Section 3
Umthombo Okhethekileyo Wobulumko Obuphakamileyo
1, 2. Kutheni sifanele siyihlolisise iBhayibhile?
1 Ngaba obo bulumko buphakamileyo bubhalwe eBhayibhileni? Ngaba inokusinika iimpendulo eziyinyaniso kwimibuzo ebalulekileyo enokuthanani nenjongo yobomi?
2 Ngokuqinisekileyo sifanele siyihlolisise iBhayibhile. Esinye isizathu sikukuba yeyona ncwadi ingaqhelekanga yakha yaqulunqwa, yahluke gqitha kuyo nayiphi na enye incwadi. Khawuqwalasele ezi zibakala zilandelayo.
Eyona Ncwadi Indala Neyona Isasazwe Ngokubanzi
3, 4. Indala kangakanani iBhayibhile?
3 IBhayibhile iyeyona ncwadi indala yakha yabhalwa, iinxalenye zayo ezithile zabhalwa kwiminyaka enokuba ngama-3 500 eyadlulayo. Indala ngeenkulungwane ezininzi kunayo nayiphi na enye incwadi egqalwa njengengcwele. Eyokuqala kwiincwadi zayo ezingama-66 yabhalwa malunga newaka leminyaka ngaphambi koBhuda noConfucius yaye kwiminyaka emalunga namawaka amabini ngaphambi kukaMuḥammad.
4 Imbali ebhalwe eBhayibhileni isusela emva ekuqaleni kwentsapho yabantu ize ichaze indlela esabakho ngayo kulo mhlaba. Ide isichazele nangexesha langaphambi kokudalwa kwabantu, isinika izibakala ezingokuyilwa komhlaba.
5. Mingaphi imibhalo-ngqangi yeBhayibhile esekhoyo, xa ithelekiswa nemibhalo yamandulo yehlabathi?
5 Ezinye iincwadi zonqulo, kwanezingezizo ezonqulo, zinemibhalo embalwa kuphela yemibhalo-ngqangi yazo emidala esekhoyo. Kukho malunga ne-11 000 lemibhalo ebhalwe ngesandla yeBhayibhile okanye iinxalenye zayo ngesiHebhere nesiGrike, eminye yayo esondele kakhulu kwixesha lokubhalwa kwayo okokuqala. Le iye yahlala ikho nangona kuye kwazanywa nezona ndlela zikhohlakeleyo zokutshabalalisa iBhayibhile onokuzicinga.
6. IBhayibhile isasazwe ngokubanzi kangakanani?
6 Kwakhona, iBhayibhile yeyona ncwadi isasazwe kakhulu embalini. ZiiBhayibhile okanye iinxalenye zayo ezimalunga namawaka amathathu ezigidi eziye zasasazwa ngeelwimi ezimalunga namawaka amabini. Kuthiwa bangama-98 ekhulwini abantu abanokuyifumana iBhayibhile ngolwimi lwabo. Ayikho enye incwadi eye yasasazwa ngamanani asondelayo kulawo.
7. Kunokuthiwani ngokuchana kweBhayibhile?
7 Ukongezelela, ayikho enye incwadi yamandulo enokuthelekiswa neBhayibhile ngokuchana. Izazinzulu, ababhali-mbali, abembi bezinto zakudala, izazi ngokuma komhlaba, iingcali zeelwimi, nabanye bayaqhubeka bezingqina iingxelo eziseBhayibhileni.
Ukuchana Ngokwenzululwazi
8. Ichane kangakanani iBhayibhile kwimibandela yenzululwazi?
8 Ngokomzekelo, nangona iBhayibhile ingazange ibhalwe njengencwadi esisikhokelo yezenzululwazi, iyavisisana nenzululwazi yokwenyaniso xa ithetha ngemibandela yenzululwazi. Kodwa ezinye iincwadi zamandulo ezigqalwa njengezingcwele ziineentsomi, izinto ezingachananga, nobuxoki obuzicaceleyo xa zithetha ngenzululwazi. Phawula ibe mine nje kuphela kwimizekelo emininzi yokuchana kweBhayibhile ngokwenzululwazi:
9, 10. Kunokubonisa iimbono ezingachananga ngokwenzululwazi ezazikho ngexesha lokubhalwa kwayo, iBhayibhile yathi umhlaba uxhaswe yintoni?
