Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile?
Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?
IBHAYIBHILE ayifani nayo nayiphi na enye incwadi—iqulethe imiyalelo yothando evela kuThixo. (1 Tesalonika 2:13) Ukuba uyakwenza oko iBhayibhile ikufundisayo, uya kungenelwa ngokungathethekiyo. Uya kukhulisa uthando lwakho ngoThixo uze usondele ngakumbi kuye, uMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Uya kuyazi indlela yokusondela kuye ngomthandazo. Ngamaxesha obunzima, unokufumana uncedo lukaThixo. Ukuba uvisisanisa ubomi bakho nemilinganiselo eyandlalwe eBhayibhileni, uThixo uya kukunika ubomi obungunaphakade.—Roma 6:23.
IBhayibhile iqulethe inyaniso enika ukukhanya. Abo bafumana ulwazi lweBhayibhile bakhululekile kwiingcamango ezingachananga ezilawula ubomi bezigidi. Ngokomzekelo, ukwazi inyaniso ngoko kwenzekayo emva kokufa kuyasikhulula kuloyiko lokuba abafileyo banokusenzakalisa okanye izalamane nabahlobo bethu abafileyo bayabandezeleka. (Hezekile 18:4) Imfundiso yeBhayibhile ngovuko iyabathuthuzela abo baye balahlekelwa ngabathandekayo ekufeni. (Yohane 11:25) Ukwazi inyaniso ngeengelosi ezingendawo kusenza siphaphele iingozi zokusebenzelana nemimoya yaye kusinceda siqonde isizathu sokuba kukho iingxaki ezingaka emhlabeni.
Imigaqo yobuthixo eseBhayibhileni isifundisa ngendlela yokuphila ezisa iingenelo. Ngokomzekelo, ukuba “ngcathu ngemikhwa” kunegalelo elihle kwimpilo entle. (1 Timoti 3:2) Xa ‘sizihlambulula kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya,’ siphepha ukonakalisa impilo yethu. (2 Korinte 7:1) Kwakhona ukusebenzisa isiluleko sikaThixo esiseBhayibhileni kubangela ulonwabo emtshatweni nokuzihlonela.—1 Korinte 6:18.
Ukuba usebenzisa iLizwi likaThixo, uya konwaba ngakumbi. Ulwazi lweBhayibhile lusinceda sifumane uxolo lwengqondo nolwaneliseko luze lusinike ithemba. Lusinceda sihlakulele iimpawu ezinqwenelekayo njengemfesane, uthando, uvuyo, uxolo, ububele nokholo. (Galati 5:22, 23; Efese 4:24, 32) Ezo mpawu zisinceda sibe ngabayeni okanye abafazi, oobawo okanye oomama, oonyana okanye iintombi ezilungileyo.
Ngaba wakha wazibuza ngekamva? Iziprofeto zeBhayibhile zisibonisa ukubaluleka kwexesha esiphila kulo. Ezi ziprofeto azipheleli ekuchazeni imeko yehlabathi lanamhlanje kodwa zibonisa nokuba kungekudala uThixo uza kuguqula lo mhlaba ube yiparadesi.—ISityhilelo 21:3, 4.
Uncedo Ukuze Uqonde IBhayibhile
Kusenokwenzeka ukuba ukhe wazama ukufunda iBhayibhile kodwa wakufumanisa kunzima ukuyiqonda. Mhlawumbi awazi apho umele ukhangele khona eBhayibhileni ukuze ufumane iimpendulo kwimibuzo yakho. Ukuba kunjalo, akuwedwa. Sonke kufuneka sincedwe ukuze siqonde iLizwi likaThixo. AmaNgqina kaYehova, kumazwe amalunga nama-235, anika izigidi zabantu imfundiso yeBhayibhile ngaphandle kwentlawulo. Aya kukuvuyela ukukunceda nawe.
Kudla ngokuba lula ukuyifunda ngokwamanqanaba iBhayibhile, uqale ngeemfundiso ezisisiseko. (Hebhere 6:1) Njengoko uqhubeka, uya kukwazi kakuhle ukudla “ukutya okuqinileyo”—nto leyo ethetha inyaniso enzulu. (Hebhere 5:14) IBhayibhile lelona gunya lipheleleyo. Iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, ezifana nencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, ziya kukunceda uqonde iimbekiselo zeZibhalo kwimibandela eyahlukeneyo.
Ngaba Ukulungele Ukuchitha Ixesha Elithile Veki Nganye Ukuze Uqonde IBhayibhile?
Kudla ngokulungiselelwa isifundo seBhayibhile ngexesha nendawo elungele wena. Abaninzi kufundwa nabo emakhayeni abo. Abanye kufundwa nabo ngomnxeba. Ucwangciso lwesifundo asiyonkqubo apho kukho abantu abaninzi, kodwa lulungiselelwe wena ngokweemeko zakho, kuquka umgangatho wolwazi nemfundo onayo. Akukho mviwo zibhalwayo, yaye akukho nto iya kukwenza uzive uphoxekile. Imibuzo yakho yeBhayibhile iya kuphendulwa, yaye uya kufunda indlela yokusondela kuThixo.
Akuyi kuhlawuliswa ngeso sifundo seBhayibhile. (Mateyu 10:8) Siqhutywa ngaphandle kwentlawulo kubantu beenkonzo zonke nakwabo banganquliyo kodwa banomdla wokwenene ekwandiseni ulwazi lwabo ngeLizwi likaThixo.
Ngubani onokuba nenxaxheba kule ngxubusho? Yonke intsapho yakho. Nawuphi na umhlobo okhetha ukummema. Okanye ukuba ufuna njalo, kunokuxutyushwa nawe kuphela.
Abaninzi babekela bucala iyure veki nganye ukuze bafunde iBhayibhile. Ukuba unokukwazi ukuchitha ixesha elingakumbi okanye elithile elincinane veki nganye, amaNgqina aya kuzenza afumaneke ukuze akuncede.
Uyamenywa Ukuba Ufunde
Siyakumema ukuba unxibelelane namaNgqina kaYehova. Enye indlela onokukwenza ngayo oku kukubhalela kwidilesi engezantsi. Kuya kwenziwa amalungiselelo okuba uthile eze kukuqhubela isifundo seBhayibhile sasekhaya sesisa.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Chaza ulwimi.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sasekhaya sesisa.
Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, zonke iingcaphulo zeBhayibhile zithatyathwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele.