Isahluko 14
Ligunya Likabani Ofanele Ulithobele?
1, 2. Ngaba zonke iintlobo zegunya ziyenzakalisa? Cacisa.
“IGUNYA” ligama elinezothe kubantu abaninzi. Isizathu soku siyaqondakala, kuba ngokufuthi igunya lisetyenziswa kakubi—emsebenzini, entsatsheni, nangoorhulumente. Ngokusengqiqweni iBhayibhile ithi: ‘Umntu uye wagunyazela umntu kwaba kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Ewe, abaninzi baye babalawula kakubi abanye ngokuzenza oozwilakhe noohlohlesakhe.
2 Kodwa asililo lonke igunya elenzakalisayo. Ngokomzekelo, kunokuthiwa imizimba yethu inegunya kuthi. “Isiyalela” ukuba siphefumle, sitye, sisele size silale. Ngaba yingcinezelo leyo? Akunjalo. Ukuvumelana nale miyalelo kuyingenelo kuthi. Ngoxa ukuthobela oko kufunwa yimizimba yethu kusenokuzenzekela, kukho ezinye iintlobo zegunya ekufuneka sizithobele ngokuzithandela. Khawuqwalasele eminye imizekelo.
OYENA UNEGUNYA ELIPHAKAMILEYO
3. Kutheni uYehova ebizwa ngokufanelekileyo ngokuthi “iNkosi enguMongami”?
3 Ngaphezu kwezihlandlo ezingama-300 eBhayibhileni, uYehova ubizwa ngokuthi “iNkosi enguMongami.” Umongami ngulowo unegunya eliphakamileyo. UYehova ulifumana njani eli wonga? ISityhilelo 4:11 siyaphendula: “Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; ngokuba inguwe owadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.”
4. UYehova ukhetha ukulisebenzisa njani igunya lakhe?
4 NjengoMdali wethu, uYehova unelungelo lokusebenzisa igunya lakhe ngendlela athanda ngayo. Oku kusenokubonakala kusoyikisa, ngokukodwa xa sikhumbula ukuba uThixo ‘ukhaliphile ngamandla.’ Ubizwa ngokuba “nguThixo uSomandla”—gama elo ngesiHebhere elidlulisela ingcamango yokomelela ngokuba namandla agqithisileyo. (Isaya 40:26; Genesis 17:1) Ukanti, uYehova amandla akhe uwabonisa ngobubele, kuba uphawu lwakhe olubalaseleyo luthando.—1 Yohane 4:16.
5. Kutheni kungekho nzima ukuzithoba kwigunya likaYehova?
5 Nangona uYehova walumkisa ngokuba wayeya kubohlwaya abenzi bobubi abangaguqukiyo, uMoses wayemazi ngokuyintloko ‘njengoThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe.’ (Duteronomi 7:9) Khawufan’ ucinge! Oyena uneGunya Eliphakamileyo kwindalo iphela akasinyanzeli ukuba simkhonze. Kunoko, sitsalelwa kuye luthando lwakhe. (Roma 2:4; 5:8) Ukuzithoba kwigunya likaYehova kukwazisa uyolo, kuba ngalo lonke ixesha imithetho yakhe yeyokungenelwa kwethu.—INdumiso 19:7, 8.
6. Imbambano yegunya yaphakama njani kumyezo wase-Eden, yaye yaba nayiphi imiphumo?
6 Abazali bethu bokuqala abazange balwamkele ulongamo lukaThixo. Babefuna ukuzigqibela ngokwabo ngokulungileyo nokubi. (Genesis 3:4-6) Ngenxa yoko, bagxothwa kwikhaya labo eliyiParadisi. Emva koko uYehova wavumela abantu ukuba bamisele amagunya awayeya kubenza bahlale kwibutho elilungeleleneyo, nangona lingafezekanga. Ngawaphi amanye ala magunya, yaye uThixo ulindele ukuba sizithobe kuwo ukusa kuwuphi umkhamo?
“AMAGUNYA AWONGAMILEYO”
7. Ngoobani “amagunya awongamileyo,” yaye isikhundla sawo singakanani kwigunya likaThixo?
7 Umpostile uPawulos wabhala: “Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo.” Ngoobani la “magunya awongamileyo”? Amazwi kaPawulos kwiindinyana ezilandelayo abonisa ukuba ngamagunya oorhulumente babantu. (Roma 13:1-7; Tito 3:1) UYehova akazange awaseke amagunya oorhulumente babantu, kodwa akho kuba ewavumele. Ngoko ke uPawulos wayenokubhala athi: “Amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo [kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo, NW].” Kubonisa ntoni oku ngegunya lasemhlabeni elinjalo? Ukuba linganeno, okanye lingaphantsi, kwigunya likaThixo. (Yohane 19:10, 11) Ngoko ke, xa kukho ungquzulwano phakathi komthetho wabantu nomthetho kaThixo, amaKristu amele akhokelwe zizazela zawo eziqeqeshwe ngeBhayibhile. Amele ‘ave uThixo [njengomlawuli, NW] kunokuba ave abantu.’—IZenzo 5:29.
8. Ungenelwa njani ngobukho bamagunya awongamileyo, yaye unokukubonisa njani ukuzithoba kuwo?
8 Noko ke, amaxesha amaninzi amagunya awongamileyo angoorhulumente asebenza ‘njengomlungiseleli kaThixo, wokuba kulungelwe thina.’ (Roma 13:4) Ngaziphi iindlela? Kaloku, cinga ngeenkonzo ezininzi ezilungiselelwa ngamagunya awongamileyo, njengokuhanjiswa kweposi, ukukhuselwa ngamapolisa nabacimi bomlilo, ugutyulo nemfundo. UPawulos wabhala: “Kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.” (Roma 13:6) Ngokuphathelele iirhafu okanye ezinye iimfuneko ezingokwasemthethweni, sifanele ‘siziphathe ngokunyaniseka.’—Hebhere 13:18, NW.
9, 10. (a) Amagunya awongamileyo angena njani kwilungiselelo likaThixo? (b) Kutheni bekuya kuba kokuphosakeleyo ukuchasa amagunya awongamileyo?
9 Maxa wambi, amagunya awongamileyo alisebenzisa kakubi igunya lawo. Ngaba oku kuyasikhulula kwimbopheleleko yethu yokuhlala siwathobela? Hayi, akusikhululi. UYehova uyazibona izenzo ezigwenxa zala magunya. (IMizekeliso 15:3) Ukunyamezela kwakhe ulawulo lwabantu akuthethi ukuba ukuqwabazela iliso ukunganyaniseki kwalo; yaye akalindelanga ukuba senjenjalo nathi. Ngokwenene, kungekudala uThixo uya ‘kuzicola azigqibe zonke ezo zikumkani,’ azithabathele indawo ngolawulo lorhulumente wakhe wobulungisa. (Daniyeli 2:44) Kodwa de oku kwenzeke, amagunya awongamileyo afeza injongo ebalulekileyo.
10 UPawulos wacacisa: “Olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo.” (Roma 13:2) Amagunya awongamileyo ‘angummiselo’ kaThixo ngenxa yokuba agcina umlinganiselo othile wocwangco, ebekuya kubakho isiphithiphithi ukuba belungekho. Ukuwachasa bekungayi kuvumelana nezibhalo yaye bekuya kuba yinto engekho ngqiqweni. Ngokomzekelo: Khawuzithelekelele ubutyandiwe yaye inxeba elo livalwe ngomthungo. Nangona umthungo ungeyiyo inxalenye yomzimba, uphumeza injongo ebalulekileyo okwexesha elithile. Ukuwususa ngaphambi kwexesha kunokuba yingozi. Ngokufanayo, amagunya oorhulumente babantu ayengeyonxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo. Noko ke, de uBukumkani bakhe buwulawule ngokupheleleyo umhlaba, oorhulumente babantu bagcina ibutho labantu linocwangco, befeza injongo evumelanayo nokuthanda kukaThixo ngeli xesha lethu. Ngaloo ndlela sifanele sihlale sizithoba kumagunya awongamileyo, ngoxa sibeka kuqala umthetho negunya likaThixo.
IGUNYA ENTSATSHENI
11. Ungawuchaza njani umgaqo wobuntloko?
11 Intsapho yeyona nto isisiseko kwibutho labantu. Kuyo indoda nomfazi banokufumana ubuqabane obunomvuzo, yaye abantwana banokulondolozwa baze baqeqeshelwe ukuba ngabantu abakhulu. (IMizekeliso 5:15-21; Efese 6:1-4) Ilungiselelo eliphakame ngolo hlobo limele lilungelelaniswe ngendlela evumela amalungu entsapho aphile ngoxolo nangemvisiswano. Indlela kaYehova yokuphumeza oku kungomgaqo wobuntloko, oshwankathelwa ngala mazwi afumaneka kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:3: “Intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo.”
12, 13. Ngubani intloko yentsapho, yaye kunokufundwa ntoni kwindlela kaYesu yokusebenzisa ubuntloko?