9 Indlela umhlaba omi ngayo esithubeni. Kumaxesha amandulo xa kwakubhalwa iBhayibhile, kwakuthethwa izinto ezininzi ngendlela umhlaba omi ngayo esithubeni. Abanye babekholelwa kwelokuba umhlaba wawuxhaswe ziindlovu ezine ezazimi phezu kofudo lwaselwandle olukhulu. UAristotle, isithandi sobulumko somGrike nesazinzulu senkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, wayefundisa ukuba kwakungenakwenzeka ukuba umhlaba ube umi esithubeni. Kunoko, wayefundisa ukuba izinto ezisesibhakabhakeni zazimi phezu kweendawo eziqinileyo, ezibonakalayo, ndawo nganye kuzo imi phezu kwenye. Kubonakala ukuba wayesithi umhlaba wona ukweyona ndawo ingaphakathi, yaye eyona ingaphandle yayibambe iinkwenkwezi.
10 Kodwa, kunokubonisa ezo mbono zingaqhelekanga nezingachananga ngokwenzululwazi ezazikho ngexesha lokubhalwa kwayo, iBhayibhile yasuka nje yathi (malunga nonyaka we-1473 B.C.E.): ‘UThixo uxhoma ihlabathi phezu kokungeni.” (Yobhi 26:7) KwisiHebhere santlandlolo, igama eliguqulelwe ngokuthi “kokungeni” elisetyenziswe apha lithetha ukuba “akukho nto,” yaye livela kule ndawo kuphela eBhayibhileni. Ingcamango yayo yomhlaba ongqongwe yindawo engenanto igqalwa ngabaphengululi njengebonakalisa ukubona izinto kwangaphambili okwakungaqhelekanga ngexesha lokubhalwa kwayo. ITheological Wordbook of the Old Testament ithi: “UYobhi 26:7 ngendlela emangalisayo uchaza ihlabathi elalisaziwa ngoko njengelimi esithubeni, ngaloo ndlela echaza izinto ezaziza kufunyaniswa yinzululwazi kwixesha elizayo.”
11, 12. Abantu baqala nini ukuyiqonda inyaniso ekuYobhi 26:7?
11 Ingxelo yeBhayibhile echanileyo yamenza uAristotle wangathi wayephile kwiminyaka eli-1 100 ngaphambi kwayo. Kodwa, iimbono zikaAristotle zaqhubeka zifundiswa njengeziyinyaniso iminyaka emalunga nama-2 000 emva kokufa kwakhe! Ekugqibeleni, ngowe-1687 C.E., uMhlekazi Isaac Newton wapapasha oko wakufumanisayo, ukuba umhlaba wawumi esithubeni nezinye izinto ezisesibhakabhakeni ngenxa yomtsalane okhoyo phakathi kwazo, oko kukuthi, umxhuzulane. Kodwa ngelo xesha kwakusele kudlule phantse iminyaka engama-3 200 iBhayibhile ichaze ngokulula ukuba ihlabathi lixhonywe “phezu kokungeni.”
12 Ewe, phantse kwiminyaka engama-3500 eyadlulayo, ngokuchanileyo iBhayibhile yathi akukho nto ibonakalayo ixhase umhlaba, sibakala eso sivisisanayo nomthetho womxhuzulane nowentshukumo esandul’ ukuqondwa. Omnye umphengululi wathi: “Ukuba uYobhi wayazi njani inyaniso ngumbuzo ongenakuconjululwa ngokulula ngabo bakukhanyelayo ukuphefumlelwa kweZibhalo eziNgcwele.”
