yafika ivela kuRamón Salgar. Wayeyifundisise ngenyameko le ncwadi, waza wayithanda gqitha, ibe wayefuna imibhalo yayo engama-200 ukuze ayisasaze kwabanye. UMzalwan’ uJ. L. Mayer, waseBrooklyn, eNew York, naye wathumela imibhalo emininzi yolwimi lweSpanish yethi Bible Students Monthly. Inani eliphawulekayo lale mibhalo laya kufika eSpeyin. Yaye xa uAlfred Joseph, ngoko owayeseBarbados, wafumana umsebenzi eSierra Leone, eNtshona Afrika, wawaxhakamfula amathuba okunikela ubungqina apho ngeenyaniso zeBhayibhile awayesandul’ ukuzifunda.

Koovulindlela ababetyelela abantu emakhayeni abo nakwiindawo zamashishini kubulungiseleli babo, ngokufuthi kwakuba nzima ngakumbi. Kodwa abaliqela abaya e-El Salvador, eHonduras, naseGuatemala babexakekile apho besabelana nabantu ngeenyaniso ezinika ubomi ngowe-1916. Ebudeni beli xesha uFanny Mackenzie, uvulindlela oyinzalelwane yaseBritani, wakhenketha kabini ngenqanawa esiya kumazwe aseMpuma, wamisa eTshayina, eJapan, naseKorea ukuze asasaze uncwadi lweBhayibhile, waza ke walandela abo banomdla ngokubhala iileta.

Sekunjalo, ngokweengxelo ezikhoyo, inani laBafundi beBhayibhile ekuthiwa baba nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwabanye ebudeni bowe-1918 lancipha ngama-20 ekhulwini emhlabeni wonke xa lithelekiswa nengxelo yowe-1914. Emva kokuphathwa kakubi ebudeni beminyaka yemfazwe, ngaba babeza kuqhubeka nobulungiseleli babo?

Ukuhlaziywa Ngokutsha

NgoMatshi 26, 1919, umongameli weWatch Tower Society nezinxulumani zakhe bakhululwa ekubeni babevalelwe ngokungekho sikweni. Ngokukhawuleza kwenziwa amalungiselelo okutyhalela phambili nokuvakaliswa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke.

Kwindibano enkulu eyayiseCedar Point, eOhio, ngoSeptemba waloo nyaka, uJ. F. Rutherford, ngoko owayengumongameli woMbutho, wanikela intetho eyabalaselisa ukuvakaliswa kokuza okuzukileyo koBukumkani bukaThixo obungoMesiya njengomsebenzi obaluleke ngokwenene wabakhonzi bakaYehova.

Noko ke, inani labo babeba nesabelo ngokwenene kulo msebenzi lalilincinane. Abanye ababerhoxile ngenxa yokoyika ebudeni bowe-1918 bakhuthala kwakhona, yaye abambalwa abongezelelekileyo babathelela. Kodwa iingxelo ezikhoyo zibonisa ukuba ngowe-1919 babemalunga nama-5 700 kuphela abantu ababenikela ubungqina ngenkuthalo, kumazwe angama-43. Kodwa uYesu wayexele kwangaphambili oku: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Kwakunokufezwa njani oko? Babengazi, bengazi nokuba umsebenzi wokunikela ubungqina wawuya kuqhubeka ithuba elide kangakanani. Sekunjalo, abo babengabakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo babekulungele yaye bekulangazelela ukuqhubeka nomsebenzi. Babeqinisekile ukuba uYehova wayeya kuyalathisa imicimbi ngokuvisisana nokuthanda kwakhe.

Befakwe inzondelelo koko babekubona kwandlalwe ngokucacileyo eLizwini likaThixo, batshona emsebenzini. Kwisithuba seminyaka emithathu inani lababeba nesabelo ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo ekuhleni landa ngokuphindwe phantse kathathu, ngokutsho kweengxelo ezikhoyo, yaye ebudeni bowe-1922 babexakekile beshumayela kumazwe ali-15 angakumbi kunangowe-1919.

Umbandela Ochulumancisayo

Esinjani sona ukuchulumancisa isigidimi ababesivakalisa—“Izigidi eziphilayo ngoku azisayi kuze zife!” UMzalwan’ uRutherford wayenikele intetho engalo mbandela ngowe-1918. Wawukwangumxholo wencwadana enamaphepha ali-128 eyapapashwa ngowe-1920. Ukususela ngowe-1920 ukuya kutsho kowe-1925, loo mbandela ukwamnye wawusoloko ubalaseliswa ehlabathini lonke kwiintlanganiso zasesidlangalaleni kuzo zonke iindawo izithethi ezazifumaneka kuzo ngeelwimi ezingaphezu kwama-30. Kunokuthi, njengokuba iNgqobhoko isitsho, bonke abantu abalungileyo baza kuya ezulwini, le ntetho yalathisela ingqalelo kwithemba elisekelwe eBhayibhileni lokuba uluntu oluthobelayo luya kufumana ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi. (Isa. 45:18; ISityhi. 21:1-5) Yaye yavakalisa ulweyiseko lokuba ixesha lokuzaliseka kwelo themba lalisondele kakhulu.

Kwakusetyenziswa izaziso kumaphephandaba neebhodi zezaziso ukuze kubhengezwe ezi ntetho. Lo mbandela wawuchulumancisa. NgoFebruwari 26, 1922, ngabantu abangaphezu kwama-70 000 ababekho kwiindawo ezili-121 eJamani kuphela. Kwakungeyonto ingaqhelekanga ukuba abaphulaphuli abakwindawo enye babe ngamawaka. Ngokomzekelo, eKapa, eMzantsi Afrika, babengama-2 000 ababekho kwintetho eyanikelwa eOpera House. Kwiholo yeyunivesithi kwisixeko esilikomkhulu laseNorway, kwakungekho nendawo yokuhlala yaye baninzi gqitha ekwafuneka bajikiswe kangangokuba olu cwangciso kwafuneka luphindwe emva kweyure enesiqingatha—kwakhona indlu izele imi ngeembambo.

EKlagenfurt, eOstriya, uRichard Heide waxelela uyise oku: “Ndiza kuya kula ntetho andikhathali nokuba ubani uthini na. Ndifuna ukwazi ukuba le nto iyinkohliso okanye inobunyaniso na!” Wachukumiseka ngokunzulu koko wakuvayo, ibe ngokukhawuleza yena nodade wabo, kwanabazali babo, babexelela abanye ngako.

Kodwa isigidimi seBhayibhile sasingesosabantu nje ababakho kwintetho yesidlangalala. Nabanye kwakufuneka basazi. Kungekuphela nje abantu abaqhelekileyo kodwa kwaneenkokeli zobupolitika nezonqulo kwakufuneka zisivile. Kwakuza kufezwa njani oko?

Ukusasazwa Kwezigqibo Ezinamandla

Uncwadi olushicilelweyo lwasetyenziselwa ukufikelela izigidi zabantu ngaphambili ezazisiva nje kuphela ngaBafundi beBhayibhile nesigidimi ababesivakalisa. Ukususela ngowe-1922 ukusa kowe-1928, kwanikelwa ubungqina obucokisekileyo ngezigqibo ezisixhenxe ezinamandla, ezamkelwa kwiindibano zaBafundi beBhayibhile zaminyaka le. Inani lemibhalo eshicilelweyo eyasasazwayo yenkoliso yezo zigqibo emva kwezo ndibano yayifikelela kuma-45 ukuya kuma-50 ezigidi—umsebenzi omkhulu ngokwenene owafezwa liqela elincinane labavakalisi boBumkani ababekhonza ngelo xesha!

Isigqibo sowe-1922 sasinomxholo othi “Ucelomngeni Kwiinkokeli Zehlabathi”—ewe, ucelomngeni lokuba zithethelele ibango lazo lokuba zinokuzisa uxolo, impumelelo, nolonwabo kuluntu okanye, ukuba ziyasilela ukwenjenjalo, zivume ukuba buBukumkani bukaThixo obungoMesiya wakhe kuphela obunokuzifeza ezi zinto. EJamani, eso sigqibo sathunyelwa ngeposi kumlawuli waseJamani owayebhacile, kumongameli, nakuwo onke amalungu ePalamente yaseJamani; yaye yimibhalo ezizigidi ezine ezinesiqingatha eyasasazwa kuluntu ngokubanzi. EMzantsi Afrika, uEdwin Scott, ethwele ingxowa enoncwadi emqolo yaye ephethe intonga kwesinye isandla ukuze aheshe izinja ezinoburhalarhume, watyhutyha iidolophu ezingama-64, ukuze asasaze eyedwa imibhalo engama-50 000. Emva koko, xa abefundisi bamaDatshi eMzantsi Afrika babetyelela amakhaya amarhamente abo ukuya kuthabatha umnikelo, amarhamente amaninzi ayebonisa umfundisi wawo eso sigqibo aze athi: “Ngewukhe ufunde eli phepha ukuze ungaphindi ubuye uze kufuna imali kuthi.”

