IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rq isifu. 2 iphe. 4-5
  • Ngubani UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani UThixo?
  • Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sifanele Sisebenzise Imifanekiso Xa Sinqula UThixo?
    Vukani!—2008
  • Eyona Nyani NgoThixo NangoKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Ngubani UThixo?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Ungubani UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
rq isifu. 2 iphe. 4-5

Isifundo 2

Ngubani UThixo?

Ngubani uThixo oyinyaniso, yaye ngubani igama lakhe? (1, 2)

Unomzimba onjani? (3)

Ziziphi iimpawu zakhe ezibalaseleyo? (4)

Ngaba sifanele sisebenzise imifanekiso eqingqiweyo nemiqondiso xa simnqula? (5)

Ziziphi iindlela ezimbini esinokufunda ngazo ngoThixo? (6)

1. Abantu banqula izinto ezininzi. Kodwa iBhayibhile isixelela ukuba mnye kuphela uThixo OYINYANISO. Wadala yonke into esezulwini nesemhlabeni. Ngenxa yokuba wasinika ubomi, ungokuphela kwaLowo esifanele simnqule.—1 Korinte 8:5, 6; ISityhilelo 4:11.

2. UThixo unezibizo ezininzi kodwa linye kuphela igama lakhe. Elo gama nguYEHOVA. Kwinkoliso yeeBhayibhile, igama likaThixo lisusiwe kwaza endaweni yalo kwafakwa isibizo esithi NKOSI okanye esithi THIXO. Kodwa ukubhalwa kweBhayibhile, igama likaYehova lalivela izihlandlo ezinokuba ngama-7 000!—Eksodus 3:15; INdumiso 83:18.

3. UYehova unomzimba, kodwa awufani nowethu. “UThixo unguMoya,” itsho iBhayibhile. (Yohane 4:24) Umoya luhlobo lobomi obungaphezulu gqitha kobethu. Akukho mntu wakha wambona uThixo. UYehova uhlala ezulwini, kodwa unokubona zonke izinto. (INdumiso 11:4, 5; Yohane 1:18) Noko ke, yintoni umoya oyingcwele? Asingomntu njengoThixo. Kunoko, ngamandla uThixo awasebenzisayo.—INdumiso 104:30.

4. IBhayibhile isityhilela uhlobo lomntu uYehova alulo. Ibonisa ukuba iimpawu zakhe ezibalaseleyo luthando, okusesikweni, ubulumko namandla. (Duteronomi 32:4; Yobhi 12:13; Isaya 40:26; 1 Yohane 4:8) Kwakhona iBhayibhile isixelela ukuba unenceba, unobubele, uyaxolela, unesisa yaye unomonde. Thina, njengabantwana abathobelayo, sifanele sizame ukumxelisa.—Efese 5:1, 2.

5. Ngaba sinokuqubuda okanye sithandaze kwimifanekiso eqingqiweyo, kwimifanekiso okanye kwimiqondiso xa simnqula? Akunjalo! (Eksodus 20:4, 5) UYehova uthi simele sinqule yena kuphela. Akaludluliseli nakubani na okanye nakwintoni na uzuko lwakhe. Imifanekiso eqingqiweyo ayinamandla okusinceda.—INdumiso 115:4-8; Isaya 42:8.

6. Sinokumazi njani kakuhle uThixo? Enye indlela kukuqwalasela izinto azidalileyo size sicingisise nzulu ngoko zisixelela kona. Indalo kaThixo ibonisa ukuba unamandla amakhulu nobulumko. Kwizinto zonke azenzileyo sibona uthando lwakhe. (INdumiso 19:1-6; Roma 1:20) Enye indlela esinokufunda ngayo ngoThixo kukufundisisa iBhayibhile. Kuyo usixelela okuninzi gqitha ngohlobo loThixo anguye. Kwakhona usixelela ngenjongo yakhe noko afuna sikwenze.—Amosi 3:7; 2 Timoti 3:16, 17.

[Imifanekiso ekwiphepha 5]

Sifunda ngoThixo kwindalo naseBhayibhileni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share