13. Abantu babesithi umi njani umhlaba kwiinkulungwane ezadlulayo, kodwa zaguqulwa yintoni iingqondo zabo?
13 Ukuma komhlaba. IThe Encyclopedia Americana yathi: “Eyona ndlela yokuqala abantu ababesithi umi ngayo umhlaba yayikukuba uthe tyaba, uqinile yaye usesazulwini sendalo. . . . Ingcamango yomhlaba osisazinge ayizange yamkelwe ngokubanzi de kwaba lixesha leeNguquko.” Oomatiloshe bamandulo abathile babede boyikele ukuba bangaqhuba iinqanawa zabo ziye kuwa ngaphaya komhlaba othe tyaba. Kodwa ke ukwenziwa kweekhampasi nezinye izixhobo ezihambele phambili kwenza kwaba lula ukuhamba imigama emide ngolwandle. Enye intyilalwazi icacisa ukuba oku “kuhamba ngeenqanawa ngenjongo yokufumanisa izinto kwabonisa ukuba umhlaba wawusisangqa, ungathanga tyaba njengokuba inkoliso yabantu yayikholelwa.”
14. IBhayibhile yakuchaza njani ukuma komhlaba, yaye nini?
14 Ukanti, kwakudala ngaphambi kolo hambo ngeenqanawa, malunga neminyaka engama-2 700 eyadlulayo, iBhayibhile yathi: “Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi.” (Isaya 40:22) Igama lesiHebhere apha eliguqulelwe ngokuthi ‘isazinge’ likwanokuthetha “into engqukuva,” njengoko iincwadi zeembekiselo ezahlukahlukeneyo ziphawula. Ngoko ke, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zithi, “ingqukuva yomhlaba” (Douay Version) yaye zithi, “umhlaba osisangqa.”—Moffatt.
15. Kutheni iBhayibhile ingazange iphenjelelwe ziimbono ezingachananga ngokwenzululwazi ezingomhlaba?
15 Ngaloo ndlela, iBhayibhile ayizange iphenjelelwe ziimbono ezingachananga ngokwenzululwazi ezazixhaphakile ngelo xesha ngokuphathelele oko kuxhase umhlaba nokuma kwawo. Isizathu silula: UMyili weBhayibhile nguMyili wendalo iphela. Wadala umhlaba, ngoko ufanele azi ukuba uxhonywe enini nokuba umi njani. Ngenxa yoko, xa waphefumlela iBhayibhile, waqinisekisa ukuba iimbono ezingachananga ngokwenzululwazi azibhalwa kuyo, nokuba abanye abantu babekholelwa kangakanani na kuzo ngelo xesha.
16. Indlela ezenziwe ngayo izinto eziphilayo ivumelana njani namazwi eBhayibhile?
16 Indlela ezenziwe ngayo izinto eziphilayo. IGenesis 2:7 ithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni.” IThe World Book Encyclopedia ithi: “Yonke imichiza ekhoyo kwizinto eziphilayo ikwakho nakwizinto ezingaphiliyo.” Ngoko yonke imichiza esisiseko ekhoyo kwizinto eziphilayo, kuquka umntu, iyafumaneka nasemhlabeni. Oku kuyavisisana nengxelo yeBhayibhile echaza into uThixo awayisebenzisayo ukudala abantu nazo zonke ezinye izinto eziphilayo.
17. Iyintoni inyaniso ngendlela izinto eziphilayo ezabakho ngayo?
17 “Ngohlobo lwazo.” IBhayibhile ithi uThixo wadala isibini sokuqala esingabantu yaye bonke abanye abantu baphuma kuso. (Genesis 1:26-28; 3:20) Ithi ezinye izinto eziphilayo, ezinjengeentlanzi, iintaka, nezilwanyana ezanyisayo, zenza okufanayo, zisibakho “ngohlobo lwazo.” (Genesis 1:11, 12, 21, 24, 25) Oku koko kanye izazinzulu ziye zakufumanisa kwindalo, ukuba zonke izinto eziphilayo ziphuma kumzali wohlobo lwazo. Akukho nanye eyahlukileyo. Kule nkalo isazi ngephysics uRaymo siphawula oku: “Ubomi buvelisa ubomi; oku kwenzeka ngalo lonke ixesha kwiseli nganye. Kodwa into engenabomi yabuvelisa njani ubomi? Yenye yeentsinda-badala ezingekaphenduleki kwibhayoloji, yaye ekuphela kwento izazi zebhayoloji ezinokuyenza ukuza kuthi ga ngoku kukuqashela kuphela. Ngandlel’ ithile into engaphiliyo yakwazi ukuzilungelelanisa ngendlela yezinto eziphilayo. . . . Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba umbhali weGenesis wayechanile.”
