IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 12 iphe. 20
  • Kwenzeka Ntoni Ekufeni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kwenzeka Ntoni Ekufeni?
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Siswelekile?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Baphi Ookhokho Bethu?
    Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene?
  • Ngaba Ufanele Uboyike Abafileyo?
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 12 iphe. 20

ISIFUNDO 12

Kwenzeka Ntoni Ekufeni?

Ukufa sisichasi sokuphila. Ukufa kufana nobuthongo obunzulu. (Yohane 11:11-14) Abafileyo abeva, ababoni, abakwazi kuthetha, okanye kucinga nantoni na. (INtshumayeli 9:5, 10) Unqulo lobuxoki lufundisa ukuba abafileyo baya kwilizwe lemimoya ukuze baphile nezinyanya zabo. Oko asikuko oko kufundiswa yiBhayibhile.

UYesu uvusa intombi kaYayiro

Abafileyo abanakusinceda, bengenako nokusenzakalisa. Yinto eqhelekileyo ebantwini ukwenza amasiko namadini abakholelwa ukuba aya kukholisa abafileyo. Oku akumkholisi uThixo kuba kusekelwe kobunye bobuxoki bukaSathana. Akunakubakholisa nabafileyo, ekubeni bengaphili. Asifanele siboyike okanye sibanqule abafileyo. Sifanele sinqule uThixo kuphela.—Mateyu 4:10.

Abafileyo baya kuphila kwakhona. UYehova uya kubavusela kubomi eparadesi esemhlabeni abafileyo. Elo xesha liseza. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) UThixo unokubavusa abafileyo kanye njengokuba ngokuqinisekileyo unokumvusa umntu oleleyo.—Marko 5:22, 23, 41, 42.

Ingcamango yokuba asifi bubuxoki obusasazwa nguSathana uMtyholi. USathana needemon zakhe benza abantu bacinge ukuba imimoya yabafi iyaphila yaye ibangela ukugula nezinye iingxaki. USathana ukhohlisa abantu, maxa wambi ngamaphupha nemibono. UYehova uyabagweba abo bazama ukuthetha nabafileyo.—Duteronomi 18:10-12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share