IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • fy isahl. 9 iphe. 103-115
  • Iintsapho Ezinomzali Ongenaqabane Lomtshato Zinokuphumelela!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintsapho Ezinomzali Ongenaqabane Lomtshato Zinokuphumelela!
  • Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKONGAMELA IMICIMBI YEKHAYA YEMIHLA NGEMIHLA
  • UCELOMNGENI LOKUZIPHILISA
  • NGUBANI OMELE ANYAMEKELE OMNYE?
  • UKUNGALUYEKI UQEQESHO
  • UKUPHUMELELA EKULWENI NOBULOLO
  • INDLELA ABANOKUNCEDA NGAYO ABANYE
  • Nceda Abazali Abangenaqabane Lomtshato
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Abazali Abangenamaqabane, Baneengxaki Ezininzi
    Vukani!—2002
  • Umzali Ongenaqabane Akayedwa
    Vukani!—2002
  • Sebenza Nzima Ukuze Intsapho Yakho Isindiswe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
fy isahl. 9 iphe. 103-115

Isahluko 9

Iintsapho Ezinomzali Ongenaqabane Lomtshato Zinokuphumelela!

1-3. Yintoni ebangele ukwanda kwenani leentsapho ezinomzali ongenaqabane lomtshato, yaye bachaphazeleka njani abo bakule meko?

IINTSAPHO ezinomzali omnye ziye zabizwa ngokuba “lolona hlobo lwentsapho lwanda ngokukhawuleza” eUnited States. Le meko injalo nakwamanye amazwe. Inani elikhulu loqhawulo-mtshato, ukushiywa, ukwahlukana nokuzalwa kwemigqakhwe liye lanemiphumo emibi gqitha kwizigidi zabazali nabantwana.

2 Omnye umama ongenaqabane lomtshato wabhala wathi: “Ndingumhlolokazi oneminyaka engama-28 ubudala onabantwana ababini. Indikhathaza gqitha le nto kuba andifuni abantwana bam bakhule bengenayise. Kubonakala ngathi akukho mntu undikhathaleleyo. Abantwana bam basoloko bendibona ndilila ibe loo nto iyabachaphazela.” Ngaphandle nje kokulwa nokuziva benomsindo, benetyala, yaye bengamalolo, abazali abaninzi abangenamaqabane omtshato bajamelana nocelomngeni lokusebenza ngaphandle kwekhaya nokwenza imisebenzi yasekhaya. Omnye wathi: “Ukuba ngumzali ongenaqabane lomtshato kufana nokuba nobuchule bokuphosa iibhola ezininzi phezulu uze uzigange. Emva kweenyanga ezintandathu uziqeqesha, ekugqibeleni uyakwazi ukuphosa iibhola ezine phezulu uze uzigange. Kodwa xa kanye ukwazi ukwenza oko, mntu uthile ukuphosela enye ibhola!”

3 Abaselula kwiintsapho ezinomzali ongenaqabane lomtshato badla ngokuba nezabo iingxaki. Basenokuba baxhelekile ngenxa yokushiywa okanye ukufelwa ngomnye umzali. Kubonakala ukuba kulutsha oluninzi ukungabikho komnye umzali kubuhlungu gqitha.

4. Sazi njani ukuba uYehova uzikhathalele iintsapho ezinomzali omnye?

4 Iintsapho ezinomzali omnye zazikho nangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ngokuphindaphindiweyo iZibhalo zikhankanya ‘inkedama’ kunye ‘nomhlolokazi.’ (Eksodus 22:22; Duteronomi 24:19-21; Yobhi 31:16-22) UYehova uThixo wayebakhathalele kuloo meko bakuyo. Umdumisi wambiza uThixo ngokuthi “uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.” (INdumiso 68:5) Ngokuqinisekileyo, nanamhlanje uYehova usazikhathalele ngolo hlobo iintsapho ezinomzali ongenaqabane lomtshato! Eneneni, iLizwi lakhe lizinika imigaqo enokuzinceda ziphumelele.

