IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yp2 iphe. 287
  • Umzekelo Wokuxeliswa—UAsafu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umzekelo Wokuxeliswa—UAsafu
  • Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubutyebi Bunokuluvavanya Ukholo Lwakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Indlela Onokuhlangabezana Ngayo Nokudimazeka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • UYehova Usisabelo Sam
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Yibani Neqhayiya Kuba NingamaKristu!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
yp2 iphe. 287

Umzekelo Wokuxeliswa—UAsafu

Kukho into ekhathaza uAsafu. Abantu aphila nabo baphula imithetho kaThixo kodwa izinto zibahambela kakuhle! Ngenxa yoko, uAsafu uyazibuza enoba kuyingenelo kusini na ukuzama ukukholisa uThixo. Uthi: “Ngokuqinisekileyo kulilize ukuyihlambulula kwam intliziyo yam nokuhlamba kwam izandla zam ngobumsulwa.” Kodwa ke, emva kokucingisisa nzulu ngalo mbandela, uAsafu utshintsha isimo sakhe sengqondo. Uyaqonda ukuba ukuziyolisa kwabangendawo kokwexeshana. Uphetha ngelithini ke uAsafu? Uculela uYehova le ngoma: “Ngaphandle kwakho ayikho enye into endiyolisayo emhlabeni.”—INdumiso 73:3, 13, 16, 25, 27.

Mhlawumbi nawe ukhe ukuthandabuze ukubaluleka kokuphila ngemilinganiselo kaThixo. Kodwa njengoAsafu, ziqwalasele ngenyameko izinto. Cinga ngemeko yabo baye bayigatya imithetho kaYehova. Ngaba ngokwenene baseluxolweni? Ngaba bonwabe ngaphezu kwabo bathembekileyo kuThixo? Emva kokuba ucingisisile ngalo mbandela, ngokuqinisekileyo uya kuvakalelwa njengoAsafu owathetha la mazwi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum.”—INdumiso 73:28.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share