Ngowe-1924 isigqibo esasinomxholo othi “Abefundisi Babekw’ Ityala” sazibhenca iimfundiso nezinto ezenziwa ngabefundisi ezingekhoyo ezibhalweni, sabhenca indima yabo ebudeni bemfazwe yehlabathi, saza sabongoza abantu ukuba bafundisise iBhayibhile ukuze bazibonele amalungiselelo amangalisayo enziwe nguThixo ukuze kusikelelwe uluntu. EItali ngelo xesha, abashicileli kwakufuneka babhale igama labo kuyo yonke into ababeyishicilela, ibe babemele baphendule nangantoni na ababeyibhala. UMfundi weBhayibhile owayevelela umsebenzi eItali wanika abasemagunyeni umbhalo weso sigqibo, bawuhlola baza ngaphandle kokulibazisa banikela imvume yokuba sishicilelwe size sisasazwe. Nabashicileli bavuma ukusipapasha. Abazalwana baseItali basasaza imibhalo eli-100 000. Baqinisekisa ngokukodwa ukuba upopu namanye amagosa aphezulu kwiVatican ngamnye kubo uyawufumana umbhalo.

EFransi, ukusasazwa kwesi sigqibo kwabangela abefundisi basabela ngendlela engentle yaye ngokufuthi enogonyamelo. Encamile omnye umfundisi wasePomerania, eJamani, wamangalela uMbutho nomphathi wawo, kodwa lo mfundisi lamlahla eli tyala xa inkundla yeva konke okwakuqulethwe seso sigqibo. Ukuze baphephe ukuphazanyiswa komsebenzi wabo ngabo babengafuni ukuba abantu bayazi inyaniso, aBafundi beBhayibhile kwiphondo laseQuebec, eKhanada, babeshiya izigqibo emakhayeni abantu ekuseni, besusela ngeyesi-3:00 kusasa. Lawo yayingamaxesha achulumancisayo!

Ukubonisa Umbulelo Ngeempendulo Ezanelisayo

Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, abemi abaninzi baseArmenia bagxothwa ngenkohlakalo emakhayeni abo nakwilizwe labo lokuzalwa. Ukanti kwiminyaka engamashumi amabini ngaphambi koko, abemi baseArmenia abangamakhulu amawaka babebulewe ngogonyamelo, yaye abanye kwafuneka basabe ukuze bazisindise. Abambalwa kwaba bantu babezifundile iimpapasho zeWatch Tower Society beseselizweni labo lokuzalwa. Kodwa abaninzi ngakumbi kubo babufumana ubungqina kumazwe ababebhacele kuwo.

Emva kwempatho embi ababeyinyamezele, abaninzi babenemibuzo enzulu engesizathu sokuvumela kukaThixo ububi. Babuya kuqhubeka ixesha elide kangakanani? Babuya kuphela nini? Abanye babo babenombulelo ngokufunda iimpendulo ezanelisayo ezifumaneka eBhayibhileni. Ngokukhawuleza kwasekwa amaqela aBafundi beBhayibhile abavela eArmenia kwizixeko eziliqela ezikuMbindi Mpuma. Inzondelelo yabo ngenyaniso yeBhayibhile yabuchaphazela ubomi babanye. E-Ethiopia, eArgentina naseUnited States, abanye ababesuka eArmenia bazamkela iindaba ezilungileyo baza ngovuyo bamkela nembopheleleko yokwabelana nabanye ngazo. Omnye onjalo yayinguKrikor Hatzakortzian, owayesasaza isigidimi soBukumkani enguvulindlela osebenza yedwa e-Ethiopia phakathi kwiminyaka yee-1930. Ngesinye isihlandlo, xa wayetyholwe ngokuphosakeleyo ngabachasi, wafumana nethuba lokunikela ubungqina kumlawuli, uHaile Selassie.

Ukubuyela Kumazwe Abo Okuzalwa Beneenyaniso Ezixabisekileyo

Umnqweno ovuthayo wokwabelana nabanye ngeenyaniso zeBhayibhile ezibalulekileyo washukumisela abantu abaninzi ukuba babuyele kwilizwe labo lokuzalwa ukuze babe nesabelo ekuhambiseni ivangeli. Intsabelo yabo yayifana naleyo yabantu ababesuka kumazwe amaninzi ababeseYerusalem ngowama-33 C.E. nabakholwayo xa umoya oyingcwele washukumisela abapostile nezinxulumani zabo ukuba bathethe ngeelwimi ezininzi, ‘izinto ezinkulu zikaThixo.’ (IZe. 2:1-11) Kanye njengokuba loo makholwa enkulungwane yokuqala abuyela kumazwe awo okuzalwa nenyaniso, ngokufanayo benjenjalo naba bafundi banamhlanje.

Amadoda nabafazi ababeyifunde kwamanye amazwe inyaniso babuyela eItali. Babuya bevela eBelgium, eFransi naseMerika baza basishumayela ngenzondelelo isigidimi soBukumkani kwiindawo abahlala kuzo. Oovulindlela ababesuka kwisithili saseSwitzerland iTicino ekuthethwa isiTaliyane kuso nabo bafudukela eItali ukuze baqhubeke nomsebenzi wabo. Nangona babembalwa, ngenxa yokusebenza kwabo ngokumanyeneyo ngokukhawuleza bafikelela phantse kuzo zonke izixeko needolophana zaseItali. Babengazibali iiyure ababezichithela kulo msebenzi. Beyisekile kukuba babeshumayela iinyaniso uThixo awayefuna abantu bazazi, ngokufuthi babesebenza ukususela kusasa de kube sebusuku ukuze bafikelele abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka.

AmaGrike awaba ngaBafundi beBhayibhile eAlbania ekufutshane nalawo aba ngabo kumazwe aseMerika akude anikela ingqalelo kwilizwe lawo lokuzalwa. Kwawachulumancisa ukwazi ukuba unqulo lwemifanekiso yonqulo alukho ezibhalweni (Eks. 20:4, 5; 1 Yoh. 5:21), nokuba aboni abaqhotswa esihogweni somlilo (INtshu. 9:5, 10; Hez. 18:4; ISityhi. 21:8), nokuba uBukumkani bukaThixo bukuphela kwethemba lokwenene loluntu (Dan. 2:44; Mat. 6:9, 10). Ayelangazelela ukwabelana nabantu belizwe lawo ngezi nyaniso—ngokobuqu okanye ngeposi. Ngenxa yoko, amaqela amaNgqina kaYehova aqalisa ukusekwa eGrisi nakwiziqithi zaseGrisi.

Emva kweMfazwe Yehlabathi I, amawaka abantu ababesuka ePoland baya eFransi ukuze basebenze kwimigodi yamalahle. Amabandla aseFransi awazange abatsibe kuba nje babethetha ulwimi olwahlukileyo. Afumana iindlela zokwabelana naba basebenzi-mgodini neentsapho zabo ngeenyaniso zeBhayibhile, ibe inani labo basabelayo ngokukhawuleza lalidlula elamaNgqina aseFransi. Xa, urhulumente wayalela ukuba babuyiselwe kwilizwe labo lokuzalwa, abangama-280 kwafuneka bebuyele ePoland ngowe-1935, oku kwawuqinisa ngakumbi umsebenzi wokusasazwa kwesigidimi soBukumkani apho. Ngaloo ndlela, ngowe-1935, kwakukho abavakalisi boBukumkani abali-1 090 ababenikela ubungqina ePoland.

Abanye basabela kwizimemo zokuba bawashiye amazwe abo okuzalwa baze baye kukhonza kumasimi asemzini.

Abashumayeli Beendaba Ezilungileyo

Abanenzondelelo BaseYurophu Banceda Kumasimi Asemzini

Ngenxa yentsebenziswano yamazwe ngamazwe, aMazwe akwiBaltic (iEstonia, iLatvia, neLithuania) aziva ezi nyaniso zonwabisayo ezingoBukumkani bukaThixo. Ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930, abazalwana noodade abanenzondelelo baseDenmark, eFinland, eJamani naseNgilani banikela ubungqina ngokucokisekileyo kulo mmandla. Kwahanjiswa uncwadi oluninzi, yaye amawaka aziva iintetho zeBhayibhile ezazinikelwa. Usasazo lukanomathotholo lweenkqubo zeBhayibhile olwalusenziwa rhoqo ngokusuka e-Estonia ngeelwimi eziliqela lwalufikelela nakuloo ndawo ngoko eyayisaziwa ngokuba yiSoviet Union.

Abasebenzi bokuzithandela abasuka eJamani ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930 baya kwizabelo ezikwiindawo ezifana neBelgium, iBulgaria, iCzechoslovakia, iFransi, iLuxembourg, iNetherlands, iOstriya, iSpeyin neYugoslavia. UWilly Unglaube wayengomnye wabo. Emva kokukhonza ithuba elithile kwiBheteli yaseMagdeburg, eJamani, wafumana isabelo sokuba ngumhambisi wevangeli eFransi, eAlgeria, eSpeyin, eSingapore, eMalaysia, naseThailand.

