Isahluko 6
Kutheni Sisaluphala Size Sife?
1. Yintoni izazinzulu ezingakwazanga ukuyichaza ngobomi bomntu?
IZAZINZULU azisazi isizathu sokuba abantu baluphale baze bafe. Kubonakala ngathi iiseli zethu zifanele ziqhubeke zihlaziywa yaye sifanele siphile ngonaphakade. Incwadi ethi Hyojun Soshikigaku (Isifundo Esisisiseko Ngemicu Yeeseli) ithi: “Iyimfihlelo ngokwenene indlela ukwaluphala kweeseli okunxulumene ngayo nokwaluphala nokufa komntu.” Izazinzulu ezininzi zikholelwa ukuba ubomi bunomda “wokwemvelo.” Ngaba ucinga ukuba zichanile?
2. Benze ntoni abanye ngenxa yokuba ubomi bubufutshane?
2 Abantu bebesoloko belangazelela ukuphila ubomi obude yaye sebezame nokuphila bangafi. Ukususela ngenkulungwane yesine ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, izidwangube zaseTshayina bezinomdla kumayeza ekuthiwa enzelwe ukwenza abantu baphile bangafi. Abalawuli bamaTshayina abathile kamva bayizama le michiza—yenziwe ngemekyuri—kwakusithiwa yenza abantu bangafi baza bafa! Ehlabathini lonke, abantu bakholelwa ukuba ukufa akusosiphelo sobomi babo. AmaBhuda, amaHindu, amaSilamsi, nabanye bonke banamathemba aqaqambileyo ngobomi emva kokufa. KwiNgqobhoko, abaninzi banethemba lobomi basemva kokufa bonwabe ezulwini.
3. (a) Kutheni abantu belangazelela ubomi obungunaphakade? (b) Yiyiphi imibuzo ekufuneka iphendulwe ngokufa?
3 Iingcamango zolonwabo emva kokufa zibonisa ulangazelelo lobomi obungunaphakade. “Ubunaphakade ububekile entliziyweni yabo,” itsho njalo iBhayibhile ngengcamango yokuphila ngonaphakade uThixo ayifakileyo kuthi. (INtshumayeli 3:11, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1904) Abantu bokuqala wabadala benethemba lokuba babenokuphila ngonaphakade emhlabeni. (Genesis 2:16, 17) Ngoko, kutheni abantu besifa? Kwangena njani ukufa ehlabathini? Ulwazi oluvela kuThixo luyasikhanyisela ngale mibuzo.—INdumiso 119:105.
IYELENQE ELINGENDAWO
4. UYesu wasichaza njani isaphuli-mthetho esabangela ukufa kwabantu?
4 Isaphuli-mthetho siye sizame ukuwugquka umkhondo waso. Uye wenjenjalo nalowo unetyala ngolwaphulo-mthetho oluye lwabangela ukufa kwamawaka ezigidi zabantu. Uye wenza ukuba ukufa kwabantu kubonakale kuyimfihlelo. UYesu Kristu wasichaza esi saphuli-mthetho xa waxelela abo babefuna ukumbulala oku: “Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye.”—Yohane 8:31, 40, 44.
5. (a) Uvela phi lowo waba nguSathana uMtyholi? (b) Lithetha ukuthini igama elithi “uSathana” nelithi “uMtyholi”?
5 Ewe, uMtyholi “sisibulala-mntu” esikhohlakeleyo. IBhayibhile ityhila ukuba ungumntu wokwenene, kungekhona kuphela nje ubungendawo obusentliziyweni yomntu. (Mateyu 4:1-11) Nangona wadalwa esisithunywa sezulu esililungisa, ‘akazange eme enyanisweni.’ Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba abizwe ngokuba nguSathana uMtyholi! (ISityhilelo 12:9) Ubizwa ngokuthi “uSathana,” okanye “umchasi,” ngenxa yokuba uye wachasa waza waxhathisa uYehova. Esi saphuli-mthetho sikwabizwa ngokuthi “uMtyholi,” okuthetha “umhlebi,” kuba siye ngokugculela sammela kakubi uThixo.
6. Kwakutheni ukuze uSathana avukele uThixo?
6 Yintoni eyashukumisela uSathana ekubeni avukele uThixo? Kukubawa. Ngokubawa warhalela ukunqulwa uYehova awayekufumana ebantwini. UMtyholi akazange awugatye loo mnqweno wokunqulwa, nto leyo yayifanele yenziwe kuMdali kuphela. (Thelekisa uHezekile 28:12-19.) Kunoko, isithunywa sezulu esaba nguSathana sawukhulisa lo mnqweno wokubawa wada wathabatha wazala isono.—Yakobi 1:14, 15.
