Isahluko 12
Yixhathise Imikhosi Yoomoya Abangendawo
1. UYesu wayesabela njani xa wayedibana noomoya abangendawo?
KANYE nje emva kokubhaptizwa kwakhe, uYesu Kristu waya kwintlango yelakwaYuda ukuze athandaze aze acamngce. Apho uSathana uMtyholi wazama ukumenza aphule umthetho kaThixo. Noko ke, uYesu wazichasa izihendo zikaMtyholi yaye akazange abanjiswe ngumgibe wakhe. UYesu wajamelana nabanye oomoya abangendawo ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Kodwa, sihlandlo ngasinye, wabakhalimela waza waxhathisa.—Luka 4:1-13; 8:26-34; 9:37-43.
2. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?
2 Iingxelo zeBhayibhile ezichaza ezi ziganeko zifanele zisiqinisekise ukuba imikhosi yoomoya abangendawo ikho. Izama ukulahlekisa abantu. Noko ke, sinokubaxhathisa aba moya babi. Kodwa bavela phi oomoya abangendawo? Kutheni bezama ukukhohlisa abantu? Yaye ziziphi iindlela abazisebenzisayo ukuze bafeze iinjongo zabo? Ukufumana iimpendulo kwimibuzo efana nale kuya kukunceda uyixhathise imikhosi yoomoya abangendawo.
OOMOYA ABANGENDAWO —IMVELAPHI NENJONGO YABO
3. Wabakho njani uSathana uMtyholi?
3 UYehova uThixo wenza izidalwa zomoya ezininzi ngaphambili kakhulu kunokuba adale abantu. (Yobhi 38:4, 7) Njengoko kucaciswe kwiSahluko 6, esinye sezi zithunywa zezulu sakhulisa umnqweno wokuba abantu banqule sona kunokuba banqule uYehova. Sisukela loo njongo, esi sithunywa singendawo sahleba uMdali, sada sabonisa umfazi wokuqala ukuba uThixo wayelixoki. Ngoko ke, ngokufanelekileyo esi sidalwa somoya sinemvukelo saziwa ngokuba nguSathana (umxhathisi) uMtyholi (umhlebi).—Genesis 3:1-5; Yobhi 1:6.
4. Izithunywa zezulu ezithile zona njani ngomhla kaNowa?
4 Kamva, ezinye izithunywa zezulu zathabatha icala likaSathana uMtyholi. Ngemihla yendoda elilungisa uNowa, ezinye zezi zayishiya inkonzo yazo ezulwini zaza zambatha imizimba yenyama ukuze zanelise inkanuko yazo yokuba neentlobano zesini nabafazi basemhlabeni. Ngokungathandabuzekiyo uSathana waziphembelela ezo zithunywa zezulu ukuba zithabathe elo khondo lokungathobeli. Oku kwakhokelela ekubeni zibe nabantwana ababizwa ngokuba ziiNgxilimbela, ababa ziindlavini ezinogonyamelo. Xa uYehova wabangela uNogumbe omkhulu, watshabalalisa abantu abakhohlakeleyo nale nzala ingekho ngokwemvelo yezithunywa zezulu ezingathobeliyo. Ezi zithunywa zinemvukelo zasinda ekutshabalaleni ngokuthi zilahle imizimba yazo yenyama zize zibuyele kummandla womoya. Kodwa uThixo wazithintela ezi demon ngokuziphatha njengezigxothelwe kubumnyama bokomoya. (Genesis 6:1-7, 17; Yuda 6) Sekunjalo uSathana, “umphathi weedemon,” nezithunywa zakhe ezingendawo baye baqhubeka nemvukelo yabo. (Luka 11:15) Luyintoni usukelo lwabo?
5. USathana needemon zakhe banayiphi injongo, yaye basebenzisa ntoni ukuze babambise abantu?
5 Injongo engendawo kaSathana needemon kukutyekisa abantu kuYehova uThixo. Ngenxa yoko, aba bangendawo bebelahlekisa, besoyikisa, yaye behlasela abantu kuyo yonke imbali yabantu. (ISityhilelo 12:9) Imizekelo yanamhlanje ingqina ukuba intlaselo yeedemon ikhohlakele ngakumbi namhlanje kunanini na ngaphambili. Ukuze zibambise abantu, iidemon ngokufuthi zisebenzisa ukusebenzelana nemimoya ngazo zonke iindlela zako. Iidemon zisisebenzisa njani esi sithiyelo, yaye unokuzikhusela njani?
INDLELA OOMOYA ABANGENDAWO ABAZAMA UKUKULAHLEKISA NGAYO
6. Kuyintoni ukusebenzelana nemimoya, yaye ziziphi ezinye zeendlela zako?
6 Kuyintoni ukusebenzelana nemimoya? Kukunxibelelana needemon, okanye oomoya abangendawo, ngokuthe ngqo okanye ngokusebenzisa umnxibelelanisi ongumntu. Indlela iidemon ezikusebenzisa ngayo ukusebenzelana nemimoya iyafana nendlela umzingeli asisebenzisa ngayo isithiyelo: Sitsala ixhoba. Yaye kanye njengokuba umzingeli esebenzisa izithiyelo ezahlukahlukeneyo ukuze atsalele izilwanyana emgibeni wakhe, ngoko oomoya abangendawo bakhuthaza iindlela ezahlukahlukeneyo zokusebenzelana nemimoya ukuze balawule abantu. (Thelekisa INdumiso 119:110.) Ezinye zezi ndlela kukuvumisa, umlingo, ukufuna imihlola, ubugqi, ukubopha ngezishwabulo, ukuya emagqirheni, nokubuza kwabafileyo.
7. Kuxhaphake kangakanani ukusebenzelana nemimoya, yaye kutheni kuxhaphakile nakumazwe ekufane kuthiwe ngawobuKristu?
7 Esi sithiyelo siyasebenza, kuba ukusebenzelana nemimoya kutsala abantu emhlabeni wonke. Abo bahlala kwiilali ezisemahlathini baya emaxhweleni, yaye abo basebenza eziofisini esixekweni baya kubavumisi ngeenkwenkwezi. Ukusebenzelana nemimoya kuxhaphakile nakumazwe abizwa ngokuba ngawobuKristu. Uphando lubonisa ukuba eUnited States kuphela, amaphephancwadi amalunga nama-30 xa ewonke athengwa ngabantu abangaphezu kwe-10 000 000 axubusha ngeendlela ezahlukahlukeneyo zokusebenzelana nemimoya. Abantu baseBrazil bachitha ngaphezu kwezigidi ezingamawaka asisi-1,8 zeerandi kwizinto ezinokuthanani noomoya nyaka ngamnye. Sekunjalo, ama-80 ekhulwini abo bahamba kwiicawa zomoya kwelo lizwe ngamaKatolika abhaptiziweyo awutyayo uMthendeleko. Ngenxa yokuba abefundisi abathile besebenzelana nemimoya, abantu abanqulayo abaninzi bacinga ukuba kwamkelekile kuThixo. Kodwa ngaba kunjalo?
ISIZATHU SOKUBA IBHAYIBHILE IKUGWEBE UKUSEBENZELANA NEMIMOYA
8. Yiyiphi imbono eseZibhalweni ngokusebenzelana nemimoya?
8 Ukuba wawufundiswe ukuba iindlela ezithile zokusebenzelana nemimoya zikunxibelelanisa noomoya abalungileyo, usenokumangaliswa kukufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngokusebenzelana nemimoya. Abantu bakaYehova balunyukiswa ngolu hlobo: “Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo.” (Levitikus 19:31, akekeliswe sithi; 20:6, 27.) Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo inikela isilumkiso sokuba “abakhafuli [“abo basebenzelana nemimoya,” NW]” isabelo sabo siya kuba “sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini [ngonaphakade].” (ISityhilelo 21:8; 22:15) UYehova uThixo akazamkeli zonke iindlela zokusebenzelana nemimoya. (Duteronomi 18:10-12) Kutheni kunjalo?
9. Kutheni sinokugqiba kwelokuba imiyalezo evela kummandla womoya namhlanje ayiveli kuYehova?
9 UYehova wathumela oomoya abalungileyo, okanye izithunywa zezulu ezingamalungisa, ukuba banxibelelane nabantu abathile ngaphambi kokuba iBhayibhile igqitywe. Emva kokuba igqityiwe, iLizwi likaThixo belinikela ukhokelo olufunekayo ukuze abantu bakhonze uYehova ngokwamkelekileyo. (2 Timoti 3:16, 17; Hebhere 1:1, 2) Akalitsibi iLizwi lakhe elingcwele ngokunikela imiyalezo kubantu abanxibelelana noomoya. Yonke imiyalezo enjalo namhlanje evela kummandla womoya ivela koomoya abangendawo. Ukusebenzelana nemimoya kunokukhokelela ekuhlaselweni ziidemon okanye ekubeni noomoya abangendawo. Ngoko ke, ngothando uThixo uyasilumkisa ukuba singabandakanyeki ekusebenzelaneni noomoya. (Duteronomi 18:14; Galati 5:19-21) Ngaphezu koko, ukuba siyaqhubeka sisebenzelana nemimoya emva kokuba siyazi imbono kaYehova ngabo, siya kuba sizimisa ngakwicala loomoya abangendawo abanemvukelo size sibe ziintshaba zikaThixo.—1 Samuweli 15:23; 1 Kronike 10:13, 14; INdumiso 5:4.
10. Kuyintoni ukuvumisa, yaye kutheni sifanele sikuphephe?
10 Enye indlela ethandwayo yokusebenzelana nemimoya kukuvumisa—ukuzama ukwazi ikamva okanye into engaziwayo ngoncedo loomoya. Ezinye iintlobo zokuvumisa kukuvumisa ngeenkwenkwezi, ngebhola yegilasi, ngokuchaza amaphupha, ngokufunda imigca esesandleni nokuxela ithamsanqa kusetyenziswa amakhasi. Abaninzi bakujonga njengolonwabo olungenabungozi ukuvumisa, kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba abaxeli-thamsanqa noomoya abangendawo ngumtya nethunga. Ngokomzekelo, kwiZenzo 16:16-19 (NW) kukhankanywa “idemon yokuvumisa” eyayisenza intombazana ethile isebenzise “ubuchule bokuxela izinto zingekenzeki.” Noko ke, ubuchule bayo bokuxela ikamva kwangaphambili baphela xa loo demon yakhutshwayo. Ngokucacileyo, ukuvumisa sisithiyelo esisetyenziswa ziidemon ukuze zitsalele abantu kumgibe wazo.
11. Ukuzama ukunxibelelana nabafileyo kukhokelela emgibeni njani?
11 Ukuba ubuhlungu ngenxa yokufa kwelungu lentsapho obulithanda okanye umhlobo osenyongweni, unokubanjiswa lula sesinye isithiyelo. Umntu osebenzelana nemimoya usenokukunika inkcazelo ekhethekileyo okanye usenokuthetha ngelizwi elivakala lilelaloo mntu ufileyo. Lumka! Imizamo yokunxibelelana nabafi ikhokelela emgibeni. Ngoba? Ngenxa yokuba abafileyo abakwazi kuthetha. Njengokuba ngokungathandabuzekiyo ukhumbula, iLizwi likaThixo ngokucacileyo lithi xa umntu esifa ‘ubuyela emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.’ Abafileyo “abazi lutho.” (INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5, 10) Ngaphezu koko, eneneni ziidemon ezidume ngokulinganisa amazwi abantu abangasekhoyo zize zinike abo basebenzelana nemimoya inkcazelo ngalowo ufileyo. (1 Samuweli 28:3-19) Ngoko nabani na “oquqela kwabafileyo” ungena emgibeni woomoya abangendawo yaye wenza ngokuchaseneyo nokuthanda kukaYehova uThixo.—Duteronomi 18:11, 12; Isaya 8:19.
ZIYEKA UKUTSALA ZIHLASELE
12, 13. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba iidemon ziyazingisa ekulingeni nasekukhathazeni abantu?
12 Xa usenza ngokuvumelana nesiluleko seLizwi likaThixo ngokuphathelele ukusebenzelana nemimoya, uchasa isithiyelo seedemon. (Thelekisa INdumiso 141:9, 10; Roma 12:9.) Ngaba oku kuthetha ukuba oomoya abangendawo baya kuyeka ukuzama ukukubambisa? Nakanye! Emva kokulinga uYesu izihlandlo ezithathu, uSathana “wesuka kuye de kwaba lelinye ixesha elimlungeleyo.” (Luka 4:13, NW) Ngokufanayo, oomoya abaneenkani abapheleli nje ngokubatsala abantu kodwa kwakhona bayabahlasela.