UKONGAMELA IMICIMBI YEKHAYA YEMIHLA NGEMIHLA

5. Ekuqaleni yiyiphi ingxaki abadla ngokuba nayo abazali abangenamaqabane omtshato?

5 Khawucinge ngomsebenzi wokunyamekela imicimbi yentsapho. Omnye owaqhawula umtshato uvuma esithi: “Zininzi izihlandlo apho uye uthi akwaba bekukho indoda ekhaya, njengaxa inqwelo-mafutha yakho inengxolo ongayaziyo ukuba ivela phi.” Amadoda asandul’ ukuqhawula imitshato okanye angabahlolo nawo asenokuba axakene nentaphane yemisebenzi yekhaya amele ayenze. Oko kuphazamiseka kwentsapho kwenza abantwana bazive bengazinzanga yaye benganqabisekanga ngakumbi.

6, 7. (a) Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa ‘ngumfazi onesidima’ weMizekeliso? (b) Ukukhuthalela iimbopheleleko zekhaya kunokuba luncedo njani kumakhaya anomzali ongenaqabane lomtshato?

6 Yintoni enokunceda? Phawula umzekelo omiselwa ‘ngumfazi onesidima’ ochazwe kwiMizekeliso 31:10-31. Zininzi izinto aziphumezayo—ukuthenga, ukuthengisa, ukuthunga, ukupheka, ukurhweba, ukulima nokunyamekela ishishini. Yayiyintoni imfihlelo yakhe? Wayekhuthele, esebenza de kube sebusuku aze avuke ngenj’ ixukuxa aqalise umsebenzi wakhe. Yaye wayelungelelene, eminye imisebenzi eyinika abanye aze asebenzise izandla zakhe ekunyamekeleni eminye. Alimangalisi elokuba wadunyiswa!

7 Ukuba ungumzali ongenaqabane lomtshato, zikhuthalele iimbopheleleko zekhaya lakho. Yaneliswa nguloo msebenzi, kuba oku kongezelela ulonwabo lwabantwana bakho. Noko ke, kubalulekile ukuba ucebe kakuhle uze ulungelelane. IBhayibhile ithi: “Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa.” (IMizekeliso 21:5) Omnye ubawo ongenaqabane lomtshato wavuma wathi: “Ndinomkhwa wokukulibala ukutya de ndilambe.” Kodwa ukutya okucetyiweyo kudla ngokuba nesondlo kuze kunqweneleke kunoko kuphekwe ngokungxama. Kusenokufuneka ufunde ukusebenzisa izandla zakho ngeendlela ezintsha. Ngokudibana nabahlobo abanolwazi, iincwadi zamacebiso, neengcali eziluncedo, abanye oomama abangenamaqabane omtshato baye bakwazi ukwenza imisebenzi enjengokupeyinta, ukulungisa imibhobho yamanzi nokulungisa ezinye izinto ezincinane zesithuthi.

8. Abantwana babazali abangenamaqabane omtshato bangancedisa njani ekhaya?

8 Ngaba kufanelekile ukucela abantwana bakuncedise? Omnye umama ongenaqabane lomtshato waqiqa ngelithi: “Uye ufune ukuvala isikhewu somzali ongekhoyo ngokubenzela izinto lula abantwana.” Oko kusenokuqondakala kodwa mhlawumbi akusoloko kumnceda umntwana. Ulutsha oloyika uThixo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile lwalunikwa imisebenzi efanelekileyo. (Genesis 37:2; INgoma yazo iiNgoma 1:6) Ngoko, nangona ukulumkela ukufomba abantwana bakho ngomsebenzi, kuya kuba bubulumko ukubanika imisebenzi enjengokuhlamba izitya nokucoca igumbi labo. Kutheni ningayenzi kunye eminye imisetyenzana? Ninokukunandipha gqitha oku.