Xa iFransi yahlab’ ikhwelo ifuna uncedo ebudeni beminyaka yee-1930, oovulindlela abasuka eBritani banikela ubungqina bokuba babeqonda ukuba uthumo lwamaKristu lokushumayela lwalungathethi ukuhambisa ivangeli kwilizwe labo kuphela kodwa nakwezinye iindawo zomhlaba. (Marko 13:10) UJohn Cooke wayengomnye wabasebenzi abanenzondelelo abasabelayo kolo bizo lwaseMakedoni. (Thelekisa IZenzo 16:9, 10.) Ebudeni bamashumi amathandathu eminyaka alandelayo wabelwa ukuba aye kukhonza eFransi, eSpeyin, eIreland, ePortugal, eAngola, eMozambique naseMzantsi Afrika. Umnakwabo uEric wawushiya umsebenzi wakhe eBarclay’s Bank waza wathelela uJohn kubulungiseleli bexesha elizeleyo eFransi; emva koko, naye wakhonza eSpeyin naseIreland waza waba nesabelo kumsebenzi wobuvangeli basemazweni KuMzantsi Rhodesia (ngoku eyiZimbabwe) naseMzantsi Afrika.

NgoMeyi 1926, uGeorge Wright noEdwin Skinner, eNgilani, bamkela isimemo sokunceda ekuhambiseleni phambili umsebenzi woBukumkani eIndiya. Isabelo sabo sasisikhulu! Sasiquka iAfghanistan, iBurma (ngoku eyiMyanmar), iCeylon (ngoku eyiSri Lanka), i-Indiya nePersia (ngoku eyi-Iran). Besakufika eBombay, bamkelwa ziimvula ezinkulu ezikhatshwa ngumoya. Noko ke, ekubeni babengaxhalabelanga ubutofotofo nokulungelwa kwabo ngokobuqu ngokugqithisileyo, ngokukhawuleza benjenjeya ukusinga kwimimandla ekwanti yelo lizwe ukuze bafumane aBafundi beBhayibhile abaziwayo ukuze babakhuthaze. Bahambisa kwanoncwadi oluninzi ukuze bakhuthaze umdla kwabanye. Umsebenzi wawusenziwa ngokucokisekileyo. Ngaloo ndlela, ebudeni bowe-1928 abavakalisi boBukumkani abangama-54 eTravancore (eKerala), kumzantsi Indiya, balungiselela iintlanganiso zasesidlangalaleni ezingama-550 ekweza kuzo abantu abamalunga nama-40 000. Ngowe-1929 abanye oovulindlela abane abavela eBritani bafudukela eIndiya ukuya kuncedisa emsebenzini. Yaye ngowe-1931 kwafika abanye abathathu eBombay bevela eNgilani. Babefikelela kwiindawo ezahlukahlukeneyo zeli lizwe likhulu ngokuphindaphindiweyo, besasaza uncwadi kungekuphela nje ngesiNgesi kodwa nangeelwimi zaseIndiya.

Ngeli xesha, kwakusenzeka ntoni kwiMpuma Yurophu?

Isivuno Sokomoya

Ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala, imbewu yenyaniso yeBhayibhile yayihlwayelwe kwiMpuma Yurophu, ibe enye yayo yamila. Ngowe-1908, uAndrásné Benedek umfazi othobekileyo waseHungary wayebuyele eAustria-Hungary, ukuze abelane nabanye ngezinto ezilungileyo awayezifundile. Emva kweminyaka emibini, uKároly Szabó noJózsef Kiss nabo babebuyele kwelo lizwe ibe babesasaza inyaniso yeBhayibhile ngokukodwa kuloo mimandla namhlanje yaziwa ngokuba yiRomania neCzechoslovakia. Phezu kwako nje ukuchaswa ngogonyamelo ngabefundisi abanomsindo, kwasekwa amaqela okufundisisa, kwaza kwanikelwa ubungqina ngokucokisekileyo. Abanye babathelela ekuluvakaliseni ekuhleni ukholo lwabo, ibe ngowe-1935 abavakalisi boBukumkani eHungary banda baba ngama-348.

IRomania yaphindeka phantse kabini ngobukhulu xa imaphu yaseYurophu yazotywa ngokutsha ngamazwe oyisileyo emva kweMfazwe Yehlabathi I. Kwanikelwa ingxelo yokuba kweli lizwe landisiweyo, ngowe-1920, kwakukho malunga namaqela ali-150 aBafundi beBhayibhile, ingabantu abali-1 700 ababenxulumene nawo. Kunyaka olandelayo, kwisikhumbuzo seSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, phantse ngabantu abangama-2 000 abathabathayo kwimifuziselo yeSikhumbuzo, okubonisa ukuba babesithi bangabazalwana bakaKristu abathanjiswe ngomoya. Elo nani landa ngokuphawulekayo kwiminyaka emine elandelayo. Ngowe-1925, kwakukho abangama-4 185 eSikhumbuzweni, yaye njengokuba kwakulisiko ngoko, ngokungathandabuzekiyo inkoliso yabo yathabatha kwimifuziselo. Noko ke, ukholo lwabo bonke aba lwaluseza kuvavanywa. Ngaba babeya kungqineka ‘beyingqolowa’ yokwenene okanye beyeyobuxoki? (Mat. 13:24-30, 36-43) Ngaba babeya kuwenza ngokwenene umsebenzi wokunikela ubungqina uYesu awayewabele abalandeli bakhe? Ngaba babeya kuzingisa kuwo nangona bechaswa ngokukrakra? Ngaba babeya kuthembeka kwanaxa abanye bebonakalisa umoya ofana nokaYuda Sikariyoti?

Ingxelo yowe-1935 ibonisa ukuba asingabo bonke ababenokholo olwalunokubanceda bakwazi ukunyamezela. Ngaloo nyaka, bali-1 188 kuphela ababa nesabelo ekunikeleni ubungqina eRomania, nangona beliphinda izihlandlo ezibini elo nani ababethabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo ngelo xesha. Sekunjalo, abathembekileyo baqhubeka bexakekile enkonzweni yeNkosi. Babelana nabanye abantu abathobekileyo ngeenyaniso zeBhayibhile ezazisizisa uvuyo kwezabo iintliziyo. Enye indlela ebalaseleyo ababekwenza ngayo oku kwakungokusasaza uncwadi. Phakathi kowe-1924 nowe-1935, ukongezelela kumaphecana, babesele behambisele abantu abanomdla iincwadi neencwadana ezingaphezu kwama-800 000.

Kuthekani ngeCzechoslovakia, eyayibe lilizwe ngowe-1918 emva kokuwa koBukhosi baseAustria-Hungary? Apha ukunikelwa kobungqina ngokucokiseke ngakumbi kwakunegalelo kwisivuno sokomoya. Ngaphambilana kwakushunyayelwe eHungary, eRashiya, eRomania naseJamani. Kwathi, ngowe-1922, aBafundi beBhayibhile abaliqela babuya eMerika ukuze banikele ingqalelo kubantu abathetha isiSlovak, ibe kunyaka olandelayo isibini esisuka eJamani saqalisa ukunikela ingqalelo kwintsimi yesiCzech. Iindibano ezaziqhutywa rhoqo, nangona zazincinane, zanceda ekubakhuthazeni nasekubamanyaniseni abazalwana. Emva kokuba amabandla elungelelaniswe ngakumbi ukwenzela ukushumayela iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu ngowe-1927, ulwando lwabonakala ngakumbi. Ngowe-1932 indibano yezizwe ngezizwe eyaqhutyelwa ePrague yawukhuthaza ngamandla umsebenzi, kwakukho kuyo abantu abali-1 500 abasuka eCzechoslovakia nakumazwe angabamelwane. Ukongezelela koku, izihlwele zabantu zabukela i-“Photo-Drama of Creation” engamacandelo amane eyaboniswa kulo lonke elo lizwe. Kwisithuba seminyaka nje elishumi, luncwadi lweBhayibhile olungaphezu kwezi-2 700 000 olwasasazwa kumaqela athetha iilwimi ezahlukahlukeneyo kweli lizwe. Konke oku kutyala, ukuhlakula, nokunkcenkcesha kokomoya kwaba negalelo kwisivuno abathi abavakalisi boBukumkani abali-1 198 baba nesabelo kuso ngonyaka we-1935.

IYugoslavia (kuqala eyayisaziwa ngokuba buBukumkani bamaSerb, amaCroat namaSlovene) lelinye ilizwe elabakho ngenxa yenguqulelo eyenziwa kwimaphu yaseYurophu emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala. Kwangowe-1923, kwanikelwa ingxelo yokuba kwakukho iqela laBafundi beBhayibhile elalinikela ubungqina eBelgrade. Kamva i-“Photo-Drama of Creation” yaboniswa phambi kwezihlwele zabantu kulo lonke elo. Xa amaNgqina kaYehova ayetshutshiswa ngokuqatha eJamani, awaseYugoslavia omelezwa ngoovulindlela baseJamani. Bengaxhalabelanga ubutofotofo babo, bafikelela nakwezona ndawo zikwanti zeli lizwe lineentaba ukuze bashumayele. Abanye babo vulindlela baya eBulgaria. Kwakusenziwa nemizamo yokushumayela iindaba ezilungileyo eAlbania. Kuzo zonke ezi ndawo, kwakuhlwayelwa imbewu yenyaniso yoBukumkani. Enye yale mbewu yathwala iziqhamo. Kodwa kwakungayi kufunyanwa sivuno sikhulu kwezi ndawo de kube yiminyaka ethile kamva.

Kwakhona ngezantsi, kwilizwekazi laseAfrika, abo babelixabisa ngokwenene ilungelo lokuba ngamaNgqina Osenyangweni babezisasaza iindaba ezilungileyo.

Ukukhanya Kokomoya Kukhanya ENtshona Afrika

Malunga neminyaka esixhenxe emva kokuba uMfundi weBhayibhile osuka eBarbados eye eNtshona Afrika ngomsebenzi, wabhalela iofisi yeWatch Tower Society eseNew York eyazisa ukuba kwakukho abantu abaliqela ababebonisa umdla eBhayibhileni. Emva kweenyanga ezimbalwa, ngoAprili 14, 1923, esakuba ecelwe nguMzalwan’ uRutherford, uW. R. Brown, owayekhonza eTrinidad, wafika eFreetown, eSierra Leone, nentsapho yakhe.

Ngokukhawuleza, kwenziwa amalungiselelo okuba uMzalwan’ uBrown anikele intetho eWilberforce Memorial Hall. NgoAprili 19, kwakukho abaphulaphuli abamalunga nama-500, kuquka nenkoliso yabefundisi baseFreetown. Kwicawa elandelayo wanikela intetho kwakhona. Umxholo wakhe ngulowo uC. T. Russell wayewusebenzisa ngokufuthi—“Ukuya Nokubuya Esihogweni. Ngoobani Na Abalapho?” Kwiintetho zakhe uMzalwan’ uBrown wayesoloko ecaphula iZibhalo ababenokuziboniswa abaphulaphuli ngeeslides. Njengokuba ethetha, wayedla ngokuthi: “AsingoBrown otshoyo, kodwa yiBhayibhile etshoyo.” Ngenxa yoku, waziwa ngegama elithi “Bible Brown.” Yaye ngenxa yendlela awayeqiqa ngayo kwiintetho zakhe zeZibhalo, amalungu athile abalaseleyo eecawa azishiya iicawa aza angenela inkonzo kaYehova.

Watyhutyha iindawo ezininzi ukuze aqalise umsebenzi woBukumkani kwiindawo ezongezelelekileyo. Ukuze afeze oko wanikela iintetho zeBhayibhile eziliqela ibe wasasaza uncwadi oluninzi, yaye wakhuthaza nabanye ukuba benjenjalo. Kumsebenzi wakhe wokuhambisa ivangeli waya kufika eGold Coast (ngoku eyiGhana), eLiberia, eGambia naseNigeria. Ukusuka eNigeria abanye bathwalela isigidimi soBukumkani eBenin (ngoko eyayisaziwa ngokuba yiDahomey) naseCameroon. UMzalwan’ uBrown wayesazi ukuba abantu ngokubanzi babengenaxesha lako oko babekubiza ngokuthi “unqulo lomntu omhlophe,” ngoko eGlover Memorial Hall eLagos, wathetha ngokusilela konqulo lweNgqobhoko. Emva kwaloo ntlanganiso abo baphulaphuli banehlombe bathabatha iincwadi ezingama-3 900 ukuze bazifunde baze babelane nabanye ngazo.

Xa uMzalwan’ uBrown wafika okwesihlandlo sokuqala eNtshona Afrika, babembalwa kuphela abantu ababekhe basiva isigidimi soBukumkani apho. Ukuhamba kwakhe emva kweminyaka engama-27, ayengaphezulu kuhle kwi-11 000 amaNgqina kaYehova akhutheleyo kuloo mmandla. Ubuxoki bonqulo babubhencwa; unqulo lokwenyaniso lwalumiselwe ibe lwalusanda ngokukhawuleza.

Ukunyusa Unxweme OlungaseMpuma LweAfrika

Kwasekuqaleni kwenkulungwane yama-20, ezinye zeempapasho zikaC. T. Russell zazisasaziwe kummandla okumzantsi-mpuma weAfrika ngabantu ababethabathe iingcamango ezimbalwa ezikwezo ncwadi baza bazivanga nezabo iintanda-bulumko. Umphumo woko waba ngamaqela aliqela abizwa ngegama elithi Watchtower awayenganxulumenanga tu kwaphela namaNgqina kaYehova. Amanye awo ayengawobupolitika, ephemba udushe phakathi kwabemi bomthonyama baseAfrika. Indumasi embi eyabangelwa ngaloo maqela ibingumqobo emsebenzini wamaNgqina kaYehova kangangeminyaka emininzi.

Sekunjalo, iqela labemi baseAfrika lawuqonda umahluko phakathi kwenyaniso nobuxoki. Abasebenzi abahambahambayo bazithwalela kumazwe angabamelwana iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo baza babelana ngazo nabantu abathetha iilwimi zaseAfrika. Abemi bomzantsi-mpuma Afrika abathetha isiNgesi babesifumana isigidimi, ubukhulu becala, ngonxibelelwano noMzantsi Afrika. Noko ke, kumazwe athile, inkcaso enamandla yabasemagunyeni, ephenjelelwa ngabefundisi beNgqobhoko, yawathintela amaNgqina aMhlophe ukuba ashumayele kubantu abathetha iilwimi zaseAfrika. Sekunjalo, inyaniso yasasazeka, nangona abantu abaninzi ababenomdla kwisigidimi seBhayibhile babefuna uncedo olungakumbi ukuze bakusebenzise ngokuchanileyo oko babekufunda.

Amanye amagosa aseburhulumenteni alungeleleneyo awazange asuke nje azamkele ngaphandle kokwenza uhlolisiso izityholo ezikhohlakeleyo ezazityatyekwa kumaNgqina ngabefundisi beNgqobhoko. Yenjenjalo ingqonyela yamapolisa eNyasaland (ngoku eyiMalawi) eyazifihlayo yaza yaya kwiintlanganiso zamaNgqina angabemi bomthonyama ukuze izibonele ngokwayo ukuba babengabantu abaluhlobo luni na. Yachukumiseka gqitha. Xa urhulumente wanikela imvume yokuba kubekho ummeli ongumntu oMhlophe ongummi, uBert McLuckie yaye kamva umntakwabo uBill bathunyelwa phakathi kwiminyaka yee-1930. Babesoloko benxibelelana namapolisa kunye nabaphathi bawo kwizithili ezahlukahlukeneyo ukuze la magosa awuqonde kakuhle umsebenzi wabo yaye angabhidanisi amaNgqina kaYehova nalo naliphi na iqela elibizwa ngokungachananga ngeWatchtower. Kwangaxeshanye, babesebenza ngomonde, noGresham Kwazizirah, iNgqina lasekuhlaleni eliqolileyo, ukuze bancede amakhulu abantu ababefuna ukunxulumana namabandla aqonde ukuba ukuziphatha kakubi ngokwesini, ukusebenzisa kakubi iziselo ezinxilisayo, neenkolo zazingafanelekanga ebomini bamaNgqina kaYehova.—1 Kor. 5:9-13; 2 Kor. 7:1; ISityhi. 22:15.

Ngowe-1930, kwakukho malunga namaNgqina kaYehova alikhulu kuphela kuwo wonke ummandla okumazantsi eAfrika. Kodwa, isabelo sawo sasiquka, phantse, yonke iAfrika ngezantsi kweIkhweyita nemimandla ethile eyayinabela ngentla koko. Ukugubungela ummandla ongako ngesigidimi soBukumkani kwakufuna oovulindlela bokwenene. UFrank noGray Smith babenjalo kanye.

Bahamba ngenqanawa iikhilomitha ezingama-4 800 benjenjeya ukusinga ngasempuma baza ke basinga entla besuka eKapa baza emva koko baqhubeka iintsuku ezine kwiindlela ezimbi ngenqwelo-mafutha ukuze baye kufika eNairobi, eKenya (kwiBritish East Africa). Kwisithuba esingaphantsi kwenyanga, babehambise iibhokisi esingama-40 zoncwadi lweBhayibhile. Kodwa, okulusizi kukuba, endleleni ebuyayo, uFrank wabulawa sisifo seengcongconi. Phezu kwako nje oku, emva kwethuba elingephi, uRobert Nisbet noDavid Norman benjenjeya—ngesi sihlandlo bephethe iibhokisi ezingama-200 zoncwadi—ukuya kushumayela eKenya naseUganda, kwanaseTanganyika naseZanzibar (zombini ngoku eziyiTanzania), befikelela abantu abaninzi kangangoko babenako. Abanye abathabatha uhambo olufanayo basisasaza isigidimi soBukumkani ukuya kwiziqithi zaseMauritius naseMadagascar kuLwandlekazi lwaseIndiya naseSt. Helena kuLwandlekazi lweAtlantiki. Imbewu yenyaniso yahlwayelwa, kodwa ayizange ikhule ngokukhawuleza kuyo yonke indawo.

Ngokusuka eMzantsi Afrika iindaba ezilungileyo zanwenwela eBasutoland (ngoku eyiLesotho), eBechuanaland (ngoku eyiBotswana) naseSwazini, kwangowe-1925. Malunga neminyaka esibhozo kamva, xa oovulindlela babeshumayela eSwazini kwakhona, uKumkani uSobhuza II wabamkela ngokusemthethweni. Wahlanganisa ibutho lakhe lamadoda alikhulu, waphulaphula ubungqina obanikelwa ngenyameko, waza wazifumanela zonke iimpapasho zoMbutho abazalwana ababeziphethe.

Ngokuthe ngcembe landa inani lamaNgqina kaYehova kuloo mmandla wentsimi yehlabathi. Abanye bathelela loo mbinana yayiqalise umsebenzi eAfrika ekuqaleni kwale nkulungwane yama-20, ibe ngowe-1935 bali-1 407 abanikela ingxelo yokuba nesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina ngoBukumkani bukaThixo kwilizwekazi laseAfrika. Abaninzi kwaba babeseMzantsi Afrika naseNigeria. Amanye amaqela amakhulu awayesithi angamaNgqina kaYehova ayefumaneka eNyasaland (ngoku eyiMalawi) eMntla Rhodesia (ngoku eyiZambia) naseMzantsi Rhodesia (ngoku eyiZimbabwe).

Kwangeli xesha linye, kwakunikelwa ingqalelo kumazwe athetha iSpanish nesiPhuthukezi.

Ukulima Kwintsimi Ekuthethwa ISpanish NesiPhuthukezi Kuyo

Ngoxa iMfazwe Yehlabathi I yayisaqhubeka, kwaqaliswa ukupapashwa kweMboniselo ngeSpanish. Yayibhalwe idilesi yeofisi eseLos Angeles, eKhalifoniya, eyayisekwe ukuze inikele ingqalelo ekhethekileyo kwintsimi ekuthethwa iSpanish kuyo. Abazalwana ababekuloo ofisi babenikela uncedo olungathethekiyo kubantu abanomdla eUnited States nakwamanye amazwe angezantsi.

UJuan Muñiz, owaba ngomnye wabakhonzi bakaYehova ngowe-1917, wakhuthazwa nguMzalwan’ uRutherford ngowe-1920 ukuba alishiye elaseUnited States aze abuyele eSpeyin, ilizwe lakhe lokuzalwa, ukuze alungelelanise umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani apho. Imiphumo yayingengako, phofu ke, kungekhona ngenxa yokuba wayengenanzondelelo, kodwa ngenxa yokuba amapolisa ayesoloko esezithendeni zakhe; ngoko emva kweminyaka embalwa, wathunyelwa eArgentina.

EBrazil abanquli bakaYehova abambalwa babesele beshumayela. Oomatiloshe abathobekileyo abasibhozo babefunde inyaniso ngoxa babewushiyile umkhumbi wabo eNew York. Bakuba bebuyele eBrazil ekuqaleni kowe-1920, baxakeka besabelana nabanye ngesigidimi seBhayibhile.

UGeorge Young, waseKhanada, wathunyelwa eBrazil ngowe-1923. Waba luncedo ngokwenene ekukhuthazeni umsebenzi apho. Wanikela iintetho zesidlangalala ezininzi esebenzisa iitoliki, wabonisa oko iBhayibhile ikutshoyo ngemeko yabafi, wabhenca ukusebenzelana nemimoya njengobudemon, waza wacacisa injongo kaThixo yokusikelela zonke iintsapho zomhlaba. Iintetho zakhe zazishukumisa ngakumbi ngenxa yokuba maxa wambi kwiscreen wayebonisa iindinyana zeBhayibhile ezazixutyushwa ukuze abaphulaphuli bakwazi ukuzibonela ngolwimi lwabo. Ngoxa wayeseBrazil, uBellona Ferguson, waseSão Paulo, ekugqibeleni wakwazi ukubhaptizwa, kunye nabantwana bakhe abane. Wayelilinde iminyaka engama-25 eli thuba. Phakathi kwabo bayamkelayo inyaniso kukho abathile abathi ngoko bazenza bafumaneka ukuba baguqulele uncwadi kwisiPhuthukezi. Ngokukhawuleza kwabakho iimpapasho ezininzi ngolo lwimi.

Ukusuka eBrazil, uMzalwan’ uYoung waya eArgentina ngowe-1924 waza walungiselela ukusasazwa ngesisa kweencwadi ezingama-300 000 ngeSpanish kwiidolophu nezixeko eziphambili ezingama-25. Kwangaloo nyaka wahamba waya eChile, ePeru naseBolivia ukuze asasaze amaphecana.

Ngokukhawuleza uGeorge Young wenjenjeya ukuya kwisabelo esitsha. Ngesi sihlandlo wayesiya eSpeyin nasePortugal. Emva kokuba unozakuzaku welaseBritani kwelo emazise kumagosa aseburhulumenteni alapho, wakwazi ukulungiselela ukuba uMzalwan’ uRutherford anikele iintetho kubaphulaphuli eBarcelona naseMadrid, kwanakwikomkhulu lasePortugal. Emva kwezi ntetho, abantu abangama-2 350 babhalisa amagama needilesi zabo becela ukuncedwa ngenkcazelo engakumbi. Emva koko, loo ntetho yapapashwa kwelinye lamaphephandaba aphambili aseSpeyin, ibe iphecana elingayo lathunyelelwa kubantu abaninzi kulo lonke elo lizwe ngeposi. Laphuma nakumaphephandaba esiPhuthekezi.

Ngezi ndlela isigidimi safikelela ngaphandle kwelaseSpeyin nasePortugal. Ekupheleni kowe-1925, iindaba ezilungileyo zazifikelele nakwiZiqithi zeCape Verde (ngoku eziyiRiphabliki yaseCape Verde), eMadeira, ePortuguese East Africa (ngoku eyiMozambiki), ePortuguese West Africa (ngoku eyiAngola), nakwiziqithi ezikuLwandlekazi lweIndiya.

Kunyaka olandelayo kwenziwa amalungiselelo okushicilela isigqibo esinamandla esithi “Ubungqina Obuya Kubalawuli Behlabathi” kwiphepha leSpanish iLa Libertad. Ubungqina banikelwa ngokucokiseke ngakumbi ngoncedo lukanomathotholo nokusasazwa kweencwadi, iincwadana namaphecana, kwanokuboniswa kwe-“Photo-Drama of Creation.” Ngowe-1932 oovulindlela abasuka eNgilani abaliqela basabela kubizo lokuya kunceda kule ntsimi, ibe ngendlela elungeleleneyo bagubungela inxalenye enkulu yeli lizwe ngoncwadi lweBhayibhile de kwafuneka bahambe ngenxa yeMfazwe Yamakhaya yaseSpeyin.

Kwangaxeshanye, akuba nje efikile eArgentina, uMzalwan’ uMuñiz ngokukhawuleza waqalisa ukushumayela, ngoxa ezixhasa ngokulungisa iiwotshi. Ukongezelela kumsebenzi wakhe eArgentina, wanikela ingqalelo eChile, eParaguay, naseUruguay. Akuba enze isicelo kweza abazalwana abathile abasuka eYurophu ukuze banikele ubungqina kubantu abathetha isiJamani. Emva kweminyaka emininzi kamva uCarlos Ott wabalisa ukuba babeyiqalisa inkonzo yabo yosuku ngeyesi-4:00 ekuseni ngokushiya amaphecana phantsi kwayo yonke iminyango kwintsimi ethile. Kamva emini, babetyelela loo makhaya baze banikele ubungqina obungakumbi baze bahambise noncwadi lweBhayibhile olungakumbi kubaninimzi abanomdla. Ngokusuka eBuenos Aires, abo babenesabelo kubulungiseleli bexesha elizeleyo basasazeka kulo lonke elo lizwe, okokuqala ngokulandela imigaqo kaloliwe eyayinabe kangangamakhulu eekhilomitha ukusuka kwikomkhulu ngokunga yiminwe esesandleni sakho, baza ke basebenzisa zonke iindlela zothutho ababenokuzifumana. Babengenazinto zininzi eziphathekayo ibe kwafuneka benyamezele ubunzima obukhulu, kodwa babezizityebi ngokomoya.

Omnye wabo basebenzi banenzondelelo eArgentina yayinguNicolás Argyrós, umGrike. Ekuqaleni kowe-1930, xa wafumana uncwadi oluthile olwalupapashwe yiWatch Tower Society, wachukunyiswa ngokukodwa yincwadana ethi Isihogo, eyayinemixholwana eyayibuza ukuba “Siyintoni Na? Ngobani Na Abalapho? Bangaphuma Na?” Wamangaliswa kukufumanisa ukuba le ncwadana yayingabonisi aboni beqhotswa emalahleni. Hayi indlela awamangaliswa ngayo kukuqonda ukuba isihogo somlilo sasibubuxoki bonqulo obabenzelwe ukoyikisa abantu, njengokuba babumoyikisile naye! Ngokukhawuleza wazimisela ukuya kwabelana nabanye ngenyaniso—waqala ngamaGrike; waza, njengokuba iSpanish sakhe sasiphucuka, wabelana nabo nabanye. Nyanga nganye wayenikela phakathi kweeyure ezingama-200 nezingama-300 ekwabelaneni nabanye ngeendaba ezilungileyo. Ebetha ngezikaTshiwo nangazo zonke ezinye iindlela zothutho ezifumanekayo, wazisasaza iinyaniso zeBhayibhile kumaphondo ali-14 kwangama-22 aseArgentina. Njengokuba wayehamba kwiindawo ngeendawo, wayelala ezibhedini xa ezifumana kubantu ababuk’ iindwendwe, ibe ngokufuthi wayelala phandle, naseshedini evuswa ngamaesile!

Omnye owayenemoya wobuvulindlela ngokwenene nguRichard Traub, owayefunde inyaniso eBuenos Aires. Wayelangazelela ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nabantu abangaphaya kweentaba zeAndes, eChile. Ngowe-1930, emva kweminyaka emihlanu ebhaptiziwe, wafika eChile—ekuphela kweNgqina kwilizwe elinabantu abazizi-4 000 000. Ekuqaleni, yiBhayibhile kuphela awayenokuyisebenzisa, kodwa waqalisa ukutyelela abantu kwindlu ngendlu. Kwakungekho zintlanganiso zebandla awayenokuya kuzo, ngoko ngeeCawa, ngexesha eliqhelekileyo leentlanganiso, wayehamba aye kwiNtaba yeSan Cristóbal, ahlale ngaphantsi komthunzi womthi, aze axakeke lufundisiso lobuqu nomthandazo. Emva kokuba eqeshe indawo yokuhlala, waqalisa ukumemela abantu ezintlanganisweni apho. Okuphela komntu owafikayo kwintlanganiso yokuqala nguJuan Flores, owabuza oku: “Baza kufika nini ke abanye?” UMzalwan’ uTraub wasuka waphendula wathi: “Baza kufika.” Ibe bafika. Kwisithuba esingaphantsi konyaka, abali-13 baba ngabakhonzi bakaYehova ababhaptiziweyo.

Emva kweminyaka emine, amaNgqina amabini awayengazani kwaphela adibana ukuze aye kushumayela iindaba ezilungileyo eColombia. Emva konyaka onemveliso apho, uHilma Sjoberg kwafuneka abuyele eUnited States. Kodwa uKathe Palm wabamba inqanawa esinge eChile, esebenzisa ezo ntsuku zili-17 awazichithela elwandle ukuze anikele ubungqina kubasebenzi nakubahambi. Ebudeni beminyaka elishumi elandelayo, wasebenza ukusuka kwelona zibuko lisemantla laseChile, iArica, ukuya kutsho kweyona ndawo isemazantsi apho, iTierra del Fuego. Watyelela imizi yezoshishino waza wanikela ubungqina nakumagosa aseburhulumenteni. Exwaya ingxowa yesali yokuphatha uncwadi, yaye ephethe izinto eziyimfuneko njengengubo yokulala, wafikelela kweyona mizi ikude yasemigodini neefama zeegusha. Obu yayibubomi bovulindlela wokwenene. Ibe kwakukho nabanye ababenomoya ofanayo—abanye bengatshatanga, abanye betshatile, abaselula nabadala.

Ebudeni bonyaka we-1932, kwenziwa umgudu okhethekileyo wokusasaza isigidimi soBukumkani kumazwe akuMbindi noMzantsi Merika apho kwakungekashunyayelwa kangako. Ngaloo nyaka incwadana ethi The Kingdom, the Hope of the World yasasazwa ngokuphawulekayo. Le ncwadana yayiqulethe intetho eyayisele isasazwe koonomathotholo bamazwe ngamazwe. Ngoku imibhalo eshicilelweyo engama-40 000 yaloo ntetho yasasazwa eChile, engama-25 000 eBolivia, engama-25 000 ePeru, eli-15 000 e-Ecuador, engama-20 000 eColombia, eli-10 000 eSanto Domingo (ngoku eyiDominican Republic) neminye eli-10 000 ePuerto Rico. Isigidimi soBukumkani sasivakaliswa ngokwenene, ibe sivakaliswa ngamandla.

Ngowe-1935 eMzantsi Merika babengama-247 kuphela abantu ababethelele ngamazwi abo ekuvakaliseni ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuzisa ulonwabo lokwenyaniso kuluntu. Kodwa obunjani bona ubungqina ababebunikela!

Ukufikelela Abantu Abakwiindawo Ezikwanti Ngakumbi

AmaNgqina kaYehova awazange abe nembono yokuba ayeyizalisekisile imbopheleleko yawo phambi koThixo ukuba ayesuka athethe nje kubantu abambalwa abangabamelwane bawo. Azabalazela ukufikelela bonke abantu ngeendaba ezilungileyo.

Abantu ababehlala kwiindawo amaNgqina awayengenakuya ngokobuqu kuzo ngelo xesha babefikelelwa nangezinye iindlela. Ngaloo ndlela, ngasekupheleni kweminyaka yee-1920, amaNgqina eKapa, eMzantsi Afrika, athumela iincwadana ezingama-50 000 kuwo onke amafama, abagcini bezindlu zokubonisa iinqanawa indlela, abagcini bamahlathi, nabanye abahlala kwiindawo ezingafikeleleki lula. Kwafunyanwa incwadi esexesheni eneedilesi zeposi zalo lonke elaseMzantsi Ntshona Afrika (ngoku eyaziwa ngokuba yiNamibia), ibe bonke abantu amagama abo avelayo kuloo ncwadi bathunyelelwa incwadana ethi The Peoples Friend.

Ngowe-1929, uF. J. Franske wanikwa iphenyane leWatch Tower Society iMorton waza wabelwa, kunye noJimmy James, ukuya kufikelela abantu abaseLabrador nakumazibuko amancinane aseNewfoundland. Ebusika uMzalwan’ uFranske wayehamba ngaselunxwemeni ngesileyi esirhuqwa zizinja. Ukuze bahlawulele iindleko zoncwadi lweBhayibhile awayebashiyela lona, amaEskimo nabemi baseNewfoundland babemnika izinto ezininzi ezifana neempahla zesikhumba neentlanzi. Emva kweminyaka embalwa, wazimisela ukutyelela abasebenzi-mgodini, abo babesarha imithi, abo babebambisa izilwanyana, abafuyi namaIndiya kummandla onobundlobongela waseCariboo kwiBritish Columbia. Njengokuba wayehamba, wayezingela ukuze afumane inyama, echola amaqunube asendle, aze azibhakele nesonka ngepani yokuqhotsa kumlilo awayewubasa endle. Ngesinye isihlandlo, yena neqabane lakhe babesebenzisa iphenyane elitsala inethi yokubambisa iintlanzi ekuthiwa ziisalmon njengento yokuhamba njengokuba babehambisa isigidimi soBukumkani kuzo zonke iziqithi, amatheku, iinkampu zabasarhi beenkuni, izindlu zokubonisa iinqanawa indlela, neendawo zokuhlala ezikunxweme olungasentshona lweKhanada. Kuphela nje wayengomnye wabantu abaninzi ababezibhokoxa ekufikeleleni abantu abahlala kwiindawo ezikwanti zomhlaba.

Ukususela ngasekupheleni kweminyaka yee-1920, uFrank Day wasebenza wasinga ngasentla etyhutyha iidolophana zelaseAlaska, eshumayela, ehambisa uncwadi, yaye ethengisa iindondo zamehlo ukuze anyamekele iintswelo zakhe zokwenyama. Nangona wayejingxela ngomlenze ofakelweyo, wagubungela ummandla osusela eKetchikan ukuya kutsho eNome, umgama weekhilomitha ezili-1 900. Kwangowe-1897, umsebenzi-mgodini wayefumene imibhalo yencwadi ethi Millennial Dawn neMboniselo ngoxa wayeseKhalifoniya ibe wayesenza amalungiselelo okubuyela nezi zinto eAlaska. Yaye ngowe-1910, uCaptain Beams, umphathi wenqanawa eyayibambisa iminenga, wayehambise uncwadi kumazibuko aseAlaska awayemisa kuwo. Kodwa umsebenzi wokushumayela waqalisa ukwanda njengokuba uMzalwan’ uDay ehlotyeni wayesiya eAlaska izihlandlo ezininzi kwisithuba esingaphezu kweminyaka eli-12.

Amanye amaNgqina amabini, esebenzisa iphenyane elinenjini eliziimitha ezili-12 elalibizwa ngokuba nguEsther, asebenza enjenjeya ukunyusa unxweme lwaseNorway aya kutsho kwiArctic. Anikela ubungqina kwiziqithi, kwizindlu zokubonisa iinqanawa indlela, kwiidolophana ezingaselunxwemeni nakwiindawo ezikwanti ezisezintabeni. Abantu abaninzi babewamkela, kwisithuba esingangonyaka, akwazi ukuhambisa iincwadi neencwadana ezili-10 000 ukusa kwi-15 000 ezicacisa injongo kaThixo ngoluntu.

Iziqithi Ziva Iindumiso ZikaYehova

Ubungqina babunganikelwa kwezo ziqithi zazikufutshane namazibuko asemhlabeni kuphela. Embindini kanye woLwandlekazi lwePasifiki, ekuqaleni kweminyaka yee-1930, uSydney Shepherd wachitha iminyaka emibini ehamba ngephenyane ukuya kushumayela kwiziQithi zikaCook naseTahiti. Kwicala elingasentshona, uGeorge Winton wayetyelela iNew Hebrides (ngoku eyiVanuatu) ehambisa iindaba ezilungileyo.

Malunga nelo xesha, uJoseph Dos Santos, umMerika ongumPhuthukezi, naye wenjenjeya ukusinga kummandla ongekafikelelwa. Waqala ngokunikela ubungqina kwiziqithi ezijikeleze iHawaii; waza ke wathabatha uhambo lokushumayela emhlabeni wonke. Noko ke, esakufika kwiiPhilippines wafumana ileta evela kuMzalwan’ uRutherford ecela ukuba ahlale apho ukuze akhe aze alungelelanise umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Wahlala, iminyaka eli-15.

Ngeli xesha isebe loMbutho eliseOstreliya lalisalathisela ingqalelo kumsebenzi owawusenziwa kumazwe akummandla woMzantsi Pasifiki nakwiindawo eziwungqongileyo. Oovulindlela ababini ababevela apho banikela ubungqina ngokucokisekileyo eFiji ngowe-1930-31. Ubungqina bafika ngowe-1931 eSamoa. INew Caledonia yafikelelwa ngowe-1932. Isibini esingoovulindlela esisuka eOstreliya sangenela inkonzo eTshayina ngowe-1933 saza sanikela ubungqina kwizixeko zalapho eziphambili ezili-13 kwiminyaka embalwa elandelayo.

Abazalwana baseOstreliya baqonda ukuba kwakunokufezwa okungakumbi ukuba babenokuba nephenyane. Ekuhambeni kwethuba balungiselela iphenyane eliziimitha ezili-16 ababelibiza ngokuthi Lightbearer baza, ukususela ekuqaleni kowe-1935, balisebenzisa njengendawo yokwalathisa umsebenzi weqela labazalwana abanenzondelelo njengokuba babenikela ubungqina kwiNetherlands East Indies (ngoku eyi-Indonesia) eSingapore naseMalaya kangangeminyaka eliqela. Ukufika kweli phenyane endaweni kwakusoloko kubangela umdla ongathethekiyo, ibe oku ngokufuthi kwakuvula ithuba lokuba aba bazalwana bashumayele yaye bahambise uncwadi oluninzi.

Kwangaxeshanye, kwelinye icala lomhlaba, oodade ababini abangoovulindlela ababesuka eDenmark bagqiba kwelokuba bathabathe uhambo ebudeni bekhefu baye kwiZiqithi zeFaeroe kuMntla woLwandlekazi lweAtlantiki ngowe-1935. Kodwa babecinga ngohambo olungelulo olokubuka iindawo nje kuphela. Bahamba bexhobe ngoncwadi oluninzi, ibe balusebenzisa kakuhle. Bengawusi so umoya nemvula kwanabefundisi abanobutshaba, bagubungela iziqithi ezinabantu ezininzi kangangoko babenako ebudeni bexesha abalihlala apho.

Ukuya ngasentshona, uGeorg Lindal, waseKhanada osinqe siseIceland, wamkela isabelo esathabatha ithuba elide ngakumbi. Ngokucetyiswa nguMzalwan’ uRutherford, wafudukela eIceland ukuze abe nguvulindlela ngowe-1929. Olunjani lona unyamezelo awalubonakalisayo! Ixesha elininzi kwiminyaka eli-18 elandelayo, wayekhonza apho eyedwa. Watyelela iidolophu needolophana ngokuphindaphindiweyo. Kwahanjiswa uncwadi oluninzi gqitha, kodwa ngelo xesha akukho bantu baseIceland bamthelelayo enkonzweni kaYehova. Ngaphandle nje konyaka omnye, kwakungekho maNgqina awayenokunxulumana nawo eIceland de kwaba ngowe-1947, xa kwafika abavangeli basemazweni ababini abaqeqeshwe eGiliyadi.

Xa Abantu Bekwalela Oko Kungumyalelo KaThixo

Ngoxa ekubulungiseleli bawo basesidlangalaleni, kwakungento ingaqhelekanga, ingakumbi ukususela ngeminyaka yee-1920 ukusa kweyee-1940, ngamaNgqina ukuhlangabezana nenkcaso, ngokuqhelekileyo eyayiphenjelelwa ngabefundisi basekuhlaleni yaye maxa wambi ngamagosa karhulumente.

Kummandla wasemaphandleni ongentla kwaseVienna, eOstriya, amaNgqina azifumana ejamelene nehlokondiba labemi bedolophana abanobundlobongela ababephenjelelwe ngumfundisi wasekuhlaleni, owayexhaswa ngamapolisa. Aba befundisi babezimisele ukuba amaNgqina kaYehova ayengayi kushumayela kwidolophana zabo. Kodwa amaNgqina, ezimisele ukuphumeza isabelo asinikwe nguThixo, eza ngenye indlela yaye abuya ngolunye usuku, engena kwezo dolophana ngeendlela ezigwegwelezayo.

Zingakhathaliseki izisongelo noko kufunwa ngabantu, amaNgqina kaYehova ayeqonda ukuba anembopheleleko kuThixo yokuvakalisa uBukumkani bakhe. Akhetha ukuthobela uThixo kunabantu. (IZe. 5:29) Apho abasemagunyeni basekuhlaleni babezama ukungawaniki amaNgqina kaYehova inkululeko yonqulo, amaNgqina ayesuka nje aze nangakumbi.

Emva kokubanjwa ngokuphindaphindiweyo komnye ummandla waseBavaria, eJamani, ngowe-1929, aqesha oololiwe ababini abakhethekileyo—ukuze omnye uqale eBerlin omnye eDresden. Aba loliwe badityaniswa eReichenbach, ibe ngeyesi-2:00 ekuseni lo loliwe umnye wangena kummandla waseRegensburg uthwele abantu abali-1 200 ababesitsha ziintambo befuna ukunikela ubungqina. Ukuhamba kwakubiza imali eninzi, ibe wonk’ ubani wayezihlawulele ezakhe iindleko zokuhamba. Kwisikhululo sikaloliwe ngasinye, kwakusehla abanye. Abaliqela kubo babeze neebhayisekile ukuze bafikelele nakwiindawo ezisemaphandleni. Sonke eso sithili sagutyungelwa ngosuku olunye. Xa babebona imiphumo yemigudu abayenza ngokumanyeneyo, ekuphela kwento ababenokuyikhumbula lidinga likaThixo kubakhonzi bakhe: “Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo.”—Isa. 54:17.

AmaNgqina aseJamani ayenenzondelelo kangangokuba phakathi kowe-1919 nowe-1935, kuqikelelwa ukuba asasaza ubuncinane iincwadi, iincwadana namaphephancwadi ali-125 000 000, kwakunye nezigidi zamaphecana. Ukanti, kwakukho iintsapho ezimalunga ne-15 000 000 kuphela eJamani ngelo xesha. Ngelo xesha iJamani yafumana ubungqina ngokucokisekileyo ngokufanayo nobo babunikelwa kulo naliphi na ilizwe emhlabeni. Yayingowona mmandla womhlaba owawunabona bantu baninzi abathi bangabalandeli bakaKristu abathanjiswe ngomoya. Kodwa ebudeni beminyaka elandelayo, bafumana kwanezinye zezona mvavanyo ziqatha zengqibelelo.—ISityhi. 14:12.

Ngonyaka we-1933, abasemagunyeni bawuchasa ngamandla umsebenzi wamaNgqina kaYehova eJamani. Amakhaya amaNgqina neofisi yesebe yoMbutho yayigqogqwa ngokufuthi ngamaGestapo. Umsebenzi wamaNgqina wavalwa kwinkoliso yamazwana aseJamani, ibe amaNgqina athile abanjwa. Iitoni ezininzi zeeBhayibhile noncwadi lwawo lweBhayibhile zatshiswa esidlangalaleni. NgoAprili 1, 1935, kwawiswa umthetho kwelo lizwe owawuvala umsebenzi wee-Ernste Bibelforscher (aBafundi beBhayibhile Abanenzondelelo, okanye amaNgqina kaYehova), kwaza kwenziwa nemigudu echuliweyo yokuwacim’ igama. Wona ke, amaNgqina aziqhuba zonke iintlanganiso zawo engamaqela amancinane, alungiselela ukuba uncwadi lwawo lokufundisisa iBhayibhile aluvelise lukwimo engenakuqondwa ngokukhawuleza ngamaGestapo, aza asebenzisa iindlela zokushumayela ezazingacacanga kangako.

Kwanangaphambi koku, ukususela ngowe-1925, abazalwana baseItali babephila ngaphantsi kobuzwilakhe bobuFasi, ibe ngowe-1929 iCawa yamaKatolika noRhulumente wamaFasi babetyikitye isivumelwano. AmaKristu okwenyaniso ayezingelwa ngokungenalusini. Bambi babehlanganisana koovimba ukuze baphephe ukubanjwa. Ngelo xesha amaNgqina kaYehova eItali ayembalwa gqitha; noko ke, imigudu yawo yokusasaza isigidimi soBukumkani yaqiniswa ngowe-1932 xa amaNgqina angama-20 asuka eSwitzerland awelela eItali aza asasaza imibhalo engama-300 000 yencwadana ethi The Kingdom, the Hope of the World.