12 Indoda yintloko yentsapho. Noko ke, nayo inentloko yayo—uYesu Kristu. UPawulos wabhala: “Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) Indoda ibonisa ukuzithoba kwayo kuKristu xa umfazi wayo imphatha ngendlela uYesu ebesoloko eliphatha ngayo ibandla. (1 Yohane 2:6) UYesu unikwe igunya elikhulu, kodwa ulisebenzisa ngobubele, ngothando nolwazelelelo olugqithiseleyo. (Mateyu 20:25-28) Ngoxa wayengumntu, uYesu akazange asisebenzise kakubi isikhundla sakhe segunya. ‘Wayenobulali, ethobekile ngentliziyo,’ yaye abalandeli bakhe wayebabiza ngokuba “zizihlobo” kunokuthi “ngabakhonzi.” Wabathembisa wathi: “Ndoninika ukuphumla,” ibe wenjenjalo.—Mateyu 11:28, 29; Yohane 15:15.
13 Umzekelo kaYesu ufundisa amadoda ukuba ubuntloko bobuKristu abusosikhundla sokulawula ngqwabalala. Kunoko, sesentlonelo nothando lokuzincama. Oku ngokucacileyo akuthethi ukuliphatha kakubi iqabane ngokulibetha okanye ngokulithethisa kakubi. (Efese 4:29, 31, 32; 5:28, 29; Kolose 3:19) Ukuba indoda engumKristu ibiya kumphatha kakubi ngaloo ndlela umfazi wayo, eminye imisebenzi yayo elungileyo ibingayi kuxabiseka, yaye imithandazo yayo ibiya kuthinteleka.—1 Korinte 13:1-3; 1 Petros 3:7.
14, 15. Ulwazi ngoThixo lumnceda njani umfazi azithobe kwindoda yakhe?
14 Xa indoda ixelisa umzekelo kaKristu, kulula ngakumbi ngomfazi wayo ukuthobela amazwi akumaEfese 5:22, 23: “Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli.” Kanye njengokuba indoda imele ilulamele uKristu, umfazi ukwamele alulamele indoda yakhe. Kwakhona iBhayibhile icacisa ukuba abafazi abanesidima bafanelwe yimbeko nokudunyiswa ngenxa yobulumko babo bokuhlonela uThixo nokukhuthala.—IMizekeliso 31:10-31.
15 Ukuzithoba komfazi ongumKristu kwindoda yakhe kulinganiselwe. Oku kuthetha ukuba nguThixo kungekhona umntu omele athotyelwe ukuba ukuzithoba kwinto ethile kuya kuphumela ekwaphuleni umthetho kaThixo. Naxa kunjalo, ukuma ngokuqinileyo komfazi kufanele kuhambisane ‘nomoya onobulali, ozolileyo.’ Kufanele kubonakale ukuba ulwazi ngoThixo lumenze umfazi olunge ngakumbi. (1 Petros 3:1-4) Kuya kuba njalo nangendoda engumKristu enomfazi ongakholwayo. Ukuthobela kwayo imigaqo yeBhayibhile kufanele kuyenze indoda elunge ngakumbi.
16. Abantwana banokuwuxelisa njani umzekelo uYesu awawumisela ngoxa wayengumntwana?
16 Eyabase-Efese 6:1 ichaza indima yabantwana, ithi: “Baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.” Abantwana abangamaKristu balandela umzekelo kaYesu, owaqhubeka ezithoba kubazali bakhe njengoko wayekhula. Njengenkwenkwe ethobelayo, waya “ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.”—Luka 2:51, 52.
17. Indlela abazali abalisebenzisa ngayo igunya inokubachaphazela njani abantwana babo?
17 Indlela abazali abaziphumeza ngayo iimbopheleleko zabo isenokuba nempembelelo ekubeni abantwana baya kulihlonela okanye baya kulivukela kusini na igunya. (IMizekeliso 22:6) Ngoko abazali basenokwenza kakuhle ukuzibuza ukuba, ‘Ngaba igunya lam ndilisebenzisa ngothando okanye ngqwabalala? Ngaba ndivula zibhuqe?’ Umzali ohlonela uThixo kulindeleke ukuba abe nothando nolwazelelelo, sekunjalo abambelele ngokuqinileyo kwimigaqo yobuthixo. Ngokufanelekileyo, uPawulos wabhala: “Nani boyise, musani ukubacaphukisa [ngokoqobo, ‘ukubaxhokonxela kwingqumbo’] abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.”—Efese 6:4; Kolose 3:21.