UCELOMNGENI LOKUZIPHILISA

9. Kutheni oomama abangenamaqabane omtshato bedla ngokuba neengxaki zemali?

9 Inkoliso yabazali abangenamaqabane omtshato iba nengxaki yokwanelisa iintswelo zemali, ibe oku kudla ngokuba yingxaki gqitha koomama abaselula abangatshatanga.a Kumazwe apho kukho uncedo olufumanekayo, kusenokuba bubulumko ukuba balusebenzise, ubuncinane bade bafumane umsebenzi. IBhayibhile iyawavumela amaKristu awasebenzise amalungiselelo anjalo xa kuyimfuneko. (Roma 13:1, 6) Abahlolokazi nabaqhawule umtshato nabo banocelomngeni olufanayo. Abaninzi, ekuye kunyanzeleke baphinde basebenze emva kweminyaka emininzi behleli ekhaya, badla ngokufumana imisebenzi enomvuzo ophantsi. Bambi baye baphucule imeko yabo ngokungenela iinkqubo zokuqeqeshela umsebenzi okanye izifundo ezithile zokwexeshana esikolweni.

10. Umama ongenaqabane lomtshato angabachazela njani abantwana bakhe isizathu sokuba emele afune umsebenzi?

10 Musa ukothuka xa abantwana bakho bengayithandi into yokufuna kwakho umsebenzi, yaye musa ukuziva unetyala. Kunoko, bacacisele isizathu sokuba umele usebenze, uze ubancede baqonde ukuba uYehova ufuna ubalungiselele. (1 Timoti 5:8) Ekuhambeni kwexesha, inkoliso yabantwana iyatshintsha. Noko ke, zama kangangoko unako ukuchitha ixesha elininzi nabo ngokuvunyelwa lucwangciso lwakho oluxakekileyo. Kwakhona loo nkathalo yothando inokuzenza zingacaci iingxaki zemali intsapho enazo.—IMizekeliso 15:16, 17.

NGUBANI OMELE ANYAMEKELE OMNYE?

11, 12. Yiyiphi imida abazali abangenamaqabane omtshato abangamele bayilibale, yaye banokukwenza njani oko?

11 Kungokwemvelo ukuba abazali abangenamaqabane omtshato basondelelane ngokukhethekileyo nabantwana babo, ukanti bamele baqiniseke ukuba abawulibali umda owamiselwa nguThixo phakathi kwabazali nabantwana. Ngokomzekelo, umama ongenaqabane lomtshato usenokuba sengxakini enzulu ukuba ulindela unyana wakhe athwale iimbopheleleko zikatata wekhaya okanye uziphalazela kwintombi yakhe zonke iingxaki zakhe, ethwalisa loo ntombi iingxaki ezinkulu. Ukwenza oko akufanelekanga, kuyamsinda, yaye mhlawumbi kusenokumdida umntwana.

12 Baqinisekise abantwana bakho ukuba wena, njengomzali, uza kubanyamekela—asingabo abaza kunyamekela wena. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 12:14.) Maxa wambi, usenokufuna icebiso okanye ukuxhaswa. Lifune kubadala abangamaKristu okanye mhlawumbi kumabhinqa aqolileyo angamaKristu, kungekhona kubantwana bakho abancinane.—Tito 2:3.

UKUNGALUYEKI UQEQESHO

13. Yiyiphi ingxaki anokuba nayo umama ongenaqabane lomtshato ekunikeleni uqeqesho?

13 Indoda isenokungabi nangxaki kangako ukuba ijongwe njengomqeqeshi, kodwa umfazi usenokuba neengxaki koku. Omnye umama ongenaqabane lomtshato uthi: “Oonyana bam sele bengamadoda angqokolayo xa bethetha. Maxa wambi ndiye ndixakwe kukuba ngqwabalala okanye ndizidele.” Ngaphezu koko, usenokuba usakhathazwe kukufa kweqabane olithandayo, okanye mhlawumbi usenokuba usaziva unetyala okanye usacatshukiswe kukuphela komtshato wenu. Ukuba wena neqabane lakho langaphambili ninelungelo lokugcina umntwana, usenokuba nexhala lokuba umntwana wakho ukhetha ukuhlala nalo. Iimeko ezinjalo zinokwenza kube nzima ukuqeqesha ngokulungeleleneyo.