Ukuchana Ngokwembali
18. Elinye igqwetha lithini ngokuchana kweBhayibhile ngokwembali?
18 IBhayibhile iqulethe eyona mbali yamandulo ichanileyo kunayo nayiphi na enye incwadi ekhoyo. Incwadi ethi A Lawyer Examines the Bible ibalaselisa ukuchana kwayo ngokwembali ngale ndlela: “Ngoxa iintsomi, nobungqina bobuxoki buye buqinisekise ukuba iziganeko obubalisa ngazo zenzeka ndaweni ithile ekude nangexesha elingaziwayo, ngaloo ndlela zisaphula imigaqo esisiseko thina magqwetha esiyifundayo ngokuphathelele ukuthethelela kakuhle abantu enkundleni yamatyala, ethi ‘inkcazelo efungelweyo ifanele inikele ixesha nendawo isiganeko esenzeke kuyo,’ ingxelo yeBhayibhile isinika ngokuthe ngqo ixesha nendawo ezenzeka kuyo izinto ethetha ngazo.”
19. Omnye umthombo ugqabaza ngelithini ngeenkcukacha zeBhayibhile zembali?
19 IThe New Bible Dictionary igqabaza yenjenje: “[Umbhali weZenzo] uchaza ngembali esekelwe kwizinto zaloo maxesha; ingxelo yakhe izaliswe ziimbekiselo zoomantyi besixeko, iirhuluneli zesiphaluka, ookumkani abaphantsi kwegunya, nezinye iingxelo ezifanayo, ibe kumaxesha ngamaxesha ezi ngxelo zingqineka zichanile ngokwendawo nangokwamaxesha okwenzeka kwazo.”
20, 21. Umphengululi weBhayibhile uthini ngembali yeBhayibhile?
20 Ebhala kwethi The Union Bible Companion, uS. Austin Allibone uthi: “UMhlekazi Isaac Newton . . . wayekwabalasele nasekuhlalutyeni imibhalo yamandulo, yaye wazihlolisisa ngenyameko egqithiseleyo iZibhalo eziNgcwele. Wafikelela kwesiphi isigqibo ngazo? Uthi, ‘Ndifumana ubungqina obuninzi bokuba ichanile iTestamente Entsha kunakuyo nayiphi na enye imbali engengcwele [yehlabathi].’ UGqr. Johnson uthi sinobungqina obungakumbi bokuba uYesu Kristu wafela eKhalvari, njengokuba iincwadi zeVangeli zisitsho, kunokuba sinabo obokuba uJulius Caesar wafela kwiCapitol. Ngokwenene, sinobungqina obuninzi gqitha.”
21 Le ncwadi yongezelela ithi: “Buza nabani na othi uyakuthandabuza ukuba yinyaniso kwembali yeencwadi zeVangeli ukuba siyintoni isizathu sokuba akholelwe ukuba uCaesar wafela kwiCapitol, okanye sokuba uMlawuli uCharlemagne wathweswa isithsaba njengoMlawuli waseNtshona nguPopu Leo III. ngowama-800? . . . Wazi njani ukuba umntu ofana noCharles I. [waseNgilani] wakha waphila, waza wanqunyulwa intloko, nokuba uOliver Cromwell waba ngumlawuli endaweni yakhe? . . . UMhlekazi Isaac Newton kuthiwa nguye owafumanisa umthetho womxhuzulane . . . Siyazikholelwa zonke ezi zinto zisandul’ ukuthethwa ngala madoda; yaye sizikholelwa ngenxa yokuba sinobungqina bembali bokuba ziyinyaniso. . . . Ukuba, xa siboniswe ubungqina obunjengobu, nabani na uyaqhubeka engafuni kukholwa, siyamyeka ngelithi usisidenge esineenkani okanye akanalwazi ngendlela enganiki themba.”