13 Khumbula ingxubusho yethu yangaphambilana yokuhlaselwa komkhonzi kaThixo uYobhi nguSathana. UMtyholi wabangela ukuba alahlekelwe yimfuyo yakhe kufe nenkoliso yabakhonzi bakhe. USathana wabulala nabantwana bakaYobhi. Ngokulandelayo, wahlasela uYobhi ngesifo esibuhlungu. Kodwa uYobhi wayigcina ingqibelelo yakhe kuThixo waza wasikelelwa kakhulu. (Yobhi 1:7-19; 2:7, 8; 42:12) Ukususela ngoko, iidemon ziye zenza abanye abantu bazizimumu okanye baziimfama yaye ziye zaqhubeka zizonwabisa ngokubandezeleka kwabantu. (Mateyu 9:32, 33; 12:22; Marko 5:2-5) Namhlanje, iingxelo zibonisa ukuba iidemon zihlasela abanye ngokwesini zize abanye zibaphambanise. Kanti bambi zibaqhubela ekubulaleni nasekuzibulaleni, nto ezo ezizizono kuThixo. (Duteronomi 5:17; 1 Yohane 3:15) Sekunjalo, amawaka abantu awayefudula ebanjiswe ngaba moya bangendawo aye akwazi ukukhululeka. Akwenze njani oku? Oku akwenze ngokuthabatha amanyathelo abalulekileyo.
INDLELA YOKUXHATHISA OOMOYA ABANGENDAWO
14. Ngokuvisisana nomzekelo wamaKristu ase-Efese enkulungwane yokuqala, unokubaxhathisa njani oomoya abangendawo?
14 Yiyiphi enye indlela onokubaxhathisa ngayo oomoya abangendawo uze uzikhusele wena nentsapho yakho kwizithiyelo zabo? AmaKristu enkulungwane yokuqala e-Efese awayesebenzelana nemimoya ngaphambi kokuba ngamakholwa athabatha amanyathelo angqalileyo. Sifunda ukuba “nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, yazitshisa phambi kwabo bonke.” (IZenzo 19:19) Kwanokuba ubungasebenzelani noomoya, lahla nantoni na enokuthanani nokusebenzelana nemimoya. Oku kuquka iincwadi, amaphephancwadi, iividiyo, imifanekiso, umculo nezinto ezisetyenziselwa iinjongo zokusebenzelana nemimoya. Kwakhona kuquka izithixo, amakhubalo nezinye izinto ezinxityelwa ukhuseleko, kwanezipho ozifumene kubantu abasebenzelana nemimoya. (Duteronomi 7:25, 26; 1 Korinte 10:21) Ngokomzekelo: Esinye isibini esitshatileyo eThailand kwakukudala sikhathazwa ziidemon. Sandula ke salahla yonke into enxulumene nokusebenzelana nemimoya. Waba yintoni umphumo? Sayeka ukuhlaselwa ziidemon yaye emva koko senza inkqubela yokwenene ngokomoya.
15. Ekuxhathiseni imikhosi yoomoya abangendawo, liliphi elinye inyathelo eliyimfuneko?
15 Ukuze uxhathise oomoya abangendawo, elinye inyathelo eliyimfuneko kukusebenzisa isiluleko sompostile uPawulos sokunxiba sonke isikrweqe sokomoya esivela kuThixo. (Efese 6:11-17) AmaKristu amele azikhusele ngokuqinileyo koomoya abangendawo. Liquka ntoni eli nyathelo? UPawulos wathi: “Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo.” Eneneni, okukhona lusomelela ukholo lwakho, kokukhona uya kukwazi ngakumbi ukuyixhathisa imikhosi yoomoya abangendawo.—Mateyu 17:14-20.
16. Unokulomeleza njani ukholo lwakho?
16 Unokulomeleza njani ukholo lwakho? Ngokuqhubeka ufundisisa iBhayibhile uze usebenzise isiluleko sayo ebomini bakho. Ukomelela kokholo lukabani kuxhomekeke kakhulu ekuqineni kwesiseko salo—ulwazi ngoThixo. Ngaba akuvumi ukuba ulwazi oluchanileyo oluzuzileyo waza walufaka entliziyweni njengokuba ubufundisisa iBhayibhile lulwakhile ukholo lwakho? (Roma 10:10, 17) Ngoko ke, ngokungathandabuzekiyo njengoko uqhubeka ufundisisa uze ukwenze isiko lakho ukubakho ezintlanganisweni zamaNgqina kaYehova, ukholo lwakho luya komelezwa ngakumbi. (Roma 1:11, 12; Kolose 2:6, 7) Luya kukukhusela ngokwenene kwiintlaselo zeedemon.—1 Yohane 5:5.
17. Ngawaphi amanyathelo abhekele phaya asenokuba yimfuneko ekuxhathiseni oomoya abangendawo?
17 Ngawaphi amanyathelo abhekele phaya anokuthatyathwa ngumntu ozimisele ukuxhathisa imikhosi yoomoya abangendawo? AmaKristu ase-Efese kwakufuneka akhuselwe kuba ayehlala kwisixeko esasizaliswe lunqulo lweedemon. Ngenxa yoko, uPawulos wawaxelela oku: ‘Thandazani amaxesha onke nikuye uMoya.’ (Efese 6:18) Ekubeni siphila kwihlabathi elizaliswe ziidemon, ukuthandaza ngamandla sicela ukukhuselwa nguThixo kubalulekile ekuxhathiseni oomoya abangendawo. (Mateyu 6:13) Okubalulekileyo kule nkalo luncedo lokomoya nemithandazo yabadala abamiselweyo ebandleni lamaKristu.—Yakobi 5:13-15.
QHUBEKA USILWA NOOMOYA ABANGENDAWO
18, 19. Kunokwenziwa ntoni ukuba iidemon ziyaphinda zimkhathaze umntu?
18 Noko ke, kwanasemva kokuthabatha la manyathelo asisiseko abanye baye bakhathazwa ngoomoya abangendawo. Ngokomzekelo, enye indoda eCôte d’Ivoire yafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaza yatshabalalisa onke amakhubalo eyayinawo. Emva koko, yenza inkqubela encomekayo, yahlulela ubomi bayo kuYehova, yaza yabhaptizwa. Kodwa emva kweveki ibhaptiziwe, iidemon zaqalisa ukuyikhathaza kwakhona, yaye yayisiva amazwi athi mayilulahle ukholo eyayisandul’ ukulufumana. Ukuba oku kwakusenzeka kuwe, ngaba kwakuya kuthetha ukuba uYehova wayengasakukhuselanga? Akusoloko kunjalo.
19 Nangona umntu ofezekileyo uYesu Kristu wayekhuselwe nguThixo, weva ilizwi lesidalwa somoya esingendawo uSathana uMtyholi. UYesu wabonisa okumele kwenziwe kwimeko enjalo. Wamxelela oku uMtyholi: “Suka umke, Sathana.” (Mateyu 4:3-10) Ngokufanayo, ufanele ungavumi ukuphulaphula amazwi avela kummandla womoya. Xhathisa oomoya abangendawo ngokucela uncedo kuYehova. Ewe, thandaza ngokuvakalayo usebenzisa igama likaThixo. IMizekeliso 18:10 ithi: “Yinqaba ende eliqele igama likaYehova; ilungisa ligidimela kulo libe sengxondeni.” Indoda engumKristu yaseCôte d’Ivoire yenza oku, baza oomoya abangendawo bayeka ukuyikhathaza.—INdumiso 124:8; 145:18.
20. Njengoshwankathelo, unokwenza ntoni ukuze uxhathise oomoya abangendawo?
20 UYehova ubavumele oomoya abangendawo baqhubeke bekho, kodwa uyawabonisa amandla akhe, ngokukodwa ngokuphathelele abantu bakhe, yaye igama lakhe livakaliswa emhlabeni wonke. (Eksodus 9:16) Ukuba uhlala usondele kuThixo, akuyomfuneko ukuba woyike oomoya abangendawo. (Numeri 23:21, 23; Yakobi 4:7, 8; 2 Petros 2:9) Amandla abo asikelwe umda. Bohlwaywa ngemihla kaNowa, kutshanje bagxothiwe ezulwini, yaye ngoku balindele ukugwetywa ngokupheleleyo. (Yuda 6; ISityhilelo 12:9; 20:1-3, 7-10, 14) Enyanisweni, bayagubha bakucinga ngentshabalalo yabo ezayo. (Yakobi 2:19) Ngoko enoba oomoya abangendawo bazama ukukutsala ngohlobo oluthile lwesithiyelo okanye bakuhlasela nangayiphi na indlela, unokubaxhathisa. (2 Korinte 2:11) Phepha zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya, sebenzisa isiluleko esiseLizwini likaThixo, uze ufune inkoliseko kaYehova. Oku kwenze ngaphandle kokulibazisa, kuba ubomi bakho buxhomekeke ekuxhathiseni imikhosi yoomoya abangendawo!
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Oomoya abangendawo bazama njani ukulahlekisa abantu?
Kutheni iBhayibhile ikugweba ukusebenzelana nemimoya?
Umntu unokukhululeka njani kwimikhosi yoomoya abangendawo?
Kutheni ufanele uqhubeke ubaxhathisa oomoya abangendawo?
[Umfanekiso okwiphepha 110]
Uzijonga njani iindlela ezininzi zokusebenzelana nemimoya?