18. Uqeqesho lwabazali lufanele ludluliselwe njani?
18 Abazali bafanele bazihlole iindlela abaqeqesha ngazo, ngokukodwa ukuba banqwenela ukuba abantwana babo bathobele baze ngaloo ndlela babazisele uvuyo. (IMizekeliso 23:24, 25) EBhayibhileni, uqeqesho ngokuyintloko yindlela yokufundisa. (IMizekeliso 4:1; 8:33) Lunxulunyaniswa nothando nobulali, kungekhona nomsindo nenkohlakalo. Ngenxa yoko, abazali abangamaKristu kufuneka benze ngobulumko baze basebenzise ukuzeyisa xa beqeqesha abantwana babo.—IMizekeliso 1:7.
IGUNYA EBANDLENI
19. UThixo ululungiselele njani ucwangco olulungileyo ebandleni lamaKristu?
19 Ekubeni uYehova enguThixo wocwangco, kusengqiqweni ukuba abantu bakhe ebeya kubalungiselela ukhokelo olunegunya nolulungelelaniswe kakuhle. Ngokuvisisana noko, umisele uYesu njengeNtloko yebandla lamaKristu. (1 Korinte 14:33, 40; Efese 1:20-23) Ngaphantsi kokhokelo lukaKristu olungabonakaliyo, uThixo ugunyazise ilungiselelo ekuthi ngalo abadala abamiselweyo kwibandla ngalinye baluse umhlambi ngokuvumayo, ngokuzithandela nangothando. (1 Petros 5:2, 3) Izicaka zolungiselelo ziyabancedisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo yaye zinikela inkonzo exabisekileyo ebandleni.—Filipi 1:1.
20. Kutheni sifanele sizithobe kubadala abangamaKristu abamiselweyo, yaye kutheni oku kuyingenelo?
20 Ngokuphathelele abadala abangamaKristu, uPawulos wabhala: “Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.” (Hebhere 13:17) Ngobulumko, uThixo uyiphathise abaveleli abangamaKristu imbopheleleko yokunyamekela iintswelo zokomoya zabo basebandleni. Aba badala abalodidi lwabefundisi. Bangabakhonzi namakhoboka kaThixo, alungiselela iintswelo zabo anqula nabo, kanye njengokuba iNkosi yethu, uYesu Kristu, yenzayo. (Yohane 10:14, 15) Ukwazi ukuba amadoda afanelekayo ngokweZibhalo anomdla kwinkqubela nokukhula kwethu ngokomoya kuyasikhuthaza ukuba sisebenzisane nawo size sizithobe.—1 Korinte 16:16.
21. Abadala abamiselweyo bazama njani ukuwanceda amanye amaKristu ngokomoya?
21 Maxa wambi, izimvu zisenokulahleka okanye zenzakaliswe zizinto eziyingozi zeli hlabathi. Ngaphantsi kokhokelo loMalusi Omkhulu, abadala njengabalusi abangaphantsi baziphaphele iintswelo zabo bangaphantsi kwabo yaye ngenkuthalo banikela ingqalelo yobuqu kubo. (1 Petros 5:4) Batyelela amalungu ebandla baze bawakhuthaze ngamazwi. Besazi ukuba uMtyholi ufuna ukuphazamisa uxolo lwabantu bakaThixo, abadala basebenzisa ubulumko baphezulu ekuqhubaneni nazo naziphi na iingxaki. (Yakobi 3:17, 18) Bayazibhokoxa ukuze bagcine umanyano nobunye elukholweni, nto leyo uYesu wayithandazelayo.—Yohane 17:20-22; 1 Korinte 1:10.
22. Luluphi uncedo abadala abalunikelayo xa kwenziwe isenzo esiphosakeleyo?
22 Kuthekani ukuba umKristu uyabandezeleka ngenxa yobubi obuthile okanye uyadimazeka ngenxa yokuba enze isono? Isiluleko seBhayibhile esithantamisayo nemithandazo yabadala esuka entliziyweni ngenxa yakhe inokunceda imbuyisele empilweni ngokomoya. (Yakobi 5:13-15) La madoda, amiselwe ngomoya oyingcwele, akwanegunya lokuqeqesha nokohlwaya nabaphi na abasukela ikhondo lokwenza okuphosakeleyo okanye abayingozi kucoceko lokomoya nolokuziphatha lwebandla. (IZenzo 20:28; Tito 1:9; 2:15) Ukuze kugcinwe ibandla licocekile, kusenokuba yimfuneko ukuba abantu ngabanye bazixele izenzo eziphosakeleyo ezinzulu. (Levitikus 5:1) Ukuba umKristu owenze isono esinzulu uyakuvuma ukuqeqeshwa ngeZibhalo nokohlwaywa aze anikele ubungqina bokuguquka ngokwenene, uya kuncedwa. Kakade ke, abo bazingisayo ekwaphuleni imithetho kaThixo baze bangaguquki bayasuswa kubudlelane.—1 Korinte 5:9-13.