14. Abazali abangenamaqabane omtshato banokuhlala njani belungelelene ekunikeleni uqeqesho?

14 IBhayibhile ithi “umntwana oyekelelweyo udanisa unina.” (IMizekeliso 29:15) UYehova uThixo uyakuxhasa ekumiseleni nasekusebenziseni imigaqo yentsapho, ngoko musa ukuvumela ukuziva unetyala, ukukhathazeka, okanye uloyiko ludlale ngawe. (IMizekeliso 1:8) Ungaze ulalanise kwimigaqo yeBhayibhile. (IMizekeliso 13:24) Zama ukusebenzisa ingqiqo, ungaguquguquki, yaye ube ngqongqo. Ekuhambeni kwexesha, inkoliso yabantwana iyathobela. Sekunjalo, kuya kufuneka ungazilibali iimvakalelo zabantwana bakho. Omnye utata ongenaqabane lomtshato uthi: “Xa ndibaqeqesha kwakufuneka ndibe nolwazelelelo kuba basakhathazwe kukuphulukana nonina. Ndiye ndithethe nabo nanini na ndinethuba. Siba ‘nexesha lokuphalazelana izimvo’ xa silungiselela isidlo. Elo iba lixesha abazityand’ igila ngalo.”

15. Yintoni afanele ayiphephe umzali oqhawule umtshato xa ethetha ngowayesakuba liqabane lakhe?

15 Ukuba waliwe, akusokuze kukuncede ukulinukuneza iqabane lakho langaphambili. Ukukruthakruthana kwabazali kuyabakhathaza abantwana ibe ekugqibeleni kunokubenza banganihloneli nobabini. Ngenxa yoko, kuphephe ukuthetha amazwi anjengala: “Uyafana nje noyihlo!” Enoba lakukhathaza kangakanani na iqabane lakho, lisengumzali womntwana wakho, umntwana ofuna ukuthandwa, ukukhathalelwa nokuqeqeshwa ngabazali bobabini.b

16. Ngawaphi amalungiselelo okomoya afanele abekho rhoqo xa kunikelwa uqeqesho kwikhaya elinomzali ongenaqabane lomtshato?

16 Njengokuba sesixubushile kwizahluko ezandulelayo, uqeqesho lubandakanya ukufundisa nokuyalela, kungekhona ukohlwaya kuphela. Zininzi iingxaki ezinokuphetshwa ngokuba nocwangciso lwemfundiso yezinto zokomoya. (Filipi 3:16) Kubalulekile ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu. (Hebhere 10:24, 25) Ukuba nesifundo sentsapho seBhayibhile veki nganye nako kubalulekile. Liyinyaniso elokuba ukusiqhuba rhoqo eso sifundo akulula. Omnye umama oxhalabileyo wathi: “Emva kokusebenza imini yonke, ukufuna ngokwenene ukuphumla. Kodwa ndilungisa ingqondo yam ukuze ndifunde nentombi yam, ndisazi ukuba oko kuyafuneka. Isithanda ngokwenene isifundo sethu sentsapho!”

17. Yintoni esinokuyifunda kwindlela elakhuliswa ngayo iqabane likaPawulos uTimoti?

17 Iqabane lompostile uPawulos elinguTimoti ngokucacileyo layifundiswa ngunina nonina-khulu imigaqo yeBhayibhile—kodwa akubonakali ukuba layifundiswa nguyise. Ukanti, uTimoti waba ngumKristu obalaseleyo! (IZenzo 16:1, 2; 2 Timoti 1:5; 3:14, 15) Nawe unokulindela imiphumo emihle ngolo hlobo njengokuba uzama ukukhulisela abantwana bakho “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.

UKUPHUMELELA EKULWENI NOBULOLO

18, 19. (a) Ubulolo bungazibonakalisa njani kumzali ongenaqabane lomtshato? (b) Sisiphi isiluleko esinikelwayo esinokumnceda alawule iminqweno yenyama?

18 Omnye umzali ongenaqabane lomtshato edidekile wathi: “Xa ndifika endlwini kukhal’ ibhungane, ngokukodwa xa abantwana belele, buqala phantsi ubulolo.” Ewe, ubulolo budla ngokuba yeyona ngxaki inkulu yabazali abangenamaqabane omtshato. Kungokwemvelo ukulangazelela ubuhlobo obufudumeleyo nothando olufumaneka emtshatweni. Ngaba umntu umele azame ukuyicombulula le ngxaki nokuba sekumnyam’ entla? Ngomhla wompostile uPawulos, abanye abahlolokazi abaselula bavumela “iintshukumisa zabo zesini zingene phakathi kwabo noKristu.” (1 Timoti 5:11, 12) Ukuvumela iinkanuko zenyama zigqumelele izilangazelelo zokomoya kuya kuba yingozi.—1 Timoti 5:6.

