Icandelo 8
Phila Ngonaphakade Kumhlaba Oyiparadisi
1, 2. Buya kuba njani ubomi ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo?
Buya kuba njani ubomi xa uThixo esusa ubungendawo nokubandezeleka emhlabeni aze angenise ihlabathi lakhe elitsha eliya kulawulwa ngothando buBukumkani bakhe basezulwini? UThixo uthembisa ‘ukusivula isandla sakhe, [ayanelise iminqweno yazo zonke, NW] iinto eziphilileyo.’—INdumiso 145:16.
2 Yiyiphi iminqweno yakho efanelekileyo? Ngaba akunqweneli ubomi obonwabisayo, umsebenzi owanelisayo, ukuba nentabalala yezinto eziphathekayo, ukungqongwa ziimeko ezilungileyo, uxolo phakathi kwabo bonke abantu, nokukhululwa kokungekho sikweni, ukugula, ukubandezeleka nokufa? Kuthekani ngemeko-bume yokomoya evuyisayo? Zonke ezo zinto ziya kwenzeka kungekudala ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo. Phawula oko iBhayibhile ikutshoyo ngeentsikelelo ezimangalisayo eziya kubakho kwelo hlabathi litsha.
Uluntu Eluxolweni Olugqibeleleyo
3-6. Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba abantu baya kuba seluxolweni kwihlabathi elitsha?
3 “[UThixo] ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.”—INdumiso 46:9.
4 “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.
5 “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11.
6 “Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.”—Isaya 14:7.
Abantu Nezilwanyana Baseluxolweni
7, 8. Kuya kubakho luphi uxolo phakathi kwabantu nezilwanyana?
7 “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo, nomntwana aziqhube ezo zinto. Ithokazi lenkomo nemazi yebhere ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo; adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba. Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa.”—Isaya 11:6-9.
8 “Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba . . . Ndibahlalise bekholosile.”—Hoseya 2:18.
Impilo Efezekileyo, Ubomi Obungunaphakade
9-14. Chaza iimeko zempilo kwihlabathi elitsha.
9 “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 35:5, 6.
10 “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.”—ISityhilelo 21:4.
11 “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.”—Isaya 33:24.
12 “Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; ubuyela emihleni yobudodana bakhe.”—Yobhi 33:25.
13 “Isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.”—Roma 6:23.
14 “Bonke abakholwayo kuye [baya kuba] . . . nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
Abafileyo Babuyiselwe Ebomini
15-17. Liliphi ithemba elikhoyo ngabo sele befile?
15 “Kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.”—IZenzo 24:15.
16 “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abakumangcwaba enkumbulo [inkumbulo kaThixo] balive ilizwi lakhe baphume ke.”—Yohane 5:28, 29, NW.
17 “Ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo [ingcwaba] kwabakhupha abafileyo abakhona.”—ISityhilelo 20:13.
Umhlaba, IParadisi Enentabalala
18-22. Uya kuguqulelwa entwenini wonke umhlaba?
18 “Iya kuba yimvula yentsikelelo. Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo.”—Hezekile 34:26, 27.
19 “Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu.”—INdumiso 67:6.
20 “Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.”—Isaya 35:1.
21 “Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla. Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile.”—Isaya 55:12, 13.
22 “Uya kuba nam eParadisi.”—Luka 23:43.
Bonke Baya Kuba Nezindlu Ezintle
23, 24. Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba bonke abantu baya kuba nezindlu ezintle ngokwaneleyo?
23 “Baya kwakha izindlu, bazihlale . . . Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi. . . . Badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam. Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso.”—Isaya 65:21-23.
24 “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.”—Mika 4:4.
Unokuphila Ngonaphakade EParadisi
25. Sikhangele phambili kwelinjani ukumangalisa ikamva?
25 Elinjani lona ukumangalisa ikamva esinokukhangela phambili kulo! Enjani yona injongo yokwenene ubomi obunokuba nayo ngoku xa busekelwe kwithemba eliqinileyo lokuba kwihlabathi elitsha likaThixo zonke iingxaki zanamhlanje ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo ngonaphakade! “Izinto zokuqala azisayi kukhunjulwa, zingabuyi zithi qatha nasentliziyweni.” (Isaya 65:17, NW) Yaye hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba ngoko ubomi abuyi kuphela: ‘[UThixo] uya kukuginya ukufa kuphele.’—Isaya 25:8.
26. Yintoni engundoqo ukuze siphile ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo?
26 Ngaba ufuna ukuphila ngonaphakade kwelo hlabathi litsha liyiParadisi ngoku elisemnyango? ‘Kufuneka ndenze ntoni ukuze ndifumane inkoliseko kaThixo ekupheleni kweli hlabathi ukuze ndiqhubeke ndiphila ndingene kwihlabathi lakhe elitsha? ’ usenokubuza. Kufuneka wenze oko uYesu wakubonisa xa wayethandaza kuThixo: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.”—Yohane 17:3.
27. Umele wenze ntoni ukuze ube nesabelo kwinjongo kaThixo?
27 Ngoko ke, zifunele iBhayibhile, uze uqinisekise oko ukufunde kule ncwadana inemifanekiso. Funa abanye abazifundisisayo baze bazifundise ezi nyaniso zeBhayibhile. Yahlukana nonqulo oluhanahanisayo olufundisa luze lwenze izinto ezichaseneyo neBhayibhile. Funda indlela wena, kunye nezigidi zabanye abasele besenza ukuthanda kukaThixo, onokuba nesabelo ngayo kwinjongo kaThixo yokuba abantu baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. Yaye nikela ingqalelo koko iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo elikuthethayo ngekamva elingekude: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Injongo kaThixo yokubuyisela iparadisi emhlabeni iza kuzaliseka kungekudala