23. Abaveleli abangamaKristu balungiselela ntoni ukwenzela inzuzo yebandla?
23 IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba ngaphantsi koYesu Kristu njengoKumkani, amadoda aqolileyo ngokomoya aya kumiselwa ukuze anikele intuthuzelo, ukhuseleko aze abahlaziye abantu bakaThixo. (Isaya 32:1, 2) Ayeya kukhokela njengabahambisi bevangeli, abalusi, nabafundisi ukuze akhuthaze ukukhula ngokomoya. (Efese 4:11, 12, 16) Nangona abaveleli abangamaKristu besenokohlwaya, bakhalimele baze babongoze amanye amakholwa ngamanye amaxesha, ukusetyenziswa kwemfundiso ephilisayo yabadala esekelwe eLizwini likaThixo kunceda ukugcina bonke besendleleni esa ebomini.—IMizekeliso 3:11, 12; 6:23; Tito 2:1.
YAMKELA IMBONO KAYEHOVA NGEGUNYA
24. Sivavanywa kuwuphi umbandela mihla le?
24 Indoda nomfazi bokuqala bavavanywa ngombandela wokuzithoba kwigunya. Akumangalisi ke ukuba nathi sijamelane novavanyo olufanayo mihla le. USathana uMtyholi ukhulise umoya wemvukelo phakathi kwabantu. (Efese 2:2) Ikhondo lokuzimela geqe lenziwa libonakale liphucukile kunokuzithoba.
25. Ziziphi iingenelo zokugatya umoya wemvukelo wehlabathi nokuzithoba kwigunya likaThixo okanye kwelo alivumelayo?
25 Noko ke, simele siwuchase umoya wemvukelo wehlabathi. Xa sisenjenjalo, siya kufumanisa ukuba ukuzithoba ku-Thixo kunemivuzo etyebileyo. Ngokomzekelo, siya kuwaphepha amaxhala nokatyo oluqhelekileyo kwabo bazingenisa enkathazweni kumagunya ehlabathi. Siya kulunciphisa ungquzulwano oluxhaphakileyo kwiintsapho ezininzi. Yaye siya kunandipha iingenelo zonxulumano lobubele nolothando namanye amakholwa angamaKristu. Ngaphezu kwako konke, ukuzithoba kwethu kuThixo kuya kuphumela kulwalamano olulungileyo noYehova, oyena uneGunya Eliphakamileyo.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
UYehova ulisebenzisa njani igunya lakhe?
Ngoobani “amagunya awongamileyo,” yaye siqhubeka njani sizithoba kuwo?
Umgaqo wobuntloko ubeka yiphi imbopheleleko kwilungu ngalinye lentsapho?
Sinokukubonisa njani ukuzithoba ebandleni lamaKristu?
[Ibhokisi ekwiphepha 134]
AYATHOBELA, AKANAMVUKELO
Ngomsebenzi wawo wokushumayela esidlangalaleni, amaNgqina kaYehova alatha kuBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwethemba loluntu lokufumana uxolo nonqabiseko lokwenyaniso. Kodwa aba bavakalisi banenzondelelo boBukumkani bukaThixo ababavukeli nangayiphi na indlela oorhulumente abaphila phantsi kwabo. Ngokuchasene noko, amaNgqina aphakathi kwabona bemi banentlonelo nabathobela umthetho. Igosa kwelinye ilizwe laseAfrika lathi: “Ukuba zonke iimvaba zonqulo bezifana namangqina kaYehova, bekungayi kubakho bantu babulawayo, baqhekezelwayo, zinjubaqa, mabanjwa nazibhombu zeathom. Iminyango ibingayi kuze itshixwe nanini na.”
Beqonda oku, abasemagunyeni kumazwe amaninzi baye bavumela umsebenzi wokushumayela wamaNgqina uqhubeke ngaphandle kokuphazanyiswa. Kwamanye amazwe, ukuvalwa komsebenzi okanye imiqathango iye yasuswa xa abasemagunyeni beye bafumanisa ukuba amaNgqina kaYehova ayimpembelelo entle. Kunjengokuba umpostile uPawulos wabhala wathi ngokuthobela amagunya awongamileyo: “Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo.”—Roma 13:1, 3.