NakwiMpuma Ekude, ingcinezelo yayisanda. AmaNgqina kaYehova ayebanjwa eJapan. Izixa ezikhulu zoncwadi lwawo lweBhayibhile zazitshatyalaliswa ngabasemagunyeni eSeoul (kuloo ndawo ngoku yaziwa ngokuba yiRiphabliki yaseKorea) nasePyongyang (kuloo ndawo ngoku eyiDemocratic People’s Republic of Korea).

Phezu kwayo nje le ngcinezelo yayisanda, ngowe-1935, amaNgqina kaYehova ngokusuka eBhayibhileni akuqonda ngokucacileyo oko kuthethwa “yindimbane enkulu” okanye “isihlwele esikhulu,” seSityhilelo 7:9-17. Ukuqonda oku kwawanceda awuqonda umsebenzi ongxamisekileyo angazange khe awucinge. (Isa. 55:5) Ayengasenayo imbono yokuba bonke ababengengabo ‘abomhlambi omncinane’ weendlalifa zoBukumkani bamazulu babeya kuthi kwixesha elithile elizayo bafumane ithuba lokuvisisanisa ubomi babo noko kufunwa nguYehova. (Luka 12:32) Aqonda ukuba lalifikile ixesha lokuba abenze abafundi abantu abanjalo ngenjongo yokuba abo bantu basindele kwihlabathi elitsha likaThixo. Ukuba ukuhlanganiswa kwesi sihlwele sikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga kwakuya kuqhubeka ixesha elide kangakanani ayengazi, nangona ayevakalelwa kukuba ukuphela kwenkqubo engendawo yezinto kwakumele ukuba kusondele gqitha. Ukuba kanye kanye lo msebenzi wawuza kwenziwa njani phezu kwayo nje intshutshiso eyayisanda neyayisiya isiba mbi ngakumbi, ayengaqinisekanga. Noko ke, naku awayeqiniseke ngako—ekubeni ‘isandla sikaYehova singesifutshane,’ wayeya kuwavulela indlela yokukufeza ukuthanda kwakhe.—Isa. 59:1.

Ngonyaka we-1935, amaNgqina kaYehova ayesembalwa noko—ayengama-56 153 kuphela emhlabeni wonke.

Ngaloo nyaka ayeshumayela kumazwe ali-115; kodwa phantse kwisiqingatha saloo mazwe, kwakukho amaNgqina angaphantsi kweshumi. Ayemabini kuphela amazwe awayenamaNgqina kaYehova akhutheleyo ali-10 000 okanye ngaphezulu (eUnited States, ayengama-23 808; eJamani, kuqikelelwa ukuba kwakusele ali-10 000 kwali-19 268 awayefake ingxelo kwiminyaka emibini ngaphambilana). Amanye amazwe asixhenxe (iBritani, iCzechoslovakia, iFransi, iKhanada, iOstreliya, iPoland neRomania) ngalinye kuwo lanikela ingxelo yamaNgqina angaphezu kwe-1 000 kodwa angaphantsi kwama-6 000. Ingxelo yomsebenzi kwamanye amazwe angama-21 ibonisa amaNgqina aphakathi kwe-100 ne-1 000 kwilizwe ngalinye. Sekunjalo, kuloo nyaka nje kuphela, eli qela lamaNgqina anenzondelelo emhlabeni wonke lachithela iiyure ezizizi-8 161 424 ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwethemba loluntu.

Ukongezelela kumazwe awayexakekile kuwo ngowe-1935, ayesele ezisasazele nakwezinye iindawo iindaba ezilungileyo, kangangokuba ngamazwe neziqithi ezili-149 ezazisele zifikelelwe ngesigidimi soBukumkani ukuza kuthi ga ngoko.

[Blurb on page 424]

Nangona babevalelwe entolongweni, bafumana amathuba okushumayela

[Blurb on page 425]

Babekulungele yaye bekulangazelela ukuqhubeka nomsebenzi!

[Blurb on page 441]

Abazange bawuse so umoya, imvula nabefundisi abanobutshaba

[Blurb on page 442]

Kwanikelwa ubungqina obungathethekiyo eJamani ngaphambi kokuba umsebenzi wee-“Ernste Bibelforscher” uvalwe apho

[Map/Pictures on page 423]

Ngoxa ihlabathi laliphakathi emfazweni, uR. R. Hollister noFanny Mackenzie babexakekile behambisela abantu baseTshayina, eJapan naseKorea isigidimi soxolo

[Map]

(For fully formatted text, see publication)

IKOREA

IJAPAN

ITSHAYINA

ULWANDLEKAZI LWEPASIFIKI

[Map on page 428]

(For fully formatted text, see publication)

Xa abantu ababesuka kumazwe abhalwe kule maphu bafunda ngenjongo kaThixo emangalisayo yokusikelela uluntu, baziva benyanzelekile ukubuyela kumazwe abo okuzalwa nezo ndaba

AMAZWE ASEMERIKA

↓ ↓

IOSTRIYA

IBULGARIA

ICYPRUS

ICZECHOSLOVAKIA

IDENMARK

IFINLAND

IJAMANI

IGRISI

IHUNGARY

I-ITALI

INETHERLANDS

INORWAY

IPOLAND

IPORTUGAL

IROMANIA

ISPEYIN

ISWEDEN

ISWITZERLAND

ITURKEY

IYUGOSLAVIA

[Map on page 432]

(For fully formatted text, see publication)

Ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930, abahambisi bevangeli baphuma eJamani baya kumazwe amaninzi ukuze banikele ubungqina

IJAMANI

↓ ↓

UMZANTSI MERIKA

UMNTLA AFRIKA

IASIA

[Map/Pictures on page 435]

Oovulindlela abanenzondelelo abanjengoFrank Smith nomntakwabo uGray (oboniswe kumfanekiso ongasentla) bazisasaza iindaba ezilungileyo benyusa unxweme olungasempuma lweAfrika (For fully formatted text, see publication)

[Map]

(For fully formatted text, see publication)

IUGANDA

IKENYA

ITANZANIA

UMZANTSI AFRIKA

[Map/Picture on page 439]

Kulo lonke elaseMzantsi Ntshona Afrika (ngoku eyiNamibia) abantu bafumana imibhalo yale ncwadana ngeposi ngowe-1928

[Map]

(For fully formatted text, see publication)

INAMIBIA

[Map/Pictures on page 440]

Bekhwele iphenyane i-“Lightbearer,” oovulindlela abanenzondelelo basasaza isigidimi soBukumkani kuMzantsi-mpuma Asia

[Map]

(For fuly formatted text, see publication)

IMALAYA

IBORNEO

ICELEBES

ISUMATRA

IJAVA

ITIMOR

INEW GUINEA

IOSTRELIYA

ULWANDLEKAZI LWEPASIFIKI

[Pictures on page 426]

Kumazwe amaninzi kwintetho ethi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife” kwakusiza abaphulaphuli abaninzi

[Pictures on page 427]

EMzantsi Afrika, uEdwin Scott, eyedwa wasasaza imibhalo engama-50 000 yesigqibo esithi “Ucelomngeni Kwiinkokeli Zehlabathi”

[Picture on page 429]

Esabela kubizo lwabahambisi bevangeli, uWilly Unglaube wakhonza eYurophu, eAfrika nakumazwe aseMpuma

[Pictures on page 430]

Ngowe-1992, uEric Cooke nomntakwabo uJohn (ohleli phantsi) ngamnye wabo ebesele eneminyaka engama-60 esenkonzweni yexesha elizeleyo, benandipha amava achulumancisayo eYurophu naseAfrika

[Picture on page 431]

Xa waya eIndiya ngowe-1926, uEdwin Skinner wayenesabelo esasiquka amazwe amahlanu; ngokuthembeka waqhubeka eshumayela apho kangangeminyaka engama-64

[Picture on page 433]

UAlfred noFrieda Tuček, bexhobe ngezinto eziyimfuneko zokuphila noncwadi lokunikela ubungqina, bakhonza njengoovulindlela kwiYugoslavia Endala

[Pictures on page 434]

Kuyo yonke iNtshona Afrika, u-“Bible Brown” waba nesabelo ngamandla ekubhenceni unqulo lobuxoki

[Picture on page 436]

UGeorge Young waba nesabelo ekuvakalisweni ngokubanzi koBukumkani bukaThixo kuMzantsi Merika, eSpeyin nasePortugal

[Picture on page 437]

UJuan Muñiz (ngasekhohlo) owayeshumayela kuMzantsi Merika ukususela ngowe-1924, wayekho ukuze amkele uN. H. Knorr xa wayetyelele eArgentina okokuqala emva kweminyaka engama-20 kamva

[Picture on page 438]

UNicolás Argyrós wasasaza inyaniso ekhululayo yeBhayibhile kumaphondo ali-14 aseArgentina

[Pictures on page 439]

UF. J. Franske, ehamba emhlabeni nangephenyane, wazabalazela ukufikelela iindawo ezihlala abantu ezikwanti ngenyaniso yeBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share