IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 3 iphe. 5
  • Kufuneka Ufunde NgoThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kufuneka Ufunde NgoThixo
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuba Ngumhlobo KaYehova
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Indlela Yokufumana Unqulo Lokwenyaniso
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Indlela Onokubakha Ngayo Ubuhlobo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 3 iphe. 5

ISIFUNDO 3

Kufuneka Ufunde NgoThixo

Ukuze ube ngumhlobo kaThixo, kufuneka ufunde ngaye. Ngaba abahlobo bakho bayalazi igama lakho yaye bakubiza ngalo? Ewe kunjalo. UThixo ufuna ukuba ulazi igama lakhe uze umbize ngalo. Igama likaThixo nguYehova. (INdumiso 83:18; Mateyu 6:9) Ukwafanele ufunde nezinto azithandayo nangazithandiyo. Kufuneka wazi ukuba ngoobani abahlobo bakhe yaye ngoobani iintshaba zakhe. Kuthabatha ithuba ukuze umazi umntu othile. IBhayibhile ithi kububulumko ukuzibekela bucala ixesha uze ufunde ngoYehova.​—Efese 5:15, 16.

Abahlobo bakaThixo benza oko kumkholisayo. Cinga ngabahlobo bakho. Ukuba ubaphatha kakubi uze wenze izinto abangazithandiyo, ngaba baya kuqhubeka bengabahlobo bakho? Enyanisweni akunjalo! Ngokufanayo, ukuba ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo, kufuneka wenze oko kumkholisayo.​—Yohane 4:24.

Intsapho imi esangweni elimxinwa ijonge abantu abahamba kwindlela encinci

Asizizo zonke iinkonzo ezikhokelela kubuhlobo noThixo. UYesu, oyena mhlobo kaThixo osenyongweni, wathetha ngeendlela ezimbini. Enye indlela iphangalele yaye izele ngabantu. Loo ndlela ikhokelela entshabalalweni. Enye indlela imxinwa yaye bambalwa abahamba ngayo. Loo ndlela isa ebomini obungunaphakade. Oku kuthetha ukuba, ukuba ufuna ubuhlobo noThixo, kufuneka ufunde indlela echanileyo yokumnqula.​—Mateyu 7:13, 14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share