22. Kutheni abanye bengavumi ukwamkela ukuba iBhayibhile ichanile?
22 Yandula ke le ncwadi iqukumbele ngelithi: “Sithini ke ngabo, nangona bengakwazi ukumelana nobungqina obuyintabalala esinabo ngoku bokuchana kweZibhalo eziNgcwele, basaqhubeka besithi abakakholwa? . . . Ngokuqinisekileyo sinezizathu zokugqiba kwelokuba ingxaki yabo isentliziyweni ayikho sentloko;—nokuba abafuni kukholelwa koko kuya kuthoba impakamo yabo, kuze kubanyanzelele ukuphila ubomi obahlukileyo.”
Ukuvisisana Nokuthetha Kwayo Ngokuphandle
23, 24. Kutheni ukuvisisana kweBhayibhile kungaqhelekanga kangaka?
23 Khawuthelekelele incwadi eyaqaliswa ukubhalwa ngexesha lobuKhosi bamaRoma, yaza yaqhubeka ukutyhubela amaXesha Aphakathi, yaza yagqityezelwa kule nkulungwane yama-20, yaye ibhalwa ngababhali abaninzi. Ubuya kulindela wuphi umphumo ukuba ababhali bebenemisebenzi eyahlukahlukeneyo njengokuba ngamajoni, ookumkani, ababingeleli, abalobi, abalusi, noogqirha? Ngaba ubuya kulindela ukuba loo ncwadi ivisisane ize ivumelane? Usenokuthi, ‘Nakanye!’ Uyabona ke, iBhayibhile yabhalwa phantsi kwezo meko. Sekunjalo, iyavisisana yonke, kungekuphela nje ngeengcamango kodwa nangeenkcukacha ezincinane.
24 IBhayibhile ibunjwe ziincwadi ezingama-66 ezabhalwa kwithuba leminyaka eli-1600 ngababhali abahlukahlukeneyo abangama-40, ukususela ngowe-1513 B.C.E. ukuya kuthi xhaxhe ngowama-98 C.E. Ababhali babeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, yaye abaninzi babengazani. Kodwa, incwadi abayibhalayo ilandela umxholo omnye novisisana wonke, ngokungathi iveliswe yingqondo yomntu omnye. Yaye ngokwahlukileyo kwinkolelo yabanye, iBhayibhile ayizange iveliswe yimpucuko yaseNtshona, kodwa yabhalwa ngabantu baseMpuma.
25. Ukunyaniseka nokuthetha ngokuphandle kweBhayibhile kuxhasa liphi ibango lababhali beBhayibhile?
25 Ngoxa ababhali bamandulo abaninzi babechaza izinto abaphumelele kuzo neempawu zabo ezintle kuphela, ababhali beBhayibhile bazivuma ngokuphandle iimpazamo zabo, kwaneentsilelo zookumkani neenkokeli zabo. KwiNumeri 20:1-13 nakwiDuteronomi 32:50-52 kunikelwa ingxelo ngeentsilelo zikaMoses, ibe nguye owabhala ezo ncwadi. KuYona 1:1-3 nakwese-4:1 kuchazwa iintsilelo zikaYona, owabhala ezo ngxelo. KuMateyu 17:18-20; 18:1-6; 20:20-28; nesama-26:56 kubhalwe ngeempawu ezingentle ezaboniswa ngabafundi bakaYesu. Ngaloo ndlela, ukunyaniseka nokuthetha ngokuphandle kwababhali beBhayibhile kuxhasa ibango labo lokuphefumlelwa nguThixo.
Eyona Nkalo Ibalasele Ngayo
26, 27. Kutheni iBhayibhile ichane kangaka kwimibandela yenzululwazi neminye?
26 IBhayibhile iyasityhila isizathu sokuba ichane kangako kwimibandela yenzululwazi, yezembali, neminye nesizathu sokuba ivisisana yaye inyanisekile. Ibonisa ukuba uMntu oPhakamileyo, uThixo usomandla, uMdali owayila indalo iphela, nguye uMyili weBhayibhile. Wasebenzisa ababhali beBhayibhile abangabantu kuphela nje njengababhali bakhe, ebashukumisa ngamandla akhe asebenzayo anamandla ukuba babhale oko wayebaphefumlela ukuba bakubhale.
27 EBhayibhileni umpostile uPawulos uthi: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.” Yaye kwakhona umpostile uPawulos wathi: “Nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo.”—2 Timoti 3:16, 17; 1 Tesalonika 2:13.
28. Ngoko ke, iphuma phi iBhayibhile?
28 Ngaloo ndlela, iBhayibhile iphuma kwingqondo yoMyili omnye—uThixo. Yaye ngamandla akhe angathethekiyo, kwaba yinto elula ngaye ukuqinisekisa ukuba oko kwakubhaliwe kugcinwa kugqibelele ukuza kutsho kulo mhla wethu. Ethetha ngoku umphengululi odumileyo wemibhalo-ngqangi yeBhayibhile, uMhlekazi Frederic Kenyon, ngowe-1940, wathi: “Isiseko sokugqibela sako nakuphi na ukuthandabuza ukuthi iZibhalo zeza kuthi ngokwenene zinjengoko zazibhaliwe sishenxisiwe ngoku.”
29. Bunokuzekeliswa njani ubuchule bukaThixo bonxibelelwano?
29 Abantu bayakwazi ukuthumela amazwi okanye imifanekiso kunomathotholo nomabonwakude emhlabeni bekumgama weekhilomitha ezingamawaka esibhakabhakeni, kwanasenyangeni. Izixhobo zokwenza uhlolisiso esibhakabhakeni ziye zathumela inkcazelo engokuma komhlaba nemifanekiso emhlabeni ngokusuka kwizijikelezi-langa ezikude kangangamakhulu ezigidi eekhilomitha. Ngokuqinisekileyo uMdali womntu, uMdali wamaza kanomathotholo, ubuncinane naye wayenokukwenza okufanayo. Eneneni, kwakuyinto elula ngaye ukusebenzisa amandla akhe amakhulu ukuthumela amazwi nemifanekiso ezingqondweni zabo wabakhethayo ukuba babhale iBhayibhile.
30. Ngaba uThixo uyafuna abantu bayazi injongo yakhe ngabo?
30 Ngaphezu koko, kukho izinto ezininzi ngomhlaba nobomi obukuwo ezinikela ubungqina bokuba uThixo unomdla kuluntu. Ngoko ke, kuyaqondakala ukuba ebeya kufuna ukubanceda abantu bazi ukuba ungubani nokuba iyintoni injongo yakhe ngabo ngokubaxelela ezi zinto ngokucacileyo encwadini—into ebhaliweyo enokuhlala ikho.
31. Kutheni umyalezo ophefumlelweyo obhaliweyo ubalasele kakhulu kunenkcazelo edluliselwa ngomlomo?
31 Kwakhona, khawuqwalasele ukubalasela kwencwadi eyilwe nguThixo, xa ithelekiswa nenkcazelo edluliselwe ngabantu ngomlomo. Inkcazelo edluliselwe ngomlomo ayinakuthenjwa, njengoko abantu beya kuwubeka ngawabo amazwi umyalezo, yaye emva kwethuba elithile, intsingiselo yawo iya kuba sele iguqukile. Inkcazelo baya kuyidlulisela ngomlomo ngokweembono zabo. Kodwa ingxelo ebhaliweyo, ephefumlelwe nguThixo akunakufane kwenzeke ukuba ibe neempazamo. Kwakhona, incwadi inokushicilelwa kwakhona ize iguqulelwe ukuze abantu abafunda iilwimi ezahlukahlukeneyo bangenelwe kuyo. Ngoko akunto isengqiqweni ukuba uMdali wethu abe wasebenzisa iindlela ezinjalo ukunikela inkcazelo? Eneneni, kusengqiqweni ngokwenene, ekubeni uMdali esithi wenza oko.
Iziprofeto Ezizalisekileyo
32-34. Yintoni iBhayibhile enayo ezingenayo ezinye iincwadi?
32 Ukongezelela, iBhayibhile ibonakala ngendlela ebalasele ngokukhethekileyo ukuba iphefumlelwe nguThixo: Iyincwadi eneziprofeto eziye zazaliseka ngaphandle kwempazamo nezisaqhubeka zisenjenjalo.
33 Ngokomzekelo, ukutshatyalaliswa kweTire yamandulo, ukuwa kweBhabhiloni, ukwakhiwa kwakhona kweYerusalem, kunye nokuwa nokuvuka kookumkani bamaMedi namaPersi nabaseGrisi kwaxelwa kwangaphambili ngokweenkcukacha eBhayibhileni. Ezi ziprofeto zazichane kangangokuba abahlalutyi abathile baye bazama, nangona bengakhange baphumelele, ukuthi zabhalwa emva kokuba iziganeko zenzekile.—Isaya 13:17-19; 44:27–45:1; Hezekile 26:3-6; Daniyeli 8:1-7, 20-22.
34 Iziprofeto uYesu awazinikelayo ngokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E. zazaliseka ngokuchanileyo. (Luka 19:41-44; 21:20, 21) Yaye iziprofeto ‘ezingemihla yokugqibela’ ezanikelwa nguYesu nompostile uPawulos zizaliseka ngokweenkcukacha kweli xesha lethu.—2 Timoti 3:1-5, 13; Mateyu 24; Marko 13; Luka 21.
35. Kutheni iziprofeto zeBhayibhile zinokuvela kuMdali kuphela?
35 Ayikho ingqondo yomntu, kungakhathaliseki ukuba ikrelekrele kangakanani, enokuprofeta ngeziganeko zexesha elizayo ngokuchane ngolo hlobo. Kuphela yingqondo yoMdali wendalo iphela onamandla onke nonobulumko bonke eyayinokwenjenjalo, njengokuba kweyesi-2 kaPetros 1:20, 21 sifunda oku: “Sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.”
Iyayinikela Impendulo
36. Isixelela ntoni iBhayibhile?
36 Ngenxa yoko, ngeendlela ezininzi, iBhayibhile inikela ubungqina bokuba iliLizwi eliphefumlelweyo loMntu oPhakamileyo. Ngenxa yoko, isixelela isizathu sokuba abantu besemhlabeni, isizathu sokuba kubekho ukubandezeleka okungaka, ukuba lisifumbathele ntoni ikamva, nendlela iimeko eziya kuguquka zibe zezilunge ngakumbi ngayo. Isityhilela ukuba kukho uThixo ophakamileyo owadala abantu nalo mhlaba ngenjongo nokuba injongo yakhe iya kuzaliseka. (Isaya 14:24) Kwakhona iBhayibhile isityhilela ukuba luyintoni na unqulo lokwenyaniso nendlela esinokulufumana ngayo. Ngaloo ndlela, yiyo kuphela umthombo wobulumko obuphakamileyo onokusixelela inyaniso ngayo yonke imibuzo ebalulekileyo yobomi.—INdumiso 146:3; IMizekeliso 3:5; Isaya 2:2-4.
37. Yintoni emele ibuzwe ngeNgqobhoko?
37 Ngoxa kukho ubungqina obuyintabalala bokuba iBhayibhile ichanile yaye iyinyaniso, ngaba bonke abo bathi bayayamkela bayazilandela iimfundiso zayo? Ngokomzekelo, khawuqwalasele amazwe athi angawobuKristu, oko kukuthi, iNgqobhoko. Ibikho kuwo iBhayibhile kangangeenkulungwane ezininzi. Kodwa ngaba iindlela acinga ngayo nezenzo zawo ngokwenene zibonisa ubulumko bukaThixo obuphakamileyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
UMhlekazi Isaac Newton wayekholelwa ukuba umhlaba wawumi esithubeni nezinye izinto ezisesibhakabhakeni ngenxa yomxhuzulane
Ingcamango yeBhayibhile yomhlaba ongqongwe yindawo engenanto igqalwa ngabaphengululi njengebonakalisa ukubona izinto kwangaphambili okwakungaqhelekanga ngexesha lokubhalwa kwayo
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Oomatiloshe bamandulo abathile babede boyikele ukuba bangaqhuba iinqanawa zabo ziye kuwa ngaphaya komhlaba othe tyaba
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Kukho ubungqina obungakumbi bokuba uYesu Kristu wayekho kunobokuba uJulius Caesar, uMlawuli uCharlemagne, uOliver Cromwell, okanye uPopu Leo III bakha baphila
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuzaliseka kweziprofeto ezanikelwa nguYesu ngokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E. kungqinelwa yiArch of Titus eRoma