7. (a) Yintoni ebangela abantu bafe? (b) Siyintoni isono?
7 Simchazile umoni isenzo sakhe solwaphulo-mthetho esakhokelela ekufeni kwabantu. Kodwa yintoni oyena nobangela wokufa kwabantu? IBhayibhile ithi: “Ulwamvila lokufa sisono.” (1 Korinte 15:56) Yaye siyintoni isono? Ukuze siliqonde eli gama, masiqwalasele intsingiselo elalinayo kwiilwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile. Isenzi sesiHebhere nesesiGrike ngokuqhelekileyo eziguqulelwa ngokuthi “ukona” zithetha “ukuphosa” ngengqiqo yokuphosa okanye yokungafikeleli usukelo. Luluphi usukelo sonke esiluphosayo? Lusukelo lokuthobela uThixo ngokugqibeleleyo. Noko ke, sangena njani isono ehlabathini?
INDLELA ELAPHUNYEZWA NGAYO ELI YELENQE
8. USathana wazama njani ukwenza abantu bamnqule?
8 Ngenyameko uSathana waqulunqa iyelenqe awayecinga ukuba laliya kukhokelela ekubeni alawule bonke abantu baze bamnqule. Wagqiba ekubeni alukuhle isibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva, ukuba sone kuThixo. UYehova wayenike abazali bethu bokuqala ulwazi ongelwalubakhokelele kubomi obungunaphakade. Babesazi ukuba uMdali wabo wayelungile ngenxa yokuba wayebabeke kumyezo omhle wase-Eden. UAdam wakubona ngokukhethekileyo ukulunga kukaYise wasezulwini xa uThixo wamnika umfazi omhle noluncedo. (Genesis 1:26, 29; 2:7-9, 18-23) Ukuqhubeka kwesibini sokuqala esingabantu siphila kwakuxhomekeke ekuthobeleni uThixo.
9. Nguwuphi umyalelo uThixo awawunika umntu wokuqala, ibe kutheni oku kwakusengqiqweni?
9 UThixo wamyalela oku uAdam: “Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.” (Genesis 2:16, 17) NjengoMdali, uYehova uThixo wayenelungelo lokumisela imilinganiselo yokuziphatha nokuchaza oko kwakulungile noko kwakungalunganga kwizidalwa zakhe. Umyalelo wakhe wawusengqiqweni kuba uAdam noEva babekhululekile ukudla iziqhamo kuyo yonke eminye imithi emyezweni. Babenokubonisa uxabiso lwabo ngolawulo lukaYehova olufanelekileyo ngokuthobela lo mthetho kunokuthi ngekratshi bazibekele eyabo imilinganiselo yokuziphatha.
10. (a) USathana wabatsalela njani abantu kwicala lakhe? (b) USathana wamtyhola ngokuba nayiphi intsusa-senzo uYehova? (c) Ucinga ntoni wena ngokuhlasela kukaSathana uThixo?
10 UMtyholi wenza iqhinga lokubahlukanisa noThixo abantu bokuqala. Ukubalukuhlela ekubeni babe ngakwicala lakhe, uSathana waxoka. Esebenzisa inyoka, kanye njengokuba umntu eye enze ngathi kuthetha unodoli ngoxa inguye othethayo, uMtyholi wabuza uEva: “Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” Emva kokuba uEva ewuchazile umyalelo kaThixo, uSathana wathi: “Anisayi kufa.” Wandula ke wabonisa ukuba uYehova unentsusa-senzo embi ngokuthi: “[Uyazi] uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 3:1-5) Ngaloo ndlela ngamanye amazwi uMtyholi wayesithi uThixo wayebabandeza okuthile okulungileyo. Hayi indlela awamhlasela ngobuxoki ngayo uBawo wasezulwini onenyaniso noluthando, uYehova!
11. UAdam noEva baba ngamahlakani kaSathana njani?
11 UEva waphinda wawujonga lo mthi, yaye ngoku iziqhamo zawo zabonakala zinqweneleka. Wathabatha ke isiqhamo wasidla. Kamva, indoda yakhe yamthelela ngabom kwesi sono sokungathobeli uThixo. (Genesis 3:6) Nangona uEva wakhohliswayo, yena noAdam baxhasa iqhinga likaSathana lokulawula uhlanga lwabantu. Eneneni, baba ngamahlakani akhe.—Roma 6:16; 1 Timoti 2:14.