19 Enye indoda engumKristu yathi: “Iimvakalelo zesini zinamandla, kodwa unokuzilawula. Xa uqalisa ukucinga ngazo, akumele uhlale ucinga ngazo. Zikhuphe. Kwakhona kuyanceda ukucinga ngomntwana wakho.” ILizwi likaThixo liluleka lisithi: ‘Bhubhisani amalungu enu omzimba ngokuphathelele umnqweno wesini.’ (Kolose 3:5) Ukuba ubuzama ukubhubhisa umnqweno wakho wokutya, ngaba ubuya kufunda amaphephancwadi anemifanekiso enokutya okuginyis’ ingwiqi, okanye ngaba ubuya kunxulumana nabantu abasoloko bethetha ngokutya? Nakanye! Kunjalo nangeminqweno yenyama.

20. (a) Yiyiphi ingozi abajongene nayo abo bathandana ngaphambi komtshato nabangakholwayo? (b) Abantu abangatshatanga benkulungwane yokuqala nanamhlanje baye balwa njani nobulolo?

20 Wambi amaKristu aye athandana ngaphambi komtshato nabangakholwayo. (1 Korinte 7:39) Ngaba oko kwayicombulula ingxaki yawo? Hayi. Omnye umfazi ongumKristu owaqhawula umtshato walumkisa wathi: “Kukho into ebuhlungu ngaphezu kokungatshati. Kukutshata nomntu ongafanelekanga!” Ngokuqinisekileyo abahlolokazi abangamaKristu benkulungwane yokuqala babekhe bazive bengamalolo, kodwa abalumkileyo babezigcina bexakekile ‘bebungezelela abasemzini, behlamba iinyawo zabo bangcwele, yaye benceda abo basembandezelweni.’ (1 Timoti 5:10) Namhlanje amaKristu athembekileyo aye alinda kangangeminyaka emininzi ukuze afumane iqabane eloyika uThixo aye ngokufanayo azigcina exakekile. Omnye umhlolokazi ongumKristu oneminyaka engama-68 ubudala wayetyelela abanye abahlolokazi nanini na eziva elilolo. Wathi: “Ndifumanisa ukuba ngokuya kutyelela, ndisebenze endlwini yam ndize ndinyamekele izilangazelelo zam ezingokomoya andibi naxesha lakuba lilolo.” Ukufundisa abanye ngoBukumkani bukaThixo ngowona msebenzi ulungileyo oyingenelo ngokukhethekileyo.—Mateyu 28:19, 20.

21. Umthandazo nezinxulumani ezilungileyo zingakunceda njani woyise ubulolo?

21 Kuyavunywa ukuba ubulolo abusuki buziphelele. Kodwa bunokunyanyezelwa ngamandla avela kuYehova. Loo mandla abakho xa umKristu ‘ezingisa kwizikhungo nemithandazo ubusuku nemini.’ (1 Timoti 5:5) Izikhungo kukucela ngokunyanisekileyo, ewe, ukucela uncedo, mhlawumbi ngezibongozo yaye uneenyembezi. (Thelekisa amaHebhere 5:7.) Ukuchazela uYehova iingxaki zakho “ubusuku nemini” kunokukunceda ngokwenene. Ngaphezu koko, izinxulumani ezakhayo zinokuba luncedo kubulolo. Kwizinxulumani ezilungileyo, umntu unokufumana “ilizwi elihle” elichazwe kwiMizekeliso 12:25.

22. Ziziphi izinto omele ucinge ngazo eziya kukunceda xa uziva ulilolo ngamaxesha athile?

22 Ukuba uziva ulilolo ngamaxesha athile—ekubeni esenokubakho amathuba anjalo—khumbula ukuba akukho mntu ungenazingxaki ebomini. Eneneni, “umanyano lwabazalwana luphela” luneengxaki ezahlukeneyo. (1 Petros 5:9) Kuphephe ukusoloko ucinga ngezinto ezidluleyo. (INtshumayeli 7:10) Cinga ngezinto eziyingenelo ezinandiphekayo. Ngaphezu koko, zimisele ukugcina ingqibelelo uze uvuyise intliziyo kaYehova.—IMizekeliso 27:11.

INDLELA ABANOKUNCEDA NGAYO ABANYE

23. Yiyiphi imbopheleleko anayo amanye amaKristu kubazali abangenamaqabane omtshato ebandleni?

23 Akukho nto inokuthelekiswa nenkxaso noncedo oluvela kwamanye amaKristu. UYakobi 1:27 uthi: “Uhlobo lonqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.” Ewe, amaKristu anembopheleleko yokunceda iintsapho ezinomzali ongenaqabane lomtshato. Ziziphi ezinye iindlela ezisebenzayo okunokwenziwa ngazo oku?

24. Zingancedwa njani iintsapho ezinomzali omnye ezisweleyo?

24 Kunokunikelwa uncedo lwezinto eziphathekayo. IBhayibhile ithi: “Nabani na onazo izinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele ukanti aluvale ucango lweemfesane zakhe zofefe kuye, uthando lukaThixo luhlala ngayiphi na indlela kuye?” (1 Yohane 3:17) Igama lentsusa lesiGrike elithi “bona,” alithethi nje ukukrwaqula, kodwa lithetha ukuqwalasela. Oku kubonisa ukuba umKristu onobubele usenokuqala ngokwazi iimeko neentswelo zentsapho ethile. Mhlawumbi ifuna imali. Zimbi zisenokufuna uncedo ekulungiseni indlu. Okanye zisenokukuxabisa ukumenyelwa kwisidlo okanye kwimbutho yokuzonwabisa.

25. Amanye amaKristu anokulubonakalisa njani uvelwano kubazali abangenamaqabane omtshato?

25 Ukongezelela eyoku-1 kaPetros 3:8 ithi: “Nonke yibani nengqondo efanayo, nibonakalisa imvakalelo yobudlelane, ninomsa wobuzalwana, imfesane yofefe.” Omnye umzali ongenaqabane lomtshato onabantwana abathandathu wathi: “Bekunzima ibe maxa wambi ndikhe ndizive ndidakumbile. Noko ke, ngamaxesha athile umzalwana okanye udade othile uye athi kum: ‘Joan, mhle umsebenzi owenzayo. Uza kuphumelela.’ Ukwazi nje ukuba abanye bayakucinga yaye bakukhathalele kuluncedo gqitha.” AmaKristu akhulileyo asenokuba luncedo ngakumbi ekuncedeni abafazi abaselula abangabazali abangenamaqabane omtshato, bebaphulaphula xa beneengxaki abangenakukwazi ukuzixubusha nomntu oyindoda.

26. Amadoda aqolileyo angamaKristu anokubanceda njani abantwana abaziinkedama?

26 Amadoda angamaKristu anokunceda ngezinye iindlela. Indoda elilungisa uYobhi yathi: “Bendisiza . . . neenkedama, noswele umncedi.” (Yobhi 29:12) Nanamhlanje ngokufanayo wambi amanye amadoda angamaKristu anomdla ofanelekileyo kubantwana abaziinkedama yaye abonisa ‘uthando lokwenene oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo,’ engenanjongo zimbi ngoko. (1 Timoti 1:5) Ngoxa engazityesheli iintsapho zawo, ngamathub’ athile asenokulungiselela ukusebenza nabo baselula kubulungiseleli bamaKristu yaye asenokude abamemele kwisifundo sentsapho okanye xa ezihlaziya. Obo bubele bungayinceda inkedama ingaphumi endleleni.

