Isifundo 9
Abakhonzi BakaThixo Bamele Bacoceke
Kutheni simele sicoceke ngandlela zonke? (1)
Kuthetha ukuthini ukucoceka ngokomoya? (2)
ukucoceka ngokokuziphatha? (3) ukucoceka ngokwasengqondweni? (4) ukucoceka ngokwasemzimbeni? (5)
Luhlobo olunjani lwentetho engcolileyo esifanele siluphephe? (6)
1. UYehova uThixo ucocekile yaye ungcwele. Ulindele ukuba abanquli bakhe bahlale becocekile—ngokomoya, ngokokuziphatha, ngokwasengqondweni, nangokwasemzimbeni. (1 Petros 1:16) Kufuna umgudu wokwenene ukuhlala ucocekile emehlweni kaThixo. Siphila kwihlabathi elingacocekanga. Kwakhona sinomlo nxamnye notyekelo lwethu lokwenza okungalunganga. Kodwa asimele sinikezele.
2. Ukucoceka Ngokomoya: Ukuba sifuna ukukhonza uYehova, asinakubambelela kuyo nayiphi na kwiimfundiso okanye amasiko onqulo lobuxoki. Simele siphume kunqulo lobuxoki size singaluxhasi nangayiphi na indlela. (2 Korinte 6:14-18; ISityhilelo 18:4) Sakuba siyifundile inyaniso engoThixo, simele silumke singalahlekiswa ngabantu abafundisa ubuxoki.—2 Yohane 10, 11.
3. Ukucoceka Ngokokuziphatha: UYehova ufuna abanquli bakhe baziphathe ngokwamaKristu okwenyaniso ngamaxesha onke. (1 Petros 2:12) Ubona yonke into esiyenzayo, naleyo siyenza ngasese. (Hebhere 4:13) Sifanele sikuphephe ukuziphatha okubi ngokwesini nezinye izenzo ezingcolileyo zeli hlabathi.—1 Korinte 6:9-11.
4. Ukucoceka Ngokwasengqondweni: Ukuba sizalisa iingqondo zethu ngeengcinga ezicocekileyo nezinyulu, ihambo yethu nayo iya kucoceka. (Filipi 4:8) Kodwa ukuba sisoloko sicinga ngezinto ezingcolileyo, oko kuya kuphumela kwizenzo ezingendawo. (Mateyu 15:18-20) Sifanele siziphephe iindlela zokuzonwabisa ezinokungcolisa iingqondo zethu. Sinokuzalisa iingqondo zethu ngeengcamango ezicocekileyo ngokufundisisa iLizwi likaThixo.
5. Ukucoceka Ngokwasemzimbeni: Kuba emela uThixo, amaKristu afanele agcine imizimba yawo neempahla zawo zicocekile. Sifanele sizihlambe izandla zethu emva kokusebenzisa indlu yangasese, yaye sifanele sizihlambe ngaphambi kokuba sidle okanye ngaphambi kokuphatha ukutya. Ukuba akunankqubo ifanelekileyo yokugutyula, ilindle lifanele ligqunyelelwe. (Duteronomi 23:12, 13) Ukuzigcina ucocekile ngokwasemzimbeni kunegalelo kwimpilo entle. Ikhaya lomKristu lifanele likhangeleke kwaye licoceke ngaphakathi nangaphandle. Lifanele liqaqambe elumelwaneni njengelingumzekelo omhle.
6. Intetho Ecocekileyo: Abakhonzi bakaThixo bafanele ngamaxesha onke bathethe inyaniso. Amaxoki akasayi kungena eBukumkanini bukaThixo. (Efese 4:25; ISityhilelo 21:8) AmaKristu akayisebenzisi intetho ekrwada. Akaphulaphuli okanye enze iziqhulo ezingcolileyo okanye amabali angcolileyo. Ngenxa yentetho yawo ecocekileyo, ahlukile emsebenzini okanye esikolweni nasekuhlaleni.—Efese 4:29, 31; 5:3.
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Abakhonzi bakaThixo bamele bacoceke ngandlela zonke