12. Waba yintoni umphumo wokuvukela kwabantu uThixo?
12 UAdam noEva kwafuneka bajamelane nemiphumo yezenzo zabo. Abazange bafane noThixo, babe nolwazi olukhethekileyo. Kunoko, baziva beneentloni baza bazifihla. UYehova wamphendulisa uAdam waza wadlulisela esi sigwebo: “Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) “Mhlana” abazali bethu bokuqala badla kumthi wokwazi okulungileyo nokubi, bagwetywa nguThixo baza bafa ngokwembono yakhe. Bandula ke bagxothwa eParadisi baza baqalisa ukuwohlokela ekufeni kokoqobo.
INDLELA ISONO NOKUFA OKWASASAZEKA NGAYO
13. Isono sasasazeka njani kulo lonke uhlanga lwabantu?
13 Kubonakala ukuba uSathana wayephumelele kwiqhinga lakhe lokukhonzwa ngabantu. Sekunjalo, akazange akwazi ukubagcina bephila abanquli bakhe. Xa isono saqalisa ukusebenza kwisibini sokuqala esingabantu, babengasakwazi ukudlulisela imfezeko kwinzala yabo. Njengombhalo okrolwe elityeni, isono sasendele kwimizila yemfuza yabazali bethu bokuqala. Ngaloo ndlela, babenokuvelisa inzala engafezekanga kuphela. Ekubeni bonke abantwana babo bakhawulwa emva kokuba uAdam noEva bonile, inzala yabo yazuza isono nokufa njengelifa.—INdumiso 51:5; Roma 5:12.
14. (a) Sinokubafanisa nabani abo bakhanyelayo ukuba banesono? (b) AmaSirayeli enziwa njani aqonda ukuba anesono?
14 Noko ke, abaninzi namhlanje abazijongi njengaboni. Kwiindawo ezithile ehlabathini, ingcamango yesono esazuzwa ilifa ayaziwa ngabantu abaninzi. Kodwa obo asibobungqina bokuba isono asikho. Inkwenkwe enobuso obumdaka isenokuthi icocekile, ibe isenokweyiseka ukuba akunjalo kuphela emva kokuzijonga esipilini. AmaSirayeli amandulo ayefana naloo nkwenkwe xa afumana uMthetho kaThixo ngomprofeti Wakhe uMoses. UMthetho wenza kwacaca ukuba isono sasikho. Umpostile uPawulos uyachaza: “Ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho.” (Roma 7:7-12) Njengenkwenkwe ezijonge esipilini, ngokusebenzisa uMthetho ukuze azijonge, amaSirayeli ayenokubona ukuba ayengacocekanga emehlweni kaYehova.
15. Yintoni etyhilekayo xa sikhangela kwisipili esiliLizwi likaThixo?
15 Ngokujonga esipilini esiliLizwi likaThixo size siphawule imilinganiselo yalo, sinokubona ukuba asifezekanga. (Yakobi 1:23-25) Ngokomzekelo, qwalasela oko uYesu Kristu wakuxelela abafundi bakhe ngokuthanda uThixo nommelwane, njengoko kubhalwe kuMateyu 22:37-40. Hayi indlela abantu abasilela ngokufuthi ngayo kwezi nkalo! Abaninzi abadliwa nasisazela ngokungalubonisi uthando ngoThixo okanye ngabamelwane babo.—Luka 10:29-37.
WALUMKELE AMAQHINGA KASATHANA!
16. Sinokwenza ntoni ukuze siphephe ukuba ngamaxhoba amaqhinga kaSathana, yaye kutheni oku kunzima?
16 USathana ufuna ukusibangela siqhelisele isono ngabom. (1 Yohane 3:8) Ngaba ikho indlela esingakuphepha ngayo ukuba ngamaxhoba amaqhinga akhe? Ewe, kodwa oku kufuna ukuba silwe notyekelo lokona ngabom. Oku akulula ngenxa yokuba utyekelo lokona esizalwa nalo lunamandla kakhulu. (Efese 2:3) UPawulos kwafuneka alwe ngokwenene. Ngoba? Ngenxa yokuba isono sasingaphakathi kuye. Ukuba sifuna uThixo akholiswe sithi, nathi simele silwe notyekelo lwesono olungaphakathi kuthi.—Roma 7:14-24; 2 Korinte 5:10.
17. Yintoni eyenza umlo nxamnye notyekelo lwethu lwesono ube nzima ngakumbi?
17 Ekubeni ngalo lonke ixesha uSathana ekhangela amathuba okusihendela ekwaphuleni imithetho kaThixo, umlo wethu nxamnye nesono awulula. (1 Petros 5:8) Ebonisa inkxalabo ngamanye amaKristu, uPawulos wathi: “Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.” (2 Korinte 11:3) USathana usebenzisa amaqhinga afanayo namhlanje. Uzama ukuhlwayela imbewu yamathandabuzo ngokulunga kukaYehova neengenelo zokuthobela imiyalelo kaThixo. UMtyholi uzama ukusebenzisa kakubi utyekelo lwethu lwesono esaluzuza njengelifa ukuze asenze sisukele ikhondo lokuzingca, ukubawa, intiyo nomkhethe.
18. USathana ulisebenzisa njani ihlabathi ukuze akhuthaze isono?
18 Elinye lamaqhinga uMtyholi awasebenzisayo kuthi lihlabathi, elisemandleni akhe. (1 Yohane 5:19) Ukuba asilumkanga, abantu abonakeleyo nabanganyanisekanga ehlabathini elisingqongileyo baya kusicinezelela kwikhondo lesono elaphula imilinganiselo kaThixo yokuziphatha. (1 Petros 4:3-5) Abaninzi bayayityeshela imithetho kaThixo bade bangasiphulaphuli nesazela sabo xa sibakhumbuza, baze ekugqibeleni basenze sibe buthuntu. (Roma 2:14, 15; 1 Timoti 4:1, 2) Ngokuthe ngcembe abanye bangena kwikhondo kwanesazela sabo esingafezekanga ngaphambili esasingabavumeli balithabathe.—Roma 1:24-32; Efese 4:17-19.
19. Kutheni kunganele ukusuka nje siphile ubomi obucocekileyo?
19 Ukuphila ubomi obucocekileyo yinto enzima kweli hlabathi. Noko ke, ukuze sikholise uMdali wethu kufuneka okungakumbi. Sikwamele sibe nokholo kuThixo size sivakalelwe kukuba siya kuphendula kuye. (Hebhere 11:6) Umfundi uYakobi wabhala: “Kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.” (Yakobi 4:17) Ewe, ukumtyeshela ngabom uThixo nemiyalelo yakhe kusisono.
20. USathana usenokuzama njani ukukuthintela ekwenzeni okulungileyo, kodwa yintoni eya kukunceda uxhathise iingcinezelo ezinjalo?
20 Kusenokwenzeka ukuba uSathana aphembelele ukuba uchaswe kusukelo lwakho lokufuna ulwazi ngoThixo ngokufundisisa iBhayibhile. Ngokunyanisekileyo siyathemba ukuba akuyi kuvumela ingcinezelo enjalo ikuthintele ekwenzeni okulungileyo. (Yohane 16:2) Nangona abalawuli abaninzi babekholwa kuYesu ebudeni bobulungiseleli bakhe, abazange bamvume ngenxa yokuba babesoyika ukungamkelwa libutho labantu ababephila kulo. (Yohane 12:42, 43) Ngenkohlakalo uSathana uzama ukoyikisa nabani na ofuna ulwazi ngoThixo. Noko ke, ngamaxesha onke ufanele uzikhumbule uze uzixabise izinto ezimangalisayo uYehova azenzileyo. Usenokukwazi ukunceda nabo bachasayo babe noxabiso olufanayo.
21. Sinokuloyisa njani ihlabathi notyekelo lwethu lwesono?
21 Logama nje singafezekanga, siya kona. (1 Yohane 1:8) Sekunjalo, lukho uncedo esinokulufumana ekulweni eli dabi. Ewe, sinako ukoyisa kumlo wethu nongendawo, uSathana uMtyholi. (Roma 5:21) Ekupheleni kobulungiseleli bukaYesu emhlabeni, wakhuthaza abalandeli bakhe ngala mazwi: “Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Nabantu abangafezekanga, banako ukuloyisa ihlabathi ngoncedo lukaThixo. USathana akanakubenza nto abo bamchasayo baze ‘bazithobe kuThixo.’ (Yakobi 4:7; 1 Yohane 5:18) Njengokuba siza kubona, uThixo ulungiselele indlela yokukhululeka esonweni nasekufeni.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Ngubani uSathana uMtyholi?
Kutheni abantu besaluphala baze bafe?
Siyintoni isono?
USathana ubatsalela njani abantu ekoneni uThixo ngabom?
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 54]