27. Yiyiphi inkxaso anokuqiniseka ngayo umzali ongenaqabane lomtshato?

27 Kambe ke, eneneni ngabazali abangenamaqabane omtshato abamele ‘bathwale umthwalo wabo’ wembopheleleko. (Galati 6:5) Sekunjalo, banokulufumana uthando lwabazalwana noodade abangamaKristu nolukaYehova uThixo. IBhayibhile ithi ngaye: “Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi.” (INdumiso 146:9) Kuba bexhaswa nguYe, abazali abangenamaqabane omtshato banokuphumelela!

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuba umKristu oselula uyakhulelwa ngenxa yokuziphatha okubi, ibandla lamaKristu alikukhuthazi kwaphela oko akwenzileyo. Kodwa ukuba uyaguquka, abadala bebandla nabanye ebandleni banokufuna ukumnceda.

b Asithethi ngemeko apho kufuneka umntwana akhuselwe kumzali omxhaphazayo. Kwakhona, ukuba omnye umzali uzama ukuthoba igunya lakho, mhlawumbi enenjongo yokwenza abantwana bakushiye, kungakuhle ukuthetha nabahlobo abanamava njengabadala kwibandla lamaKristu, ucele icebiso ngendlela yokusingatha loo meko.

LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGABANCEDA NJANI . . . ABAZALI NABANTWANA BAHLANGABEZANE NEENGXAKI ZENTSAPHO ENOMZALI ONGENAQABANE LOMTSHATO?

UYehova uThixo ‘nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.’—INdumiso 68:5.

Kubalulekile ukuceba kakuhle ukuze uphumelele.—IMizekeliso 21:5.

UYehova uyalixhasa ilungelo lomzali lokunikela uqeqesho olufanelekileyo.—IMizekeliso 1:8.

Abahlolokazi abangamaKristu abalumkileyo bazixakekisa ngemisebenzi yobuthixo baze bazingise emthandazweni.—1 Timoti 5:5, 10.

Ukubonisa umdla wokwenene ‘kwiinkedama nakubahlolokazi’ yinxalenye yonqulo oluyinyaniso.—Yakobi 1:27.

[Ibhokisi ekwiphepha 112]

OKO KUNOKWENZIWA NGABASELULA

Ngaba umama okanye utata wakho ngumzali ongenaqabane lomtshato? Ukuba kunjalo, ziziphi izinto onokuzenza ukumnceda? Enye yazo, kukuthobela. Enoba sele ekhule kangakanani na okanye ungowesiphi isini ayikho into enika umntwana imvume ‘yokulahla umyalo kanina.’ (IMizekeliso 1:8) UYehova ukuyalela ukuba uthobele, yaye ekuhambeni kwexesha, ukwenza oko kuya kukonwabisa.—IMizekeliso 23:22; Efese 6:1-3.

Zenzele izinto ungathunywanga, yaye ubonakalise uxabiso. UTony uthi: “Umama usebenza esibhedlele, yaye impahla yakhe yomsebenzi imele yolulwe. Ngoko ndiye ndimolulele yona. Oko kuyamnceda umama, yiloo nto ndikwenza.” Omnye umama ongenaqabane lomtshato uthi: “Ngokufuthi ndifumanisa ukuba xa ndifika ekhaya ndidakumbile okanye ndikruqulwe ngumsebenzi onzima wemini—yiloo mini kanye intombi yam eye icinge ukulungisa itafile ize ipheke isidlo sangokuhlwa.”

Khumbula ukuba intsebenziswano yakho ibalulekile. Emva komsebenzi onzima wemini, kusenokuba nzima ukuba umzali wakho aqhube isifundo seBhayibhile sentsapho. Ukuba akunantsebenziswano, wenza izinto zibe nzima ngakumbi. Zama ukuba sele ulungile xa kufika ixesha laso. Silungiselele kwangaphambili isifundo. Ngokuthobela, ubonakalise uxabiso nentsebenziswano, uya kumkholisa umzali wakho, yaye okubaluleke ngakumbi, uya kukholisa uThixo.

[Umfanekiso okwiphepha 107]

Chitha ixesha elininzi kangangoko unako nabantwana bakho

[Umfanekiso okwiphepha 109]

Bantwana, sebenzisanani nabazali benu abangenamaqabane omtshato

[Umfanekiso okwiphepha 110]

Ibandla alibatyesheli “abahlolokazi” ‘neenkedama’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share